Isizathu Sokuba IBhayibhile Isisipho SikaThixo Esiphefumlelweyo
IBHAYIBHILE ithi “uThixo uluthando” yaye ithi unobulumko namandla. (1 Yohane 4:8; Yobhi 12:13; Isaya 40:26) Isixelela ukuba “zonke iindlela zakhe zisesikweni.” (Duteronomi 32:4) Ngokutsho kweBhayibhile, uThixo ukwabonakalisa iimpawu ezifana nenceba novelwano.—Eksodus 34:6; Roma 9:15, NW.
Ngenxa yokuba iBhayibhile isithi uYehova uThixo unezi mpawu, itsalela kuye abantu abamfunayo. Le ncwadi ithetha ngendalo, imvelaphi yesono nokufa neendlela zokuxolelaniswa noThixo. Inikela ithemba elivuyisayo leParadisi ebuyiselwe emhlabeni. Kodwa konke oku kuxabiseka kuphela ukuba sinako ukungqina ukuba iBhayibhile isisipho esiphefumlelweyo esivela kuThixo.
IBhayibhile Nenzululwazi
IBhayibhile isoloko iphumelela xa igxekwa. Ngokomzekelo, xa ifundwa ngengqondo ephangaleleyo, ifumaniseka ivisisana nenzululwazi yokwenyaniso. Kambe ke, iBhayibhile yayilungiselelwe ukunikela ukhokelo lokomoya, kungekhona njengencwadi yenzululwazi. Makhe sibone ukuba iBhayibhile iyavumelana kusini na nezibakala ezingokwenzululwazi.
Ezonyango: Kwincwadi yakhe ethi The Physician Examines the Bible, uC. Raimer Smith wabhala oku: “Mna kuyandimangalisa ukuba iBhayibhile ichane kangaka kumbandela wezonyango. . . . Apho ikhankanya khona unyango, ngokuphathelele amathumba, amanxeba, njl., ivumelana ngokuchanileyo nomgangatho wezonyango wale mihla. . . . Iinkoliso yabantu isakholelwa kwiinkolelo ezininzi, njengenkolelo yokuba ukufaka imbewu yebuckeye epokothweni kunokuthintela isifo samathambo; ukubamba isele kuya kubangela iintsumpa; ukubophelela ilaphu elibomvu entanyeni kuya kuphilisa umqala obuhlungu; ukuxwaya ingxowa eneentyatyambo zeasafetida kuya kuthintela izifo; ngalo lonke ixesha umntwana egula sukuba eneentshulube; njl., kodwa iingxelo ezinjalo azifumaneki eBhayibhileni. Oku kona ngokwako kuyaphawuleka yaye kum kubobunye ubungqina bokuba ivela kuThixo.”
Izilwanyana: Ngokutsho kweBhayibhile, ‘umvundla utyisa umtyiso.’ (Levitikus 11:6) UFrançois Bourlière (The Natural History of Mammals, yowe-1964, iphepha 41) uthi: “Umkhwa ‘wokuhlaziya,’ okanye ukudluliswa kokutya kabini emathunjini kunokuba kudlule kanye, kubonakala ukuba imivundla ihlala iwenza. Ngokuqhelekileyo imivundla efuywayo iludla ize iluginye ngaphandle kokuluhlafuna udaka lwesinqe ebilukhuphe ebusuku, kusasa oluba sisiqingatha sako konke ukutya enako esiswini. Kwimivundla yehlathi ukuhlaziya kwenzeka kabini ngosuku, kwaye kuthiwa nomvundla waseYurophu wenza okufanayo.” Kule nkalo, incwadi ethi Mammals of the World (ebhalwe nguE. P. Walker, 1964, uMqulu II, iphepha 647) ithi: “Oku kusenokufana ‘nokwetyisa umtyiso’ kwezilwanyana ezetyisayo.”
