Kutheni Ubusela Busanda?
ERIO DE JANEIRO—kungeCawa, Oktobha 18, 1992. Unxweme lolwandle oluthandwayo lwaseCopacabana nolwaseIpanema luzele ngabantu. Ngesiquphe, amaqela eenjubaqa olutsha afika enze isaqunge kwezo lwandle, esilwa odwa kwangaxeshanye esiba nantoni na exabisekileyo kwabo bantu baselwandle. Abakwantsasana abambalwa kunala maqela bami bhunxe—abakwazi kwenza nto. Kubemi baseRio de Janeiro nakubakhenkethi, oku kuliphupha elibi ilanga lihlab’ umhlaba.
Ngokwenene, ulwaphulo-mthetho olubandakanya izinto zabantu luxhaphakile. Kwizixeko ezikhulu, amasela aziwa ngokuphanga ulutsha—yaye maxa wambi ade alubulale—ukuze afumane iiteki zalo. Amasela aqhekeza emakhayeni abantu bekhona bengekho. Abantu abaqeshwe ezindlwini abanganyanisekanga, emva kokwazi indawo ezikuyo izinto endlwini, beba izinto ezenziwe ngamatye anqabileyo nemali, baze baphele emehlweni. Izihlwele ziphanga iivenkile. Amaqela alungelelene ngakumbi ade ebe nabantu, njengokuba oko kubonakala kwinani elandayo lokuqweqwediswa kwabantu eBrazil. Yaye mhlawumbi usenokunika neminye imizekeliso ngokusuka kwawakho amava okanye ngokusuka koko kuye kwenzeka kwindawo ohlala kuyo. Kodwa kutheni kukho ubusela obungaka?
Kutheni Abantu Besiba?
Nangona ubuhlwempu nokusetyenziswa kweziyobisi okwandayo kuzezona zizathu zibini ziyintloko, impendulo ayicacanga kangako. IThe New Encyclopædia Britannica ithi: “Iphulo lokufuna unobangela omnye wolwaphulo-mthetho ubukhulu becala liye layekwa kuba lingancedi nto.” Noko ke, kwale ntyilalwazi ithi iingxaki ezinjengokuba “ngokungqalileyo zibangelwa kukuziva kolutsha lungento yanto nentiyo ebangelwa kukungakwazi ukufumana izinto eziphathekayo nemivuzo yokuphila ubomi obuqhelekileyo.” Ewe, ngenxa yengcinezelo engathethekiyo yengcamango yokuba ukusetyenziswa kwezinto zoqoqosho kuyanqweneleka, abaninzi banokubona kungekho ndlela yokufumana izinto abazinqwenelayo ngaphandle kokuba.
Noko ke, okubangel’ umdla kukuba, iThe World Book Encyclopedia ithi: “Umlinganiselo wolwaphulo-mthetho uhlala uphantsi noko kwiindawo ezisadla ngendeb’ endala apho abantu bakholelwa kwelokuba indlela yabo yokuphila iya kuqhubeka. Imilinganiselo yolwaphulo-mthetho idla ngokuphakama kwiindawo apho kukho iinguqulelo ngokukhawuleza kwindawo abantu abaphila kuyo nakwimisebenzi yabo yokuziphilisa—nakumathemba abo okuphila kamnandi kwixesha elizayo.” Le ntyilalwazi yongezelela ngelithi: “Amathuba emisebenzi anqabile kubantu abaselula. Imisebenzi engafuni buchule buthile efumanekayo ibonakala ingumsina-ndozele xa ithelekiswa nenzuzo ekhawulezayo nechulumancisayo efumaneka ngokuba. Kwakhona abantu abaselula bakulungele ngakumbi ukuzibeka emngciphekweni wokubanjwa kuba bengasayi kulahlekelwa kangako.”
Sekunjalo, abaninzi abangasebenziyo okanye abanemisebenzi ehlawula kancinane abebi, ngoxa inani elikhulu labantu abasebenza eziofisini nelabenza imisebenzi yezandla ngokuthe rhoqo lisiba izinto emsebenzini lizijonga ngokungathi ziyinxalenye yomvuzo walo. Enyanisweni, zimbi izenzo zobuqhetseba, unokuzenza kuphela xa ukwisikhundla esithile ngokwasentlalweni. Ngaba akuzange uve ngezigigaba ezibandakanya intywenka yemali ezenziwe ngabantu abaphambili kwezobupolitika, bengamagosa aseburhulumenteni noosomashishini? Alithandabuzeki elokuba, ubusela abuyonto yamahlwempu kuphela.
Kwakhona, khumbula ukuba imifanekiso eshukumayo neenkqubo zikamabonwakude ngokufuthi zibugqala ubusela njengento engenamsebenzi (umdlali ophambili usenokude abe lisela), nto leyo eyenza ubusela bamkeleke ngakumbi. Kuyavunywa ukuba ukubukela izinto ezinjalo kusenokuthiwa kukuzonwabisa, kodwa kwangaxeshanye, ababukeli baboniswa indlela yokuba. Ngaba oku akudluliseli ngendlela echuliweyo ingcamango yokuba ulwaphulo-mthetho mhlawumbi lunomvuzo? Ngokungathandabuzekiyo, ukubawa, ubuvila nengcamango yokuba wonk’ ubani uyeba aze angohlwaywa konke kufak’ isandla ekwandeni kobusela. Alinakuphikiswa elokuba, siphila ‘kumaxesha anomngcipheko’ awaxelwa kwangaphambili xa ukuzingca nokuthanda imali kuya kuxhaphaka.—2 Timoti 3:1-5.
Uze Ungebi
Phezu kwayo nje imilinganiselo egqwethekileyo yehlabathi, kubalulekile ukuthobela lo mthetho: “Lowo ubayo makangabi seba.” (Efese 4:28) Umntu ozithanda gqitha izinto eziphathekayo okanye iziyolo usenokuzikhohlisela ekukholelweni ukuba ubusela buwufanele umgudu wokuzibeka esichengeni. Kodwa ubusela bungumbandela onzulu emehlweni kaThixo yaye butyhila ukungabi naluthando ngabanye abantu. Ngaphandle koko, kwanokuba ezona zinto zincinane kusenokukhokelela ekuqiniseni intliziyo kabani. Yaye kuthekani ngokujongwa njengonganyanisekanga? Ngubani oya kuthemba isela? Ngobulumko, iLizwi likaThixo lithi: “Makungabikho ke bani kuni uva ubunzima ngokombulali, nangokwesela, nangokomenzi wobubi.”—1 Petros 4:15.
Ngokuqinisekileyo ukhathazekile kukwanda kobusela, kodwa abantu abahlala kwimimandla ekuxhaphake ubusela kuyo bajamelana njani nabo? Ababesakuba ngamasela baye bayiguqula njani indlela yabo yobomi? Ngaba ubusela buya kuze buphele emhlabeni wonke? Sikumema ukuba ufunde inqaku elilandelayo elithi, “Ihlabathi Elingenamasela.”