IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w92 5/15 iphe. 28-31
  • UYehova Wasinyamekela Ngoxa Umsebenzi Wethu Wawuvaliwe—Icandelo 3

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova Wasinyamekela Ngoxa Umsebenzi Wethu Wawuvaliwe—Icandelo 3
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukulungiselela Ukutya Kokomoya
  • Ukusinda Cebetshu
  • Ukuba Sentolongweni Kodwa Ukhululeke
  • Ukuvavanywa Kwabantwana Bethu
  • Ukwandisa Umsebenzi Wethu Wokushumayela Esidlangalaleni
  • Uhlengahlengiso Njengoko Inkululeko Yayisondela
  • UYehova Wasinyamekela Ngoxa Umsebenzi Wethu Wawuvaliwe—Icandelo 2
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • UYehova Wasinyamekela Ngoxa Umsebenzi Wethu Wawuvaliwe—Icandelo 1
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Ndachukunyiswa Kukunyaniseka Kwentsapho Yakowethu KuThixo
    Vukani!—1998
  • Icandelo 4—Amangqina Ukusa Ekupheleni Komhlaba
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
w92 5/15 iphe. 28-31

UYehova Wasinyamekela Ngoxa Umsebenzi Wethu Wawuvaliwe—Icandelo 3

KWAKUNGOMATSHI 14, 1990. Ngolo suku lubalulekileyo, ndandingomnye wababekho xa igosa eliphezulu laseburhulumenteni kwiSebe Lemicimbi Yezonqulo eMpuma Berlin lalinikezela uxwebhu olungokwasemthethweni olumisela amaNgqina kaYehova ngokusemthethweni kwindawo eyayisakubizwa ngokuba yiRiphabliki YoLawulo-melo YaseJamani, okanye iMpuma Jamani. Ebudeni boko kwakuqhubeka ngaloo mini, ndakhumbula emva kwixesha endaba liNgqina ngalo ndaza ndacinga ngamaxesha anzima esathubeleza phantsi kwawo.

Phakathi kwiminyaka yee-1950, xa uMargarete, iNgqina endandisebenza nalo, wandixelela ngeenkolelo zakhe ezisekelwe eBhayibhileni okwesihlandlo sokuqala, ukutshutshiswa kwamaNgqina kaYehova eMpuma Jamani kwakuqatha. Kungekudala emva koko waya kusebenza kwenye indawo, kwaye ndaqalisa ukufundisisa iBhayibhile nelinye iNgqina. Ndabhaptizwa ngowe-1956, yaye mna noMargarete satshata kwangaloo nyaka. Sasithelela kwiBandla laseLichtenberg eBerlin. Lalinabavakalisi boBukumkani abamalunga nama-60 ababenenxaxheba kumsebenzi wokushumayela.

Kwiminyaka emibini emva kokuba ndibhaptiziwe, amagosa aseburhulumenteni afika ekhayeni lomzalwana owayekhokela ebandleni lethu. Ayeyokumbamba, kodwa wayesemsebenzini eNtshona Berlin. Intsapho yakhe yakwazi ukumlumkisa ukuba ahlale apho, yaye emva kweenyanga ezithile yaya kuye eNtshona. Nakubeni nandineminyaka engama-24 ubudala kuphela, ndanikwa iimbopheleleko ezinzima ebandleni. Ndinombulelo kuba uYehova enika ubulumko namandla afunekayo ukuze sinyamekele imisebenzi enjalo.—2 Korinte 4:7.

Ukulungiselela Ukutya Kokomoya

Xa uDonga lwaseBerlin lwakhiwayo ngoAgasti 1961, ngequbuliso amaNgqina kaYehova aseMpuma ohlukaniswa nabazalwana bawo abaseNtshona. Ngaloo ndlela kwaqalisa ixesha lokuba sizikhuphelele uncwadi lwethu, okokuqala ngomatshini wokuchwetheza, kwaza kwalandela uthotho loomatshini bokukhuphela. Ukususela ngowe-1963, ndachitha iminyaka emibini ndisakha indawo efihlakeleyo yokushicilela ekhayeni lethu. Emva kokusebenza imini yonke ndisenza izixhobo zokusebenza, ebusuku ndandisenza imibhalo yeMboniselo ndincediswa ngabanye abazalwana abambalwa. Abasemagunyeni babezimisele ukufumanisa indlela umsebenzi wethu wokushicilela esasiwenza ngayo, kodwa uYehova wasinceda ukuze ukutya kwethu, njengokuba sasikubiza njalo, kubekho kwangethuba.