Izityalo: Bambi ngokuphosakeleyo bagqiba kwelokuba iBhayibhile ayichananga ngenxa yokuba uYesu Kristu wathetha ‘ngokhozo lwemostade njengoluncinane kuzo zonke iimbewu.’ (Marko 4:30-32) Kusenokwenzeka ukuba, uYesu wayethetha ngembewu yesityalo semostade emnyama (iBrassica nigra okanye iSinapis nigra), emalunga nesi-1 ukuya kwisi-1,6 seemilimitha ubungqukuva. Nangona zikho iimbewu ezincinane kunoko, njengeembewu ezingumgubo zentyatyambo eyiorchid, uYesu wayengathethi nabantu ababelima iiorchids. Loo maYuda aseGalili ayesazi ukuba kwezo ndidi ngeendidi zeembewu ezazilinywa ngabalimi balapho, imbewu yemostade yayiyeyona incinane. UYesu wayethetha ngoBukumkani, wayengafundisi ngezityalo.
Ukumbiwa Kwezinto Zakudala: Ookumkani, izixeko neentlanga eziseBhayibhileni ziye zazizinto zokoqobo ngokufunyanwa kwamacwecwe amatye omdongwe, izinto ezibunjwe ngomdongwe, imibhalo nokufanayo. Ngokomzekelo, abantu abanjengamaHeti akhankanywe eZibhalweni babekho ngokwenene. (Eksodus 3:8) Kwincwadi yakhe ethi The Bible Comes Alive, uMhlekazi uCharles Marston wathi: “Abo baye baphazamisa ukholo lwabantu ngokubanzi eBhayibhileni, baza balijongela phantsi igunya layo, nabo baye bathotywa bubungqina obuye baziswa ekukhanyeni, ibe igunya labo liye labhangiswa. Umhlakulo ududulela ukugxeka okutshabalalisayo kude lee nezibakala ezithandatyuzwayo ukuze kuqondwe ukuba kuziintsomi ephawulwayo.”
Ukumbiwa kwezinto zakudala kuye kwayixhasa iBhayibhile ngeendlela ezininzi. Ngokomzekelo, okuye kwafunyanwa kuye kwaqinisekisa iindawo namagama afunyanwa kwiGenesis isahluko 10. Abembi baye bafumana isixeko esiyiUre yamaKhaledi, iziko lorhwebo nonqulo apho uAbraham wazalelwa khona. (Genesis 11:27-31) Ngentla komthombo waseGihon kummandla osemazantsi-ntshona eYerusalem, abembi bezinto zakudala bafumana isixeko samaYebhusi esathinjwa nguKumkani uDavide. (2 Samuweli 5:4-10) UMbhalo WaseSilowa owakrolwa kwenye incam yomjelo kaKumkani uHezekiya, wafunyanwa ngowe-1880. (2 Kumkani 20:20) Ukuwela kweBhabhiloni ezandleni zikaKoreshi Omkhulu ngowama-539 B.C.E. kuchaziwe kwiNcwadi Yengxelo Yeziganeko kaNabonidus, eyavunjululwa ngenkulungwane ye-19 kwiXesha lethu Eliqhelekileyo. Iinkcukacha ezikwincwadi kaEstere ziye zaqinisekiswa yimibhalo ekroliweyo eyafunyanwa ePersepolis nokufunyanwa kwebhotwe likaKumkani uXerxes (uAhaswerosi) eShushan, okanye eSusa, phakathi kowe-1880 nowe-1890 C.E. Umbhalo owafunyanwa ngowe-1961 kumabhodlo eholo yemidlalo yeqonga yamaRoma eKesareya ingqina ubukho berhuluneli eyayingumRoma uPontiyo Pilato, owanikela uYesu ukuba abethelelwe.—Mateyu 27:11-26.
