IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 8/1 iphe. 3
  • “Kubonakala Kunzima Ukuba Sincokole!”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Kubonakala Kunzima Ukuba Sincokole!”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaphambi Nasemva—Watshintshwa Yimigaqo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • ‘Wakhumbula UMdali Wakhe Ngemihla Yobutsha Bakhe’
    Vukani!—1994
  • Ngubani uMikayeli isiphatha-zingelosi?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ngubani UMikayeli Isiphatha-zingelosi?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 8/1 iphe. 3

“Kubonakala Kunzima Ukuba Sincokole!”

UMICHAEL, oligqwetha, kwakufuneka abe liciko. Umsebenzi wakhe wawufuna oko. Kodwa emva kweminyaka eli-16 etshatile, uMichael kwanyanzeleka aqonde ukuba xa efika ekhaya emfazini wakhe uAdrian, ubuchule bakhe bokunxibelelana babusithi shwaka. UMichael ukhumbula oku: “Mna kunye noAdrian sasisoloko sixabana, sikhalazelana, sixambulisana, yaye ndacinga ukuba oku kwakuza kusikruqula. Ndazibuza enoba lo yayingumtshato kusini na, uthotho lwezinto ezazibangela ukunganeliseki nokungavisisani. Ukuba le yindlela esasiza kuphilisana ngayo ubomi bethu bonke, ndandifuna ukukhululeka—andiqhuli. Ndandingenako kwaphela ukuphila eminye iminyaka engama-20, 30, 40, kuloo meko eyayisiya isiba mandundu nenxunguphalisayo.”

AsingoMichael noAdrian kuphela abaneemvakalelo ezinjalo. Ziyinto yokwenene kwizibini ezininzi ezinolwalamano oluqhawuka luhlangana. Iincoko nje ezingenamsebenzi ziphethukela ekubeni yimfazwe yomlomo. Ezi zibini “ziva” izinto ezingakhange zithethwe. Zithetha izinto ebekungasingiselwanga kuzo. Ziyahlaselana zize zityholane, zandule ke zigqibele ngokuthi cwaka zizele yintiyo. Azahlukani, kodwa azikho “nyamanye” ngokwenene. (Genesis 2:24) Ulwalamano lume ngxi. Ukurhoxa kuya kuthetha ukwahlukana; ukuqhubela phambili kuya kuthetha ukujongana ngezikhondo zamehlo. Ukuze ziphephe nayiphi na intlungu, ezi zibini ziyazimisela ukuzigcina zithe qelele omnye komnye ngokweemvakalelo.

Izibini ezinjalo kufuneka ‘zizuze amacebo obulumko’ emtshatweni wazo. (IMizekeliso 1:5) Olu lwalathiso luyafumaneka eLizwini likaThixo, iBhayibhile. Incwadi yesibini kaPawulos eya kuTimoti ingqina ukuba iBhayibhile ‘ikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni.’ (2 Timoti 3:16) Oku kungqineka kunjalo ekupheliseni ukuqhawuka konxibelelwano emtshatweni, njengoko siza kubona.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share