IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 2/15 iphe. 17-22
  • Hlakulelani Ubuntu Obutsha Emtshatweni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Hlakulelani Ubuntu Obutsha Emtshatweni
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukujamelana Neengcinezelo Zomtshato
  • Womeleze Lo Moya
  • Imizekelo Yehambo Engafaniyo
  • Lomeleze Iqhina Lomtshato
  • Umtshato Usenokuphumelela Kwihlabathi Lanamhlanje
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Londolozani “Intambo Entlu-ntathu” Emtshatweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Yenza Umtshato Wakho Ube Lumanyano Olungapheliyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Umtshato—Isipho Esivela KuThixo Onothando
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 2/15 iphe. 17-22

Hlakulelani Ubuntu Obutsha Emtshatweni

“Nifanele nihlaziywe kuwo umoya olawula ingqondo yenu, nize nambathe ubuntu obutsha.”—EFESE 4:23, 24, NW.

1. Kutheni umtshato ungafanele uthatyathwe lula?

UMTSHATO lelinye lamanyathelo anzulu ubani awathabathayo ebomini, ngoko awufanele uze uthatyathwe lula. Kutheni kunjalo? Kuba uthetha ukuzibophelela komnye umntu ubomi bukabani bonke. Kuthetha ukwabelana ngobomi bukabani naloo mntu. Kufuneka ukwenza izigqibo ezibonisa ukukhula ukuba oko kuzibophelela kuza kuba kokomeleleyo. Kwakhona kufuneka impembelelo entle ‘elawula ingqondo ize ngaloo ndlela ibumbe ubuntu obutsha.’—Efese 4:23, 24, NW; thelekisa iGenesis 24:10-58; Mateyu 19:5, 6.

2, 3. (a) Yintoni efunekayo ukuze kukhethwe iqabane lomtshato ngobulumko? (b) Yintoni ebandakanyekileyo emtshatweni?

2 Kukho isizathu esihle sokungakungxameli ukutshata, uqhutywa yinkanuko yenyama enamandla. Kufuneka ixesha ukuze ubani avelise iimpawu zobuntu obukhulu. Kwakhona ngokuhamba kwexesha ubani ufumana amava nolwazi olunokusebenza njengesiseko sokwenza izigqibo eziphilileyo. Ngoko, unokuphumelela ngakumbi ekukhetheni iqabane elikufaneleyo lobomi bakho bonke. Iqhalo leSpanish likwenza kucace oku ngokuthi: “Kulunge ngakumbi ukuhamba wedwa kunokutshata kakubi.”—IMizekeliso 21:9; INtshumayeli 5:2.

3 Ngokucacileyo ukukhetha iqabane elifanelekileyo kuyinto ebalulekileyo kumtshato ophumelelayo. Ukuze akwenze oko umKristu ufanele asebenzise aze alandele imigaqo ekhokelayo yeBhayibhile, angakhokelwa nje ngumtsalane womzimba neengcinezelo ezingafanelekanga zeemvakalelo nezothando. Umtshato awukokudityaniswa kwabantu ababini kuphela. Kukudityaniswa kobuntu babantu ababini, iimvelaphi zentsapho neemfundo ezingafaniyo, mhlawumbi iindlela zokuphila neelwimi ezimbini. Ngokuqinisekileyo ukumanyaniswa kwabantu ababini emtshatweni kufuna ukuba kusetyenziswe kakuhle ulwimi; ngamandla entetho, siyachitha okanye siyakha. Kwakhona kuko konke oku, sibona ubulumko besiluleko sikaPawulos ‘sokutshata kuphela eNkosini,’ oko kukuthi, umntu okholwa naye.—1 Korinte 7:39; Genesis 24:1-4; IMizekeliso 12:18; 16:24.

Ukujamelana Neengcinezelo Zomtshato

4. Kutheni maxa wambi kusibakho ukungavisisani nokuxinezeleka emtshatweni?

4 Kwanaxa kwandlalwe isiseko esihle, aya kubakho amaxesha okungavisisani, engcinezelo nokuxinezeleka. Ezi zizinto eziqhelekileyo kuye nawuphi na umntu, enoba utshatile okanye akatshatanga. Iingxaki zezoqoqosho nezempilo zinokubangela ingcinezelo kulo naluphi na ulwalamano. Ukuguquguquka kweemvakalelo kunokukhokelela ekungqubaneni kweempawu zobuntu nakweyona mitshato iphumelelayo. Enye inkalo kukuba akukho mntu onokululawula ngokupheleleyo ulwimi lwakhe, njengoko uYakobi watshoyo: “Siyakhubeka kaninzi sonke. Ukuba umntu akakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, enako ukuwubamba ngomkhala nawo umzimba uphela. . . . Ulwimi, lulilungu elincinanana nje, luyagwagwisa kakhulu. Yabona ke, umlilo omncinane utshisa ihlathi elikhulu.”—Yakobi 3:2, 5.