Ukwakhiwa komhlaba: Ngokuphathelele ingxelo yeBhayibhile engendalo, isazinzulu ngokwakhiwa komhlaba esaziwayo uWallace Pratt sathi: “Ukuba mna njengesazinzulu ngokwakhiwa komhlaba bendinokucelwa ukuba ndikhe ndithi gqaba gqaba ngeengcamango zethu zale mihla ngemvelaphi yomhlaba nokuvela kobomi kuwo kubantu nje abaqhelekileyo basemaphandleni, abanjengezizwe eyayibhalelwe zona iNcwadi yeGenesis, bendingenakwenza ngakumbi kunokulandela ngokusondeleyo indlela esibhalwe ngayo isahluko sokuqala seGenesis.” OkaPratt waphawula ukuba ukulandelelana kweziganeko ezikwiGenesis—imvelaphi yeelwandlekazi, ukuvela komhlaba, kwaza emva koko kwavela izinto eziphila emanzini, iintaka nezilwanyana ezanyisayo—ngokusisiseko kukulandelelana kokwahlukahlukana okuyintloko kwexesha ezadalwa ngalo izinto ezisemhlabeni.
Ulwazi Ngeenkwenkwezi: Kwiminyaka enokuba ngama-2 700 eyadlulayo—kudala ngaphambi kokuba abantu bazi ngokubanzi ukuba umhlaba ungqukuva—umprofeti uIsaya wabhala: “Ngulo uhlala phezu kwesazinge sehlabathi.” (Isaya 40:22) Igama lesiHebhere elithi chugh, apha eliguqulelwe ngokuthi ‘isazinge,’ likwanokuguqulelwa ngokuthi “ingqukuva.” (A Concordance of the Hebrew and Chaldee Scriptures, nguB. Davidson) Ngoko, kwakhona, imbonakalo yomhlaba ‘ebusazinge’ ibonwa ngokucacileyo xa ukummandla ongaphandle komhlaba naxa maxa wambi uhamba phezulu gqitha ngenqwelo-moya. Kwakulo mbandela, uYobhi 26:7 uthi uThixo ‘uxhoma ihlabathi phezu kokungeni.’ Le yinyaniso emsulwa, kuba izazi ngommandla wendalo ziyazi ukuba umhlaba awunazinto zibonakalayo zokuwuxhasa.
Umzimba womntu: Ngokuchanileyo iBhayibhile ithi ‘onke amalungu,’ emveku “abhaliwe.” (INdumiso 139:13-16, NW) Ingqondo, intliziyo, imiphunga, amehlo—onke la namanye amalungu omzimba ‘abhaliwe’ kwiinkcukacha ezingemfuza ezikwiqanda elisele lidibene nembewu yendoda esizalweni sikamama. Kwezi nkcukacha kukho amaxesha amele abonakale ngawo amalungu ngamanye ngokolandelelwano olufanelekileyo. Yaye khawufan’ ucinge! Le ngxelo engokukhula komzimba womntu yabhalwa eBhayibhileni kwiminyaka enokuba ngama-3 000 ngaphambi kokuba izazinzulu zazi ngeenkcukacha zemfuza.
Inokuthenjwa Kwiinkcukacha Ezingokwembali
Kwincwadi yalo ethi A Lawyer Examines the Bible, igqwetha elinguIrwin H. Linton lathi: “Ngoxa iintsomi, nobungqina bobuxoki buye buqinisekise ukuba iziganeko obubalisa ngazo zenzeka ndaweni ithile ekude nangexesha elingaziwayo, ngaloo ndlela zisaphula imigaqo esisiseko thina magqwetha esiyifundayo ngokuphathelele ukuthethelela kakuhle abantu enkundleni yamatyala, ethi ‘inkcazelo efungelweyo ifanele inikele ixesha nendawo isiganeko esenzeke kuyo,’ ingxelo yeBhayibhile isinika ngokuthe ngqo ixesha nendawo ezenzeka kuyo izinto ethetha ngazo.”
