UMdali Unokubenza Bube Nentsingiselo Ngakumbi Ubomi Bakho
“Mazilidumise ezo nto igama likaYehova; ngokuba wawisa umthetho, zadalwa.”—INDUMISO 148:5.
1, 2. (a) Nguwuphi umbuzo esifanele sicinge ngawo? (b) Indalo ingena njani kumbuzo kaIsaya?
“AKWAZI na?” Lo mbuzo usenokuvakala ungaphelelanga, ubangele abaninzi baphendule ngothi, ‘Andazi ntoni?’ Kodwa ngumbuzo obalulekileyo. Ibe impendulo yawo sinokuyifumana kakuhle ngokuqwalasela apho uvela khona—isahluko sama-40 sencwadi yeBhayibhile kaIsaya. Lo mbuzo wabhalwa ngumHebhere wamandulo, uIsaya, ngoko kudala ukho. Ukanti ungena uthi gingci nakwixesha lethu, unokuthanani nentsingiselo engundoqo yobomi bakho.
2 Ekubeni ubalulekile, sifanele sinikele ingqalelo enzulu kulo mbuzo okuIsaya 40:28 othi: “Akwazi na? akuvanga na, ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova uMdali weziphelo zehlabathi?” Ngoko kuthethwa ‘ngokwazi’ uMdali womhlaba, ibe umongo ubonisa ukuba asikokwazi umhlaba nje kuphela. Ngaphambilana uIsaya wayebhale iindinyana ezimbini ezithetha ngeenkwenkwezi esithi: “Phakamiselani amehlo enu phezulu, nibone: ngubani na owadala ezi zinto? Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela . . . Ngenxa yobukhulu bokomelela, ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.”
3. Kutheni ufanele ufune ukwazi okungakumbi ngoMdali kwanaxa umazi kakhulu?
3 Ewe, enyanisweni umbuzo othi “Akwazi na?” uphathelele uMdali wendalo iphela. Usenokuba wena weyisekile kukuba uYehova uThixo ‘unguMdali weziphelo zehlabathi.’ Usenokuba ubazi kakhulu ubuntu bakhe neendlela zakhe. Kodwa ke ubunokuthini ukuba ubunokudibana nendoda okanye ibhinqa elithandabuzayo ukuba ukho uMdali nelibonakalayo ukuba alazi ukuba ungumntu onjani na? Ayimele ibe ngumnqa loo nto kuba izigidi ngezigidi zabantu phandl’ apha azimazi okanye azikholelwa kuMdali.—INdumiso 14:1; 53:1.
4. (a) Kutheni kufanelekile ukucinga ngoMdali kweli xesha lethu? (b) Ziziphi iimpendulo ezinokunikelwa yinzululwazi?
4 Imfundo ivelisa abantu abaninzi abathandabuzayo kuba bevakalelwa kukuba inzululwazi inazo (okanye iza kuzifumana) iimpendulo zemibuzo ephathelele imvelaphi yendalo kunye nobomi. Kwincwadi ethi The Origin of Life (ngesiFrentshi santlandlolo umxholo wayo uthi: Aux Origines de la Vie), ababhali bayo uHagene noLenay bathi: “Imvelaphi yobomi kusaphikiswana ngayo nasekuqaleni kwenkulungwane yamashumi amabini ananye. Le ngxaki, eyintsinda-badala, ifuna ukuphandwa macal’ onke, ukusuka kummandla omkhulu osemajukujukwini ukuya kutsho kwelona suntswana lincinane lezinto ezikhoyo.” Ukanti, isahluko sokugqibela sayo esinomxholo othi, “Lo Mbuzo Usajinga,” sithi: “Siye saphicotha ezinye zeempendulo ezinikelwa yinzululwazi zombuzo othi, Ubomi baqalisa njani emhlabeni? Kodwa ke kwakutheni ukuze ubomi buqalise? Ngaba ikho injongo yobomi? Inzululwazi iqinelwa yinqawa xa kufikwa kule imibuzo. Yanela nje ukuphengulula ‘indlela’ izinto ezenzeka ngayo. Umbuzo othi ‘njani’ nothi ‘kutheni’ ayifani tu kwaphela. . . . Xa kufikwa kumbuzo othi ‘kutheni,’ intandabulumko, unqulo—yaye ngaphezu kwako konke—ngamnye wethu umele aphendule.”
