IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w92 8/1 iphe. 26-27
  • Ndazithoba Ndaza Ndafumana Ulonwabo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndazithoba Ndaza Ndafumana Ulonwabo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuqalisa Kwenguqulelo
  • Ubulungiseleli Bexesha Elizeleyo
  • Ukusondela KuThixo Kwandinceda Ndaphumelela
    Vukani!—1993
  • Ukukhulisa Abantwana Abasibhozo Ngeendlela ZikaYehova Kwakunzima Kodwa Kubangela Uvuyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Intsapho Yethu Imanyene Ekugqibeleni!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
w92 8/1 iphe. 26-27

Ndazithoba Ndaza Ndafumana Ulonwabo

NGOWE-1970, ndandineminyaka engama-23 ubudala yaye ndinamabhongo gqitha. Kwindawo endandiqeshwe kuyo kumbutho weenqwelo-mafutha eIvrea, eItali, ndenziwa umabhalana oyintloko. Ndandizimisele ukuba nguthile obalulekileyo. Sekunjalo ndandidandatheke yaye ndikhathazeke gqitha. Sasiyintoni isizathu soku?

Umyeni wam wayechithela ixesha lakhe elininzi ezinkanti edlala amakhasi nabahlobo bakhe, endiyeka ndithwale inkoliso yeembopheleleko zentsapho. Ulwalamano lwethu lwaqalisa ukuphazamiseka. Sasixabana ngezinto ezincinane gqitha. Ngenxa yoko, ingqondo yam yazaliswa ziingcinga ezingakhiyo. 

Ndandidla ngokuthi, ‘Akukho mntu unomdla ngokwenene kuwe. Bafuna nje ukukuxhaphaza.’ Ndandidla ngokuzixelela oku: ‘UThixo akanakuba ukho kuba ukuba ebekho, ebengayi kuvumela ukubandezeleka nobungendawo obungaka. Ubomi buyindlela esingise ekufeni.’ Ndandingasiqondi isizathu sokuba oku kube njalo.

Ukuqalisa Kwenguqulelo

Ngenye imini ngowe-1977, amaNgqina kaYehova amabini ankqonkqoza kumnyango wethu. Umyeni wam, uGiancarlo, wawavumela ukuba angene ngaphakathi, baza bahamba baya kuhlala kwigumbi lokuphumla ukuze bancokole. Injongo yakhe yayikukuwafumana ukuze nawo akholelwe kwindaleko njengaye, kodwa yaba ngawo awaguqula ukucinga kwakhe!

Kungekudala noGiancarlo waqalisa ukwenza iinguqulelo ebomini bakhe. Wasuka waba nomonde ongakumbi, enikela ixesha nengqalelo engakumbi kum nakwintombi yethu. Wazama ukuthetha nam ngezinto awayezifunda, kodwa ndandidla ngokumval’ umlomo ngamazwi akrwada.

Kwathi ke ngenye imini xa amaNgqina afikayo, ndahlala phantsi ndaza ndaphulaphula ngenyameko ngokwenene. Athetha ngesiphelo sale nkqubo yezinto nangoBukumkani bukaThixo, ngomhlaba oyiParadisi nangovuko lwabafileyo. Ndandimangalisiwe! Abuzange buhle ubuthongo kwiintsuku ezintathu ezalandelayo! Ndandifuna ukwazi okungakumbi, kodwa ikratshi landithintela ukuba ndibuze umyeni wam imibuzo. Wandula ngenye imini ngokungqongqo wandixelela oku: “Namhlanje uza kundiphulaphula. Ndiza kuyiphendula yonke imibuzo yakho.” Wandula ke wandithululela iinyaniso zeBhayibhile.

UGiancarlo wandixelela ukuba igama loMdali nguYehova, nokuba uphawu Lwakhe oluyintloko luthando, nokuba wathumela uNyana Wakhe njengentlawulelo ukuze sikwazi ukufumana ubomi obungunaphakade, nokuba emva kokutshatyalaliswa kwabangendawo eArmagedon, uYesu Kristu uya kuvusa abafileyo ebudeni boLawulo lwakhe Lweminyaka Eliwaka. Wathi abavusiweyo baya kuguqukela kwimfezeko yasengqondweni nakweyomzimba nokuba babeya kuba nethuba lokuphila ngonaphakade emhlabeni kwiParadisi.