Ukuze sivelise imibhalo eyaneleyo yamaphephancwadi ethu kwakufuneka sibe nezixa ezaneleyo zephepha yaye ukufumana ezi zixa kwakungelula. Ukuba sasinokusoloko sithenga isixa esaneleyo sephepha, oku ngekwakutsale ingqalelo yabasemagunyeni. Ngoko ke salungiselela ukuba Ngqina ngalinye lithenge isixa esincinane samaphepha lize lize naso kwisifundo sethu seBhayibhile seqela. Ukusuka apho zazithatyathwa zisiwe apho sasishicilela khona amaphephancwadi. Aze amanye amaNgqina asasaze amaphephancwadi agqityiweyo.

Ekubeni abasemagunyeni babekrokrela ukuba ndandibandakanyekile ekushicilelweni koncwadi, babendibek’ esweni. Ngasekupheleni kowe-1965, ndaphawula ukuba babendilandela kakhulu kunokuba babeqhele ukwenjenjalo ndaqonda ukuba babeceba okuthile. Ngequbuliso bagaleleka kwangentseni ngenye imini.

Ukusinda Cebetshu

Ngaloo ntsasa yasebusika ndandisiya emsebenzini. Kwakungaphambi kwesifingo, yaye ndazilungiselela loo ngqele yayiqhaqhazelis’ amazinyo. Ngoxa ndandihamba, ndabona iintloko ezine zivele ngaphaya koludwe lemithi etyaliweyo. La madoda ajika aza eza ngqo kule ndlela ndandihamba kuyo. Ndabethwa luvalo ndisakuqonda ukuba yayingamagosa aseburhulumenteni. Ndandiza kwenza ntoni?

Ikhephu elininzi lalisuselwe emacaleni ukuze kuvuleke indlendlana yokuhamba. Ndaqhubeka ndihamba. Ndithokombise intloko, ndahamba amehlo am ethe nzo emhlabeni. Ndasebeza umthandazo ngokukhawuleza. La madoda aya esondela. Ngaba bethu ayendiqonda? Njengoko ayedlula ngakum kuloo ndlela imxinwa, andizange ndikukholelwe okwakusenzeka. Ndaqhubeka ndihamba ngokukhawuleza ngakumbi. Elinye lawo lakhwaza, “Heyi, nguye. Yima!”

Ndacela kwabanentsente. Ndathi tshe ekoneni ndajikela ndelakatyu ngaphaya kocingo lwakwammelwane ndaza ndangena ngasemva eyadini yakwam. Ndathi dyulukudu endlwini, ndatshixa umnyango. Ndakhwaza “Wonk’ umntu makavuke! Bayeza bayandisukela.”

UMargarete wafika kumgangatho osezantsi ngokukhawuleza wema ngasemnyango. Ngephanyazo ndandikwigumbi elisezantsi ndikhwezela isitovu. Ndathabatha kamsinya zonke iingxelo zebandla endandizigcinile ndaza ndazifaka emlilweni.

La madoda akhwaza, “Vula! Vul’ umnyango! Ndingumtshutshisi.”

UMargarete akazange ashukume nokushukuma njengoko ndanditshisa zonke izinto zaluthuthu. Emva koko ndema ngakuMargarete ndaza ndanqwala ukuba makavule. La madoda angena egxalathelana.

Abuza: “Ubaleka Ntoni?”