5, 6. (a) Yintoni efunekayo xa kuvela ukungaqondani? (b) Liliphi inyathelo ekusenokufuneka lithatyathwe ukuze kuvalwe umsantsa ovulekileyo?

5 Xa kuvela iingcinezelo emtshatweni, sinokuyilawula njani imeko? Sinokukuthintela njani ukungaqondani ukuba kudale ingxabano ize ingxabano iphelise ulwalamano? Kulapha ke umoya olawula ingqondo osebenza khona. Lo moya ushukumisayo usenokufaneleka okanye ungafaneleki, usenokwakha uze utyekele kwicala lokomoya okanye usenokuchitha, ulawulwe lutyekelo lwenyama. Ukuba uyakha, umntu lowo uya kusebenzela ukuwuvala umsantsa ovulekileyo, ukuze agcine umtshato wakhe usekhondweni elifanelekileyo. Iimpikiswano nokungavumelani akufanele kuwuphelise umtshato. Umoya usenokudamba kuze kuphindwe kuhlonelanwe yaye kuqondanwe ngokusebenzisa isiluleko seBhayibhile.—Roma 14:19, Efese 4:23, 26, 27.

6 Phantsi kwezi meko amazwi kaPawulos afaneleke gqitha: “Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye [uYehova, NW] wanixolelayo, yenjani njalo nani. Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo.”—Kolose 3:12-14.

7. Yiyiphi ingxaki abanye abasenokuba nayo emtshatweni wabo?

7 Kulula ukusifunda eso sibhalo, kodwa phantsi kwengcinezelo yobomi banamhlanje, akusoloko kulula ngolo hlobo ukusisebenzisa. Isenokuba yintoni ingxaki esisiseko? Maxa wambi, engaqondanga, umKristu usenokuphila ngemilinganiselo emibini eyahlukeneyo. KwiHolo yoBukumkani, uphakathi kwabazalwana, yaye wenza ngobubele nangolwazelelelo. Usenokwandula ke, xa esekhaya, kubomi bemihla ngemihla basekhaya, atyekele ekululibaleni ulwalamano lwakhe lokomoya. Apho kukho kuphela indoda nomfazi, “yona” “naye.” Yaye phantsi kwengcinezelo yona (okanye yena) isenokuthetha izinto ezingezozabubele engenakuze izithethe eHolweni yoBukumkani. Kwenzeke ntoni? UbuKristu buye banyamalala okwethutyana. Umkhonzi kaThixo uye walibala ukuba yona (okanye yena) isengumzalwana (okanye udade) ongumKristu nasekhaya. Umoya olawula ingqondo uye wangongafanelekanga kunokuba ube ngofanelekileyo.—Yakobi 1:22-25.

8. Unokuba yintoni umphumo xa umoya olawula ingqondo yethu ungongafanelekanga?

8 Uba yintoni umphumo? Umyeni usenokuyeka ‘ukuhlala nomkakhe ngokokwazi, embeka njengesona sitya siethe-ethe, esingumfazi.’ Umfazi usenokuyeka ukuyihlonela indoda yakhe; awulahle “umoya onobulali, ozolileyo.” Umoya olawula ingqondo yakhe usenokuba utyekele enyameni kunasemoyeni. Kuye kwangenelela “ingqiqo yenyama.” Ngoko, yintoni enokwenziwa ukugcina loo moya ushukumisayo ungowokomoya yaye ungofanelekileyo? Sifanele sibomeleze ubumoya bethu.—1 Petros 3:1-4, 7; Kolose 2:18.