Ukungqina esi sibakala, okaLinton wacaphula uLuka 3:1, 2. Apho umbhali wencwadi yeVangeli wakhankanya amagosa aseburhulumenteni asixhenxe khon’ ukuze amisele ixesha uYesu Kristu awabuqalisa ngalo ubulungiseleli Bakhe. Phawula iinkcukacha ezanikelwa nguLuka kula mazwi: “Ngomnyaka weshumi elinantlanu wokulawula kukaTibheriyo Kesare, inguPontiyo Pilato irhuluneli kwelakwaYuda, inguHerode umphathi wesahlulo sesine esilelaseGalili, inguFilipu ke umzalwana wakhe umphathi wesahlulo sesine esilelaseYitureya nelizwe leTrakoniti, inguLisaniyo umphathi wesahlulo sesine esilelaseAbhilene, ngexa lababingeleli abakhulu ooAnas noKayafa, lafika ilizwi likaThixo kuYohane, unyana kaZekariya, entlango.”
IBhayibhile izaliswe ziinkcukacha ezifanayo. Ngaphezu koko, iinxalenye zayo ezinjalo njengeencwadi zeVangeli zabhalwa ebudeni bexesha lokuvela ngamandla kwesithethe samaYuda, samaGrike nesamaRoma. Elo yayilixesha lamagqwetha, ababhali, abalawuli nabanye abantu abanjalo. Ngoko, ngokuqinisekileyo ukuba iinkcukacha ezifumaneka kwiincwadi zeVangeli nakweezinye iincwadi zeBhayibhile zazingeyonyaniso, zaziya kubhencwa njengeziyinkohliso. Kodwa ababhali-mbali behlabathi baye baziqinisekisa izibakala ezinjengobukho bukaYesu Kristu. Ngokomzekelo, ngokuphathelele uYesu nabalandeli Bakhe umbhali-mbali owayengumRoma uTacitus wabhala oku: “UChristus, elisuka kuye eli gama [amaKristu], wafumana isohlwayo esiqatha ebudeni bolawulo lukaTibheriyo ngesigwebo esawiswa lelinye lamabamba ethu, uPontiyo Pilato.” (Annals, Incwadi XV, 44) Ukuchana kweBhayibhile okungokwembali kuyasinceda ekungqineni ukuba isisipho sikaThixo kuluntu.
Obona Bungqina Bubalaseleyo
Nangona ukumbiwa kwezinto zakudala, ulwazi ngommandla wendalo, imbali neminye imithombo yolwazi iyixhasa iBhayibhile, ukukholelwa kuyo akusekelwanga kwiziqinisekiso ezinjalo. Phakathi kobungqina obuninzi bokuba iBhayibhile isisipho esiphefumlelweyo uThixo asiphe sona, akukho bungqina obunokunikelwa obungaphaya kwenzaliseko yesiprofeto sayo.
UYehova uThixo nguMthombo weziprofeto eziyinyaniso. Ngomprofeti wakhe uIsaya, wathi: “Izinto zokuqala, yabona, zifikile; ndixela izinto ezintsha, ke zingekantshuli ndiyanivisa.” (Isaya 42:9) Ngaphezu koko, iBhayibhile ithi ababhali bayo babephefumlelwe nguThixo ngomoya wakhe oyingcwele, okanye amandla asebenzayo. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos ongumKristu wabhala oku: “Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) Umpostile uPetros wabhala oku: “Sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombululela. Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.” (2 Petros 1:20, 21) Ngoko makhe siqwalasele isiprofeto seBhayibhile.
Phakathi kwamakhulukhulu eziprofeto eziseBhayibhileni kukho ezo ziphathelelene nekomkhulu laseAsiriya, iNineve, “umzi wamagazi” owawubangela uloyiko kulo lonke elaseMbindi Mpuma mandulo ixesha elingaphezu kweenkulungwane ezili-15. (Nahum 3:1) Noko ke, xa iNineve yayinamandla gqitha, iBhayibhile yaxela kwangaphambili: “Ayenze [uThixo] ibe linxuwa iNineve, ayenze umqwebedu onjengentlango. Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi, izinto eziphilileyo nokuba ziziphi, ziziimfidi; ingcwangube nokhwalimanzi balale emanqanamini; kobakho ilizwi leemvumi ezifestileni, amazala emibundwini yeminyango; ngokuba ewuhlubile umsebenzi wabo wemisedare.” (Zefaniya 2:13, 14) Namhlanje, iindwendwe zibona ukuba yimfumba yomhlaba kuphela ephawula ummandla obharhileyo eyayikuwo iNineve yamandulo. Ngokubhekele phaya, kulapho imihlambi yeegusha idla khona, njengoko kwaxelwa kwangaphambili.
