IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 3/1 iphe. 26-29
  • UYehova Wandomeleza Kwintolongo Yasentlango

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova Wandomeleza Kwintolongo Yasentlango
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ndabanjwa
  • Ngoxa Sasiseluvalelweni
  • Intolongo EseNtlango
  • Ubomi Entolongweni
  • Ukuhlala Somelele Ngokomoya
  • Ukunxibelelana Nabahlobo Bethu
  • Ukukhululwa Ekugqibeleni!
  • Ndandingumququzeleli Wezobupolitika Kodwa Ngoku NdingumKristu Ongundilele
    Vukani!—2002
  • ‘Ukuwelela Ngaphaya’ Iminyaka Engaphezu Kwama-50
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Iintsikelelo “Ngexesha Elilungileyo Nangexesha Lenkathazo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Ndandisoloko Ndifumana Okuthile Endandinokukwenzela UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 3/1 iphe. 26-29

UYehova Wandomeleza Kwintolongo Yasentlango

NGOKUBALISWA NGUISAIAH MNWE

Akuzange kuthethwe tyala, ibe ndandingaphulanga mthetho. Kodwa, ndagwetyelwa ukusebenza nzima kumzi wamabanjwa osembindini weNtlango eshushu yeSahara eseAfrika. Into eyaba mbi ngakumbi, akukho namnye kubahlobo bam owayeyazi indawo endandikuyo. Oku kwenzeka kwiminyaka engaphezu kwesibhozo edluleyo, ehlotyeni lowe-1984. Mandichaze indlela okwenzeka ngayo ukuba ndibe kuloo meko imbi ngolo hlobo.

NGOWE-1958, xa ndandineminyaka eli-12 kuphela, umkhuluwa wam waba ngomnye wamaNgqina kaYehova. Noko ke, utata nomama baqhubeka benqula oothixo beLizwana laseAbia, eNigeria, apho sasihlala khona.

Ngowe-1968, ndangenelela kumkhosi waseBiafra. Ngoxa ndandisedabini, ndacinga ngobundilele bamaNgqina kaYehova, yaye ndathandaza kuThixo ukuba andincede. Ndathembisa ukuba ukuba wayenokundivumela ndisinde emfazweni, ndandiya kuba ngomnye wamaNgqina akhe.

Emva kwemfazwe ngokukhawuleza ndasizalisekisa isithembiso sam. Ndabhaptizwa ngoJulayi 1970 ndaza ngokukhawuleza ndangenela inkonzo yexesha elizeleyo njengovulindlela. Ekuhambeni kwexesha ndamiselwa njengomdala kwibandla lamaKristu. Kungekudala ndafumana isimemo esivela kwiofisi yesebe laseNigeria ukuba ndiye kuba ngumvangeli wasemazweni kwilizwe elikufuphi apho umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawungekagqalwa ngokusemthethweni. Ndasamkela, yaye ngoJanuwari 1975, ndandisendleleni, ndiphethe incwadana yam yokundwendwela.

Ndabanjwa

Ngowe-1978, ndabelwa ukutyelela amaNgqina kulo lonke elo lizwe. Ekubeni ayembalwa, ndandigubungela ummandla omkhulu, ndityelela zonke izixeko ekwakukho amabandla kuzo, kwanemimandla eyayinabantu abanomdla. Ngokufuthi ndandibuzwa imibuzo kwiindawo ekumiswa kuzo abantu ukuze bahlolwe ngamapolisa. Kabini, kangangeentsuku ezine sihlandlo ngasinye, ndabanjwa ndaza ndancinwa, ngomsebenzi wethu.

Kwaza, ngoJuni 1984, njengoko sasilungiselela inkonzo yasentsimini ngenye iCawa, igosa elinobuhlobo lasazisa ukuba amapolisa ayefuna ukubamba amaNgqina kaYehova. Emva kweveki mna noDjagli Koffivi waseTogo sabanjwa. Sasiwa kwikomkhulu lamapolisa saza sayalelwa ukuba sichaze amagama awo onke amaNgqina kaYehova asesixekweni. Athi, “Asiyi kunikhulula ngaphandle kokuba nisinike la magama.”