Womeleze Lo Moya

9. Luluphi ukhetho esifanele silwenze kubomi bethu bemihla ngemihla?

9 Umoya oshukumisayo ulutyekelo lwengqondo olusebenzayo xa kufuneka senze izigqibo nokhetho. Ubomi bunothotho lwezinto ekunokukhethwa kuzo—ukulunga okanye ububi, ukuzingca nokungazingci, ukuziphatha okuhle nokuziphatha okubi. Yintoni enokusinceda ukuba senze izigqibo ezifanelekileyo? Ngumoya olawula ingqondo ukuba usekelwe ekwenzeni ukuthanda kukaYehova. Umdumisi wathandaza wathi: “Ndiyalele, Yehova, indlela yemimiselo yakho, ndiyibambe kuphele.”—INdumiso 119:33; Hezekile 18:31; Roma 12:2.

10. Sinokuwomeleza njani ngendlela efanelekileyo umoya olawula ingqondo?

10 Ulwalamano olomeleleyo noYehova luya kusinceda ukuba simkholise size sikuphephe okubi, kuquka ukunganyaniseki emtshatweni. AmaSirayeli akhuthazwa ukuba ‘enze okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wawo.’ Kodwa kwakhona uThixo wawaluleka: “Bathandi bakaYehova, kuthiyeni okubi.” Ngenxa yomthetho wesixhenxe weMithetho Elishumi othi: “Uze ungakrexezi,” amaSirayeli ayefanele akuthiye ukukrexeza. Loo mthetho wawubonisa imbono kaThixo engqongqo ngokuthembeka emtshatweni.—Duteronomi 12:28; INdumiso 97:10; Eksodus 20:14; Levitikus 20:10.

11. Sinokuwomeleza njani ngokungakumbi umoya olawula ingqondo yethu?

11 Singawomeleza njani ngokungakumbi umoya olawula ingqondo yethu? Ngokuxabisa imisebenzi nemilinganiselo yokomoya. Oko kuthetha ukuba sifanele siyanelise imfuneko yokufundisisa rhoqo iLizwi likaThixo size sifunde ukukunandipha ukuxubusha kunye iimfundiso nesiluleko sikaYehova. Uluvo lwethu olusuka entliziyweni lufanele lufane nolomdumisi owathi: “Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho. Ndiyibeke intetho yakho entliziyweni yam, ukuze ndingoni kuwe. Ndiyalele, Yehova, indlela yemimiselo yakho, ndiyibambe kuphele. Ndiqondise, ndibambe umyalelo wakho, ndiwugcine ngentliziyo yonke.”—INdumiso 119:10, 11, 33, 34.

12. Ziziphi izinto ezinokusimanyanisa ekubonakaliseni ingqondo kaKristu?

12 Olu hlobo loxabiso ngemigaqo kaYehova yobulungisa alulondolozwa kuphela ngokufundisisa iBhayibhile kodwa kwakhona nangokuba nesabelo rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu nokuba nesabelo kunye kubulungiseleli bamaKristu. Ezi zinto zimbini eziyimpembelelo enamandla zinokuqhubeka ziwomeleza umoya olawula iingqondo zethu ukuze indlela yokungazingci esiphila ngayo isoloko ibonakalisa ingqondo kaKristu.—Roma 15:5; 1 Korinte 2:16.

13. (a) Kutheni umthandazo uyinkalo ebalulekileyo ekomelezeni umoya olawula ingqondo? (b) Nguwuphi umzekelo uYesu awawubekayo kule nkalo?

13 Enye inkalo koko uPawulos akubalaselisayo kwincwadi yakhe eya kwabase-Efese: “Ngako konke ukuthandaza nokukhunga, [qhubekani, NW] nithandaza amaxesha onke nikuye umoya.” (Efese 6:18) Amadoda nabafazi bafanele bathandaze kunye. Ngokufuthi loo mithandazo ivula intliziyo ize ikhokelele kwiincoko ezikhululekileyo ezilungisa nakuphi na ukungavisisani. Ngamaxesha ovavanyo nezilingo, sifanele siphethukele kuThixo ngomthandazo, simcela ukuba asincede, sicela amandla okomoya okwenza ngokuvumelana nengqondo kaKristu. KwanoYesu ofezekileyo izihlandlo ezininzi wayephethukela kuYise ngomthandazo, ecela amandla. Imithandazo yakhe yayisuka entliziyweni yaye yayinyanisekile. Ngokufanayo namhlanje, xa silingwa, sinokufumana amandla okwenza isigqibo esifanelekileyo ngokuphethukela kuYehova ukuze asincede sixhathise umnqweno wokunikezela kwinyama size singcatshe isibhambathiso somtshato.—INdumiso 119:101, 102.

