Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Abantwana Besikolo BaseNigeria Basikelelwa Ngenxa Yokuthembeka
UMPOSTILE uPawulos wabhala oku: “Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke.” (Roma 12:18) Abantwana besikolo bamaNgqina kaYehova eNigeria bayasisebenzisa esi siluleko, kwanaxa betshutshiswa. Ngenxa yoko, uYehova uyabasikelela.
◻ Omnye umfundisi-ntsapho wayewathiy’ egazini amaNgqina kaYehova. Ngenye imini ebudeni bomthandazo wakusasa, wawabizela ngaphambili onke amaNgqina waza wawayalela ukuba acule umhobe wesizwe. Awazange avume, echaza ukuba ayefuna ukuhlonela uThixo ngokupheleleyo. Wandula ke umfundisi-ntsapho wawathabatha onke wawasa phandle waza wawaxelela ukuba achebe ingca. Ngelo xesha, abanye abafundi babeqhubeka nezifundo zabo.
INgqina elikhulileyo lathabatha incwadana enemifanekiso ethi Isikolo NamaNgqina KaYehova laza layinika lo mfundisi-ntsapho, licacisa ukuba ngoondilele kwamaNgqina kaYehova. Noko ke, lo mfundisi-ntsapho akazange avume ukuxoxa ngalo mcimbi okanye ukwamkela le ncwadana inemifanekiso. Enyanisweni, ngoko nangoko wasenza saqatha isohlwayo saba bantwana.
La maNgqina aselula aqhubeka enyamezela esi sohlwayo aza aqhubeka echeba ingca kwanaxa lo mfundisi-ntsapho engekho. Ngenye imini lo mfundisi-ntsapho wazimela waza wawabukela engabonwa njengokuba ayeqhubeka esebenza yaye ecula iingoma zoBukumkani. Wayechukumiseke gqitha kangangokuba wawabuyisela kwigumbi lokufundela, evakalisa ukumangaliswa kwakhe sisimo sawo sengqondo. Waba yintoni umphumo? Ngoku lo mfundisi-ntsapho uqhutyelwa isifundo seBhayibhile ngamaNgqina kaYehova!
Ngokuqinisekileyo aba bantwana besikolo basikelelwa ngenxa yokuthembeka kwabo kuYehova nakwimigaqo yakhe.—IMizekeliso 10:22.
◻ URuth nabahlobo bakhe nabo basikelelwa ngenxa yokuthembeka kwabo kwimfuno kaYehova ‘yokungabi ngowehlabathi.’ (Yohane 17:16) URuth, one-18 leminyaka ubudala, waqalisa ukuba nguvulindlela xa wayene-12 leminyaka ubudala. Yena namanye amaNgqina bafumana inkcaso evela kubafundisi-ntsapho ngenxa yokwala ukucula umhobe wesizwe. Omnye umfundisi-ntsapho wacela ukubonana nabazali bala mantombazana. Emva kokuba becacisile besebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Isikolo, lo mfundisi-ntsapho waneliseka yaye akazange aphinde abakhathaze aba bafundi.
Noko ke, ngenye imini, omnye umfundisi-ntsapho ovela eIndiya wathuka waza wohlwaya enye yala mantombazana phambi kwabanye abantwana kwigumbi lokufundela xa le ntombazana ingazange iwucule umhobe wesizwe. Ngenkalipho le ntombazana yaluthethelela ukholo lwayo waza lo mfundisi-ntsapho wayithabatha ukuze iye kubonana nenqununu yesikolo. Xa bafikayo apho, eli Ngqina liselula lafumanisa ukuba isekela-nqununu nalo lalikwalapho. Okwayimangalisayo kukuba, inqununu nesekela-nqununu boma yintsini. Ithetha nomfundisi-ntsapho, inqununu yathi: “Nkosikazi, musa ukuzikhathaza ngala mantombazana. Nokuba ungawabulala, axolele ukufa kunokuba acengceleze umhobe. Akukeva ngawo?” Yona nesekela layo bandula ke bathetha ngokholo nangenkalipho yamaNgqina kaYehova. Ibhekisa kule ntombazana, inqununu yayixelela ukuba yayilusizi ngokuphoxwa kwale ntombazana. Yaleka umsundulo ngokuthi: “Qhubeka nezenzo zakho zokholo. Ndiyaluhlonela unqulo lwenu nokulumela kwenu ngenkalipho ngaphandle nalapha ngaphakathi esikolweni.” Kamva, loo mfundisi-ntsapho owayechasile wacela uxolo kwelo Ngqina, esithi ngoku uyabuqonda ubundilele obuthatyathwa ngamaNgqina.
Aba bantwana balandela umzekelo wamaHebhere amathathu angazange ayaphule ingqibelelo yawo kuThixo ngokuqubuda kumfanekiso oqingqiweyo, nokaDaniyeli, owala ukuyeka ukuthandaza kuYehova. La madoda asikelelwa nguYehova ngenxa yokuba ayethembekile kwimithetho kaThixo yobulungisa.—Daniyeli, isahluko 3 nese-6.