Kamsinya kwafika amagosa akwarhulumente angakumbi, yaye kwagqogqwa yonke indlu. Eyona nto ndandiyixhalabele kakhulu yindawo efihlakeleyo apho sasibeka khona umatshini wethu wokushicilela namaphepha angama-40 000. Kodwa umnyango wayo ofihlakeleyo awuzange ubhaqwe. Nangona ndancinwa iiyure ezininzi uYehova wandinceda ndahlala ndizolile. Loo mava asisondeza ngakumbi kuBawo wethu onothando wasezulwini aza asomeleza ukuba sinyamezele.

Ukuba Sentolongweni Kodwa Ukhululeke

Ngasekupheleni kweminyaka yee-1960, ndabizelwa inkonzo yasemkhosini. Ekubeni ngenxa yesazela sam ndandingenako ukuyamkela, ndanyanzeleka ukuba ndichithe iinyanga ezisixhenxe ndivalelwe entolongweni nakwinkampu yamabanjwa asetyenziswa nzima. Kwakukho amaNgqina ali-15 kwinkampu yaseCottbus, kumzantsi-mpuma weBerlin. Sonke sasilapho ngenxa yobundilele bethu bobuKristu. (Isaya 2:2-4; Yohane 17:16) Sasisebenza ixesha elide nomsebenzi unzima. Sasivuka nge-4:15 kusasa size sisiwe ngaphandle kwenkampu siyokusebenza kwimigaqo kaloliwe. Noko ke, ngoxa sasivalelwe saba namathuba okuxelela abanye ngoBukumkani bukaYehova.

Ngokomzekelo, sasikunye nabaxeli-thamsanqa ababini eCottbus. Ngenye imini ndeva ukuba omncinane kubo wayelangazelela ngamandla ukuthetha nam. Wayefuna ntoni bethu? Wazityand’ igila. Uninakhulu wayengumxeli-thamsanqa, yaye emva kokuba efunde iincwadi zakhe naye waqalisa ukuba namandla afanayo. Nangona le ndoda yayifuna ngamandla ukukhululeka kumandla awayeyilawula, yayisoyika imiphumo ebuhlungu. Yayisoloko ikhala. Kodwa mna ndandingena phi emcimbini?

Phakathi encokweni yethu, yachaza ukuba amandla ayo okuxela ngekamva ayephazamiseka xa iphakathi kwamaNgqina kaYehova. Ndayicacisela ukuba kukho imimoya engendawo, okanye iidemon, yaye kukho nelungileyo, okanye izithunywa ezilungileyo. Ndisebenzisa umzekelo wabo baba ngamaKristu kwiEfese yamandulo, ndabethelela imfuneko yokuzilahla zonke izinto ezidibene nokuxel’ ithamsanqa okanye nakuphi na ukusebenzisana nemimoya. (IZenzo 19:17-20) Ndayixelela: “Wandule ke udibane namaNgqina. AmaNgqina akho kuyo yonke indawo.”

Kwintsuku ezimbalwa kamva lo mfana wemka enkampini, andizange ndive nto yimbi ngaye. Kodwa ukubona loo ndoda idandathekileyo nengathuthuzelekiyo neyayifuna inkululeko kwalwenza nzulu uthando lwam ngoYehova. Thina maNgqina ali-15 sasikule nkampu ngenxa yokholo lwethu, kodwa sasikhululekile ngokomoya. Loo mfana wayekhululwe entolongweni, kodwa wayelikhoboka ‘lothixo’ owayeyidandathekisa. (2 Korinte 4:4) Hayi indlela thina maNgqina esimele siyixabise ngayo inkululeko yethu yokomoya!

Ukuvavanywa Kwabantwana Bethu

Yayingengobantu abakhulu kuphela ekwakufuneka bazimele ngokuthe nkqi iinkolelo zabo ezisekelwe eBhayibhileni kodwa nabaselula babemele benjenjalo. Babecinezelwa ukuba balalanise esikolweni nasemsebenzini. Bobane abantwana bethu kwafuneka bamele oko babekukholelwa.

