Imbambano Enkulu—Yiyiphi?
YIYIPHI imbambano enkulu esijamelene nayo sonke ngabanye? Ngaba ikukunyuka komphakamo wolwandle nemozulu eguquguquka ngokungaqhelekanga ebangelwa kukufudumala komhlaba wonke? Ngaba ikukuphelelwa kommandla womoya ngamandla okuthintela ukugqatsa kwelanga okuyingozi (ozone), nto leyo ekhokelela ekuchanabekeni kwimitha yelanga eyingozi ekuthiwa yiultraviolet? Ngaba kukwanda okukhawulezileyo kwabemi, okwandisa ezinye iingxaki ezikhoyo emhlabeni wonke, ezinjengobuhlwempu nolwaphulo-mthetho? Okanye ngaba sisisongelo sokutshatyalaliswa kwezigidi ezingenakubalwa kwimfazwe yenyukliya, aya kuthi nabani na oya kusinda kuloo ntlekele ekugqibeleni afe ngenxa yengqele, ukulamba, okanye yimitha yamachiza?
Ngemva kokuxubusha le neminye imibandela, ngowe-1989 ulindixesha iScientific American wagqiba kwelithi: “Ulindelo lokuqhambuka kwemfazwe yenyukliya ngokungathandabuzekiyo luyeyona nto isenokuba yingozi enkulu . . . ekusindeni.” Ngoko, ngaba imfazwe yenyukliya yeyona mbambano inkulu esijamelene nayo?
Imbambano Enkulu
Ngenxa yenguqu kwezobupolitika ukususela ngowe-1989, imfazwe yenyukliya isenokubonakala inokungenzeki. Sekunjalo, lo gama zisekho nje izixhobo zenyukliya, ziya kuqhubeka zisisisongelo esikhulu kuluntu. Noko ke, inkcazelo ekwi-1990 Britannica Book of the Year yalatha kwenye into eyingozi. Ngokutsho kwale mbekiselo, abemi bomhlaba abangaphezu kwezigidi ezingama-230 bakholelwa kwelokuba uThixo akakho. Eminye imithombo ibonisa ukuba izigidi ezingakumbi ziphenjelelwa ziintanda-bulumko zaseMpuma ezivumela imbono yokuba uMdali akakho. Ngaphezu koko, ngoxa amakhulu ezigidi ekholelwa kuMdali, iimbono zawo ngaye zahluke mpela. Yaye kwiimeko ezininzi, izenzo zawo zizisa ugculelo kuLowo zizibanga zimnqula.—2 Petros 2:1, 2.
Ngoko ukuba uThixo ukho—yaye ukho ngokwenene—ngokuqinisekileyo imbambano enkulu namhlanje imele ibandakanye yena. Kwakutheni ukuze adale abantu? Iyintoni imbopheleleko yethu kuye? Uya kusabela njani kwindlela umntu awonakalisa ngayo umhlaba? Yaye uya kusabela njani kucelomngeni lokwala kwabantu abaninzi kangaka ukukholelwa kuye okanye ukuzithoba ekuthandeni kwakhe? Enyanisweni, imbambano enkulu esijamelene nayo sonke ngabanye ikukuba siyalwamkela kusini na okanye siyalugatya ulongamo lukaThixo, ‘ogama linguYEHOVA.’—INdumiso 83:18.
Imvelaphi Yendalo
Kambe ke, kwabo bangakholelwayo kuThixo, imbopheleleko yethu kuye asiyombambano. Kodwa nabani na okhangela ngokunyanisekileyo kwindlela eliyilwe nelilihle ngayo ikhaya lethu umhlaba uyanyanzeleka ukuba avume ukuba umele ukuba ukho uMyili omkhulu. Kuyinyaniso ukuba ekuzameni ukuchaza izinto ezidaliweyo ezimangalisayo nezisingqongileyo, inkoliso yezazinzulu imbeka bucala uThixo. Ngokomzekelo, ezininzi zithi indalo iphela yafikelela kubukhulu ebubo ngoku isuka kwisuntswana elincinane lee kunentloko kanotaka, zithi yonke yenzeka “ngokwemvelo,” ngamabona-ndenzile, kungekho mfuneko yobukho boMdali. Noko ke, emva kokuchaza ingcamango entsha ethandwayo engendlela eyaqala ngayo indalo iphela, igcisa lenzululwazi yezinto ezingaphiliyo uHanbury Brown, kwincwadi yakhe ethi The Wisdom of Science, uyavuma esithi: “Ndikholelwa kwelokuba, kubantu abaninzi oku kuya kubonakala njengento nje yokukhohlisa kunokuba kube yinkcazelo.” Unjingalwazi Brown uqukumbela ngelithi “imvelaphi nenjongo yehlabathi” “zizinto eziyimfihlelo enkulu” inzululwazi ebonakala ingakwazi ukuyicombulula.
Izazinzulu ziye zabonisa ukuba ulutho namandla zinxibelelene ngokusondeleyo nokuba ulutho lunokuguqulwa lube ngamandla nokuba amandla anokuguqulwa abe lulutho. Njengoko kubonwa kugqabhuko-dubulo lwenyukliya, isuntswana lolutho linamandla amakhulu ngokungathethekiyo. Ngoko, avela phi onke la mandla akwiinkwenkwezi ezili-100 000 ezigidi ezikumnyele wethu, kwanakwiminyele engaphezu kwe-1 000 lezigidi ebumba indalo ebonakalayo?
