Ngaba Uzibalile Iindleko?
“INTONI! Ngaba wala inyhweba engaka?” Umphathi wayengakukholelwa oko wayesandul’ ukukuva. Umsébenzi ophantsi kwakhe, ibhinqa elalihlonelwa ngobugcisa nehambo yalo entle, belisandul’ ukwala inyhweba yokuya kufunda kwelinye ilizwe kangangeminyaka emibini ngeendleko zenkampani. Kutheni lenjenjalo nje?
Eli bhinqa lacacisa ukuba ukwamkela loo nyhweba, kwakuya kuthetha ukwahlukaniswa kwalo nomyeni nabantwana balo ababini kangangeminyaka emibini. Laliya kubakhumbula gqitha. Okubaluleke ngakumbi kukuba laliya kuba lityeshela imisebenzi yalo eliyinikwe nguThixo njengomfazi nomama. Iindleko ezingokweemvakalelo nezokomoya zaziya kuxhoma gqitha ngexabiso ukuba zingahlawulwa. Ngaloo ndlela, emva kokubala iindleko, lagqiba kwelokuba lingayamkeli loo nyhweba.
Ngewawenze ntoni ukuba wawukwimeko efana neyalo? Ngokucacileyo, ayinguye wonk’ ubani owayeya kuvumelana nesigqibo esenziwa leli bhinqa lingumKristu. Bambi, njengabantu elalisebenza nabo, basenokuvakalelwa kukuba liziphosanise nenqatha sele lisemlonyeni lokuhambisela phambili umsebenzi walo. Abanye basenokude balityhole ngokungalicingeli ikamva lentsapho yalo, kuba, ngapha koko, iminyaka emibini ibiza kudlula ngokukhawuleza. Kodwa, isigqibo salo sasingenziwanga ngokungxama okanye sasingaqhutywa ziimvakalelo. Sasisekelwe kwingqiqo ephilileyo nakwimigaqo ejoliswe kwikamva. Iyintoni le migaqo?
Okungaphaya Kwengqondo Yokwemvelo
Eyona ndoda ilumkileyo yakha yakho apha emhlabeni, uYesu Kristu, yanikela isikhokelo komnye wemizekeliso yayo. UYesu wabuza oku, “Nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angakhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? Hleze, akubon’ ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonelayo baqale ukuhlekisa ngaye, besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba.”—Luka 14:28-30.
Wonk’ ubani uya kuvuma ukuba kusengqiqweni ukubal’ iindleko ngaphambi kokwenza isigqibo sokwenza nantoni na ebalulekileyo. Ngokomzekelo, ukuba umntu ebefuna ukuthenga indlu, ngaba ebeya kungxamela ukutyobela isivumelwano engakhange afumanise iindleko zayo nokuqinisekisa ukuba unemali eyaneleyo na yokugqiba ityala lakhe? Eneneni ebeya kugqalwa njengesityhakala sesidenge ukuba ngokwenene ebenokwenza into enjalo. Ewe, kuyingqondo yokwemvelo ukubal’ iindleko ngaphambi kokuba ubani aqalise ukwenza okuthile.
Noko ke, ngokwenene yayiyintoni ingongoma kaYesu ekwenzeni loo mzekeliso? Nje ngaphambi kokuba enze lo mzekeliso, wathi: “Nosukuba engawuthwali [umthi wakhe wentuthumbo, NW] andilandele, akanakuba ngumfundi wam.” (Luka 14:27) Ngaloo ndlela, umongo ubonisa ukuba uYesu wayenganikeli icebiso nje lokusebenzisa ingqondo yokwemvelo kwimisebenzi yethu ethile eqhelekileyo neyemihla ngemihla. Kunoko, wayethetha ngokubala iindleko mayela nokuba ngumfundi wakhe.
