Asingabo Abalingxengelelayo ILizwi LikaThixo
“SASITHENGISA ubulungiseleli bethu ukuze sifumane imali.” Lawo ngamazwi alowo wayesakuba “ngumfundisi wemithandazo eyenziwa ngemfono-mfono” owayekudliwano-ndlebe kwingxelo engophando lwabashumayeli ababonakala kumabonwakude eMerika ngasekupheleni kowe-1991.
Le nkqubo yayijoliswe kubefundisi abathathu abashumayela kumabonwakude eUnited States. Yatyhila ukuba abantu bakhuthuzwa ukuba bakhuphe amashumi ezigidi zeerandi nyaka ngamnye nje ngaba bathathu. Enye “inkonzo” yayichazwa ngokuba “ngumzi-mveliso onomlinganiselo wenkqubela ukuze kufumaneke iminikelo.” Konke oku kwakuquka ukuqhatha okuninzi. Ngaba oku kuyakothusa?
Ukuhlolisiswa Konqulo
Asiyonkqubo yokushumayela kumabonwakude kuphela ejongwe ngeliso elibukhali ngoorhulumente, yimibutho yabecuphi nangabantu ngokubanzi kodwa kwanamaothodoki neenkonzo eziqhelekileyo zibekwe esweni. Kwezinye iimeko iicawa zinezabelo kumashishini, zisebenzisa unqulo ukuxhasa ngemali izilangazelelo zezopolitiko, yaye ubomi obutofotofo babefundisi abahlawulwa imali eninzi buye baphakamisa imibuzo yokuba kufanelekile na oko.
Ezinye iinkokeli zonqulo ziyifikelela njani inkcazelo ephakamileyo yobulungiseleli bamaKristu eyanikelwa ngumpostile uPawulos phantse kwiminyaka engama-2,000 eyadlulayo? Wabhala oku: “Asithi, njengabaninzi abo, silingxengelele ilizwi likaThixo; sisuka ngokwabokungcwengeka, sisuka ngokwabakaThixo, sithethe phambi kwamehlo kaThixo, sikuKristu.” (2 Korinte 2:17) Ngoobani abanokuchazwa ngaloo ndlela namhlanje?
Ukukunceda ukuba uhlolisise imibandela, makhe siqwalasele ngokusondeleyo indlela obabuxhaswa ngayo ngemali ubulungiseleli bobuKristu bukaPawulos nezinxulumani zakhe. Babahluke ngayiphi indlela kobunye bemihla yakhe?
Abashumayeli Abahambahambayo Benkulungwane Yokuqala
Njengomshumayeli ohambahambayo, uPawulos wayengeyedwa. Ngezoo mini abaninzi babehambahamba ukuze babhengeze iimbono zabo ngonqulo nangentanda-bulumko. Umbhali weBhayibhile uLuka uthetha ‘ngabathile bakumaYuda abhadulayo, angabafungisi.’ (IZenzo 19:13) Xa uYesu Kristu wagweba abaFarisi, wongezelela oku: “Nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze nokuba mnye ongena ebuYudeni.” (Mateyu 23:15) NoYesu wayengumlungiseleli ohambahambayo. Waqeqesha abapostile bakhe nabafundi bakhe ukuba bamxelise ngokushumayela kungekuphela kwelakwaYuda nelaseSamariya kodwa “kude kuse nasekupheleni komhlaba.”—IZenzo 1:8.
Ebudeni bokuhambahamba kwabo, abalandeli bakaYesu badibana nabashumayeli ababengengomaYuda. EseAtene, uPawulos akazange avisisane nezithandi zobulumko zamaEpikure nezamaStoyike. (IZenzo 17:18) Kubo bonke uBukhosi baseRoma, aBagxeki (Cynics) babesitsho ngemityangambo yeentetho ukuzama ukweyisela abantu. Abo babezinikele kuIsis nakuSerapis babesasaza impembelelo yabo kumabhinqa nakumakhoboka ngezithembiso zonqulo nokulingana ngokwasentlalweni namadoda angengomakhoboka. Amasiko aseMpuma angokuchuma abangela ukuba kuqaliswe iinkonzo ezininzi zehlabathi ezingaziwayo zamaGrike nezamaRoma. Idinga lokuhlawulelwa kwisono nomnqweno wokwazi iimfihlelo zikaThixo latsalela abathile ukuba balandele oothixo bobuxoki uDemeter, uDionysus noCybele.
Zazihlawulwa Njani Iindleko?
