Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Ukususa Ugculelo Kwigama LikaThixo
ILIZWI likaThixo, iBhayibhile, lithi: “Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga, ukuze, nokuba zithetha kakubi ngani njengabenzi-bubi, zithi ngokubona imisebenzi yenu emihle, zimzukise uThixo ngemini yokuvelela kwakhe.” (1 Petros 2:12) Ngoko ke, amaKristu okwenyaniso, enza umgudu wokuhlala enehambo entle ukuze akuphephe ukuzisa ugculelo kwigama likaYehova.
Kwindawo esemaphandleni eZambia ebizwa ngokuba yiSenanga, umfundisi-ntsapho othile wabelwa unomathotholo endlwini yakhe. Ekubeni amaNgqina kaYehova ayeshumayela kuloo ngingqi yakhe, le ndoda yawatyhola ngobusela. Yawudlulisela emapoliseni lo mba, isithi amaNgqina abe unomathotholo wakhe. Ukuze inikele ubungqina bokuba ngenene amaNgqina ebekho endlwini yayo, yakhupha iphecana eyalifumana phantsi. Noko ke, amapolisa akazange ayikholelwe. Ayicebisa ukuba ihambe iyokuphanda ngokucokisekileyo.
AmaNgqina awayesebenza kuloo ngingqi yalo mfundisi-ntsapho acetyiswa liqumrhu labadala ukuba aye kulo mfundisi-ntsapho athethe naye ngalo mbandela. Abanye abazalwana baya kuye baza bathetha naye, bemcacisela ukuba bafuna ukususa ugculelo kwigama likaYehova. Xa babexubusha naye, bamxelela ukuba badibana nomfana othile kuloo ndlu yakhe baza bamnika iphecana. Njengoko babemchaza, umfundisi-ntsapho wamazi loo mfana. Enyanisweni, babekhonza ecaweni enye. Umfundisi-ntsapho wathetha naloo mfana, kodwa wakhanyela. Umfundisi-ntsapho wathetha nabazali balo mfana ngalo mbandela waza wagoduka. Kwisithuba nje seyure, unina walo mfana wawubuyisa unomathotholo obiweyo.
Edanile, umfundisi-ntsapho waya kwiqumrhu labadala waza wacela uxolo ngezityholo zobuxoki azenzileyo. Abadala balwamkela uxolo lwakhe kodwa bafuna ukuba le nto yaziswe esidlangalaleni ukuze wonk’ ubani azi ukuba amaNgqina ebengenatyala. Kwenziwa isaziso esikolweni, ngaloo ndlela kwasuswa ugculelo kwigama likaYehova. AmaNgqina kaYehova anokuqhubeka eshumayela ngokukhululekileyo kuloo ngingqi.
[Iimaphu/Umfanekiso okwiphepha 19]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
AFRICA
Zambia
[Inkcazelo]
Mountain High Maps® Copyright © 1997 Digital Wisdom, Inc.