Iindawo Ezithile Zelizwe Ledinga
IYordan Osenokuba Akuyazi
UKUKHANKANYWA nje koMlambo iYordan kusenokukukhumbuza iziganeko eziqhelekileyo: AmaSirayeli awayekhokelwa nguYoshuwa ewela kwintsele yawo eyomileyo kufuphi neYeriko; uNahaman ehlamba kumanzi awo izihlandlo ezisixhenxe ukuze aphiliswe kwiqhenqa; uninzi lwamaYuda, ibe kamva noYesu, lusiza kubhaptizwa apho nguYohane.—Yoshuwa 3:5-17; 2 Kumkani 5:10-14; Mateyu 3:3-5, 13.
Kuyabonakala ukuba, zonke ezi ziganeko zidumileyo zenzeka kweyona nxalenye inde neyaziwa gqitha yeYordan, icandelo elingasezantsi koLwandle lwaseGalili ukuhla ukuya ngakuLwandle Olufileyo. Kodwa abafundi abakhutheleyo beLizwi likaThixo basenokungayiqwalaseli enye inxalenye ende yeYordan—inxalenye engasezantsi yomlambo nommandla wawo owujikelezileyo. Qwalasela imaphu.a Ummandla osezantsi embindini yinxalenye yeNtlambo Enkulu, umwonyo ophuma eSiriya ukuya eAfrika.
Imithombo eyintloko emithathu yoMlambo iYordan yimisinga evela kwikhephu elinyibilika kwiNtaba ephakamileyo yeHermon. Umsinga ongowona usempuma (entla, iphepha 17) uphuma kwiliwa lelitye lekalika kufuphi namazantsi entaba. Apha kulapho iKesareya yaseFilipi yayikhona; khumbula ukuba uYesu watyelela apho ngaphambi nje kokuba enziwe kumila kumbi “entabeni ephakamileyo.” (Mateyu 16:13–17:2) Omnye umsinga uphuma kwindulana ekwakwakhiwe kuyo isixeko sakwaDan, apho amaSirayeli obukumkani bangasentla amisa khona ithole legolide. (ABagwebi 18:27-31; 1 Kumkani 12:25-30) Umsinga wesithathu uhlangana nale misinga mibini ukuyila uMlambo iYordan, onobubanzi beemitha ezingaphezu kwama-300 noqukuqela kwindawo emqengqelezi emalunga neekhilomitha ezili-11.
Yandula ke intlambo yenze iChibi iHula, ibangela amanzi eYordan anabe, edala ummandla omkhulu, nongumgxobhozo. Kumaxesha amandulo inkoliso yamanzi yahlanganisana yaba sisidibi esaziwa ngokuba liChibi laseHula (okanye iHuleh). Kodwa iChibi laseHula alisekho apho ngenxa yokuba kumaxesha akutshanje amantla eYordan olulwa, kongezelelwa imijelo yokugutyula ummandla onodaka, yaye indawo yokuphuma yechibi yenziwa yanzulu. Ngenxa yoko, ukuba ukhangela kwimaphu yalo mmandla uze ubone, kumntla woLwandle lwaseGalili, ichibi (laseHula), uya kwazi ukuba imaphu yeyaloo mmandla kumaxesha amandulo, kungekhona ngendlela oya kuwufumana uyiyo namhlanje.
Noko ke, ukuba uyatyelela uya kufumana umyezo wendalo oya kukunika ingcamango yokuba lo mmandla wawukhangeleka njani ngemihla yokubhalwa kweBhayibhile, xa kwakukhula iintlobo ezikhethekileyo zezityalo, ezinjengamahlathi ashinyeneyo emizi (papyrus) neengcongolo.—Yobhi 8:11.
Lo mmandla wawulikhaya leentlobo-ntlobo zeentaka ezitshintsha ngokuthe rhoqo. Ookhwalimanzi, iingwamza, iingcwangube, amahobe nezinye iintaka ezazininzi, ngokuyinxenye ngenxa yokuba umgxobhozo nechibi zaziyila ikhusi elifanelekileyo kwindlela yokufuduka phakathi kweYurophu neAfrika. (Duteronomi 14:18; INdumiso 102:6; Yeremiya 8:7) Ezinye izidalwa ezilungayo kule ndawo zazingayi kubonakala kangako, kodwa ubukho bazo benza ukuba ukudlula unqumla iSidibi saseHula kungabi lula. Kunokwenzeka ukuba ezi zaziquka ingonyama, imvubu, ingcuka nenkunzi yengulube. (Yobhi 40:15-24; Yeremiya 49:19; 50:44; Habhakuki 1:8) Ebudeni bamanye amaxesha isifo seengcongconi sasesamele, ngokucacileyo esisesinye seecesina ezikhankanywe eBhayibhileni.
Kuyaqondakala ukuba, abakhenkethi abangabanye nomkhoko omkhulu wabakhenkethi wawuya kuwuphepha lo mmandla unomgxobhozo. Ngoko, babenokuwuwela phi uMlambo iYordan kwintlambo ekumantla yoLwandle lwaseGalili?
Kufuphi noLwandle lwaseGalili kwakukho uhlobo oluthile lwamatye alukhuni avele phezu komhlaba; la matye enze into ebudama abangela ukuba amanzi angedluli aze adale iChibi laseHula. Unokuyibona inxalenye yala matye akhulileyo kwiphepha 16. Njengoko iYordan isehla ityhubela ukuya kumazantsi oLwandle lwaseGalili (olubonakala mgama), ihamba ngokukhawuleza kangangokuba kuyileka amanzi amhlophe. Ngokucacileyo, abakhenkethi bamandulo ngebabekufumanise kuyingozi ukwehla ngaloo mwonyo unzulu baze banqumle amanzi akhukulayo omlambo iYordan.
Phakathi kommandla ongumgxobhozo weChibi laseHula nomwonyo kwakukho izibukwana apho amanzi ayequkuqela khona ngokuzolileyo. Apha abakhenkethi bamandulo babenako ukuwuwela umlambo ngokukhuselekileyo, yaye eli zibuko laba yinxalenye yendlela yabakhenkethi eyiyeyona iphambili ukuya kwiLizwe Ledinga. Ngoku kukho ibhulorho kule ndawo, eseyindawo ephambili yokuwela iYordan.
Namhlanje iSidibi saseHula singummandla ochumayo kwezolimo; kukwakho namachibi eentlanzi. Konke oku kubangelwa ngamanzi amaninzi aqukuqela ukuhlisa le nxalenye yoMlambo iYordan.
[Umbhalo osemazantsi]
a Thelekisa imaphu enkudlwana nomfanekiso okwiKhalenda YamaNgqina KaYehova yowe-1990.
[Imaphu ekwiphepha 17]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
IHula
ULwandle lwaseGalili
[Inkcazelo]
Based on a map copyrighted by Pictorial Archive (Near Eastern History) Est. and Survey of Israel.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 16]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 17]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.
Animal photos: Safari-Zoo of Ramat-Gan, Tel Aviv