Ukufumana Impendulo Nentsingiselo
5. Luhlobo olunjani lwabantu olunokungenelwa ngokukhethekileyo ngokufunda okungakumbi ngoMdali?
5 Ewe siyafuna ukusiqonda isizathu sokubakho kobomi—ibe ngokukodwa isizathu sokuba sibe lapha. Ngaphezu koko, sifanele sibe nomdla kubantu abangekavumi ukuba kukho uMdali ibe ngokuqinisekileyo abangenalwazi lungako ngeendlela zakhe. Okanye ke khawucinge ngabo bakhule bemazi uThixo ngendlela eyahluke gqitha kule ichazwa yiBhayibhile. Amawaka ezigidi zabo akhulele eMpuma okanye kwezinye iindawo apho inkoliso yabantu ingamgqali uThixo njengomntu, umntu wokwenene onobuntu obuthandekayo. Kubo igama elithi “thixo” lisenokuthetha amandla nje angabonakaliyo okanye into nje ebangela izinto zenzeke. ‘Abakamazi uMdali’ okanye iindlela zakhe. Ukuba bona, okanye izigidi ezibona ngasonye nabo, zinokuyamkela into yokuba kukho uMdali, ezinjani zona iingenelo ezinokuzizuza, kuquka namathemba angunaphakade! Kwakhona zinokufumana into enqabe okwezinyo lenkuku—intsingiselo yokwenene, injongo yokwenene noxolo lwengqondo, ebomini.
6. Ubomi babantu abaninzi abaphila namhlanje bufana njani noko kwenzeka kuPaul Gauguin nomnye wemifanekiso yakhe?
6 Ngokomzekelo: Ngowe-1891, umzobi ongumFrentshi uPaul Gauguin wasinga eFrench Polynesia eyokukhangela amakriwa aluhlaza kuloo ndawo ebuparadesi. Kodwa yena nabanye bahlaselwa sisifo esasingumvuka wobomi obuvakalala awayebuphile ngaphambili. Njengoko wayekuva ukufa kumchwechwela, wazoba umfanekiso omkhulu kwilaphu elithile ekubonakala ukuba ‘wawuchaza ubomi njengommangaliso ongathethekiyo.’ Uyazi ukuba uGauguin wawuthiya liphi igama loo mzobo? Wathi “Sivela Phi? Singoobani? Sisinge Phi?” Usenokuba ukhe weva nabanye bebuza imibuzo efanayo. Baninzi abayibuzayo. Kodwa ke xa bengafumani zimpendulo zanelisayo—bengafumani ntsingiselo yokwenene ebomini—banokubalekela phi? Banokugqiba kwelokuba ubomi babo abahlukanga kuyaphi kobezilwanyana.—2 Petros 2:12.a
7, 8. Kutheni uphando olwenziwa zizazinzulu lungazanelisi nje?
7 Ngaloo ndlela unokusiqonda isizathu sokuba indoda enjengonjingalwazi wenzululwazi yezinto ezingaphiliyo uFreeman Dyson ibhale isithi: “Baninzi abantu ababalulekileyo abandixhasayo xa ndiphinda ndibuze imibuzo eyaphakanyiswa nguYobhi. Kutheni le nto sibandezeleka? Kutheni okusesikweni kungekho kangaka ehlabathini? Iyintoni injongo yale ntlungu nezi ntlekele?” (Yobhi 3:20, 21; 10:2, 18; 21:7) Njengoko sele kuchaziwe, abantu abaninzi babhenela kwinzululwazi ukuze bafumane iimpendulo kunokuba babhenele kuThixo. Izazi ngebhayoloji, izazinzulu ngeelwandlekazi, kunye nabanye zihambela phambili kulwazi ngomhlaba wethu nangezinto eziphila kuwo. Xa sijongisa kwelinye icala, izazi ngeenkwenkwezi neengcali ngezinto ezingaphiliyo zifunda okungakumbi ngenkqubo yethu yezijikelezi-langa, iinkwenkwezi nangeminyele ekude. (Thelekisa iGenesis 11:6.) Sisiphi isigqibo esisengqiqweni esinokufikelela kuso ngenxa yezo zibakala?