Noko ke, ukuhambahamba kwakubiza imali eninzi. Ngaphandle kwemithwalo, irhafu, neendleko zokuhamba ngolwandle, abashumayeli abahambahambayo kwakufuneka betyile befumene indawo yokuhlala, kwakufuneka iinkuni zokubasa, iimpahla baze banyanyekelwe nangokwasempilweni. Abashumayeli, abefundisi, izithandi zobulumko nabantu abakholelwa kumlingo babezanelisa ezi mfuno ngeendlela ezintlanu ezizintloko. (1) Babefundisa ukuze bafumane umvuzo; (2) bebeqeshwa baze benze nemisebenzi yezandla ejongelwa phantsi; (3) bekwamkela ukubukwa kweendwendwe neminikelo yokuzithandela; (4) babezinxulumanisa nabantu abafumileyo, ngokuqhelekileyo njengamakhoboka okugcina abantwana; yaye (5) bengqiba. Ukuze akulungele ukungamkelwa kwesicelo sakhe, uDiogenes uMgxeki odumileyo ongumngqibi wayede acele amalizo kwimifanekiso eqingqiweyo engaphiliyo.
UPawulos wayebazi abashumayeli abathile ababezibanga bengabalungiseleli abangamaKristu kodwa, njengezinye izithandi zobulumko zamaGrike, zakha ubuhlobo nabazizityebi zaza zaba izinto zabangamahlwempu. Waluleka ibandla laseKorinte, esithi: “Niyanyamezela . . . ukuba umntu uyanidla, ukuba umntu uyanibambisa [wahlutha oko ninako, NW].” (2 Korinte 11:20) UYesu Kristu akazange ahluthe nanye into, noPawulos nabo wayesebenza nabo abazange benjenjalo. Kodwa abashumayeli baseKorinte ababebawa ‘babengabapostile ababuxoki, bengabasebenzi abakhohlisayo,’ yaye babengabalungiseleli bakaSathana.—2 Korinte 11:13-15.
Imiyalelo kaYesu kubafundi bakhe yakwalela ukufundisa ukuze kufunyanwe umvuzo. Wabanika esi siluleko, “Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.” (Mateyu 10:8) Nangona ukungqiba kwakuyinto eqhelekileyo, kwakujongelwa phantsi ngaloo mihla. Kweminye yemizekeliso yakhe, uYesu wachaza igosa elithile njengelithi, ‘Ndineentloni zokungqiba’ (Luka 16:3) Ngenxa yoko, akukho ndawo kwibali leBhayibhile apho sifumana abalandeli bakaYesu abathembekileyo bengqiba ukuze bafumane imali okanye ezinye izinto. Babephila ngalo mgaqo: “Ukuba umntu akathandi kusebenza, makangadli nokudla.”—2 Tesalonika 3:10.
UYesu wakhuthaza abafundi bakhe ukuba banyamekele iintswelo zabo ngeendlela ezimbini. Okokuqala, njengokuba uPawulos eyibeka, ‘babenokuphila ngeendaba ezilungileyo.’ Njani? Ngokwamkela ububele obubonakaliswa kubo ngentumekelelo. (1 Korinte 9:14; Luka 10:7) Okwesibini, babenokuzilugiselela ngokwezinto eziphathekayo.—Luka 22:36.
Imigaqo Eyasetyenziswa NguPawulos
UPawulos wayisebenzisa njani le migaqo ikhankanywe ngasentla? Ewe, ngokuphathelele ukhenketho lwesibini lokushumayela lwalo mpostile, uLuka wabhala oku: “Sindulukile ngoko ngomkhombe eTrowa, sathi ngqo ukuya eSamotraki, sathi ngengomso seza eNeyapoli; ukusuka apho, seza eFilipi, owona mzi wokuqala wecala elo lilelaseMakedoni, uyikoloni. Salibala ke kuloo mzi imihla ethile.” Kulo lonke olo hambo, ukutya, nendawo yokuhlala eyayibandakanyekile yayinyanyekelwa ngabo ngokobuqu.—IZenzo 16:11, 12.
Ekugqibeleni, ibhinqa eligama linguLidiya lazamkela ‘lazinyamekela izinto ezazithethwa nguPawulos. Ke kaloku, lakuba libhaptiziwe nendlu yalo, lasibongoza lisithi, Ukuba nithi ndikholiwe eNkosini, ngenani endlwini yam, nihlale. Lasizama.’ (IZenzo 16:13-15) Mhlawumbi ubuncinane ngokuyinxenye ngenxa yokubuka iindwendwe kukaLidiya, uPawulos wakwazi ukubhalela amakholwa anjengaye aseFilipi oku: “Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ekunikhumbuleni kwam konke (ekukhungeni kwam konke ndikhunga ngenxa yenu nonke, ndivuyile), ngenxa yobudlelane benu obubhekisele kuzo iindaba ezilungileyo, kususela kwimini yokuqala kude kube ngoku.”—Filipi 1:3-5.