Imizekelo Yehambo Engafaniyo

14, 15. (a) UYosefu wasabela njani kwisilingo? (b) Yintoni eyanceda uYosefu ukuba asixhathise isilingo?

14 Sinokujamelana njani nesilingo? Ngokuphathelele oku sinomahluko ocacileyo phakathi kwekhondo elathatyathwa nguYosefu nanguDavide. Xa umkaPotifare ngokuzingisileyo wazama ukuhenda uYosefu owayeyinzwana, ekubonakala ukuba wayengatshatanga ngelo xesha, ekugqibeleni uYosefu wamphendula ngokuthi: “Akukho bani mkhulu kum kule ndlu; ayinqabisekanga nento le kum, nguwe wedwa, ngokokuba ungumkayo; ndingathini na ke ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo?”—Genesis 39:6-9.

15 Yintoni eyanceda uYosefu ukuba athabathe ikhondo elifanelekileyo xa kwakusenokuba lula ukunikezela? Wayenomoya onamandla owawulawula ingqondo yakhe. Wayeluxhalabele gqitha ulwalamano lwakhe noYehova. Wayesazi ukuba ukuhenyuza kwakhe nalo mfazi wayethe phithi luthando kwakuya kuba sisono ingekuphela nje nxamnye nomyeni wakhe kodwa, okubaluleke ngakumbi, ngokunxamnye noThixo.—Genesis 39:12.

16. UDavide wasabela njani kwisilingo?

16 Ngokuchasene noko, kwenzeka ntoni kuDavide? Wayeyindoda etshatileyo, neyayinabafazi abaliqela njengoko kwakuvunyelwa nguMthetho. Ngenye ingokuhlwa ehleli kwibhothwe lakhe wondela ibhinqa lizihlamba. YayinguBhatshebha omanz’ andonga, umfazi kaUriya. Ngokuqinisekileyo uDavide wayefanele akhethe into amakayenze—ukuqhubeka ajonge ngoxa inkanuko yayikhula entliziyweni yakhe okanye aguquke aze asichase isilingo. Yintoni awakhetha ukuyenza? Wambizela kwibhothwe lakhe, waza wakrexeza kunye naye. Okubi nangakumbi, wabangela ukuba umyeni wakhe abulawe.—2 Samuweli 11:2-4, 12-27.

17. Yintoni esinokugqiba kuyo ngobumoya bukaDavide?

17 Yayiyintoni ingxaki kaDavide? Izibakala sinokuzifumana kwindlela elusizi azityand’ igila ngayo kamva kwiNdumiso 51. Wathi: “Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo, uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam.” Kucace mhlophe ukuba ngexesha lokulingwa kwakhe, wayengenawo umoya ohlambulukileyo noqinisekileyo. Mhlawumbi wayekutyeshele ukufunda kwakhe uMthetho kaYehova, yaye ngenxa yoko, ubumoya bakhe behla. Okanye kusenokuba wavumela isikhundla negunya lakhe njengokumkani lakonakalisa ukucinga kwakhe ngokokude njengexhoba awele kumnqweno wokuziphath’ okubi. Ngokuqinisekileyo, umoya owawulawula ingqondo yakhe ngelo xesha wawungowokuzingca nowesono. Ngaloo ndlela, wakwazi ukuqonda imfuneko yokuba ‘nomoya omtsha, oqinisekileyo.’—INdumiso 51:10; Duteronomi 17:18-20.

18. Sisiphi isiluleko uYesu awasinikelayo ngokukrexeza?

18 Eminye imitshato yamaKristu iye yonakaliswa kuba elinye okanye omabini amaqabane aye azivumela ukuba awele kwimeko yokuba buthathaka ngokomoya efanayo nekaKumkani uDavide. Umzekelo wakhe ufanele usilumkise ukuba singaqhubeki sisondela elinye ibhinqa, okanye indoda, ngenkanuko, kuba kusenokulandela ukukrexeza ekugqibeleni. UYesu wabonisa ukuba wayeziqonda iimvakalelo zabantu ngokuphathalele oku, kuba wathi: “Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi. Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe.” Kwimeko enjalo, umoya olawula ingqondo ngowokuzingca nowokwenyama, asingowokomoya. Ngoko, yintoni amaKristu anokuyenza ukuze aphephe ukukrexeza aze alondoloze imitshato yawo yonwabile yaye isanelisa?—Mateyu 5:27, 28.

