IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 11/1 iphe. 26-30
  • Ukukhonza Ngemvo Yongxamiseko

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukukhonza Ngemvo Yongxamiseko
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Uqeqesho Lwasebudeni Bemfazwe
  • Ukuqala Komsebenzi
  • Umncedi Oxabisekileyo
  • Inkonzo Yobuvangeli Basemazweni EIndonesia
  • Ebudeni Bobhukuqo-mbuso
  • Ukoyisa Inkcaso Engakumbi
  • Ukuya Kumzantsi Merika
  • UYehova Ungqineke Enam
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • UYehova Wandifundisa Ukwenza Ukuthanda Kwakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Icandelo 4—Amangqina Ukusa Ekupheleni Komhlaba
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Abavangeli Basemazweni Bahambisela Phambili Ulwando Ehlabathini Lonke
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 11/1 iphe. 26-30

Ukukhonza Ngemvo Yongxamiseko

NGOKUBALISWA NGUHANS VAN VUURE

Ngenye intsasa yowe-1962, uPaul Kushnir, umveleli wesebe leWatch Tower Society laseNetherlands, wadibana nam kwisithili esinezibuko saseRotterdam. Endijonge ngaphaya kwetafile yevenkilana yokutya eyayikhanyiswe luzizi, wathi: “Hans, phofu uyaqonda ukuba xa usamkela esi sabelo, wena nomfazi wakho niza kufumana itikiti lokuhamba ningaphindi nibuye?”

“EWE, ibe ndiqinisekile ukuba uSusie naye uya kuvuma.”

“Kulungile, khawubonisane noSusie. Ndingavuya xa ninokundichazela ngokukhawuleza ngesigqibo senu.”

Ngentsasa elandelayo wayifumana impendulo yethu: “Sikulungele ukuhamba.” Ngoko ngoDisemba 26, 1962, sawola izizalwana nezihlobo zethu kwiSikhululo Seenqwelo-moya saseAmsterdam iSchiphol nesasigqunywe likhephu, yaye senjenjeya ukuya kummandla ongazange usetyenzwe ngabaveleli basemazweni—eNetherlands New Guinea (ngoku eyiWest Irian, eIndonesia)—ilizwe labantu abantetho isisiPapua.

Ngaba saba madolw’ anzima ekwamkeleni esi sabelo silucelomngeni? Nakanye. Ubomi bethu sasibunikele ngokupheleleyo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo, ibe sasinethemba lokuba uya kusixhasa. Xa sijonga emva kubomi bethu, sinokubona ukuba intembelo yethu kuYehova ayizange ibe yengafanelekanga. Kodwa ngaphambi kokuchaza okwenzeka eIndonesia, mandikuchazele ngeminyaka yethu yangaphambilana.

Uqeqesho Lwasebudeni Bemfazwe

Xa intsapho yakowethu yatyelelwa okokuqala liNgqina elinenkalipho uArthur Winkler ngowe-1940, ndandineminyaka elishumi kuphela. Abazali bam bothuka xa bafumanisa oko kwakuthethwa yiBhayibhile ngeemfundiso zobuxoki zeNgqobhoko. Ekubeni iNetherlands ngoko yayilawulwa yiJamani yamaNazi yaye amaNgqina kaYehova etshutshiswa, abazali bam kwafuneka bagqibe enoba babeya kunxulumana nentlangano eyayivalw’ umlomo kusini na. Bagqiba kwelokuba benjenjalo.

Emva koko, inkalipho kamama nokukulungela kwakhe ukuphulukana nenkululeko kwanobomi bakhe yandichukumisa. Ngesinye isihlandlo wahamba ngebhayisikile umgama oziikhilomitha ezili-11 waza wahlala ebumnyameni ephethe ingxowa ezaliswe ngamaphecana eBhayibhile. Ngexesha elimisiweyo lokuqalisa kwephulo elikhethekileyo, wayenyawuza ibhayisikile yakhe ngokukhawuleza kangangoko wayenako, emana ekhupha amaphecana kwingxowa yakhe, ewasasaza ezitratweni. Umqhubi webhayisikile owayemleqa ekugqibeleni wamgqitha waza, ekhefuzela, wakhwaza esithi: “Nkosikazi, nkosikazi, kukho izinto eziwayo!” Asizange siyeke ukuhleka xa uMama wayebalisa eli bali.