Ndaphendula ndathi, “Ningamapolisa. Ngumsebenzi wenu ukufumana abantu enibafunayo. Andisebenzeli nina.” Saphikisana kangangemizuzu engama-30, yaye amapolisa asisongela ngokusibetha. Kodwa, asizange siwanike amagama abazalwana bethu abangamaKristu. Ngoko agqiba kwelokuba athimbe ithala lam elineencwadi ezininzi ezineembekiselo zeBhayibhile.

Ngoxa Sasiseluvalelweni

Emva kokubuyela kwisikhululo samapolisa kunye neencwadi, mna noDjagli sazothula. Njengoko sasizothula, kwawa iphepha eBhayibhileni yam enamagama amakhulu. Yayilucwangciso lwendibano yesithili ekwakubhalwe kulo amagama abo bonke abadala abangamaKristu kwelo lizwe. Ngokukhawuleza ndalichola ndaza ndalifaka epokothweni yam. Noko ke, elinye lamapolisa landibona laza landiyalela ukuba ndilidlulisele kulo. Kakade ke, ndandisoyika.

Eli phepha labekwa phezu kwetafile kwindlu esasingenisa kuyo iincwadi noDjagli. Xa ndangenayo nomthwalo wam olandelayo, ndaya etafileni, ndalithabatha elo phepha, ndaza ndalifaka epokothweni yam. Ndaza ndathi ndandifuna ukuya kuzinceda. Ipolisa landipheleka landisa kwindawo enezindlu zangasese. Emva kokuba ndingenile ndaza ndavala ucango, ndalikrazula elo phepha ndaza ndaligungxulela kwindlu yangasese.

Xa amapolisa akufumanisayo oko kwakwenzekile, ajwaqeka ngumsindo. Kodwa ayesoyika ukwenza nantoni na ngaloo nto, kuba amagosa aphezulu ayeza kuthi awakhathali kuba endivumele ndafumana ithuba lokulitshabalalisa elo phepha. Emva kokusivalela iintsuku ezili-17, ingqonyela yamapolisa yasixelela ukuba siqokelele izinto zethu kuba sasiza kufuduselwa kwenye indawo. Safaka impahla eplastikini, yaye ngaphantsi ndafaka iBhayibhile encinane esasiyithutyeleziselwe ngumntu owayetyelele.

Sakwazi ukuwaxelela amaNgqina ukuba sasiza kufuduswa kodwa sasingazi ukuba siza kusiwa phi. Ngentsasa elandelayo, ngoJulayi 4, 1984, ingqonyela yamapolisa yasivusa. Yathi masikhuphe impahla eplastikini size siyixhome ezingalweni zethu, ukuze isihlole. Kodwa xa ndafika kwihempe yokugqibela, lathi mandibuyisele impahla eplastikini, ngoko iBhayibhile ayizange ibhaqwe.

Intolongo EseNtlango

Ipolisa lasisa kwisikhululo seenqwelo-moya, apho sakhwela inqwelo-moya yomkhosi. Emva kweeyure ezithile safika kwidolophu enabantu abamalunga nama-2 000, apho kukho intolongo ekufuphi. Imalunga neekhilomitha ezingama-650 ukuya kwidolophu ekufuphi. Sehliswa kwinqwelo-moya sasiwa entolongweni saza sanikezelwa kumphathi wentolongo. Akukho namnye kwiintsapho zethu okanye abahlobo owayeyazi indawo esasisiwe kuyo.