ULuka ucaphula imizekelo emininzi yabantu abamkela aba basebenzi bahambahambayo bangamaKristu. (IZenzo 16:33, 34; 17:7; 21:7, 8, 16; 28:2, 7, 10, 14) Kwincwadi yakhe ephefumlelweyo, uPawulos wabubona waza wabubulela ububele nezipho awazifumanayo. (Roma 16:23; 2 Korinte 11:9; Galati 4:13, 14; Filipi 4:15-18) Sekunjalo, yena okanye izinxulumani zakhe abazange bayikhankanye into yokuba kwakufuneka baphiwe izipho okanye baxhaswe ngemali. AmaNgqina kaYehova anokutsho athi esi simo sengqondo sihle sisekho kubaveleli bawo abahambahambayo.
Wayengaxhomekekanga Kububele
UPawulos wayengaxhomekekanga kububele. Wayefunde umsebenzi wezandla owawufuna ukuba azibhokoxe yaye asebenze ixesha elide kodwa owawumfumanisa umvuzo ophantsi. Xa loo mpostile wafika eKorinte njengomvangeli wasemazweni, “wafumana umYuda othile . . . ogama linguAkwila . . . noPrisila umkakhe. . . . weza kubo. . . ngenxa yokuba belilinye ishishini labo, waselehlala nabo esebenza; kuba babengabenzi beentente.”—IZenzo 18:1-3.
Kamva, e-Efese, uPawulos wayesasebenza ngokuzibhokoxa. (Thelekisa IZenzo 20:34; 1 Korinte 4:11, 12.) Kusenokuba wabalasela ekusebenzeni ngecilicium, isikhumba sebhokhwe esiqinileyo sokwenza iintente esasifumaneka kummandla wedolophu yakowabo. Sinokuba nomfanekiso ngqondweni kaPawulos ehleli esihlalweni, egobe kwitafile yakhe yokusebenzela, esika yaye ethunga kude kube sezinzulwini zobusuku. Ekubeni indawo awayesebenzela kuyo ngokunokwenzeka yayingenangxolo ingako, nto leyo eyayinokwenza kube lula ukuthetha ngoxa ebila esoma, kumele ukuba uPawulos wayenethuba lokunikela ubungqina kumnini waloo ndawo, abaqeshwa bakhe, amakhoboka, abathengi nabahlobo bakhe.—Thelekisa eyoku-1 yabaseTesalonika 2:9.
UPawulos owayengumvangeli wasemazweni akazange athengise ngobulungiseleli bakhe okanye nangayiphi na indlela anikele ingcamango yokuba wayesebenzisa iLizwi likaThixo ukuze afumane inzuzo engokwemali. Waxelela abaseTesalonika oku: “Niyazi ngokwenu, ukuba nimelwe kukuthini na ukusilinganisa; ngokuba asinxaxhanga phakathi kwenu. Asidlanga sonka samntu ngesisa; sidle ngokubulaleka nangemigu, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi bunzima nakubani kuni; kungengakuba sasingenagunya; senzela ukuze sizinikele sibe ngumfuziselo kuni, nize nina nixelise thina.”—2 Tesalonika 3:7-9.
Abamxelisayo Kwinkulungwane Yamashumi Amabini
Ukuza kuthi ga namhlanje amaNgqina kaYehova alandela umzekelo omhle kaPawulos. Abadala nezicaka zolungiselelo abafumani mvuzo okanye malana ithile kumabandla abakhonza kuwo. Kunoko iintsapho zabo bazilungiselela njengaye wonke umntu, inkoliso yabo oko ikwenza ngokuphangela. Abalungiseleli abangoovulindlela bexesha elizeleyo nabo bayazilungiselela, abaninzi bayasebenza ukuze nje banelise iintswelo zabo ezisisiseko. Nyaka ngamnye wambi amaNgqina ahamba ngeendleko zawo ukuze aye kushumayela kwimimandla ekude engafane ifikelelwe ngeendaba ezilungileyo. Ukuba iintsapho zasekuhlaleni ziyabamema ukuze bafumane isidlo kunye nabo okanye bahlale nabo, bayakuxabisa oku kodwa abafuni ukubaxhaphaza kuba bebonakalisa ububele.
Wonke umsebenzi wkushumayela nowokufundisa owenziwa ngamaNgqina kaYehova wenziwa ngokuzithandela, yaye awaze abize imali ngobulungiseleli bawo. Noko ke, iminikelo emincinane eya kumsebenzi wokushumayela wazwenibanzi iyamkelwa ize idluliselwe kwiWatch Tower Society ukwenzela loo njongo. (Mateyu 24:14) Ngayo nayiphi na indlela ubulungiseleli bamaNgqina abulo rhwebo. NjengoPawulos ngamnye wawo ngokunyanisekileyo unokuthi: “Ndanishumayeza ngesisa iindaba ezilungileyo zikaThixo.” (2 Korinte 11:7) AmaNgqina kaYehova ‘awalingxengeleli ilizwi likaThixo.’
