IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w94 9/15 iphe. 30-31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Yokuhlangabezana Namatyala
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Ityala! Ukuzidadisa Kulo—Ukuzikhupha Kulo
    Vukani!—1990
  • Iingxaki Zemali Namatyala—Ngaba IBhayibhile Ingakunceda?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ngaba Kufanelekile Ukuzifaka Ematyaleni?
    Vukani!—1995
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
w94 9/15 iphe. 30-31

Imibuzo Evela Kubafundi

Kula maxesha anobunzima kwezoqoqosho, abantu kunye neenkampani ezininzi zibhenela kwilungiselelo lokugqalwa njengeziphaleleyo (“bankruptcy”). Ngaba kufanelekile ngokweZibhalo ukuba umKristu angenele ilungiselelo lokugqalwa njengophaleleyo?

Impendulo yalo mbuzo iyibonisa kakuhle indlela iLizwi likaThixo elisinika ngayo ukhokelo kwimibandela esenokuba yeyala maxesha ngokukhethekileyo. Amazwe amaninzi anemithetho elawula ilungiselelo lokugqalwa njengophaleleyo. Le mithetho iyahluka ngokwamazwe, yaye ibandla lamaKristu alifanele linikele icebiso elingokwasemthethweni kulo mbandela. Kodwa makhe sibone ngokufutshane ilungiselelo elingokwasemthethweni lokugqalwa njengophaleleyo.

Esinye isizathu esibangela ukuba oorhulumente bavumele abantu kunye namashishini angenele ilungiselelo lokugqalwa njengaphaleleyo kukuba abo babolekisa ngemali okanye abathengisa ngamatyala (abatyalwayo) bayakhuseleka ngandlel’ ithile kubantu okanye amashishini aboleka imali okanye abathenga ngamatyala (abanamatyala) kodwa angawahlawuli amatyala awo. Abo batyalwayo basenokubona ukuba ekuphela kwento abanokuyenza kukubhenela enkundleni ukuze lowo unetyala avakaliswe ephalele ukuze izinto zakhe zabiwe njengenxalenye yentlawulo yetyala.

Enye indlela elisebenza ngayo ilungiselelo lokugqalwa njengophaleleyo kukuba liyakhusela kwabo banamatyala nabangenakuthi ngokunyanisekileyo babanelise abo babatyalayo. Lowo unamatyala unokuvunyelwa angenele ilungiselelo lokugqalwa njengophaleleyo, nto leyo eya kubangela ukuba abo abatyalayo bathabathe ezithile kwizinto zakhe. Sekunjalo, umthetho usenokungavumi ukuba uthatyathwe umzi wakhe kunye nezinye izinto ezimbalwa aze ke aqhubeke nobomi engenaloyiko lwesisongelo sokulahlekelwa okanye ukuthinjwa ngabo ebefudula ebatyala.

Ngoko, licacile elokuba le mithetho yenzelwe ukunikela umlinganiselo othile wenkuselo kumacala omabini kwimicimbi yezemali okanye yezoshishino. Noko ke, makhe siphawule isiluleko esiluncedo esinikelwa yiBhayibhile.

Akunakufane kwenzeke ukuba ubani afunde iBhayibhile ukususela ekuqaleni ukusa ekugqibeleni engakhange aphawule ukuba ayikukhuthazi ukuba netyala. Sifumana izilumkiso ezifana neso sikwiMizekeliso 22:7: “Isityebi siya kuwalawula amahlwempu; nobolekayo ngumkhonzi endodeni embolekayo.”

Kwakhona, khumbula umzekeliso kaYesu okuMateyu 18:23-34 othetha ngomkhonzi owayenetyala elikhulu kakhulu. “Yathi inkosi yakhe, makuthengiswe ngaye, nangomfazi wakhe, nangabantwana bakhe, nangeento zonke anazo,” kodwa yandula ke le nkosi, ukumkani, yanolwazelelelo yaza yabonisa inceba. Xa loo mkhonzi kamva wangqineka engenanceba, ukumkani wayalela ukuba ‘anikelwe kubathuthumbisi, ade alihlawule lonke ityala lakhe kuye.’ Licacile elokuba, elona khondo lilungileyo, elinconyelwayo, kukuphepha ukuboleka imali.