Le dolophu sasisiwe kuyo yaseSahara ikwindawo eluhlaza. Kukho amatyholo, imithi embalwa, nezakhiwo ezineendonga ezenziwe ngodaka. Amanzi anokufumaneka kuphela ngokumba kangangemitha okanye kangangemitha enesiqingatha ukubheka ezantsi. Sekunjalo, ummi waloo mmandla oneminyaka engama-31 ubudala wasixelela ukuba kwana kwakanye oko wazalwa! Yaye kwakutshisa ngokugqithiseleyo kuloo mmandla. Elinye ibanjwa lathi kwindawo ekuhlala kuyo amabanjwa iqondo lobushushu lakha lafikelela kuma-60 ngokukaCelsius! Kwakusoloko kuvuthuza umoya omkhulu, uphaphathekisa intlabathi eyayibetha kabuhlungu emzimbeni yaye iphandla.

Nabani na ofikayo kuloo ndawo wayenokuqonda ukuba wayefike kweyona ndawo yokohlwaya yakha yambi kwelo lizwe. Intolongo yayiphahlwe ziindonga ezinde ezazikhusela emoyeni naselangeni. Noko ke, iindonga zazingeyomfuneko ekuthinteleni abantu ukuba bangabaleki, ekubeni kwakungekho ndawo yakubalekela. Ngaphandle kwale ndawo iluhlaza sasikuyo, kwakungekho nokuba ube mnye umthi, kungekho kwanto ingenza umthunzi kuye nabani na owayefuna ukubaleka.

Ngaphambi kokuba singene, umphathi wentolongo wasihlola ukuba kwakungekho nto sasiyifihlile na. Wasixelela ukuba masikhuphe yonke into eyayikwingxowa yethu. Ndaqalisa ukuphakamisa iihempe zethu nganye nganye. Xa kwakusele ihempe enye eyayigqume iBhayibhile, ndaphakamisa iplastiki ukuze ndimbonise ihempe eyayingaphakathi ndaza ndathi: “Nazi kuphela izinto esiye savunyelwa ukuba siziphathe.” Anelisekile, wathi masingene kwiyadi yentolongo. IBhayibhile kwakukuphela kwempapasho esasinayo.

Ubomi Entolongweni

Ewonke amabanjwa ayengama-34. Ayezezona zaphuli-mthetho zaziwayo neziyingozi kwelo lizwe. Amaninzi yayingababulali ababesele bencanyiwe. Sonke sasilala kwizisele ezibini ezikhulu ezazahlulwe ligumbi lokuhlambela. Kweli gumbi lokuhlambela kwakukho umgqomo ongagqunywanga owawusetyenziswa njengendawo yokuzinceda. Nangona amabanjwa ayewuchitha ntsasa nganye, kwakubonakala ngathi zonke iimpukane zasentlango zazisiza zize kunandipha ukuphola nobumdaka baloo mgqomo.

Ekuphela kokutya esasinako yayingamazimba. Ayesilwa libanjwa, abiliswe, aze agalelwe ezipleyitini, ezazibekwa ibenye kukhuko lwebanjwa ngalinye. Ukutya kwakungagqunywa. Xa sivela emsebenzini sasifika kukho amakhulu eempukane agqume ipleyiti nganye enesidlo samazimba. Xa sithabatha iipleyiti zethu, iimpukane zaziye zibhubhuzele zimke. Kwiintsuku ezimbini zokuqala, asizange sitye nto. Ekugqibeleni, ngosuku lwesithathu, emva kokugxotha iimpukane nokususa ukhoko olungaphezulu, saqalisa ukutya isityo samazimba. Sathandaza kuYehova ukuba akhusele impilo yethu.

Sasisebenza elangeni, sidiliza iindonga zentolongo endala sisakha ezintsha. Yayingowona msebenzi wakha wanzima. Sasisebenza singaphumli ukususela ngentsimbi yesi-6:00 kusasa kude kube semini, sifumane ukutya, size sisebenze kude kube yintsimbi yesi-6:00 ngokuhlwa. Kwakungekho zintsuku zakuphumla. Sasingatshiswa nje lilanga kuphela kodwa ebusika sasigodola. Nabalindi abakhohlakeleyo babengasiphanga thuba.

