Ngaba Zonke Iinkonzo Zinqula UThixo Omnye?
“Ndineenkolelo zam ibe ke soze nditshintshe. Enye into ke, umntu angakhonza naphi na apho athanda khona ngoba zonke zisengela thungeni linye.”
NNGABA wakhe wayiva le nto? Abantu abaninzi bakholelwa ukuba zonke iicawa zingakunceda ufumane uThixo uze uqonde injongo yobomi. Kuphinde ke kubekho inkolelo egcwele umhlaba wonke, yokuba zonke iinkonzo zinezinto ezilungileyo nezingalunganga, yaye inyaniso ayifumaneki kwinkonzo enye kuphela ibe ke ayikho efanele icinge ukuba yiyo yodwa enqula uThixo.
Iimbono ezinjalo ziyathandwa ngabantu bale mihla yethu abathi bona bayazamkela iimbono ezingafaniyo nezabo. Kaloku abantu abangavumelaniyo neembono ezinjalo kudla ngokuthiwa abangaphangalalanga okanye banocalucalulo. Wena uthini? Ngaba ucinga ukuba zonke iinkonzo zinqula uThixo omnye? Ngaba kubalulekile ukuba umntu alukhethe kakuhle unqulo lwakhe?
Ngaba Inkonzo Zahlukile?
Ngokutsho kwenye intyilalwazi, kukho iinkonzo ezingama-9 900 ehlabathini yaye ezinye zazo zinezigidi zamarhamente asasazeke ehlabathini lonke. Kuqikelelwa ukuba malunga nama-70 ekhulwini abantu abasehlabathini bakwiinkonzo ezintlanu ezizezona ziphambili ehlabathini—ubuBhuda, ubuHindu, ubuKristu, ubuSilamsi nobuYuda. Ukuba ke zonke iinkonzo zinqula uThixo omnye, ngoko ezi nkonzo zintlanu zifanele zibe nezinto ezininzi ezifana ngazo kwiimfundiso zazo, indlela ezimchaza ngayo uThixo nendlela eziyichaza ngayo injongo kaThixo. Zibonisa ntoni izibakala?
Umfundisi ongumRoma Katolika uHans Küng uthi ezona nkonzo ziphambili zinazo izinto ezifana ngazo ngendlela yokuphatha abantu. Ngokomzekelo ezininzi zazo ziyakuxhasa ukungabulali, ukungaxoki, ukungebi, ukungatshati kwabantu abazalanayo yaye zifundisa ukuba abantwana bafanele bahlonele abazali babo nokuba abazali bafanele babathande abantwana babo. Kodwa ke kwezinye iinkalo, ingakumbi indlela ezimchaza ngayo uThixo, ezi nkonzo zizezona ziphambili zahlukana okwempuma kwintshona.
Ngokomzekelo, amaHindu anqula uthotho lwezithixo, ngoxa wona amaBhuda engaqinisekanga kwa ukuba ukho uThixo. UbuSilamsi bufundisa ukuba kukho uThixo omnye kuphela. Nezinye iicawa ezithi zezobuKristu zithi kukho uThixo omnye, kodwa ke inkoliso yazo ifundisa ukuba uThixo nguBathathu Emnye. Kwakwezi cawa kuphinda kubekho iinkolelo ezininzi ezahlukahlukeneyo. AmaKatolika amhlonela kakhulu kuMariya, umama kaYesu, ngoxa wona amaProtestanti engamhloneli kangako. Ukuqingqwa kwenzala akuvumelekanga kumaKatolika kodwa akuyongxaki kumaProtestanti amaninzi. AmaProtestanti awaboni ngasonye kwa ewodwa nje xa kusiziwa kumbandela wobufanasini.
Ngaba kunengqiqo ke ngoko ukukholelwa ukuba iinkonzo ezineenkolelo ezahlukahlukene ngolo hlobo zinokunqula uThixo omnye? Nakanye. Kunoko eyona nto yenzekayo kukuba usuka udideke, ungazi ukuba unjani kanye kanye uThixo nokuba ufuna benze ntoni abantu abamnqulayo.
Ngaba Ziyabamanyanisa Okanye Ziyabahlukanisa Abantu?
Ukuba iinkonzo bezisengela thungeni linye zonke, ngoko bezifanele ukuba zonke zifundise abantu ukuba bamanyane. Ngaba bukho ubungqina bokuba ziyayenza loo nto? Imbali ibonisa ukuba kunokuba lumanyanise, unqulo lungunobangela wosukuzwano neengxabano. Nantsi eminye imizekelo.