Kwakusenziwa inkonzo yokukhahlel’ indwe esikolweni yonke iMivulo. Abantwana babedwela ngaphakathi kwamasango, bavume ingoma, baze bakhahlele ngohlobo lukaThälmann njengoko kwakunyuswa indwe. UErnst Thälmann wayengumKomanisi waseJamani owabulawa ngamaNazi aziiSS ngowe-1944. Emva kwemfazwe yesibini yehlabathi, uThälmann waba liqhawe eMpuma Jamani. Ngenxa yenkolelo yethu esekelwe eBhayibhileni yokuba inkonzo engcwele ifanele inikelwe kuYehova uThixo kuphela, mna nomfazi wam sayalela abantwana bethu ukuba bame ngentlonelo ebudeni beenkonzo ezinjalo baze bangathabathi nxaxheba.

Abantwana besikolo babefundiswa neengoma zobuKomanisi. Mna noMargarete saya esikolweni sabantwana bethu saza sachaza isizathu sokuba babengenakuzivuma ezo ngoma zobupolitika. Noko ke sathi, baya kukuvuyela ukufunda ezinye iingoma. Ngaloo ndlela, beselula, abantwana bethu bafunda ukuma beqinile yaye bahlukile koontanga babo.

Ngasekupheleni kweminyaka yee-1970, intombi yethu enkulu yafuna ukuya kuqeqeshelwa umsebenzi weofisi. Noko ke, mntu ngamnye oqeqeshwayo kwakufuneka aqale afumane uqeqesho lweentsuku ezili-14 olufunyanwa ngabantu abaza kuba semkhosini. Ekubeni isazela sikaRenate sasingamvumeli ukuba athabathe inxaxheba koku, wema ngokuqinileyo yaye ekugqibeleni wakhululwa kwimbopheleleko yokufumana uqeqesho olunjalo.

Ebudeni boqeqesho lwakhe lomsebenzi, uRenate waya kwiklasi awathi kuyo wamenyelwa ukuya kuqeqesho lokudubula. “Renate, nawe uza kuqeqeshelwa ukudubula,” watsho umfundisi-ntsapho. Ukwala kwakhe akuzange kumkhathaze. Wathembisa, “Akuyomfuneko ukuba udubule, unganyamekela izimuncumuncu.”

Ngaloo ngokuhlwa, sakuxubusha oku njengentsapho. Savakalelwa kukuba ubukho bukaRenate kuqeqesho lokudubula kwakuphosakele, nokuba wayengathabathi nxaxheba ngokuthe ngqo. Omelezwe yingxubusho esasinayo nangumthandazo, akazange aziyekele ukuba oyikiswe. Olunjani lona ukhuthazo okwaba lulo kuthi ukubona intombi yethu eselula iyimela ngokuqinileyo imigaqo yobulungisa!

Ukwandisa Umsebenzi Wethu Wokushumayela Esidlangalaleni

Xa ukuchaswa komsebenzi wethu kwathi kwathotha ngasekupheleni kweminyaka yee-1970, kwaqaliswa ukuziswa izixa ezikhulu zeempapasho zethu zamaKristu ezivela eNtshona. Nangona lo yayingumsebenzi oyingozi, abazalwana abanenkalipho bazinikela ekuwenzeni. Sakuxabisa gqitha ukufumana izixa ezingakumbi zoncwadi nemigudu yabo babesenza ukuba sizifumane. Xa intshutshiso yayiqatha ebudeni beminyaka yokuqala yokuvalwa komsebenzi, umsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu wawulucelomngeni. Enyanisweni, ukoyika ukohlwaywa ngabasemagunyeni kwakhokelela ekubeni abanye bawuyeke. Kodwa ekuhambeni kwethuba umsebenzi wethu wokushumayela wanda ngokumangalisayo. Ngeminyaka yee-1960, babengama-25 ekhulwini kuphela abavakalisi boBukumkani ababesiya rhoqo kumsebenzi wendlu ngendlu. Noko ke, ngasekupheleni kweminyaka yee-1980 inani laba nesabelo rhoqo kuloo nkalo yenkonzo lenyuka laya kuma-66 ekhulwini. Ngelo xesha abasemagunyeni babengawuthabatheli ngqalelo kangako umsebenzi wethu wokushumayela esidlangalaleni.