Ukuhlala Somelele Ngokomoya

Mna noDjagli sasifunda iBhayibhile ngasese, size sixubushe ngoko sikufundileyo. Sasingenakufunda iBhayibhile ekuhleni kuba yayinokuthatyathwa yaye sasinokohlwaywa. Ibanjwa endaqalisa isifundo seBhayibhile kunye nalo lalinesibane separafini esasisisebenzisa kunye. Ngokufuthi ndandivuka ngentsimbi yokuqala okanye yesibini kusasa ndize ndifunde kude kube yintsimbi yesihlanu. Ngaloo ndlela ndakwazi ukufunda iBhayibhile ndiyigqibe.

Sasishumayela kwamanye amabanjwa, yaye omnye wawo waxelela umphathi wamabanjwa ngathi. Singalindelanga, umphathi wamabanjwa wayenephaphancwadi uVukani! waza walinika eli banjwa, yaye ibanjwa lalinika thina. Ndalifunda ndaliphindaphinda. Ukufunda nokushumayela kwethu kwasinceda ukuba sihlale somelele ngokomoya.

Ukunxibelelana Nabahlobo Bethu

Sasingavunyelwanga ukubhala okanye ukuthumela iileta. Noko ke, umntu owaba ngumhlobo wethu wathi wayenokundinceda. NgoAgasti 20, malunga neeveki ezintandathu emva kokufika kwethu, ndabhala iileta ezimbini ngasese, enye isiya kwiofisi yozakuzo yaseNigeria yaye enye isiya kubahlobo abangamaNgqina. Ndazigqumelela ngaphantsi kwentlabathi ndaza ndayiphawula loo ndawo ngokubeka ilitye elikhulu. Kamva la mhlobo wam weza waza wazikhupha.

Zaqengqeleka iiveki, yaye kwathi cwaka. Ndaya ndiphelelwa lithemba lokuba iileta zifikile kwabo zazisiya kubo. Kodwa zafika, yaye amanye amaNgqina azama ngamandla ukuba sikhululwe. ISebe Lemicimbi Yezangaphandle laseNigeria laba nomdla kulo mcimbi laza labuza kurhulumente welo lizwe ndandivalelwe kulo isizathu sokuvalelwa kwam kwintolongo enjalo.

Ngelo thuba, ekuseni ngoNovemba 15, 1984, sathatyathwa ukuba siye kucoca. Abalindi bandisa kwindlu yangasese yesikolo samabanga aphakamileyo eyayisetyenziswa ngabantu kangangeeveki nangona yayingagungxuleki. Yayizele ilindle. Abalindi bathi, umsebenzi wam wawukukuba ndiyicoce. Ekuphela kwezixhobo endandinazo yayizizandla zam. Njengoko ndandisacinga indlela endandiza kuwenza ngayo lo msebenzi wonyanyekayo, umphathi wamabanjwa weza waza wathi igosa lesithili laloo mmandla lalinqwenela ukundibona.

Ekufikeni kwam igosa lesithili lathi belisandula kuthetha nomongameli welizwe, owayevile ngengxaki yam. Umongameli wathi ukuba ndandinokuchaza amagama amaNgqina kaYehova akwelo lizwe, ndandinokukhululwa ngokukhawuleza yaye ndandinokuhamba ngenqwelo-moya elandelayo. Ndaphinda ndathi ukuba bafuna amaNgqina kaYehova, ngumsebenzi wamapolisa ukuwafumana. Igosa lesithili landixelela ukuba ndandifanele ndikuqwalasele nzulu oko wayendithembisa kona. Wathi wayeya kundinika iintsuku ezine okanye ezintlanu ukuba ndikucinge oko. Kwathiwa mandihambe, yaye abalindi bandipheleka bandibuyisela entolongweni, yaye, ndavuya gqitha kuba ndingazange ndibuyiselwe kuloo ndlu yangasese!

