IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 10/1 iphe. 4-5
  • Sifuna Ihlabathi Elitsha

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Sifuna Ihlabathi Elitsha
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Sezivakala Izingqi Zokuza Koxolo Lwehlabathi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Ngaba Abantu Banokuluzisa Uxolo Nonqabiseko Olusisigxina?
    Uxolo Nonqabiseko Lokwenyaniso—Unokulufumana Njani?
  • Imfazwe Ayisafani Nakuqala
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Kungekudala Kuza Kubakho Ihlabathi Elingenazimfazwe
    Vukani!—1996
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 10/1 iphe. 4-5

Sifuna Ihlabathi Elitsha

KHAWUPHOS’ amehlo kwiimeko ezikungqongileyo. Ngaba uyakuthanda oko ukubonayo?

Mhlawumbi wena ubuqu unekhaya elihle kummandla omhle nonyanyekelwa ngokufanelekileyo. Kwakhona usenokuba unomsebenzi owuthandayo ohlawula kakuhle. Ukongezelela, wena nabakho obathandayo nisenokuba ninandipha umlinganiselo othile wempilo entle. Kuko konke, usenokuba uvakalelwa unqabisekile yaye wonwabile ngokwentelekiso.

Kodwa cinga ngeminye imimandla ekufuphi, ezinye iindawo zelizwe ohlala kulo namanye amazwe. Khawukhangele ihlabathi liphela. Ngaba ngumfanekiso omhle lowo uwubonayo? Ngaba ngulowo ubangela ulwaneliseko, uxolo nempumelelo?

Ngokwezinye izibhengezo ezenziwa kwangaphambili ekuqaleni kwale nkulungwane, inzululwazi ibifanele ukuba ngoku iziphelisile zonke izigulo ezoyikekayo, ibifanele ukuba ilungiselele ukutya okuyintabalala kwabo bonke, ibifanele ukuba ibangele ukuzinza nophuculo kwimekobume, yaze yangenisa ixesha loxolo. Kodwa yintoni ngokwenene eyenzekileyo?

Akufuneki ukuba ude wenze uhlolisiso olukhulu ukuze ubone ukuba isijikelezi-langa sethu siye saphulukana noxolo. UMichael Renner ubhala oku kwiState of the World 1990, “Ukususela kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abantu bebeyalelwa ukuba bawakhande amakrele abo abe ngamakhuba. Alizange nanini na ngaphambili eli cebiso libe lelinje ukufaneleka. Ukusukelwa ngokungayekeleliyo kwamandla omkhosi kuye kwezisa uluntu kumngcipheko wentshabalalo.”

Iingxelo ezininzi ezingokruthakruthwano neemfazwe zamakhaya ziye zatshabalalisa amazwe amaninzi kakhulu emhlabeni jikelele. Ngokutsho komnye umthombo, kwakusaliwa iimfazwe ezingama-22 ngowe-1988.a Bangaphi abathi bafa kwezo mfazwe? Ukususela ngaphambi kwawo kuquka naloo nyaka, “inani elipheleleyo labantu abafayo kuzo zonke iimfazwe ezaliwa ngowe-1988 zizi-4 645 000.” ISt. Louis Post-Dispatch ithi, “amashumi asixhenxe anesithandathu ekhulwini abo bafayo yayingabemi nje ababengekho mfazweni.”

Ngaba iziganeko ezenzekayo ngoku ehlabathini zibonisa ukuba ihlabathi loxolo lingaphambili? Inqaku kwiSan Jose Mercury News yaseKhalifoniya, eUnited States lithi, “Kuthiwa iMfazwe yoMlomo iyadamba yaye uxolo lunikwe ithuba lalo. Kodwa khawukhangele kwakhona. KuMazwe Akhasayo, imfazwe ihlasela kungabikho themba lasicombululo. Ezi ziimfazwe zehlabathi ezifihlakeleyo. Ngamadabi amakhulu athelekisa oorhulumente nabantu babo: ukusukuzana ngelizwe, ngokonqulo ngeemfazwe zamakhaya okuhambisana nophalazo-gazi, ukungavisisani ngobuhlanga nangobuzwe, ngegunya lezobupolitika nangeziyobisi. . . . Ukusuka kuMntla-mpuma Afrika ukusa kuMzantsi-mpuma Asia, imfazwe iye yanyanzelela izigidi zabantu ukuba zishiye amakhaya azo. Akusalinywa, iikliniki zempilo ziyahlaselwa, imfuyo iyatshatyalaliswa, abazali babulawa ngenkohlakalo phambi kwabantwana babo, amakhwenkwana aneminyaka eli-10 ubudala enziwa abathwali bempahla aze emva koko enziwe amajoni, amantombazana aselula ayadlwengulwa. Kula mazwe aphantse alityalwa, imfazwe iye yashiya umzila womonakalo nesiphithiphithi esingokwentlalo abantu bawo abasenokungaze babuyele kwimekobume entle ngokupheleleyo. . . . Uphando lubonisa ukuba ngeminyaka yee-1980 kuye kwakho iimfazwe ezininzi kunalo naliphi na ixesha leminyaka elishumi embalini.”