8 Ezinye izazinzulu zithi indalo ibonisa “ingqondo” kaThixo okanye “umsebenzi wezandla” zakhe. Kodwa ngaba aziyiphosi eyona nto engundoqo? Iphephancwadi iScience lathi: “Xa abaphengululi besithi inzululwazi yezinto ezikummandla ongaphandle ityhila ‘ingqondo’ okanye ‘umsebenzi wezandla’ zikaThixo, bajizeka uThixo ngento ekusenokuthi kanti yeyona incinane kwindalo—indlela eyilwe ngayo.” Enyanisweni, isazi ngenzululwazi yezinto ezingaphiliyo esathweswa ngesithsaba sikaNobel, uSteven Weinberg sabhala: “Okukhona siyazi indalo, kokukhona nayo ibonakala ingenanjongo.”
9. Bubuphi ubungqina obunokusinceda thina nabanye ukuze sifunde ngoMdali?
9 Ukanti, kusenokwenzeka ukuba ungomnye wezigidi zabantu abaye bawuhlolisisa ngokwenene lo mba baza baqonda ukuba eyona njongo yobomi inokuthanani nokwazi uMdali. Khumbula oko kwabhalwa ngumpostile uPawulos: “Abantu abakwazi kuthi abamazi uThixo. Kususela ekusekweni kwehlabathi, abantu bebembona uThixo ukuba unjani kwizinto Aye wazenza. Oku kubonisa amandla Akhe angunaphakade. Kubonisa ukuba uNguye uThixo.” (Roma 1:20, Holy Bible, New Life Version) Ewe, zikho zona izibakala eziphathelele ihlabathi esikulo neziphathelele thina ezinokunceda abantu bamqonde uMdali baze bafumane intsingiselo ngokunxibelelene naye. Khawuqwalasele iinkalo ezintathu zoku: indalo esingqongileyo, imvelaphi yobomi namandla eengqondo zethu.
Izizathu Zokukholelwa
10. Kutheni sifanele sicinge ‘ngesiqalo’? (Genesis 1:1; INdumiso 111:10)
10 Yabakho njani indalo iphela? Usenokuba sele uvile ngeengxelo ezivela kwiiteleskopu nakwizixhobo zokuhlola ummandla osemajukujukwini ukuba inkoliso yezazinzulu iyabona ukuba indalo yayikhe ayabikho. Yaba nesiqalo, ibe isaqhubeka ikhula. Ithetha ukuthini loo nto? Khawuphulaphule isazi ngeenkwenkwezi uMhlekazi uBernard Lovell xa esithi: “Ukuba ngeny’ imini Indalo Iphela yayikhe yakufuphi kwimo yokuba yinto enye eyayiseza kukhula yaye yande, simele sibuze ukuba yintoni eyayikho ngaphambi kwayo . . . Simele sijamelane nenqambuzane yeSiqalo.”
11. (a) Inkulu kangakanani indalo? (b) Kuthetha ntoni ukulungelelaniswa ngononophelo kwendalo?
11 Indlela eyilwe ngayo indalo iphela, kuquka nomhlaba, ibonisa ukuba ilungelelaniswe ngononophelo. Ngokomzekelo, ilanga lethu kunye nezinye iinkwenkwezi zibalasele ngezinto ezimbini, ukuchana nangokuzinza. Uqikelelo lwakutshanje lwenani leminyele ebonakalayo kwindalo iphela lususela kumawaka angama-50 ezigidi luse kumawaka ali-125 ezigidi. Kwaye uMnyele Wezulu esikuwo uneenkwenkwezi ezingamawaka ngamawaka ezigidi. Khawume ke: Siyazi ukuba injini yenqwelo-mafutha iye ifune umlinganiselo othe ngqo wamafutha nomoya. Ukuba unenqwelo-mafutha, unokuqesha umkhandi weenqwelo-mafutha ukuba ayilungelelanise ngononophelo injini yayo, ukuze inqwelo-mafutha isebenze kakuhle nangakumbi. Ukuba kubalulekile ukuba injini nje ilungelelaniswe ngokuchanileyo, kubeka phi ke, ngokomzekelo, ngelanga “elitshisayo”? Kucacile ukuba amandla ayintloko abandakanyekileyo alungelelaniswe ngononophelo ukuze kubekho ubomi emhlabeni. Ngaba yasuka yazenzekela nje loo nto? UYobhi wamandulo wakha wabuzwa: “Nguwe na ochaze imimiselo elawula amazulu, okanye owise imithetho yendalo emhlabeni?” (Yobhi 38:33, The New English Bible) Asingomntu owenza loo nto. Ngoko ngubani lo ulungelelanise izinto ngokuchanileyo?—INdumiso 19:1.
