Imibuzo Evela Kubafundi
AmaNgqina kaYehova akujonga njani ukuthengwa kwempahla ebiweyo?
AmaKristu xa esazi ayakuphepha ukuthenga iimpahla ezibiweyo.
Ngokuqinisekileyo ukuba kuphosakele. UMthetho kaThixo kumaSirayeli wathi ngokungqalileyo: “Uze ungebi.” (Eksodus 20:15; Levitikus 19:11) Ukuba isela lalifunyenwe lisiba kwakufuneka lihlawuliswe ngokuphindwe kabini, ngokuphindwe kane, okanye ngokuphindwe kahlanu, kuxhomekeka kwiimeko.
Ukususela kumaxesha amandulo, amasela ebezama ukudlulisa iimpahla ezibiweyo ukuze afumene inzuzo ngokukhawuleza nokuze kungabikho bungqina bokuba anetyala xa ebanjwa. Ngeso sizathu ngokufuthi aye athengise iimpahla ezibiweyo ngamaxabiso aphantsi ngokokude abathengi bakufumanise kunzima ukwala ukuzithenga. Kumele ukuba kwakubandakanyeke into enjalo koko sikufunda kwiEksodos 22:1: “Xa umntu athe weba inkomo, nokuba yigusha, wayixhela, mhlawumbi wathengisa ngayo: Makadliwe iinkomo zibe ntlanu ngenkomo leyo, izimvu zibe né ngemvu leyo.”
Eqiqa intsingiselo yaloo mithetho, uMfundisi uAbraham Chill ubhala oku: “Akuvumelekanga ukuthenga okanye ukwamkela into ebiweyo, kwanokuba into leyo ayibonakali iyebiweyo. Ngoko ke ubani akamele athenge ibhokhwe kumalusi, kuba mhlawumbi umalusi uyithengisa engamazisanga umqeshi wakhe yaye unenjongo yokuyigcina loo mali.”—The Mitzvot—The Commandments and Their Rationale.
Enyanisweni, umthetho kaThixo awukwaleli ‘ukuthenga ibhokhwe kumalusi’ ngenxa yokurhanela ukuba usenokungamniki umqeshi wakhe imali, okuthetha ukuthi uthengisa ibhokhwe ebiweyo. Kodwa kwelinye icala, abakhonzi bakaYehova abafanele babandakanyeke ngabom ekuthengisweni (kwebhokhwe okanye nantoni na) xa kubonakala ngokucacileyo ukuba umthengisi asiyoyakhe okanye kusenokuba ibiwe. Umthetho kaThixo ubonisa ukuba uyayixabisa into yomnye umntu, kodwa isela liyamohlutha umntu into eyeyakhe. Umntu othenga into eyaziwayo ukuba ibiwe usenokungabi losela ngokuthe ngqo, kodwa ukuyithenga kwakhe kuphelisa ithemba lokuba umnini wayo uya kuze ayifumane kwakhona.—IMizekeliso 16:19; thelekisa eyoku-1 kwabaseTesalonika 4:6.
Sonke siyaqonda ukuba abathengi bafuna ukuthenga iimpahla ngamaxabiso aphantsi. Ehlabathini jikelele abafazi bakhangela amaxabiso athotyiweyo, bazama ukungathengi kude kufike ixesha laxa amaxabiso ethotyiwe, okanye bathenge kwiindawo ekuthengiswa ngezixa ezikhulu kuzo okanye iivenkile ezikwiindawo ezingacacanga yaye ngaloo ndlela ezinamaxabiso aphantsi. (IMizekeliso 31:14) Sekunjalo, loo mnqweno wokufumana izinto ngamaxabiso aphantsi ufanele ulawulwe. Ngemihla kaNehemiya abantu abanyanisekileyo babengafuni ukuthenga ngeSabatha, nokuba babenokufumana izinto ngamaxabiso ancumisayo ngaloo mihla. (Nehemiya 10:31; thelekisa uAmosi 8:4-6.) Kuyafana nakumaKristu. Ukungafuni kwawo ukuba kuyawanceda azeyise kwizilingo zokuthenga iimpahla ezinamaxabiso athotyiweyo ekucacileyo ukuba zibiwe.