Abakhonzi bakaThixo kwaSirayeli mandulo babesebenzisana kwezoshishino, yaye maxa wambi babeboleka yaye bebolekisa. UYehova wabayalela ukuba benze ntoni? Ukuba umntu wayefuna ukuboleka imali ukuze aqalise ishishini okanye alandise, kwakusemthethweni yaye kuqhelekile ukuba umHebhere afune inzala. Noko ke, uThixo wabongoza abantu bakhe ukuba bangazingci xa bebolekisa kumSirayeli osweleyo; babengafanele benze nzuzo ngomntu osengxakini ngokufuna inzala. (Eksodus 22:25) IDuteronomi 15:7, 8 ithi: “Xa kuthe kwakho ihlwempu kuwe ebazalwaneni bakho, . . . Uze usivule kakhulu isandla sakho kuye, umboleke into elingene ukuswela kwakhe aswele ngako.”

Ukuba nobubele okanye ulwazelelelo olufanayo lwaboniswa kwimithetho eyayiyalela ukuba abo batyalwayo bangathimbi izinto eziyimfuneko ebomini kulowo ubatyalayo, njengelitye lokusila lentsapho okanye ingubo eyimfuneko yokugcina umntu efudumele ebusuku.—Duteronomi 24:6, 10-13; Hezekile 18:5-9.

Kakade ke, asingawo onke amaYuda awayamkelayo aza enza ngokuvisisana nale mithetho ibonisa uthando ivela kuMgwebi noMmisi-mthetho wawo omkhulu. (Isaya 33:22) Amanye amaYuda abawayo ayebaphatha ngqwabalala kakhulu abazalwana bawo. Kwakhona, namhlanje abanye abantu abatyalwayo basenokuba ngqwabalala yaye bangabonisi ngqiqo koko bakufunayo, kwanakumKristu onyanisekileyo ongakwaziyo ukuhlawula ngelo thuba kuba eye wafikelwa sisihlo. (INtshumayeli 9:11) Ngenxa yengcinezelo yabo engayekeleliyo, abantu behlabathi abatyalwayo basenokunyanzelela lowo unetyala ukuba azikhusele. Njani? Kwezinye iimeko ekuphela kwento abantu abatyalwayo abaya kuyamkela linyathelo elingokwasemthethweni lokungenela ilungiselelo lokugqalwa njengophaleleyo. Ngoko umKristu, obengabonisi kubawa okanye kungakhathali ngokuphathelele amatyala akhe, usenokungenela ilungiselelo lokugqalwa njengophaleleyo.

Noko ke, sifanele silumke naxa kusiziwa kulowo unamatyala. UmKristu usenokungena ematyaleni kuba engazange abonise ukuzeyisa koko akuthengayo okanye imali ayichitha ekuthengeni okanye kuba engazange asebenzise bulumko kwizigqibo zakhe zoshishino. Ngaba ufanele angakhathazeki ngelo tyala aze ngokukhawuleza afune ukukhululeka ngokungenela ilungiselelo lokugqalwa njengophaleleyo, ngaloo ndlela esenzakalisa abanye ngenxa yokungabi nangqiqo kwakhe? IBhayibhile ayikwamkeli ukungabi nankathalo ngolo hlobo ngemali. Ikhuthaza umkhonzi kaThixo ukuba uewe wakhe abe nguewe. (Mateyu 5:37) Kwakhona, khumbula oko kwathethwa nguYesu ngokubala iindleko ngaphambi kokuqalisa ukwakha inqaba. (Luka 14:28-30) Ngokuvisisana noko, umKristu ufanele ngobulumko acinge ngemiphumo emibi esenokuvela ngaphambi kokuboleka imali. Xa sele enetyala, ufanele ayiqonde imbopheleleko yakhe yokuhlawula abantu okanye iinkampani azityala imali. Ukuba abantu abaninzi bamgqala umKristu njengomntu ongakhathaliyo okanye ongathembekanga, usenokuba ulonakalisile udumo lwakhe abezenzele lona yaye ngaloo ndlela akasangqinelwa kakuhle ngabangaphandle.—1 Timoti 3:2, 7.

Khumbula oko INdumiso 15:4 isixelela kona ngohlobo lomntu uYehova alwamkelayo. Sifunda oku: “Ofunga [lowo wamkelwa nguThixo], angajiki, nokuba kubi kuye.” Ewe, uThixo ulindele ukuba amaKristu abaphathe abo abatyalayo ngendlela ebeya kufuna ukuphathwa ngayo.—Mateyu 7:12.

Ngoko, xa sishwankathela, iBhayibhile ayitsho ukuba kwimeko enzima, umKristu akafanele afune ukungenelwa kwinkuselo enikelwa yimithetho kaKesare ngelungiselelo lokugqalwa njengophaleleyo. Noko ke, amaKristu afanele anyaniseke yaye athembeke ngeyona ndlela. Ngaloo ndlela, afanele abe ngumzekelo kumnqweno wawo onyanisekileyo wokuhlangabezana neembopheleleko zawo zemali.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share