12. Kutheni kusengqiqweni ukucinga ukuba ukho uMntu Okrelekrele odale indalo?
12 Akungebi yinto ethile okanye nguMntu othile ongenakubonwa ngeliso lenyama? Lo mbuzo wuhlafune ucinga ngoko kufunyaniswe yinzululwazi yale mihla. Inkoliso yezazi ngeenkwenkwezi kungokunje iyavuma ukuba kukho izinto ezidaliweyo ezisemajukujukwini ezinamandla kakhulu—iiblack holes. Iiblack holes azibonakali, ukanti iingcali ziqinisekile ukuba zikho. Ngendlela efanayo, iBhayibhile ithi kukho omnye ummandla apho kukho izidalwa eziphilayo ezinamandla nezingenakubonwa—izidalwa zomoya. Ukuba abo bantu banamandla nabangabonakaliyo bakho, ngaba ayikho ngqiqweni into yokuba ukulungelelaniswa ngokuchanileyo kwezinto okubonakala kwindalo iphela kuvela kuMntu Okrelekrele kakhulu?—Nehemiya 9:6.
13, 14. (a) Yintoni kanye kanye eye yafunyaniswa zizazinzulu ngemvelaphi yobomi? (b) Bubonisa ntoni ubukho bezinto eziphilayo emhlabeni?
13 Ubungqina besibini obunokunceda abantu babuvume ubukho boMdali bubandakanya imvelaphi yobomi. Ukususela kwixesha uLouis Pasteur awenza ngalo ulingelo, kuye kwavunyelwana ukuba ubomi abusuki buzivelele nje esithubeni. Ngoko zavela njani izinto eziphila emhlabeni? Ngeminyaka yee-1950, izazinzulu zazama ukubonisa ukuba ubomi busenokuba baqalisa ngokuthe ngcembe kulwandlekazi lwamandulo ngexesha apho isibhakabhaka santlandlolo sasisoloko sintlithwa yimibane. Noko ke, kutshanje ubungqina bubonisa ukuba into yokuba ubomi busuka kwizinto eziphila emanzini ilulwimi etywaleni kuba asizange sibekho isibhakabhaka esinjalo. Ngenxa yoko, ezinye izazinzulu zikhangela ingcaciso noko eginyekayo ngalo mba. Kodwa ke ngaba zona aziwuphosi umhlola?
14 Emva kokuchitha amashumi eminyaka sifundisisa ngendalo nangobomi obukuyo, isazinzulu saseBritani uMhlekazi uFred Hoyle sagqabaza sathi: “Kunokuba sibambelele kwinto engeyayenzeke ngebhaqo yokuba ubomi bavela kumandla emvelo angaqondakaliyo, kubonakele kubhetele ukucinga ukuba ubomi badalwa ngumntu onengqondo nowayeyazi into ayenzayo.” Ewe, okukhona sifunda ngemimangaliso yendalo, kokukhona sicacelwa ukuba isuka kuMthombo okrelekrele.—Yobhi 33:4; INdumiso 8:3, 4; 36:9; IZenzo 17:28.
15. Kutheni kunokuthiwa wahlukile?
15 Ngoko into yokuqala esiqiqisayo yindalo, ize eyesibini ibe yimvelaphi yezinto eziphila emhlabeni. Nantsi ke eyesithathu—indlela esahluke ngayo. Bonke abantu bahlukile ngeendlela ezininzi, ibe oko kuthetha ukuba nawe wahlukile. Njani? Mhlawumbi sele uvile ukuba ubuchopho buye bafaniswa nekhompyutha enamandla. Noko ke, okufunyaniswe kutshanje kubonisa ukuba enyanisweni ayichananga loo nto. Isazinzulu seMassachusetts Institute of Technology sathi: “Amandla okubona, okuthetha, okushukuma okanye okusebenzisa ingqiqo eekhompyutha zale mihla akasondeli nditsho nakwawomntwana oneminyaka emi-4 ubudala. . . . Kuye kwaqikelelwa ukuba amandla okukwazi ukudlulisa inkcazelo eyona khompyutha inkulu nenamandla alingana nawenkqubo yemithambo-luvo yenkumba (snail)—ithontsi emphandeni xa elinganiswa namandla enawo ikhompyutha enkulu engaphakathi kokhakayi [lwakho].”