Ndandiselula gqitha, kodwa ndandikwazi endandifuna ukukwenza ngobomi bam. Ebudeni benye yeentlanganiso zethu phakathi kowe-1942, xa umqhubi weentlanganiso wabuza, “Ngubani ofuna ukubhaptizwa kwisihlandlo esilandelayo?” ndaphakamisa isandla sam. Abazali bam babonakalisa ukothuka, bethandabuza enoba ndandiyiqonda intsingiselo yesigqibo esinjalo kusini na. Kodwa nakubeni ndandineminyaka eli-12 kuphela, ndandikuqonda oko kwakuthethwa kukuzahlulela kuThixo.

Ukushumayela kwindlu ngendlu silandelwa ngamaNazi kwakufuna ubulumko. Ukuze siphephe ukutyelela amakhaya abo babenokusintama, ngeemini zaxa abaxhasi bamaNazi babencamathisela izibhengezo ezibhaliweyo kwiifestile zezindlu zabo ndandijikeleza ngebhayisekile ndize ndibhale phantsi iidilesi zabo. Ndakha ndabonwa yenye indoda yaza yakhwaza: “Hee ke, mfana wam. Babhale phantsi—bonke!” Ndandinenzondelelo kodwa kuyacaca ukuba ndandingalumkanga ngokwaneleyo! Ekupheleni kwemfazwe ngowe-1945, savuyiswa lithemba lokufumana inkululeko engakumbi yokushumayela.

Ukuqala Komsebenzi

NgoNovemba 1, 1948, emva kokugqiba esikolweni, ndafumana isabelo sam sokuqala sokushumayela ixesha elizeleyo njengovulindlela. Inyanga kamva uMzalwan’ uWinkler watyelela intsapho endandihlala nayo. Umele ukuba wayezokuhlola ukuba ndandingumntu onjani kuba kungekudala emva koko ndamenyelwa ukusebenza kwiofisi yesebe yoMbutho eAmsterdam.

Kamva ndacelwa ukuba ndityelele amabandla amaNgqina kaYehova njengomveleli wesiphaluka. Ndandula ke, ngokwindla lowe-1952, ndafumana isimemo sokuya kwiklasi yama-21 yeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi eNew York ukuze ndifumane uqeqesho lobuvangeli basemazweni. Ngoko, ngasekupheleni kowe-1952, thina sosibhozo esasivela eNetherlands, sakhwela inqanawa ekuthiwa yiNieuw Amsterdam saza saya eMerika.

Ngasekupheleni kweentsuku zeso sikolo, uMaxwell Friend, omnye wabayaleli, wathi: “Niza kuzilibala izinto ezininzi enizifundileyo apha, kodwa sithemba ukuba izinto ezintathu ziya kuhlala zihleli kuni: ukholo, ithemba nothando.” Okunye okuhlala kuhleli engqondweni nasentliziyweni yam ziinkumbulo ezixabisekileyo zentlangano kaYehova esebenza ngemvo yongxamiseko.

Emva koko ndafumana udano olukhulu. Isiqingatha seqela lethu lesiDatshi—kuquka nam—safumana isabelo sokubuyela eNetherlands. Nangona ndandiphoxekile, ndandingakhathazekanga. Kuphela ndaba nethemba lokuba ndandingasayi kulinda, njengoMoses wamandulo, iminyaka engama-40 ngaphambi kokuba ndifumane isabelo kwelinye ilizwe.—IZenzo 7:23-30.

Umncedi Oxabisekileyo

Xa uFritz Hartstang, umhlobo wam owayenjengobawo, waqondayo ngeenjongo zam zokutshata, wandixelela oku: “Ndicinga ukuba lolona khetho luchanileyo.” Uyise kaSusie, uCasey Stoové, wayeyinkokeli yeqela labaVukeli elalisilwa namaNazi ebudeni beMfazwe Yehlabathi II. Kodwa xa watyelelwa ngamaNgqina ngowe-1946, wazamkela ngokulula iinyaniso zeBhayibhile. Ngokukhawuleza yena nabantwana bakhe abathathu kwabathandathu—uSusie, uMarian noKenneth—babhaptizwa. NgoMeyi 1, 1947, bonke aba bantwana baqalisa ubulungiseleli bexesha elizeleyo njengoovulindlela. Ngowe-1948, uCasey wathengisa ishishini lakhe, waza naye waqalisa ubuvulindlela. Kamva wathi: “Loo minyaka yayiyeyona minyaka ivuyisayo kubomi bam!”

