IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 2/15 iphe. 30
  • Benza Ukhanyiselo Lwabo Lukhanye EIndiya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Benza Ukhanyiselo Lwabo Lukhanye EIndiya
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Malukhanye Ukhanyiselo Lwenu’ Ukuze Nizukise UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • ‘Malukhanye Ukhanyiselo Lwenu’
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • “Malukhanye Ngokunjalo Ukhanyiselo Lwenu”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Ukukhanya Kwethu Makuhlale Kukhanya
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 2/15 iphe. 30

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

Benza Ukhanyiselo Lwabo Lukhanye EIndiya

IINDABA ezilungileyo zoBukumkani zishunyayelwa ngamaNgqina avuyayo ali-11 524 eIndiya. (Mateyu 24:14) Abali-1 066 ababhaptizwe ebudeni bonyaka wenkonzo we-1991 bangabavakalisi boBukumkani, abenza ukhanyiselo lwabo lukhanye kwabanye. Hayi indlela bonke ababevuye ngayo kukubona abantu abangama-28 866 bezile eSikhumbuzweni sokufa kukaKristu!

◻ Abaninzi bafunde okokuqala ngethemba loBukumkani ngokunikelwa kobungqina obungacwangciswanga. Ngokomzekelo, iNgqina elithile lathetha ngoBukumkani kubantu elisebenza nabo, abakwangabachweli. Omnye umntu elisebenza naye wasabela waza waqalisa ukwenza ukhanyiselo lwakhe lwakhanya kwintsapho yakhe nakubahlobo bakhe. Aba bakuvuyela ukudlulisela esi sigidimi simangalisayo soBukumkani kwabanye. Ngokutsho kweengxelo, kwiminyaka nje embalwa, ‘abantu abangaphezu kwama-30 babeyamkele inyaniso.’ UYehova walisikelela lona kunye nabazalwana balo abatsha bokomoya ngokwenza ukhanyiselo lwabo lukhanye.

◻ Kwelinye ibandla umzalwana oselula wenza ukhanyiselo lwakhe lwakhanya ngokunikela ubungqina obungacwangciswanga kwabo afunda nabo esikolweni. Bambi kubo babenomdla kwithemba loBukumkani, yaye ngokufuthi wayebacacisela iBhayibhile de kube sezinzulwini zobusuku. Omnye, owayengumKatolika, wayimela ngokuqinileyo inyaniso phezu kwako nje ukutyityimbiselwa umnwe ngumfundisi ngemiphumo ekrakra aya kuba nayo ukuba uqhubeka enxulumana namaNgqina. Noko ke, lo mfundi wayeyisekile kukuba amaNgqina ayemfundisa inyaniso eseBhayibhileni, yaye waqhubeka engenisa ulwazi. Kungekudala wabhaptizwa yaye ngoku ukhonza njengesicaka solungiselelo ebandleni. Uyavuyiswa lithemba elibangelwa kukukhanya okungummangaliso kwenyaniso!—Roma 12:12.

◻ Omnye owaliphulaphulayo eli Ngqina liselula ngumfundi owaziwayo, owayengakholelwa kubukho bukaThixo, owayedla ngokubagculela abo babezibabaza bekholelwa kuThixo, kodwa ngenye imini wathelela kwingxubusho waza wabuza imibuzo emininzi. Wabamb’ ongezantsi xa wafumana iimpendulo ezinengqiqo kuyo yonke imibuzo yakhe waza wafikelela kwisigqibo sokuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo. Wenza inkqubela ngolwazi lweBhayibhile waza ekugqibeleni wabhaptizwa. Uyise ongumHindu wamchasa ukusa kwinqanaba lokuba amgxothe emzini wakhe. Noko ke, ukuyimela kwalo mfana ngokuqinileyo inyaniso kwavuzwa xa ababini kubantakwabo bokwenyama nababini kubahlobo bakhe bamkela inyaniso baza babhaptizwa. Omnye wabantakwabo ngoku ukhonza kwiofisi yesebe eIndiya.

◻ Kwakhona umququzeleli wabafundi wathelela kwiingxubusho kunye neli Ngqina liselula. Wayetshaya umdiza omnye emva komnye yaye eyindlamanzi. Ngaxa lithile, wayefune ukubetha abafundi ababini afunda nabo ababefumene inyaniso kweli Ngqina. Ngenxa yokuba babeyamkele inyaniso, bala ukuthelela kwimvukelo yasekholejini yaye kwakhona babengenakunikela ngegazi ebudeni bephulo lokuqokelelwa kwegazi elalikhokelwa ngulo mququzeleli wabafundi. Ngoku lo mfana uyakuvuyela ukuba liNgqina likaYehova elithwala ukukhanya.

◻ Lilonke, umfundi owathi okokuqala wenza ukhanyiselo lwakhe lwakhanya uye waba sisixhobo sokunceda oontanga bakhe abali-15 ukuba bazahlulele baze babhaptizwe ngokunikela kubo ubungqina ngokungacwangciswanga.

Kuyavuyisa ukubona abaninzi kweli lizwekazi besamkela ithemba leBhayibhile elingehlabathi elitsha likaThixo baze bathelele ubuzalwana bazwenibanzi obo uYehova uThixo abuhlanganisela ukuphila ngonaphakade phantsi koBukumkani bakhe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share