Ngesinye isihlandlo umzalwana endandisebenza naye entsimini weza kunye nentwazana yakhe. Lichukunyiswe bubukho bale ntwazana, inenekazi eselikhulile esathetha nalo lasingenisa ekhayeni lalo. Layixabisa incoko yethu engokweZibhalo laza lavuma ukuba siphinde sibuye. Kamva ndanikela emfazini wam ukuba abuyele, nowathi waqalisa isifundo seBhayibhile nale nkosikazi ngokukhawuleza. Phezu kwako nje ukwaluphala nokukhathazwa kwalo yimpilo, eli nenekazi laba ngudade wethu yaye liyaqhubeka likhuthele enkonzweni kaYehova.

Uhlengahlengiso Njengoko Inkululeko Yayisondela

UYehova wasilungiselela ixesha esasiya kunandipha ngalo inkululeko engakumbi. Ngokomzekelo: Ngokufutshane ngaphambi kokuba umsebenzi wethu ubhangiswe, sacetyiswa ukuba siyiguqule indlela esasibizana ngayo kwiintlanganiso. Kuba sasifuna ukukhuseleka, sasibizana ngamagama kuphela. Abaninzi ababesazana kangangeminyaka babengazazi iifani zamanye amakholwa. Noko ke, ukulungiselela ukwamkela abangakumbi abanomdla kwiintlanganiso zethu, sakhuthazwa ukuba sibizane ngeefani. Kwabanye oku kwabonakala kungabonisi ukuba nolwalamano olusondeleyo, kodwa kwabo balamkelayo icebiso kwaba lula ukuhlengahlengisa xa sathi kamva safumana inkululeko.

Sakhuthazwa nokuba siqalise iintlanganiso zethu ngengoma. Ngale ndlela saqhelana nendlela amanye amabandla kwezinye iindawo awayeqhuba ngayo. Olunye uhlengahlengiso lwenziwa kubungakanani bamaqela ezifundo. Andiswa ngokuthe ngcembe ukusuka kubantu abane kwiminyaka yee-1950 ukusa kwabasibhozo. Kamva andiswa ukusa kwabali-10 yaye ekugqibeleni ukusa kwabali-12. Ukongezelela, kwahlolisiswa iimeko ukuqinisekisa ukuba indawo elidibanela kuyo ibandla ngalinye yayisesazulwini esasinokufikelelwa ngamaNgqina amaninzi.

Maxa wambi sasilubona emva kokuba sele lwenziwe uhlengahlengiso ukuba lelobulumko. Hayi indlela uYehova awazibonakalisa enguBawo onothando nonovelwano ngokufuthi ngayo! Ngokuthe ngcembe, wasinceda ukuba sihambisane nentlangano yakhe yasemhlabeni iphela, yaye saziva ngakumbi nangakumbi siyinxalenye yobuzalwana bazwenibanzi babantu bakhe. Ngokuqinisekileyo, uYehova uThixo wayebakhusele ngokunothando abantu bakhe ukutyhubela loo minyaka imalunga nama-40 umsebenzi wabo owawuvaliwe ngayo eMpuma Jamani. Hayi indlela esichwayite ngayo ngoku kukuba sivunywe ngokusemthethweni!

Namhlanje, kukho amaNgqina kaYehova angama-22 000 okanye ngaphezulu kwindawo eyayisakuba yiMpuma Jamani. Abubungqina bokhokelo lobulumko nenkathalo enothando kaYehova uThixo. Inkxaso yakhe ebudeni beminyaka umsebenzi wethu obuvaliwe ngayo ibonisa ukuba unobuchule bokoyisa nayiphi na imeko. Nokuba sisiphi na isixhobo esenzelwa ukulwa nabantu bakhe, asiyi kuphumelela. UYehova usoloko ebanyamekela kakuhle abo bakholosa ngaye. (Isaya 54:17; Yeremiya 17:7, 8)—Ngokubaliswa nguHorst Schleussner.

[Umfanekiso okwiphepha 31]

UHorst noMargarete Schleussner kwizakhiwo zoMbutho eMpuma Berlin

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share