Emva kweentsuku ezintlanu igosa lesithili landibiza laza landibuza ukuba ndandigqibe entwenini. Ndathi ekuphela kwesizathu esibangela ukuba ndibe kwintolongo yabo yayikukuba ndandinikela ubungqina ngoThixo oyinyaniso yaye ndandingenzanga nto iphosakeleyo. Ndachaza ukuba ndandinencwadana yokundwendwela yasemthethweni yaye ndandinemvume yokuhlala ngokusisigxina. Onke amaphepha am ayelungile, yaye nanini na ndisiya kwesinye isixeko, ndandisoloko ndisiya emapoliseni ukuze ndiqiniseke ukuba yonke into yayimi ngendlela. Ekubeni ndandingaphulanga mthetho, ndabuza: “Siyintoni isizathu sokohlwaywa kwam? Ukuba bendingafunwa kweli lizwe, kutheni ndingakhange ndingxothwe? Yintoni eye yabangela ukuba ndigwetyelwe kule ndawo?”

Ndathetha kangangemizuzu eli-15. Ukugqiba kwam, ndacelwa ukuba ndibhale phantsi konke oko ndandigqiba kukuthetha yaye ndaxelelwa ukuba oko ndandikuthethile kwakuza kusiwa kumongameli. Ndanikwa iphepha, yaye ndabhala amaphepha amane.

Ukukhululwa Ekugqibeleni!

Andizange ndiphinde ndive yimbi into ngalo mcimbi kwada kwangoJanuwari 1985, malunga neenyanga ezisixhenxe emva kokuvalelwa. Ngeso sihlandlo, umphathi wamabanjwa weza waza wandibuza ukuba ndandibhale ileta eya kwiofisi yozakuzo yaseNigeria kusini na. Ndaphendula ndathi, “Ewe.”

Wabuza wathi, “Ukwenzele ntoni oko? Kutheni ungakhange undazise?”

Ndamxelela ukuba lo mcimbi wawungafuni yena. Kodwa ndamqinisekisa ukuba ndandingabhalanga nto ngokunxamnye naye, ekubeni wayengenanto yakwenza nokuvalelwa kwam entolongweni. Ndathi, “Kwanomama ondizalayo akandazi apho ndikhoyo.” Waza wafuna ukwazi ukuba ileta ndandiyithumele njani, kodwa ndala ukumxelela.

Ngemini elandelayo abalindi balungisa iLand-Rover baza bathi mna noDjagli sasiza kuhanjiswa. Sasiwa phandle, sakhululiswa, saza sahlolwa. Ngaphambilana iBhayibhile ndandiyinike ibanjwa endandifundisisa nalo kuba ndandisazi ukuba abalindi babeya kuyithabatha baze bayithimbe ukuba babeyifumene kum. Le ndoda yasixelela ukuba isakukhululwa, yayiza kuba ngomnye wamaNgqina kaYehova. Sithandazela ukuba yenjenjalo.

Kungekudala emva koko, ndabuyiselwa eNigeria, yaye ngoFebruwari 1985, ndaqalisa kwakhona ubulungiseleli bam njengomveleli ohambahambayo kwelo lizwe. Ukususela ngo-1990, bendikhonza njengomveleli wesithili eNigeria. Ngoku uDjagli ukhonza njengeNgqina elithembekileyo eCôte d’Ivoire.

Ngokusuka kula mava, ndazibonela ukuba uYehova uThixo angasomeleza kwanaphantsi kweyona ngcinezelo iqatha. Ngokuphindaphindiweyo sabona isandla sakhe sisikhusela entolongweni. Kum ukukhululwa kwethu kwabethelela ingcamango yokuba uYehova akanelanga nje kukwazi apho abakhonzi bakhe bakhoyo nobunzima ababuvayo kodwa uyakwazi nokubahlangula esilingweni.—2 Petros 2:9.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share