Ngomzekeliso wakhe, uYesu wabonisa ukuba ukuba ngumfundi wakhe kubandakanya iinguqulelo nokuzincama. Kutheni kunjalo nje? Kuba le nkqubo ikhoyo yezinto ityekele ekuthandeni izinto eziphathekayo yaye iphenjelelwe kukuzicingela komntu siqu. Inkoliso yabantu ngokuyintloko ixhalabele ukwanelisa iminqweno yayo yokwenyama, inikela ingqalelo encinane okanye ingayinikeli kwaphela kwiintswelo zayo zokomoya okanye kulwalamano lwayo noThixo. (2 Timoti 3:1-4) Noko ke, esi simo sengqondo, okanye lo moya wahluke ngokupheleleyo koko kwaboniswa nguYesu Kristu. Wathi: “Kwanjengokuba uNyana womntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.” Wayexabisa izinto zokomoya ngakumbi gqitha kunezinto eziphathekayo xa wathi: “Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho.”—Mateyu 20:28; Yohane 6:63.
Ngalo mzekeliso wakhe uYesu wayecebisa ukuba abo babefuna ukuba ngabafundi bakhe babale iindleko, ngokuyintloko wayethetha, kungekhona ngamaxabiso ezinto eziphathekayo, kodwa wayethetha ngawokomoya. Yintoni ebaluleke ngakumbi kubo, ngaba ziingenelo zokuphathekayo ezinikelwa lihlabathi okanye ziingenelo ezifumaneka ngokuba ngumfundi? Kungenxa yoku le nto emva kokuba ethethe lo mzekeliso nomnye ohlobene nalo, waqukumbela ngelithi: “Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam.” (Luka 14:33) Ngaba lowo ebeya kuba ngumlandeli ukulungele yaye uzimisele ukuzincama ngolo hlobo, okanye ngaba oko kulixabiso elixhome gqitha ukuba lingahlawuleka?
Imbono Elungeleleneyo
Nangona izinto eziphathekayo zisenokuzisa iingenelo ezicacileyo neziphawuleka ngakumbi yaye ezifumaneka ngokukhawuleza, iingenelo zokusukela izinto zokomoya zihlala ithuba elide ngakumbi yaye zizisa ulwaneliseko. UYesu waqiqa ngale ndlela: “Ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela agqobhozayo ebe; ziqwebeleni ke ubutyebi emazulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angagqobhoziyo ebe.” (Mateyu 6:19, 20) Kwixesha lethu, ukunyuka kwamaxabiso ezinto, ukuwohloka kwamashishini ezinto ezithengwa zize zithengiswe, ukutshona kweebhanki ngokwemali, njalo njalo, kuye kwabangela umonakalo kwabaninzi abaye bathembela ngokupheleleyo kubutyebi bezinto eziphathekayo. Sekunjalo umpostile uPawulos wasibongoza ukuba ‘singaxuneli ezintweni ezibonwayo, sixunele nakwezingabonwayo. Kuba ezibonwayo zezomzuzwana, ke zona ezingabonwayo zezanaphakade.’ (2 Korinte 4:18) Noko ke, sinokusihlakulela njani isimo sengqondo esinjalo?
Sinokukwenza oko ngokuthi sixelise uMzekelo wethu uYesu Kristu. Xa wayesemhlabeni, nangayiphi na indlela wayengengomntu ungazinandiphiyo izinto ezonwabisayo ebomini, njengokuba oko kungqinwa sisibakala sokuba maxa wambi wayesiba nesabelo emitshatweni nasezidlweni ezikhulu. Noko ke, ngokucacileyo wazibeka kwindawo yokuqala ebomini bakhe izinto zokomoya. Ukuze afeze ukuthanda kukaYise, wayekulungele ukuncama nezinto ezigqalwa njengeziyimfuneko. Wakha wavakalisa oku: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; ke yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko yakhe.” (Luka 9:58) Wakugqala ukwenza ukuthanda kukaYise njengokubaluleke nanjengokuyolisa gqitha kangangokuba ngokusuka entliziyweni wathi: “Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe.”—Yohane 4:34.