Ndaqalisa ukwazana noSusie ngowe-1949, xa wayemenyelwe ukusebenza kwiofisi yesebe yaseAmsterdam. Noko ke, kunyaka olandelayo, yena nodade wabo uMarian baya kwiklasi ye-16 yaseGiliyadi baza baya kwizabelo zabo zobuvangeli basemazweni—eIndonesia. NgoFebruwari 1957, emva kweminyaka emihlanu yenkonzo yobuvangeli basemazweni apho, uSusie wabuyela eNetherlands ukuze sitshate. Ngelo xesha, ndandikhonza njengomveleli wesiphaluka, ibe kuyo yonke loo minyaka sitshatile, uye amaxesha amaninzi wabonakalisa umnqweno wokuzincama ngenxa yenkonzo yoBukumkani.

Emva kokuba sitshatile, saqhubeka sityelela amabandla kwiindawo ezahlukahlukeneyo zaseNetherlands. Iminyaka uSusie awayichithela kumsebenzi wobuvangeli basemazweni kwizabelo ezazinzima yamenza wakulungela ukuhamba ngebhayisikile ukusuka kwelinye ibandla ukuya kwelilandelayo. Sasisekumsebenzi wesiphaluka ngowe-1962 xa uMzalwana uKushnir wandityelelayo eRotterdam waza wasimemela ukuba sifudukele eWest Irian, eIndonesia.

Inkonzo Yobuvangeli Basemazweni EIndonesia

Safika kwidolophu yaseManokwari—ilizwe elahluke ngokupheleleyo! Kwakukho ingxolo eyothusayo yobusuku beleenjiko kukwakho nobushushu nothuli. Ibe kwakukho abantu abantetho isisiPapua ababesuka kummandla ongaphakathi weli lizwe ababenxiba kuphela imibhinqo, bephethe iimela ezinkulu, nababethanda ukuhamba kanye emva kwethu baze bazame ukuchukumisa isikhumba sethu esimhlophe—konke oku kwakungelula ukuqhelana nako.

Kwiiveki nje ezimbalwa sifikile, abefundisi bafunda ileta ezicaweni belumkisa abantu ngamaNgqina kaYehova, baza banika bonke ababekho umbhalo wayo. Isikhululo sasekuhlaleni sikanomathotholo sade sayisasaza emoyeni loo leta. Bandula ke abefundisi abathathu basityelela baza banyanzelisa ukuba sifudukele kummandla ongaphakathi ukuze sishumayele kubantu ababebabiza ngokuba “ngabahedeni.” Umphathi omkhulu wamapolisa wamaPapua naye wasibongoza ukuba sihambe, laza ilungu lamapolisa angasese lasixelela ukuba kwakusenziwa icebo lokuba sibulawe.

Sekunjalo, yayingenguye wonke ubani owayesichasa. Umcebisi wezobupolitika wabantu abantetho isisiPapua, umDatshi owayeza kuya eNetherlands, wasazisa kwiinkosi ezahlukahlukeneyo zabantu abantetho isisiPapua. Wazixelela oku: “AmaNgqina kaYehova aya kuzisa uhlobo lonqulo lobuKristu olulunge ngakumbi kunokuba benisazi. Ngoko ke, nimele niwamkele.”

Kamva, elinye igosa laseburhulumenteni laya kuSusie esitratweni laza lamsebezela: “Siye saxelelwa ukuba niqale umsebenzi omtsha apha, ibe, ngoko asiyi kunivumela nihlale. Kodwa, e-h-h, . . . ukuba nje beninecawa.” Elinjani lona icebo! Ngokukhawuleza sawisa iindonga ezingaphakathi kwindlu yethu, sadwelisa izihlalo, samisa iqonga lesithethi, saza ngaphambili sabeka umbhalo othi “IHolo YoBukumkani.” Sandula ke samema elo gosa ukuba lisityelele. Lanqwala intloko, lancuma, laza lazalatha icala lentloko ngomnwe wokukhomba, ngokungathi lalisithi, ‘Nikrelekrele, nikrelekrele.’