Uninzi lwabo bakwaziyo ukusabela kumazwe aqhubele phambili ngakumbi lufumanisa ukuba uxolo ebelulufuna luchithwe sisisongelo solwaphulo-mthetho lwemvukelo. IU.S.News & World Report inikela le ngxelo, “Uhlaselo lolwaphulo-mthetho [eUnited States] luye lwaqhubeka ukutyhubela iminyaka yee-1980 phezu kwazo nje izibhengezo zangaphambili zokuba luza kudamba. Kunyaka nje omnye ongumzekelo woku: Kubakho izenzo zolwaphulo-mthetho olunzulu olwenziwa kangangezihlandlo ezizizigidi ezisi-8,1 ezinjengokubulala, ukuhlasela nokuqhekeza. . . . Okona kukhwankqisa kakhulu yindlela uphalazo-gazi oluye lwaba lolunabe ngayo nolungenakuxelwa kusengaphambili. Ukuxhaphaza yimeko engapheliyo. Icandelo lasebuRhulumenteni Lesebe Lezobulungisa laseUnited States lithelekelela ukuba abantwana abangama-83 ekhulwini ngoku abaneminyaka eli-12 ubudala baza kuba ngamaxhoba ogonyamelo lokwenene okanye amalinge ogonyamelo ukuba ulwaphulo-mthetho luqhubeka ngomlinganiselo oluqhuba ngawo ngoku. . . . Isohlwayo kwizaphuli-mthetho kwibutho loluntu asiqinisekanga okanye asikhawulezi. Kwihlabathi liphela, amapolisa anokucombulula isenzo esinye kuphela solwaphulo-mthetho kwezihlanu ezikhulu.” Iimeko ezifanayo zikho kwihlabathi lonke. INgqungquthela yeZizwe Ezimanyeneyo yanikela ingxelo “ngokwanda kweziganeko nobunzulu bolwaphulo-mthetho kwiindawo ezininzi zehlabathi.”

Kodwa kwanokuba zonke iimfazwe, ukwenziwa kwezixhobo, nolwaphulo-mthetho bezingathi shwaka ngokukhawuleza emhlabeni, ubomi bebusaya kusongelwa ngandlel’ ithile. IZiko Lokondela Ihlabathi liphawula oku kwingxelo yalo yeState of the World 1990, “Ubuhlwempu obugqithiseleyo, ukusasazeka kwesifo, ukungafundi okwandileyo zizinto eziphawula ubomi babantu abangamakhulu ezigidi kumazwe asakhasayo. Bonke abantu—abazizityebi okanye abangamahlwempu, abomeleleyo kwezomkhosi okanye ababuthathaka—bajamelene nexhala lokutshatyalaliswa okungenamanduleli kwemekobume yendalo.”

Ewe, neenkqubo ezixhasa ubomi uluntu lonke oluxhomekeke kuzo zisingelwa phantsi. Umhleli uPaul Hoffman kwiphephancwadi iDiscover ubhala oku, “Umhlaba uphela ukwimeko embi kakhulu [kunangowe-1970]. Inkunkuma ingcolisa umhlaba wethu. Iigesi ezibangelwa bubushushu bomhlaba zenza umoya ojikeleza umhlaba utshise. Ummandla womoya othintela ukugqatsa kwelanga emhlabeni uya uphela. Iintlango ziyanda, yaye amahlathi emvula ayancipha. Iintlobo zezityalo nezilwanyana ziyaphela ngomlinganiselo we-17 ngeyure.”

Yongezelela koko ukungcoliswa okuqhubekayo komhlaba namanzi. Dibanisa ukwanda okuzingisileyo kwabemi, okuphumela ekubeni umhlaba ongakumbi onemveliso kwakhiwe kuwo okanye ugangathwe, ngaloo ndlela kusanda ukuphela kweentlobo zezilwanyana nezityalo. Qwalasela ukunqaba okwandayo kwamanzi acocekileyo nengxaki yemvula eneasidi. Koko faka imiphumo esongel’ impilo yomoya ongcoliswe kanobom neengxaki ezibangelwa zizinto ezilahlwayo eziyingozi. Zonke zithetha intlekele kwisizwe sabantu. Nabani na okanye naphi na, siyawufuna umoya, ukutya, amanzi nezinto zendalo ukuze siphile. Sizifuna zingangcoliswanga yaye ngokwaneleyo. IState of the World 1990 ithi, ‘kwabangamahlwempu, iminyaka yee-1980 ibilixesha lentlekele ebeth’ ibuyelela, ixesha lendlala nelokunyuka kwamanani abafayo.’

Ngaba ukho umntu onokuyikhanyela into yokuba ihlabathi elitsha lifuneka ngokwenene, ekubeni isizwe sabantu sisongelwe ngeendlela ezininzi kangaka? Kodwa ngaba oko kuyinto enokwenzeka ngokwenene? Elo hlabathi liyakuvela kowuphi umthombo? Yiyiphi imiqobo emele yoyiswe ngaphambi kokuba umhlaba wethu ngokwenene ugqalwe ukhuselekile yaye ukwimeko entle? Makhe sibone.

[Umbhalo osemazantsi]

a “Imfazwe” ichazwa njengongquzulwano olubandakanya ubuncinane urhulumente omnye yaye ekuthi kuyo kufe ubuncinane abantu abali-1 000 ngonyaka.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]

WHO photo by P. Almasy

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share