16. Abonisa ntoni amandla akho okuthetha?
16 Ukuthetha kuyenye yezinto okwaziyo ukuzenza ngenxa yobuchopho bakho. Abanye abantu bathetha iilwimi ezimbini, ezintathu okanye nangaphezulu, ukanti kwaukuthetha olunye nje ulwimi kusenza sahluke. (Isaya 36:11; IZenzo 21:37-40) UNjingalwazi R. S. noD. H. Fouts babuza: “Ngaba ngabantu bodwa . . . abanokunxibelelana ngolwimi? . . . Ngokuqinisekileyo zonke izilwanyana ezikrelekrele zinako ukunxibelelana . . . ngezimbo zomzimba, ngamavumba, ngokukhala nangokuntyiloza, ibe iinyosi zona zide zingqungqe. Ukanti ngumntu kuphela obonakala enolwimi olulungelelaniswe ngokwemigaqo yalo. Yaye okona kubalulekileyo kukuba izilwanyana azizobi mifanekiso eqondakalayo. Eyona nto ibhetele ezinokuyenza kukukrwela-krwela nje into engabonakaliyo.” Enyanisweni, ngabantu kuphela abanokusebenzisa ingqondo ukuze bathethe ngolwimi oluthile yaye bazobe imifanekiso ebonakalayo.—Thelekisa uIsaya 8:1; 30:8; Luka 1:3.
17. Nguwuphi umahluko osisiseko obakho phakathi kwesilwanyana nomntu xa ezibuka esipilini?
17 Ngaphezu koko, uyazazi ukuba ukho; uyasiqonda isiqu sakho. (IMizekeliso 14:10) Wakha wayibukela na intaka, inja okanye ikati xa izibuka esipilini ize isinqole, isigragramele okanye ilwe naso? Yona icinga ukuba ibona esinye isilwanyana, ayazi ukuba yiyo leyo. Ngokwahlukileyo koko, wena xa uzibuka esipilini, uyazi ukuba nguwe lowo. (Yakobi 1:23, 24) Unokubuka inkangeleko yakho okanye uzibuze ukuba kazi wobe unjani na kwiminyaka embalwa ezayo. Izilwanyana aziyenzi loo nto. Ewe, ubuchopho bakho bukwenza wahluke. Ngubani omele azukiswe ngaloo nto? Ingangubani owayenokudala ubuchopho, xa ingengoThixo?
18. Ngawaphi amandla engqondo akwenza wahluke kwizilwanyana?
18 Ingqondo yakho ikwakuvumela ukuba uthande umsebenzi wobugcisa nomculo yaye uyazi imilinganiselo yokuziphatha. (Eksodus 15:20; ABagwebi 11:34; 1 Kumkani 6:1, 29-35; Mateyu 11:16, 17) Kutheni wena ukwazi kodwa ezinye izilwanyana zingakwazi? Kaloku obazo ubuchopho zibusebenzisela iintswelo ezinazo ngelo xesha—ukufumana ukutya, ukufumana iqabane okanye ukwenza indlwana. Ngabantu kuphela abakwaziyo ukucinga ngekamva. Bambi bade bacinge ngendlela izenzo zabo eziya kuyichaphazela ngayo imekobume okanye inzala yabo kwixesha elikude elizayo. Ngoba? INtshumayeli 3:11 ithetha yenjenje ngabantu: “Kwanephakade [uMdali] ulinikele ezintliziyweni zabo.” Ewe, amandla akho okucinga ngentsingiselo yexesha elingalinganiselwanga okanye okucinga ngobomi obungenasiphelo ayinto ekhethekileyo.
