‘Thandazelanani’
UYEHOVA ‘ungumphulaphuli wemithandazo.’ (INdumiso 65:2) Usoloko eyiva imithandazo yabo bazinikele ngentliziyo epheleleyo kuye, ibe sinokuqiniseka ukuba uyabaphulaphula xa bethandazelana.
Kodwa kutheni simele sithandazelane? Imithandazo enjalo ifanele ibe mayela nantoni? Yaye ziziphi iimpawu zokuhlonel’ uThixo ezikhulayo xa sithandazelana?
Kutheni Simele Sithandazelane?
IZibhalo ziyabakhuthaza abantu bakaYehova ukuba bathandazelane. Imithandazo eyenziwa ngenxa yabanye yayiphakathi kwezicelo zikaPawulos kuThixo. (Kolose 1:3; 2 Tesalonika 1:11) Ngaphezu koko, umfundi uYakobi wabhala oku: “Nithandazelane.”—Yakobi 5:16.
Imithandazo eyenziwa ngenxa yabanye abakhonzi bakaThixo inempumelelo. Oku kuboniswa kuYakobi 5:13-18, apho umKristu ogulayo ngokomoya abongozwa ukuba avumele amadoda amakhulu ebandla “athandaze wona phezu kwakhe, akuba emthambisile ngeoli, egameni leNkosi.” Ukuva umthandazo wawo kusenokumomeleza umntu obandezekileyo kuze kumqinisekise ukuba uThixo uya kuyiphendula kwaneyakhe imithandazo. (INdumiso 23:5; 34:18) Ngaphandle kokuthandaza naloo mntu, abadala bazama ukubuyisela impilo yakhe yokomoya ngokuvakalisa iingcamango ezingokweZibhalo ezifana neoli ethambisayo.
UYakobi wongezelela athi: “Wothi umthandazo wokholo umsindise lowo uleleyo, iNkosi imvuse.” Ewe, umntu ogulayo ngokomoya kusenokwenzeka ancedwe ‘ngumthandazo wokholo’ owenziwa ngabadala. Ngaphezu koko, uThixo uya ‘kumvusela’ kwimpilo yokomoya ukuba uyakuvuma ukuncedwa ziZibhalo. Kodwa kuthekani ukuba ukugula ngokomoya kubangelwe sisono esinzulu? Kaloku, ukuba loo mntu uyaguquka, uYehova uya kumxolela.
UYakobi uthi, “Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Sinamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa. UEliya . . . wathandaza umthandazo ukuba ingani; ayana emhlabeni iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu. Wabuya wathandaza, laza izulu lanika imvula, umhlaba wavelisa isiqhamo sawo.” (1 Kumkani 17:1-7; 18:1, 42-45) Umthandazo welungisa owenziwa ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo unamandla.—1 Yohane 5:14, 15.
Ukuthandazela Ntoni?
Sinokuthandazela nantoni na kwimithandazo yethu ngenxa yekholwa elinguwethu. Ngokomzekelo, uPawulos wacela abanye ukuba bathandazele ukuba abe nako ukuzithetha iindaba ezilungileyo. (Efese 6:17-20) Kuthekani ukuba sazi ngothile olingwayo? Sinokuthandazela ukuba ‘angenzi nanye into embi’ nokuba uThixo angamyekeli ekulingweni kodwa amhlangule kongendawo, uSathana uMtyholi. (2 Korinte 13:7; Mateyu 6:13) Yaye ukuba uthile uyagula ngokwenyama, sinokucela uYehova ukuba amnike ukomelela okuyimfuneko ukuze anyamezele ukugula kwakhe.—INdumiso 41:1-3.
Kusoloko kufanelekile ukuthandazela abanquli bakaYehova abangoowethu abatshutshiswayo. UPawulos namaqabane akhe baba ngamaxhoba okutshutshiswa ngokuqatha, yaye waxelela amaKristu aseKorinte oku: “Niyancedisa nani ngokusikhungela, ukuze isipho esingokubabalwa, esenzelwe sona thina ngabantu abaninzi, sibulelwe ngabaninzi ngenxa yethu.” (2 Korinte 1:8-11; 11:23-27) Kwanokuba sibanjiwe, sinokubathandazela abanye abazalwana abatshutshiswayo, sisoloko sikhumbula ukuba uYehova uyawuva “umthandazo wamalungisa.”—IMizekeliso 15:29.