Ukususela kwinkulungwane ye-11 ukuya kweye-13 amazwe athi angawobuKristu ebesilwa iimfazwe ezininzi zoMnqamlezo kunye namazwe obuSilamsi. Ngenkulungwane ye-17, eYurophu amaKatolika alwa namaProtestanti kwiMfazwe yeMinyaka engaMashumi Amathathu. Kungekudala nje emva kokuba i-Indiya ifumene inkululeko kwiBritani ngowe-1947, amaHindu namaSilamsi aqalisa ukuxhwithana. Kutshanje eNorthen Ireland, amaKatolika namaProtestanti aye alwa iminyaka emininzi. EMbindi Mpuma alukabikho nanamhlanje uxolo phakathi kwamaYuda namaSilamsi. Owona mzekelo ubalaseleyo ngoweMfazwe Yehlabathi II, ekwakusilwa kuyo amalungu azo zontlanu ezi nkonzo zibalaseleyo ehlabathini. Kuloo mfazwe amalungu onqulo olunye ayede alwe odwa kuba amanye ekwelinye ilizwe ekuliwa nalo.
Impendulo ke ngoko izicacele. Unqulo lwehlabathi alukwazanga ukuzisa uxolo nomanyano yaye alukhange lubancede abantu banqule uThixo omnye. Kunoko, luye lwabahlukanisa abantu lwaza lwamchaza ngendlela engaqondakaliyo ukuba unjani uThixo nokuba unqulwa kanjani. Kungenxa yoko le nto wonke umntu ofuna ukunqula uThixo wenyaniso efanele alukhethe kakuhle unqulo angena kulo. Yiloo nto kanye ekhuthazwa yiBhayibhile, eyona ncwadi indala yonqulo eyaziwayo ngabantu.
Zikhetheleni Ukuba Niza Kunqula Bani
IBhayibhile ibonisa kakuhle ukuba ukuze ufumane indlela efanelekileyo yokunqula uThixo, kufuneka uzikise ukucinga yaye uzikhethele ngokwakho. Umkhonzi kaYehova uThixo uYoshuwa wathi kuhlanga lwakwaSirayeli: “Zikhetheleni namhlanje ukuba ngubani na eniya kumkhonza, enoba ngoothixo ababekhonzwa ngookhokho benu ababengaphesheya koMlambo okanye oothixo bama-Amori enihleli ezweni lawo. Ke mna nendlu yam, siya kukhonza uYehova.” Kwiminyaka emininzi kamva umprofeti uEliya wabongoza abantu ukuba benze ukhetho olufanayo xa wathi kubo: “Koda kube nini na nimbaxa? Ukuba uYehova nguThixo oyinyaniso, landelani yena; kodwa ukuba nguBhahali [uthixo wamaKanana] landelani yena.”—Yoshuwa 24:15, 16; 1 Kumkani 18:21.
Ezi ndinyana zingasentla kunye nezinye iindinyana zeBhayibhile, zigxininisa ukuba abantu ababefuna ukukhonza uThixo babefanele benze ukhetho olusekelwe kwizibakala. Kuyafana ke nanamhlanje. Ukuba sifuna ukunqula nokukhonza uThixo wenyaniso simele senze ukhetho olufanelekileyo. Kodwa ke yintoni enokusinceda sikwazi ukulukhetha kakuhle unqulo? Sinokubabona kanjani abanquli bokwenene?
Abanquli Bokwenene Babonakala Ngeziqhamo Zabo
UYesu Kristu wabaxelela oku abalandeli bakhe ngokuphathelele abanquli bokwenene kunye nabobuxoki: “Abantu abahlanganisi iidiliya emeveni okanye amakhiwane enkunzaneni, andibi kunjalo? Ngokunjalo wonke umthi olungileyo uvelisa isiqhamo esihle, kodwa wonke umthi obolileyo uvelisa isiqhamo esingento yanto; umthi olungileyo awunako ukuthwala isiqhamo esingento yanto, nomthi obolileyo awunako ukuvelisa isiqhamo esihle. . . . Ngokwenene, ke ngoko, niya kubaqonda ngeziqhamo zabo abo bantu.” Ngoko ke, abanquli bokwenyaniso baya kubonakala ngeziqhamo okanye imisebenzi yabo. Luhlobo olunjani lweziqhamo olo?—Mateyu 7:16-20.
Okokuqala, unqulo lwenene luyawamanyanisa luze luwenze athandane amakholwa. UYesu wathi kubafundi bakhe: “Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane; kanye njengoko ndinithandileyo mna, ukuba nani nithandane. Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” Abalandeli bakaKristu bokwenene bafanele bathandane ngendlela eyenza kucace kubo bonke abanye abantu ukuba bona bangabanquli bokwenene.—Yohane 13:34, 35.