[Ibhokisi ekwiphepha 27]
INDLELA ABANYE ABANIKELA NGAYO KUMSEBENZI WOKUSHUMAYELA UBUKUMKANI
◻ IZIPHO: Iminikelo yokuzithandela yemali isenokunikelwa ngokuthe ngqo kwiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, 25 Columbia Heights, Brooklyn, New York 11201, okanye kwiofisi yesebe loMbutho yasekuhlaleni. Kusenokunikelwa nangamatye anqabileyo okanye izinto ezixabisekileyo. Le minikelo ifanele iphelekwe yileta emfutshane echaza ukuba ezi zizipho.
◻ ILUNGISELELO LOMNIKELO WOXHOMEKEKO: Imali isenokunikelwa kwiWatch Tower Society ibe selugcinweni lwayo de afe lowo unikeleyo, ilungiselelo ibe lelokuba xa kuvela ingxaki yobuqu, iya kubuyiselwa kulowo ebenikele ngayo.
◻ I-INSHORENSI: IWatch Tower Society isenokubhaliswa njengaleyo eya kufumana imali kwi-Inshorensi yobomi okanye kwilungiselelo lemali yomhlala-phantsi. UMbutho umele waziswe ngawo nawaphi na amalungiselelo anjalo.
◻ IMALI ESELUGCINWENI NEEBONDS: Imali eselugcinweni neebonds zinokunikelwa kwiWatch Tower Society njengezipho okanye ngaphantsi kwelungiselelo lokuba ingeniso iqhubeke ihlawulwa kulowo wenze umnikelo.
◻ ISIZA NEZINDLU EZIKUSO: Isiza esinokuthengiswa sinokunikelwa kwiWatch Tower Society mhlawumbi njengesipho okanye ngokusigcina elungelweni lalowo unikele ngaso, aqhubeke ehlala kuso ebudeni bokuphila kwakhe. Ubani ufanele aqhagamshelane noMbutho ngaphambi kokwenza isivumelwano sokunikela ngomhlaba kuMbutho.
◻ IMINQOPHISO YAMAFA: Imihlaba okanye imali isenokushiyelwa iWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania ngokwenziwa komnqophiso welifa ongokwasemthethweni. Umbhalo waloo myolelo ufanele uthunyelwe kuMbutho. (Emzantsi Afrika iminqophiso yamafa ifanele ibhaliswe ngeJehovah’s Witnesses of South Africa.)
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi namacebiso ngokubhekisele kwimibandela elolo hlobo, bhalela kwiTreasurer’s Office, Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740, okanye kwiofisi yesebe yoMbutho ekufutshane.
[Ibhokisi ekwiphepha 29]
WAYEFUNA UKUNCEDA
UTIFFANY oneminyaka elishumi elinanye ubudala ungumfundi oyintombazana eBaton Rouge, eLouisiana, eUnited States. Kutshanje, eli Ngqina likaYehova liselula liye lalungiselela isincoko esinomxholo othi “Imfundo eMerika.” Ngenxa yoko, abazali bakhe abangamaNgqina bafumana le leta ivela kwinqununu yesikolo afunda kuso:
“Ebudeni beveki ekuthiwa yiveki yeMfundo eMerika, kufundwa esona sincoko sibalaseleyo sebanga ngalinye kusetyenziswa inkqubo yothungelwano lokuthetha (intercom). Ndikuvuyele ukusebenzisa isincoko sikaTiffany ngale ntsasa. Ngenene ulinenekazi eliselula elibalaseleyo. Ulungelelene, uzithembile, unesiphiwo yaye unobubele. Kunqabile ukuba ndibone umfundi okwibanga lesithandathu onezi mpawu zininzi kangaka. UTiffany uluncedo esikolweni sethu.”
UTiffany waphuma phambili kukhuphiswano lwesincoko. Emva koko wabhalela iWatch Tower Society waza wathi: “Mhlawumbi ndiphumelele kolu khuphiswano ngenxa yempapasho ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo. . . . Ndasebenzisa izahluko ezithetha ngemfundo. . . . Ndinombulelo ongazenzisiyo ngokupapasha kwenu le ncwadi iluncedo nechukumisayo. Ngenxa yesincoko sam esiphume phambili, ndifumene imali eziidola ezisixhenxe. Ndinikela ngale mali iziidola ezisixhenxe nezingakumbi ezili-13, ezenza isimbuku seedola ezingama-20 kumsebenzi wokushumayela owenziwayo zwenibanzi. . . . Ndakuba ndikhulile, kwakhona ndinethemba lokuba ndiya kuzenza ndifumanekele inkonzo yaseBheteli.”
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Maxa wambi, uPawulos wayeziphilisa ngokwenza iintente