Sifanele sibathandazele ngokukodwa abazalwana bethu abathwele iimbopheleleko ezinkulu kwintlangano kaYehova. Oku kuquka abo balathisa intlangano baze balungiselele ukutya kokomoya okusasazwa ‘ngumkhonzi othembekileyo noqondayo.’ (Mateyu 24:45-47) Ngokomzekelo, amalungu eQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova sifanele siwathandazele, yaye sinokuthandazela ukuba uThixo awaphe “umoya wobulumko.”—Efese 1:16, 17.
Iimpawu ZobuKristu Ziyakhula
Ngokuthandazela amakholwa angoowethu, sibonisa ukuba sinenkxalabo, asizingci ibe sinothando. Inkxalabo yokungazingci neyothando ngabazalwana noodade bethu bokomoya iyavisisana nengongoma kaPawulos yokuba uthando “alufuni okukokwalo kodwa.” (1 Korinte 13:4, 5) Ukuthandazela abanye kukwayenye indlela ‘yokungaxuneli kwezethu izinto zodwa, kodwa nakwezabanye.’ (Filipi 2:4) Xa kwimithandazo yethu sivakalisa ukuba siyixhalabele impilo-ntle yokomoya yabanye, sikwazifumanisa sisondela kubo ngothando lobuzalwana olufanisa abafundi bakaYesu.—Yohane 13:34, 35.
Uphawu lovelwano ngabo sibathandazelayo luyakhula. (1 Petros 3:8) Siba novelwano ngabo, sidlelana nabo kwizilangazelelo zabo nakwiimbandezelo zabo. Emzimbeni womntu, ukuba esinye isandla senzakele, esinye siyasinyamekela size sizame ukuthomalalisa ubuhlungu obubangelwa linxeba. (Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 12:12, 26.) Ngokufanayo, ukuthandazela abazalwana noodade bethu ababandezelekileyo kukhulisa uvelwano lwethu ngabo kuze kusincede sihlale sibakhumbula. Sithi abalahlekelwayo ukuba siyawatyeshela amaKristu angoowethu athembekileyo emithandazweni yethu, kuba uThixo noKristu abawalahli.—1 Petros 5:6, 7.
Iimpawu ezahlukahlukeneyo zokuhlonel’ uThixo ziyakhula xa sithandazela abanye. Siba nokubaqonda size sibe nomonde ngakumbi. Nayiphi na intiyo esenokuba ibikho iyaphela, ivulela indawo iingcinga ezakhayo ezisenza sibe nothando novuyo. Ukuthandazela abanye kukwakhulisa uxolo nomanyano phakathi kwabantu bakaYehova.—2 Korinte 9:13, 14.
Qhubekani Nithandazelana
NjengoPawulos, sinokucela abanye ukuba basithandazele. Ngaphandle kokuthandaza nathi, abahlobo bethu banokusithandazela kuThixo ngasese, besibiza ngamagama, beyikhankanya ingxaki yethu, yaye bemcela ukuba asincede. Yaye uncedo siya kulufumana, kuba “iyakwazi iNkosi ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo.”—2 Petros 2:9.
AmaNgqina kaYehova asikhankanyayo emithandazweni yawo nawo anezilingo—ezisenokuba ziwabandezela ngakumbi kunezethu. Kanti, ayawathwala amaxhala ethu phambi koKumkani Ongunaphakade, mhlawumbi ede aphalaze neenyembezi ngenxa yethu. (Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 2:4; 2 Timoti 1:3, 4.) Hayi indlela esifanele sibe nombulelo ngayo ngenxa yoku! Ngoko ke, ngenxa yoxabiso nangenxa yezinye izizathu ezisandul’ ukuxutyushwa, masithandazelane.