Ngosuku olulandelayo, ndapheleka umyeni wam ukuya kwiHolo YoBukumkani okwesihlandlo sokuqala. Emva koko ndathi kuye: “Aba bantu bayathandana. Ndifuna ukuqhubeka ndisiza apha kuba bonwabe ngenene.” Ndaqalisa ukuya rhoqo kwiintlanganiso, yaye ndaqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Ndacingisisa kakhulu ngoko ndandikufunda ndaza kwakamsinya ndeyiseka kukuba ndandibafumene abantu bokwenyaniso bakaThixo. Ngowe-1979 mna nomyeni wam sabonakalisa uzahlulelo lwethu kuYehova ngokubhaptizwa.

Ubulungiseleli Bexesha Elizeleyo

Kamva ngaloo nyaka kwindibano yesiphaluka, kwanikelwa intetho eyayikhuthaza umsebenzi wokushumayela wexesha elizeleyo. Ndaziva ndishukunyiselwe ukuba ndingenele loo nkonzo, ndaza ndaya kuYehova ngomthandazo ngalo mcimbi. Kodwa ngoko ndakhulelwa, yaye izinto endandizicebile zaphazamiseka. Ngaphezu kweminyaka emine eyalandelayo, saba nabantwana abathathu. Ababini kubo, ngezihlandlo ezahlukeneyo, baba neziphene zomzimba ezazisongela ubomi. Ngethamsanqa, kwimeko nganye, baphila ngokupheleleyo.

Ngoku ndavakalelwa kukuba ndandingenakuzibekela ecaleni izinto endandizicebile kwakhona zobulungiseleli bexesha elizeleyo. Ndawushiya umsebenzi wam wempangelo ukuze ndizikise ingqondo ngakumbi kwiimbopheleleko zam njengomfazi nanjengomama. Mna nomyeni wam saceba ukuphila ngomvuzo ovela calanye, okwakuthetha ukuncama zonke izinto ezazingeyomfuneko. Sekunjalo, uYehova wasisikelela ngokutyebileyo, engazange asishiye sikubuhlwempu okanye sikwintswelo ethile.

Ngowe-1984 intombi yam, eyayineminyaka eli-15 ngoko neyayisandula ukubhaptizwa, yaqalisa ubulungiseleli bexesha elizeleyo njengovulindlela. Kwangaxeshanye, umyeni wam wamiselwa njengomdala. Kuthekani ngam? Ndiziva ndingekakulungeli ukuba nguvulindlela, ndazibekela usukelo lweeyure ezingama-30 ngenyanga kumsebenzi wokushumayela. Ndalufikelela ndaza ndazixelela oku: ‘Wenze kakuhle gqitha! Wenza okuninzi.’

Noko ke, kwakhona ikratshi laba yingxaki yam. (IMizekeliso 16:18) Ndaqhubeka ndicinga ngendlela endandiqhuba kakuhle ngayo nokuba kwakungeyomfuneko ngam ukuba ndenze inkqubela ebhekele phaya yokomoya. Ubumoya bam baba buthathaka, yaye ndaqalisa ukuphulukana neempawu ezintle endandisele ndinazo. Ngoko ndafumana loo ngqeqesho ndandiyifuna.

Ngowe-1985 abaveleli abahamba-hambayo ababini nabafazi babo babeziindwendwe ekhayeni lethu njengokuba babetyelela ngokwamaxesha athile ebandleni lethu. Ukubona la maKristu athobekileyo nazincamileyo ngokwenene kwandibangela ukuba ndicamngce ngezinto ezithile. Ndenza uphando kumbandela wokuthobeka, ndisebenzisa iimpapasho zeWatch Tower Society. Ndacinga ngokuthobeka okukhulu uYehova aye wakubonakalisa kwiinkqubano zakhe nathi bantu banesono. (INdumiso 18:35) Ndandisazi ukuba kwakufuneka ndiguqule indlela endandicinga ngayo.

Ndambongoza uYehova ukuba andincede ndihlakulele ukuthobeka ukuze ndimkhonze ngendlela afuna ngayo nokuze andikhokele ekusebenziseni izipho endinazo kuzuko lwakhe. Ndazalisa isicelo senkonzo yobuvulindlela, ndaza ndaqalisa ukumkhonza kubulungiseleli bexesha elizeleyo ngoMatshi 1989.

Ngoku ndisenokuthi ndonwabe ngokwenene yaye ukuzithoba kwam koko kuye kwafak’ isandla kulonwabo lwam. Ndiye ndasifumana isizathu sokwenene sokuphila—eso sokunceda abo basweleyo ukuze bazi ukuba uYehova, uThixo oyinyaniso, ukufutshane nabo bamfunayo.—Ngokubaliswa nguVera Brandolini.

[Picture of Vera Brandolini on page 26]

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share