Lomeleze Iqhina Lomtshato

19. Umtshato unokomelezwa njani?

19 UKumkani uSolomon wabhala: “Ukuba umntu uthe wamgagamela oyedwa, bona ababini baya kumisa phambi kwakhe; umsonto ontlu-ntathu awuhle uqhawulwe.” Ngokuqinisekileyo, ababini kumtshato wemvisiswano banokubambisana kunye ebunzimeni ngokulunge ngakumbi kunomntu omnye. Kodwa ukuba iqhina labo linjengomsonto ontlu-ntathu ngokuba noThixo kuwo, umtshato uya komelela. Yaye uThixo unokungena njani emtshatweni? Ngokuthi isibini esitshatileyo eso sisebenzise imigaqo nesiluleko sakhe emtshatweni.—INtshumayeli 4:12.

20. Sisiphi isiluleko seBhayibhile esinokunceda indoda?

20 Ngokuqinisekileyo, ukuba umyeni usebenzisa isiluleko sezibhalo ezilandelayo, umtshato wakhe uya kuba nesiseko esilunge ngakumbi sokuphumelela:

“Nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa, kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.”—1 Petros 3:7.

“Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo. Ngoko amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo. Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda.”—Efese 5:25, 28.

“Iyasuka indoda yakhe imdumise; ithi, Zininzi iintombi ezenza ngokunesidima; ke wena uzidlule zonke ziphela.”—IMizekeliso 31:28, 29.

“Unokuhamba na umntu phezu kwamalahle avuthayo, zingatyabuki na iinyawo zakhe? Unjalo ongena emfazini wommelwane wakhe; akukho namnye umchukumisayo, oya kuba msulwa. [Nabani na okrexezayo] . . . ngumonakalisi womphefumlo wakhe.”—IMizekeliso 6:28, 29, 32.

21. Sisiphi isiluleko seBhayibhile esinokunceda umfazi?

21 Ukuba umfazi unikel’ ingqalelo kwezi mfundiso zilandelayo zeBhayibhile, uya kufak’ isandla ekuhlaleni komtshato wakhe ngokusisigxina:

“Nina bafazi, wathobeleni awenu amadoda, ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalivayo ilizwi, athi ngehambo yabafazi, lingekho ilizwi, azuzeke; ebonela ihambo yenu enyulu, enoloyiko [neyomoya wenu] onobulali, ozolileyo.”—1 Petros 3:1-4.

“Indoda mayimenzele okumfaneleyo [ngokwesini] umfazi wayo; enjenjalo ke nomfazi endodeni yakhe. . . . Musani ukwala ukuhlangana, ningathanga nibe nivumelene okomzuzwana.”—1 Korinte 7:3-5.

22. (a) Ziziphi ezinye iinkalo ezinokuchaphazela umtshato ngonaphakade? (b) UYehova ulugqala njani uqhawulo-mtshato?

22 Kwakhona iBhayibhile ibonisa ukuba uthando, ukulunga, imfesane, umonde, ukuqonda, ukhuthazo nokuncoma zezinye iinkalo ezibalulekileyo zesacholo esingumtshato. Umtshato ongenazo unjengentyatyambo engafumani kukhanya kwelanga namanzi—ayifane idubule. Ngoko umoya olawula iingqondo zethu mawusiqhubele ekukhuthazaneni nasekuphumzaneni emtshatweni wethu. Khumbula ukuba uYehova ‘ukuthiyile ukwala.’ Ukuba kuqheliselwa uthando lobuKristu, akunakubakho ukukrexeza nokuwohloka komtshato. Kutheni? Kuba “uthando aluze lutshitshe.”—Malaki 2:16; 1 Korinte 13:4-8; Efese 5:3-5.

Ngaba Unokucacisa?

◻ Yintoni ebalulekileyo kumtshato owonwabisayo?

◻ Umoya olawula ingqondo unokuwuchaphazela njani umtshato?

◻ Yintoni esinokuyenza ukuze someleze amandla alawula iingqondo zethu?

◻ Bahluka njani uYosefu noDavide xa babephantsi kwesilingo?

◻ Sisiphi isiluleko seBhayibhile esiya kunceda amadoda nabafazi ukuba bomeleze iqhina labo lomtshato?

[Imifanekiso ekwiphepha 18]

Ngaba siphila ngemilinganiselo emibini—silunge ebandleni size sibe ngqwabalala ekhaya?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share