NgoJuni 26, 1964, unyaka onesiqingatha emva kokuba sifikile, izifundo zethu zeBhayibhile zokuqala ezili-12 zabantu abantetho isisiPapua zabhaptizwa. Kungekudala, abali-10 abangakumbi balandela, ibe abantu ababesiza kwiintlanganiso zethu babekumlinganiselo wama-40. Oovulindlela ababini baseIndonesia bathunyelwa ukuza kusincedisa. Xa kwasekwa ibandla eManokwari, isebe loMbutho laseIndonesia lasinika esinye isabelo sokushumayela, ngoDisemba 1964.

Ngaphambi kokuba sihambe, umphathi waseburhulumenteni weSebe Lezonxibelelwano wasibizela ngasese waza wathi: “Ndibuhlungu kuba nihamba. Veki nganye abefundisi bebendicenga ukuba ndinigxothe ngenxa yokuba bebesithi nikha iziqhamo zabo. Kodwa ndabaxelela: ‘Akunjalo, kunoko, bachumisa imithi yenu.’” Wongezelela wathi: “Naphi na apho niya khona, qhubekani nisilwa. Niya kuphumelela!”

Ebudeni Bobhukuqo-mbuso

Ngobunye ubusuku ngoSeptemba 1965, ngoxa sasikhonza kwidolophu elikomkhulu, iDjakarta, abavukeli bamaKomanisi babulala iinkokeli ezininzi zomkhosi, batshisa iDjakarta, baza baqalisa umzabalazo owanwenwela elizweni lonke de ekugqibeleni wabhukuqa umongameli welizwe, uSukarno. Abantu abamalunga nama-400 000 bafa!

Ngesinye isihlandlo sasishumayela ngoxa kwakudutyulwa kutshiswa kwisitrato esilandelayo. Ngosuku olulandelayo seva ukuba umkhosi wawuza kutshabalalisa isakhiwo esasikufuphi samaKomanisi. Abaninimzi babegubha kukoyika njengoko sasisiya kubo, kodwa xa beva isigidimi sethu seBhayibhile, babezola baze basimemele ngaphakathi. Babeziva bekhuselekile xa benathi. Elo xesha lasifundisa thina sonke ukuba sithembele ngoYehova nokuba sibe ngabalungeleleneyo phantsi kweemeko ezinzima.

Ukoyisa Inkcaso Engakumbi

Ngasekupheleni kowe-1966 safudukela kwisixeko saseAmbon kwiziqithi ezibukekayo ezikumzantsi Molucca. Apho, phakathi kwabemi abanobuhlobo, abaneentliziyo ezifudumeleyo, safumana abantu abaninzi abanomdla kwizinto zokomoya. Ibandla lethu elincinane lakhula ngokukhawuleza, yaye inani labantu ababesiza lalifikelela ekhulwini. Ngoko amagosa eecawa zeNgqobhoko atyelela iOfisi yeMicimbi Yonqulo ukuze anyanzelise umphathi wayo ukuba asigxothe eAmbon. Kodwa kwidesika yomphathi, abona iincwadi zeWatch Tower Society zihombise ngendlela etsala umdla! Oyiswe kukujika ingqondo yomphathi, aya kubaphathi beSebe Lobulungiseleli Bonqulo eDjakarta, efuna ukuba singagxothwa kuphela eAmbon kodwa kwanakulo lonke elaseIndonesia.

Ngeli xesha kwabonakala ngathi ayaphumelela, kuba uFebruwari 1, 1968, yayingumhla owawumiselwe ukugxothwa kwethu. Noko ke, abazalwana bethu abangamaKristu eDjakarta baya kwigosa Lobulungiseleli Bonqulo elingumSilamsi, ibe lancedisa ekuguqulweni kweso sigqibo. Ukongezelela, inkqubo yangaphambili yaguqulwa, yaye abanye abavangeli basemazweni bavunyelwa ukuba nabo bangene.