Embonweni, umprofeti kaThixo uDaniyeli wabona inkunzi yegusha eyayineempondo ezimbini nenkunzi yebhokhwe eyayinophondo olukhulu phakathi kwamehlo ayo. Ibhokhwe yayihlaba inkunzi yegusha, isaphula iimpondo zayo ezimbini. Emva koko, uphondo olukhulu lwale bhokhwe lophuka, ibe esikhundleni salo kwakhula iimpondo ezine. (Daniyeli 8:1-8) Isithunywa sezulu uGabriyeli sathi: “Inkunzi yegusha oyibonileyo ineempondo ezimbini, ngookumkani bamaMedi nabamaPersi; nenkunzi yebhokhwe exhonti ngukumkani [waseGrisi, NW]; uphondo olukhulu oluphakathi kwamehlo ngukumkani wokuqala. Ukwaphuka oku, kume zibe ne esikhundleni salo, kukuthi, kuya kusuka kume izikumkani ezine eluhlangeni, kungabi ngamandla alo ke.” (Daniyeli 8:20-22) Njengoko imbali iye yangqina, inkunzi yegusha eneempondo ezimbini—uBukhosi bamaMedi namaPersi—yabhukuqwa “ngukumkani waseGrisi.” Loo nkunzi yebhokhwe yokomfuziselo ‘yayinophondo olukhulu’ olwalufanekisela uAlesandire Omkhulu. Emva kokufa kwakhe, iinjengele zakhe ezine zangena ezihlangwini zolo ‘phondo lukhulu’ ngokuzibeka esihlalweni zibe ‘zizikumkani ezine.’
Iziprofeto ezininzi ezikwiZibhalo ZesiHebhere (“ITestamente Endala”) ziye zazaliseka ngokuphathelele uYesu Kristu. Zimbi zezi zasetyenziswa kuye ngababhali beZibhalo ZamaKristu ZesiGrike (“ITestamente Entsha”) ababephefumlelwe nguThixo. Ngokomzekelo, umbhali wencwadi yeVangeli uMateyu walatha kwinzaliseko yeziprofeto zeZibhalo ekuzalweni kukaYesu yintombi enyulu, ngokuba nomanduleli Kwakhe nasekungeneni kwakhe eYerusalem ekhwele ithole le-esile. (Thelekisa uMateyu 1:18-23; 3:1-3; 21:1-9 noIsaya 7:14; 40:3; Zekariya 9:9.) Iziprofeto ezinjalo ezizalisekileyo ziyanceda ekungqineni ukuba iBhayibhile ngokwenene isisipho sikaThixo esiphefumlelweyo.
Inzaliseko yale mihla yesiprofeto seBhayibhile ingqina ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1-5) Iimfazwe, ukunqongophala kokutya, iindyikitya zezifo neenyikima zomhlaba ezingenakuthelekiswa nanto ziyinxalenye ‘yomqondiso wobukho’ bukaYesu esemandleni oBukumkani. Loo mqondiso ukwaquka umsebenzi wazwenibanzi wamaNgqina kaYehova angaphezu kwezigidi ezine, ashumayela iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani obumiselweyo. (Mateyu 24:3-14; Luka 21:10, 11) Kwakhona isiprofeto seBhayibhile esizalisekayo ngoku sisiqinisekisa ukuba urhulumente kaThixo wasezulwini nolawulwa nguYesu Kristu kungekudala uya kuzisela uluntu oluthembekileyo ihlabathi elitsha lolonwabo lukanaphakade.—2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:1-5.