UYesu wabonakalisa imilinganiselo yakhe yokuziphatha ngendlela awazala ngayo izilingo zikaSathana. UMtyholi wazama ukwenza uYesu ukuba asebenzise amandla Awayewanikwe nguThixo ukuze kungenelwe Yena, ukuze anelise iintswelo Zakhe zokwenyama nokuze afumane udumo nokuthandwa lihlabathi. UYesu wayesazi kakuhle ukuba iingenelo ezinjalo ezithandabuzisayo zazisenokuba nexabiso elixhome gqitha—ukuphulukana nenkoliseko kaThixo—ixabiso elixhome kakhulu kunoko wayekulungele ukukuhlawula, kuba wayeluxabisa ulwalamano oluhle noYise ngaphezu kwayo nayiphi na into. Yiyo loo nto wazala ngokuphandle nangokungathandabuzekiyo izilingo zikaSathana.—Mateyu 4:1-10.
Njengabalandeli bakaKristu, ngokuqinisekileyo sifuna ukuba nemvakalelo yokuphila ngemilinganiselo yokuziphatha efana naleyo yeNkosi yethu. Kule nkqubo ikhoyo yezinto elawulwa nguSathana, zininzi izinto ezisenokubonakala zithembisa iingenelo ezintle kodwa ezinokuthi ngokwenene zonakalise ulwalamano lwethu noThixo. Izinto ezinjalo njengokufuna isikhundla esiphakamileyo kumsebenzi wengqesho, ukufuna ukongezelela imfundo ukuze ubani anyuselwe emsebenzini, ukuthandana nabangakholwayo, okanye ukubandakanyeka kwimicimbi ethandabuzekayo ngokulula kusenokukhokelela ekuphulukaneni nokholo yaye ekugqibeleni nenkoliseko kaYehova. Ngenyameko simele sibale iindleko xa sijamelene nezilingo ezinjalo.
Ubulumko Bokwenyaniso Buyakhusela
Kwiminyaka embalwa edluleyo, ityendyana lomfana ongumKristu kwisixeko esikhulu esikwiMpuma Ekude laba nethuba lokuya kumazwe asemzini ukuze liye kuqhubela phambili izifundo zalo. Nangona lalinemfundo yehlabathi ephakamileyo nomsebenzi ohlawula kakuhle, laba noluvo lokuba oku kwakunganele; lalifuna ukuphucula imeko yalo ebomini. AmaKristu akhonza nalo azama ukuqiqa nalo ngezi ngongoma zingokweZibhalo sisandul’ ukuziqwalasela, kodwa laba lukhuni laza laqhubela phambili ngezinto elalizicebile. Nangona lazama ukubambelela elukholweni lwalo ekuqaleni, ngokuthe ngcembe laphelelwa luxabiso ngenyaniso yeBhayibhile, laza laqala ukuthandabuza. Kwisithuba esingangonyaka, laphulukana nokholo lwalo ngokupheleleyo laza layeka ukukholelwa kubukho bukaThixo. Kuyavunywa ukuba ukufumana kwalo isidanga esiphakamileyo ngenxa yemfundo yehlabathi ebhekele phaya kwalizisela umlinganiselo othile wolwaneliseko. Kodwa ukuze lifumane uzuko lokwexeshana, elingakanani lona ukuba likhulu ixabiso ekwafuneka lilihlawulile—ukwaphukelwa ngumkhombe wokholo lwalo nengozi yokuphulukana nobomi obungunaphakade!—1 Timoti 1:19.
Kwelinye icala, abo bangavumiyo ukuvumela nantoni na ukuba yonakalise ulwalamano lwabo noThixo baye bavuna iintsikelelo ezinkulu ezivela kuYehova.