Kusenokuba yinto eyaziwayo ukuba abathengisi abathile bathengisa iimpahla ezibiweyo. Okanye ixabiso elixelelwa umntu bucala lisenokubonakala liphantsi ngendlela engaqhelekanga kangangokuba nawuphi na umntu onengqondo ebenokugqiba kwelokuba kusenokwenzeka ukuba loo mpahla ibifumaneke ngokungekho mthethweni. Kwanomthetho welizwe usenokuyigqala imfuneko yokujonga izinto ngolo hlobo. Umqulu wenzululwazi ngemithetho uyagqabaza:
“Akuyomfuneko ukuba ummangalelwa azi ukuba into leyo ibiwe kubani okanye ibiwe ngubani, okanye ibiwe nini kwaye phi, okanye ibiwe phantsi kwaziphi iimeko, ukuze azi ukuba unetyala kodwa kwanele ukwazi ukuba ibiwe. . . . Ezinye iinkundla zinemvo yokuba ukuba ummangalelwa wayifumana impahla phantsi kweemeko ebezinokwanelisa nawuphi na umntu oqiqayo nolumkileyo ukuba ibiwe ngoko unetyala.”
Oku kongeza isizathu esivakalayo sokuba umKristu azinxweme ekuthengeni iimpahla ezibiweyo. Ukuthenga kwakhe iimpahla ezinjalo kusenokumenza isaphuli-mthetho. Enyanisweni, kumazwe athile umntu othenga izinto ezibiweyo ngaphantsi kwazo naziphi na iimeko ugqalwa njengonetyala lokwaphula umthetho. Abantu abaninzi abaphozisi maseko ekwaphuleni umthetho ukuba bacinga ukuba banokuphumelela. Oko akuyonyaniso ngamaKristu, afuna ‘ukuwalulamela amagunya awongamileyo.’ Ukuthobela kwawo umthetho kuyawakhusela ekubekweni ityala lokuba zizaphuli-mthetho, yaye kuwanceda abe nesazela esilungileyo phambi koYehova.—Roma 13:1, 4, 5.
Umhlobo kaThixo uAbraham wamisela umzekelo kumbandela omhle wesazela. Ngomhla wakhe, ookumkani basentshona abane boyisa ookumkani bendawo awayehlala kuyo uLote, baza bemka nezinto ezixabisekileyo ezininzi njengezibiwe ngumkhosi. UAbraham, wasukela, wazoyisa iintshaba, waza wabuya nayo loo mpahla ibiweyo. UKumkani waseSodom wathi kuAbraham: ‘Yithabathe impahla njengembuyekezo.’ Kunoko, uAbraham wayibuyisela impahla kumniniyo, esithi: “Andiyi kuthabatha kuko konke okwakho; ukuze ungatsho ukuthi, Mna ndimtyebisile uAbram.”—Genesis 14:1-24.
AmaKristu awanamdla nakweyiphi na ingenelo engokwemali enokufumaneka ngempahla ebiweyo. UYeremiya wabhala oku: “Njengesikhwatsha esifukamela amaqanda esingawazalanga, unjalo ozuza ubutyebi ngokungesesikweni.” (Yeremiya 17:11) Ngoko, ngaphezu kokubonisa ubulumko ngokungaphuli imithetho kaKesare ngezinto ezibiweyo, amaKristu anqwenela ukuphakamisa ukuba sesikweni kukaThixo ngokwala ukubandakanyeka nangaluphi na uhlobo nokungabikho sesikweni kokuba. UDavide ngokufanelekileyo wabhala oku: “Ilungile intwana elinayo ilungisa, kunentabalala abanayo abangendawo abaninzi.”—INdumiso 37:16.