IBhayibhile ithi: “Phakamiselani amehlo enu phezulu, nibone: ngubani na owadala ezi zinto? Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhulu bokomelela, ekhaliphile ngamandla: akusali nanye.” Ngubani Lowo? Impendulo ebhalwe eBhayibhileni ithi: “NdinguYehova, lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam.”—Isaya 40:26; 42:5, 8.
Intelekelelo yokuba umhlaba nayo yonke enye indalo iphela wabakho ngamabona-ndenzile iyalususa uzuko olufanele lusiwe kuMdali, uYehova uThixo. (ISityhilelo 4:11) Kwakhona ishenxisa intshukumisa enamandla yokuwuphatha ngenkathalo umhlaba. Ukuba abantu bebesiphaphele isibakala sokuba baya kuphendula kuThixo ngoko bakwenzayo kwindalo yakhe, ngokunokwenzeka bebeya kuba nenkathalo ngakumbi ngemibandela enjengongcoliso, ukutshatyalaliswa kommandla womoya othintela ukugqatsa kwelanga okuyingozi, nokufudumala komhlaba uphela.
Imvelaphi Yobomi
Kwakhona qwalasela lo mbuzo: Baqala njani ubomi? Abantu baye bafundiswa ukuba ubomi babakho ngaphandle kwako nakuphi na ukungenelela kukaThixo. Kodwa oku kuyaphikisana nomgaqo omiselwe ngokuqinileyo wenzululwazi. Ngaxa lithile kwakukholelwa ukuba amabhungane avela kubulongwe benkomo, impethu zavela kwinyama ebolileyo, yaye iimpuku zavela eludakeni. Kwanasebudeni benkulungwane edluleyo, izazinzulu zazifundisa ukuba izidalwa eziphilayo ezincinane zivela kwinto engaphiliyo. Kodwa iingcamango ezinjengezi zangqinwa zingeyonyaniso nguRedi, uPasteur nezinye izazinzulu. IThe World Book Encyclopedia (uhlelo lowe-1990) ithi: “Emva kolingelo lukaPasteur, izazinzulu zebhayoloji ezininzi ziye zayamkela ingcamango yokuba bonke ubomi busuka kubomi obukhoyo.”
Sekunjalo, izazinzulu zinengcamango yokuba kudala-dala izinto zazahlukile. Zithi into yokuqala ephilayo eyayineseli enye yabakho ngamabona-ndenzile ngokusuka kumxube ongaphiliyo eziwubiza ngokuba yiprimeval soup, owawunemichiza eyimfuneko ukuze kuqalise ubomi. Kwincwadi ethi A Guided Tour of the Living Cell uChristian de Duve uthi, “Konke kwabakho ngamabona-ndenzile, yaye ngenxa yamabona-ndenzile kuphela, kwiprimeval soup kwavela umntu.”
Ithetha ngoThixo, iBhayibhile ithi: “Likuwe ithende lobomi.” (INdumiso 36:9) La mazwi avisisana ngokwenene noko kuye kwaphawulwa—ukuba ubomi bunokubakho kuphela ngokusuka kubomi obusele bukho. Noko ke, ekubeni izazinzulu ezininzi zikhetha ukusigqala esinye sezona zipho zixabisekileyo zikaThixo, ubomi, njengento eyavela yazenzekela, abantu abaninzi baziva bengenambopheleleko kuThixo ngendlela ababusebenzisa ngayo ubomi babo. Ngaloo ndlela, baphula imithetho kaThixo, bayacinezelana, bayabelana, bayabulalana, yaye bachitha imali eninzi, ixesha nobuchule, besakha izixhobo ezibulalayo ezithi zibulale zize zitshabalalise ngaphandle kokwenza impazamo.
Ukuzinzisa Imbambano
Ngaphandle kwabantu abangakholelwayo kubukho bukaThixo, nabakholelwa ekwenziweni ntsha kwezinto, abanye abaninzi bayalugatya ulongamo lukaThixo. Uninzi namhlanje luzibanga lukholelwa kuThixo, yaye abangaphezu kwezigidi ezili-1 700 bathi bangamaKristu. Kangangeenkulungwane iicawa zeNgqobhoko ziye zamdumisa ekuhleni uThixo kwiinkonzo zazo. Kodwa uninzi lwezo zigidi zili-1 700 lumi phi ngokwenene kumbandela wolongamo lukaThixo?
Abantu ngabanye kwaneentlanga ziye zabonisa ukungalunanzi kwazo ngokuchasana nemiyalelo kaThixo engqalileyo. Iintlanga ezizibanga zingamaKristu ziye zakhuthaza izenzo zogonyamelo ezizezokungahloneli Thixo, kuquka iimfazwe ezimbini ezizezona zimbi kwezakha zaliwa kwimbali yabantu—yaye abefundisi “abangamaKristu” kumacala omabini babezisikelela ezo mfazwe! Ngohanahaniso olunjalo, baye bammela kakubi kakhulu uThixo. Kunjengokuba iBhayibhile isithi: “Bayavuma ukuba bayamazi uThixo; kanti ngayo imisebenzi bayamkhanyela.”—Tito 1:16.
Sekunjalo, uThixo “akanako ukuzikhanyeza.” (2 Timoti 2:13) Limele lifike ixesha laxa eya kucombulula zonke iinkalo zale mbambano yolongamo ngokuvisisana nenjongo yakhe ayichazileyo: “Zazi ukuba ndinguYehova.” (Hezekile 38:23) Kodwa kutheni ethabathe ixesha elide kangaka? Le mbambano iya kuzinziswa njani ekugqibeleni? Yaye unokuzenza njani izigqibo ezichanileyo kulo mbandela ubaluleke ngokona kona?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]
Cover background: U.S. Naval Observatory photo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
Background: U.S. Naval Observatory photo