Umzekelo woku ngulowo womnye umfana owayeneshishini lokuhombisa izakhiwo ngaphakathi kwisixeko esikwasinye nesi kubhekiselwe kuso ngasentla. Kwiinyanga nje ezimbalwa emva kokuba eqalise ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, wajamelana nesithembiso esilingayo—ukwenza umsebenzi owawuxabisa ama-R82 000 wokulungisa isakhiwo. Noko ke, wawuza kuquka ukwaphulwa komthetho omiselwe sisixeko eso wokulawula ukwakhiwa kwezakhiwo nemigaqo yokuba kwakhiwe izinto ezingavunyelwanga ngumthetho. Ekubeni wayefunde ukuba amaKristu amele athobele umthetho, waqonda ukuba ukwamkela loo msebenzi kwakunokuthetha ukuphulukana nenkoliseko kaThixo. (Roma 13:1, 2) Emva kokuba ewuhlolisise ngenyameko lo mbandela, wala ukuwenza loo msebenzi. Waba yintoni umphumo? Esi senzo sokholo sangqineka siyinguqulelo enkulu kwinkqubela yakhe yokomoya. Kuloo nyaka, waqhubeka phambili ukusa kwinqanaba lokuzahlulela aze abhaptizwe. Walithengisa ishishini lakhe waza wafumana omnye umsebenzi owamnika ithuba elingakumbi lokusukela izinto zokomoya. Ngoku ukhonza uYehova ngovuyo nangenzondelelo.
Bobabini aba bafana babala iindleko. Yintoni eyenza umahluko kukhetho lwabo? Bubulumko bukaThixo! Njani njalo? Ubulumko bungamandla okusebenzisa ulwazi ngendlela ethi ngokuqhelekileyo izise iingenelo ezihlala ithuba elide yaye ubulumko bukaThixo buthetha ukusebenzisa ulwazi ngokuvisisana nenjongo kaThixo ngathi. Ngoxa bobabini aba bafana babenolwazi oluthile lweBhayibhile, ukulusebenzisa kwabo kwakhokelela kwimiphumo eyahlukahlukeneyo. Incwadi yeMizekeliso ithi: “Ubulumko buya kungena entliziyweni yakho, ukwazi kwenze mnandi umphefumlo wakho. Ukunkqangiyela [“amandla okucinga,” NW] kokugcina, ukuqonda kokulondoloza; ukuba kukuhlangule endleleni embi, kubantu abathetha impenduka.”—IMizekeliso 2:10-12.
ILizwi likaThixo, iBhayibhile, lingumthombo wobulumko onokuya kuwo ngamaxesha onke ukuze ufumane ukhokelo xa kufuneka wenze izigqibo ezibalulekileyo. Kunokuba sisilumko kwawakho amehlo, thobela eli cebiso: “Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, ungayami okwakho ukuqonda. Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; wowulungelelanisa umendo wakho.” (IMizekeliso 3:5, 6) Simele sithobeke size sikulungele ukufundiswa, siphephe ukwenza ukuthanda kwethu nokuba nomoya wokuzimela geqe weli hlabathi oxhaphake gqitha namhlanje.
Ewe, asinakukuphepha ukuvuna oko sikuhlwayelayo, yaye asikokudlelw’ indlala ukuthwala imiphumo yezigqibo neyokhetho esilwenzayo. (Galati 6:7, 8) Ngoko bala iindleko ngaphambi kokuba wenze nayiphi na into. Musa ukuvumela nayiphi na into ebonakala iyingenelo ukuba ikuhluthe ubumoya bakho okanye ulwalamano lwakho noYehova uThixo. Thandazela ubulumko nogwebo olulungileyo ukuze wenze izigqibo ezilungileyo, kuba izigqibo ozenzayo ngoku zisenokuthetha umahluko phakathi kobomi nokufa—ngonaphakade!—Thelekisa iDuteronomi 30:19, 20.
[Imifanekiso ekwiphepha 28]
Ngaba ebeya kubeka imisebenzi yokomoya kuqala ebomini okanye umsebenzi wehlabathi?