Isicangca esikweli nqaku esinomxholo othi “Iziprofeto ZeBhayibhile Ezizalisekileyo” sibonisa nje ezimbalwa kumakhulukhulu eziprofeto zeBhayibhile ezinokudweliswa. Inzaliseko yezinye zezi yaphawulwa eZibhalweni ngokwazo, kodwa okufanele kuphawulwe ngokukhethekileyo ziziprofeto ezizaliseka namhlanje.
Kusenokwenzeka ukuba, uyazibona iziganeko ezithile ezenzeka ehlabathini ngokubanzi ezaxelwa kwangaphambili eBhayibhileni. Kodwa kutheni ungakhe uhlole ngokubhekele phaya? AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukuchazela iinkcukacha ezongezelelekileyo ukuba ufuna njalo. Yaye kwanga ukufuna kwakho ngokunyanisekileyo ulwazi ngOsenyangweni nangeenjongo zakhe kungakuqinisekisa ukuba iBhayibhile ngokwenene isisipho sikaThixo esiphefumlelweyo.
[Isicangca esikwiphepha 7]
IZIPROFETO ZEBHAYIBHILE EZIZALISEKILEYO
ISIPROFETO INZALISEKO
Genesis 49:10 UYuda wayebumba isizwe sasebukhosini
sakwaSirayeli (1 Kronike 5:2; Hebhere 7:14)
Zefaniya 2:13, 14 INineve yaphanziswa malunga
nowama-632 B.C.E.
Yeremiya 25:1-11; Ukoyiswa kweYerusalem kuqalisa iminyaka
Isaya 39:6 engama-70 yokuphanziswa (2 Kronike 36:17-21;
Isaya 13:1, UKoreshi woyisa iBhabhiloni; amaYuda abuyela
Isa 13:17-22; elizweni lawo (2 Kronike 36:20-23;
Daniyeli 8:3-8, AmaMedi namaPersi abhukuqwa nguAlesandire
Dan 8:20-22 Omkhulu yaye uLawulo lwamaGrike
luyehlulelana
Isaya 7:14; UYesu wazalwa yintombi enyulu eBhetelehem
Daniyeli 9:24-26 Ukuthanjiswa kukaYesu njengoMesiya
(ngowama-29 C.E.) (Luka 3:1-3, 21-23)
Isaya 9:1, 2 Ubulungiseleli bukaYesu obukhanyiselayo
buqalisa eGalili (Mateyu 4:12-23)
Isaya 53:4, 5, 12 Ukufa kukaKristu njengedini lentlawulelo
INdumiso 22:18 Ukuwiswa kwamaqashiso ngeengubo zikaYesu
INdumiso 16:10; Uvuko lukaKristu ngomhla wesithathu
Luka 19:41-44; Ukutshatyalaliswa kweYerusalem ngamaRoma
Lu 21:20-24 (ngowama-70 C.E.)
Luka 21:10, 11; Imfazwe engenakuthelekiswa nanto, indlala,
Mateyu 24:3-13; izinyikimo zomhlaba, iindyikitya zezifo,
2 Timoti 3:1-5 ulwaphulo-mthetho, njalo njalo, ziphawula
“imihla yokugqibela”
Mateyu 24:14; Ukuvakalisa ehlabathini ngokubanzi
Isaya 43:10; kwamaNgqina kaYehova ukuba uBukumkani
INdumiso 2:1-9 bukaThixo bumiselwe yaye kungekudala buya
koyisa bonke ababuchasileyo
Mateyu 24:21-34; Intsapho yazwenibanzi yamaNgqina kaYehova
ISityhilelo 7:9-17 enqula uThixo nelungiselela ukusinda
‘kwimbandezelo enkulu’
[Imifanekiso ekwiphepha 8]
Imfazwe, indlala, iindyikitya zezifo neenyikima zomhlaba zibangela umonakalo omkhulu namhlanje, kodwa ihlabathi elitsha loxolo nolonwabo liselundini phayaa