Vumela UMdali Ongezelele Intsingiselo
19. Ziziphi iinkalo ezintathu onokuzisebenzisa xa uqiqisa abanye ukuze bacinge ngoMdali?
19 Siye senza amavandlakanya nje ngeenkalo ezintathu: ulungelelwano olunonophelweyo lwendalo iphela, imvelaphi yezinto eziphila emhlabeni, nokwahluka okungenakuphikwa bani kobuchopho bomntu obunamandla ahlukahlukeneyo. Zisingise phi kanye kanye ezi nkalo zintathu? Nantsi indlela onokubaqiqisa ngayo abanye ukuze ubancede bafikelele kwisigqibo. Unokuqala ngokubuza uthi: Ngaba indalo yaba nesiqalo? Inkoliso yabo iza kuthi ewe. Landelisa ngokubuza oku: Ngaba yasuka yaziqalela, nje okanye yaqalwa? Inkoliso yabantu iyayinakana into yokuba indalo yaqalwa. Gqibezela ke ngoku ngalo mbuzo: Ngaba eso siqalo sabangelwa yinto ethile ephila ngonaphakade okanye nguMntu othile ophila ngonaphakade? Xa uwubeka ngokucacileyo nangendlela esengqiqweni lo mbandela, baninzi abantu abanokufikelela kwisigqibo sokuba: Umele ukuba ukho uMdali! Xa kunjalo ke, ngaba ubomi abufanelanga bube nentsingiselo?
20, 21. Kutheni kubalulekile ukwazi uMdali ukuze siphile ubomi obunentsingiselo?
20 Ubukho bethu, kuquka imvo yethu yokuziphatha okuhle kwanokuziphatha okuhle ngokwako kumele ukuba kunento yokwenza noMdali. UGqr. Rollo May wakha wabhala esithi: “Ekuphela kwesona sizinzi sifanelekileyo sokuziphatha okuhle seso sisekelwe kweyona ntsingiselo yokwenene yobomi.” Siza kufunyanwa phi ke sona? Wahlabela mgama esithi: “Oyena ndoqo luhlobo lomntu alulo uThixo. Yimigaqo kaThixo esekela ubomi ukususela ekudalweni kuse esiphelweni.”
21 Ngoko ke, sisiqonda kakuhle isizathu sokuba umdumisi abonakalise ukuthobeka nobulumko xa wayebongoza uMdali esithi: “Ndifundise umendo wakho. Ndinyathelise enyanisweni yakho, undifundise; ngokuba unguThixo ongumsindisi wam.” (INdumiso 25:4, 5) Njengoko wayesiya emazi nangakumbi uMdali, ngokuqinisekileyo ubomi balo mdumisi baba nentsingiselo, nenjongo engakumbi ibe wazazi nangakumbi ukuba usinge phi na. Kunokuba njalo ke nakuthi.—Eksodus 33:13.
22. Yintoni ebandakanyekileyo ekukhuliseni ulwazi ngeendlela zoMdali?
22 Ukuwazi ngokuthe ngcembe “umendo” woMdali kubandakanya ukukhulisa ulwazi ngohlobo lomntu alulo, ubuntu bakhe neendlela zakhe. Kodwa ke ekubeni uMdali engenakubonwa ngeliso lenyama yaye enamandla ngendlela eyoyikekayo, sinokwenza njani ukuze simazi ngakumbi? Inqaku elilandelayo liza kuwuxubusha lo mba.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ngokusuka kumava awafumana kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi, uGqr. Viktor E. Frankl wathi: “Iphulo lomntu lokufuna intsingiselo linamandla kakhulu ebomini bakhe yaye alilothuku nje ‘elimele libekwe kwindawo yesibini,’ ” njengakwizilwanyana. Wongezelela ngelithi kumashumi eminyaka emva kwemfazwe yehlabathi yesibini, uhlolisiso olwenziwa eFransi “lwabonisa ukuba abantu abangama-89 ekhulwiniOk for X abavakalisa izimvo zabo bavuma ukuba kukho ‘nto ithile’ efunekayo emntwini eza kumnika injongo yokuba aphile.”
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Kutheni sifanele simbe nzulu kunenkcazelo esiyifumana kwinzululwazi ngendalo iphela?
◻ Xa unceda abanye ukuba bacinge ngoMdali, yintoni osenokwalatha kuyo?
◻ Kutheni ukwazi uMdali kusisikhokelo sokufumana ubomi obunentsingiselo?
[Caption on page 15]
Ubukhulu nokulungelelaniswa ngononophelo okubonakala kwindalo kuye kwabangela ukuba abaninzi bacinge ngoMdali
[Caption on page 15]
Pages 15 and 18: Jeff Hester (Arizona State University) and NASA
[Caption on page 18]
WENA UFIKELELE KWISIPHI ISIGQIBO?
INDALO IPHELA
AYIZANGE IBE NASIQALO
YABA NESIQALO
AYIZANGE IQALWE
YAQALWA
YINTO ETHILE EPHILA NGONAPHAKADE
NGUMNTU OTHILE OPHILA NGONAPHAKADE