Kungenxa yoko lento ingathi qatha nokuthi qatha kumaKristu okwenyaniso into yokuthatha izixhobo aze alwe namanye amaKristu emfazweni. Ngaba amarhamente anjalo nawo? NgamaNgqina kaYehova kuphela unqulo olwaziwayo olwaye lwala ukuya emfazweni okanye ukuyixhasa nangayiphi na indlela iMfazwe Yehlabathi II. UGqr. Hanns Lilje, owayekade engubhishophu weCawa yamaKatolika eHannover eJamani, wathi ngamaNgqina: “Ngawo kuphela anokuphuma phandle esithi akukhaba ngawo omane ukuxhasa uRhulumente wamaNazi.” Kuloo mfazwe amaNgqina kumazwe amaninzi akhetha ukutshutshiswa kunokuba akhuthaze okanye axhase imfazwe.
Ziziphi ezinye iziqhamo ezaziza kwahlula abafundi bakhe bokwenyaniso awayecinga ngazo uYesu? UYesu wawuqala kanje umthandazo owaziwa ngabantu abaninzi ngokuba nguMthandazo weNkosi: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” UYesu waqala ngokungcwaliswa kwegama likaThixo elinguYehova. Wachaza ukuba wayenqwenela ukuba uBukumkani bukaThixo benze ukuba ukuthanda kukaYehova kwenziwe emhlabeni. Luluphi unqulo olwaziwa ngokufundisa abantu igama likaYehova, noluthi buBukumkani bukaThixo kuphela obuya kuzisela abantu uxolo emhlabeni? AmaNgqina kaYehova avakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani kumazwe angama-236 yaye asasaza uncwadi lwawo ngeelwimi ezingaphezu kwama-470.—Mateyu 6:9, 10.
Kanti ke, amaNgqina kaYehova alandela umzekelo kaYesu wokungabandakanyeki kwiimpikiswano zezopolitiko nezentlalo. Kaloku uYesu wathi abafundi bakhe: “Abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi.” Ukongezelela koko amaNgqina ayayamkela iBhayibhile njengeLizwi likaThixo yaye aqinisekile ukuba “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.”—Yohane 17:14, 17; 2 Timoti 3:16, 17.
Unqulo Lwenene Lwahlukile
Zonke ezi ziqhamo—uthando lokuzincama, umnqweno wokungcwalisa igama likaYehova, ukuvakalisa uBukumkani bukaThixo, ukwahluka ehlabathini kunye nokuyikholelwa iBhayibhile—zifanisa abanquli bokwenyaniso. Ziphinda zahlule abanquli benyaniso kwezinye iinkonzo. Elinye inenekazi elalisoloko lincokola namaNgqina kaYehova lafikelela kwesi sigqibo: “Ndazi iiCawa ezininzi yaye zonke ziyafana. Kodwa nini kuphela abahluke ngokupheleleyo kuzo.”
Kucacile ke ngoko ukuba iinkonzo azinquli uThixo omnye. Kodwa kukho elinye iqela elahluke ngokupheleleyo kuwo onke amanye—ngamaNgqina kaYehova ngoku angaphezu kwezigidi ezisixhenxe ehlabathini. Ngokushumayela kwawo kunye nokubambelela kwiLizwi likaThixo iBhayibhile, amaNgqina kaYehova aye akwazi ukumanyanisa abantu beentlanga, izizwe neelwimi ezahlukahlukeneyo ukuze banqule okuphela koThixo oyinyaniso uYehova, nto leyo elingekho elinye iqela okanye intlangano ekwazileyo ukuyenza. Angathanda ukukunceda ufunde ngoyena Thixo uyinyaniso, wazi ukuba yintoni ayifunayo kuwe uze ufumane uxolo nonqabiseko olufunyanwa ngabantu abanqula uThixo ngendlela ayifunayo. Ngaba olo asilulo usukelo olufanelekileyo?
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Umfundisi wamaOthodoki esikelela umkhosi waseUkraine ngowama-2004
[Inkcazelo]
GENIA SAVILOV/AFP/Getty Images
[Umfanekiso okwiphepha 15]
AmaNgqina kaYehova anceda abantu kuyo yonke indawo ukuba bafunde ngoThixo nangoBukumkani bakhe
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 12]
Iphepha 12: Inkosikazi yomBhuda: © Yan Liao/Alamy; indoda engcwele yomHindu: © imagebroker/Alamy; iphepha 13: Indoda efunda iKoran: Mohamed Amin/Camerapix; Jewish man: Todd Bolen/Bible Places.com