Ngaloo ndlela, ebudeni beminyaka elishumi eyalandelayo, kwilizwe elineentaba ezintle, amahlathi namachibi abukekayo kumazantsi eSumatra, sasebenza nabavangeli basemazweni abasuka eOstreliya, eOstriya, eJamani, kwiPhilippines, eSweden naseUnited States. Umsebenzi wokushumayela waphumelela, ngokukodwa kolona hlanga lunabantu abaninzi kuloo mmandla, amaBatak.

Noko ke, abantu ababequlunqa amayelenqe onqulo ekugqibeleni baphumelela ekwenzeni umsebenzi wethu wokushumayela uvalwe ngoDisemba 1976, ibe kunyaka olandelayo uninzi lwabavangeli basemazweni lwaya kwizabelo ezikwamanye amazwe. Ekugqibeleni, ngowe-1979, nathi kwafuneka sihambe.

Ukuya Kumzantsi Merika

Ngoku sasimalunga neminyaka engama-50 ubudala, ibe sazibuza enoba sasinokulwenza kusini na uhlengahlengiso ukuze siqhubeke sisiya kwelinye ilizwe. USusie wabuza: “Ngaba siya kusamkela esinye isabelo okanye kunoko siya kusebenza ndaweni ithile ngokusisigxina?”

Ndaphendula: “Kaloku, Susie, naphi na apho uYehova wayesimemela khona, wayesinyamekela. Ngubani ozaziyo iintsikelelo ezingakumbi esiziphathelwe likamva?” Ngaloo ndlela, saya kwisabelo sethu esitsha, kwilizwe laseSuriname elikuMzantsi Merika. Kwisithuba seenyanga ezimbini sasikumsebenzi wokuhambahamba kwakhona ibe ngokukhawuleza saziva sisekhaya.

Xa sijonga emva kwiminyaka engaphezu kwama-45 kubulungiseleli bexesha elizeleyo, mna noSusie siyakuqonda ukubaluleka kokuxhaswa ngabazali bethu ukuze sinyamezele kumsebenzi wethu wobuvangeli basemazweni. Ngowe-1969, xa ndandibona abazali bam kwakhona emva kweminyaka emithandathu, utata wandibizela ecaleni waza wathi: “Xa kunokwenzeka uMama afe kuqala, akukho mfuneko yokuba ubuye ekhaya. Hlala esabelweni sakho. Ndiyakukwazi ukwenza yonke into. Kodwa xa kunokwenzeka ibe ndim kuqala kuya kufuneka ubuze uMama ngako oku.” UMama wathetha okufanayo.

Abazali bakaSusie babenesimo sengqondo esifanayo sokungazingci. Ngesinye isihlandlo uSusie wabashiya iminyaka eli-17, sekunjalo abazange bambhalele nelizwi elinye elidimazayo. Kakade ke, ukuba kwakungazange kubekho ncedo luvela kubazali bethu, ngesasibuyele ekhaya. Ingongoma ikukuba abazali bethu babenoxabiso olufanayo lomsebenzi wobuvangeli basemazweni ibe, de kwasa ekufeni, bakhonza uYehova ngokufanayo ngemvo yongxamiseko nto leyo ababeyibethelele kwiintliziyo zethu.—Thelekisa eyoku-1 kaSamuweli 1:26-28.

Siye sakhuthazwa nangabantu abathembekileyo abasibhalela iileta. Bambalwa ekungazange kudlule nyanga bengasibhalelanga kule minyaka engaphezu kwama-30 sikwinkonzo yobuvangeli basemazweni! Kodwa ngaphezu kwako konke, sikhumbula uBawo wethu wasezulwini othandekayo, uYehova, okwaziyo ukulondoloza abakhonzi bakhe emhlabeni. Ngoko ke, njengoko sisondela kwincopho yeziganeko ebesisoloko sikhangele kuyo, mna noSusie sinqwenela ukuhlala ‘silindele ukufika kwayo imini kaThixo’ ngokuqhubeka sikhonza uYehova ngemvo yongxamiseko.—2 Petros 3:12.

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Ndatshata ngowe-1957

[Umfanekiso okwiphepha 29]

Olunjani lona uvuyo—oovulindlela abaselula abathandathu!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share