Ukoyika Abafi Kwandile
Sele kukudala litshonile ilanga. Ugoduka ebusuku ngexesha obungathandi ukuhamba ngalo. Njengoko uhambo lwakho ludlula kwindawo yamangcwaba asekuhlaleni, intliziyo yakho iqalisa ukubetha ngamandla ngakumbi. Inzolo yobusuku obungenanyanga ikwenza uve neyona ngxolo incinane. Ngequbuliso uva ingxolo eyothusayo kude kufuphi. Ukhawuleza ngakumbi—intliziyo yakho ibetha ngamandla ngakumbi—njengoko usinge ekhaya apho ukhuselekileyo.
NGABA wakha waziva unexhala xa wawuhamba kwindawo yamangcwaba okanye ukufuphi nayo? Ukuba kunjalo, usenokuba uye waphenjelelwa yinkolo yonqulo eqhelekileyo ehlabathini lonke—yokuba imimoya yabafi inokubanceda okanye ibenzakalise abaphilayo.
Kuye kwakho izithethe ezininzi zeenkolelo ngenxa yenkolo yokuba abafi bayalufuna uncedo lwabaphilayo okanye yokuba basenokubenzakalisa abaphilayo ukuba abangxengxezwa. Ngokomzekelo, kumazwe athile akuMzantsi noMbindi Merika, abaninzi banesithethe sokwakha indlwana enomnqamlezo kwindawo umntu afele kuyo ngenxa yengozi. Abantu bakhanyisa amakhandlela baze babeke iintyatyambo apho ngelinge lokubonisa umdla okanye lokunceda umphefumlo okanye umoya womntu ofileyo. Kwezinye iimeko, kusasazwa iingxelo ezingeempendulo “ezingummangaliso” kwimithandazo, ukuze abantu baqalise ukuya rhoqo kwindawo yeanimita, indlwana yomphefumlo okanye yomoya womntu ofileyo. Apho benza imandas okanye izithembiso, zokuba ukuba umntu ofileyo uya kubanceda baphumeze okanye bafumane okuthile—mhlawumbi ukuphiliswa ngokungummangaliso—baya kuwubonakalisa ngendlela ekhethekileyo umbulelo wabo. Kwelinye icala, kusenokuthiwa umphefumlo womntu othile ubonakala ebudeni bobusuku obungenanyanga, usoyikisa abo bakhoyo. Ngokuqhelekileyo kuthiwa imiphefumlo enjalo yipenando, ikhathaza abaphilayo ngenxa yeziganeko zexesha elidluleyo.
Kumazwe amaninzi abantu benza umgudu omkhulu ukungxengxeza “imimoya” yabafi. Kuye kubekho amadini amakhulu, kunikelwa amadini, kuthethwe amazwi okuxolisa—konke oku kusenziwa ngelinge lokuthintela isohlwayo esisuka kumoya womntu ofileyo. Kucingelwa ukuba, ukucamagusha kulo moya, kuya kukhokelela ekuvuzweni nasekusikelelweni kwabo basaphilayo.
Enye ingxelo esuka eAfrika ithi: “Abaninzi bakholelwa kwelokuba akukho siganeko senzeka ‘ngokuqhelekileyo okanye ngokwemvelo.’ Nasiphi na isihlo—enoba sisigulo, intlekele, ubudlolo, ubunzima bezoqoqosho, imvula okanye ukutshisa kwelanga okugqithiseleyo, iingozi, ukungamanyani kwentsapho, ukufa—kucingwa ukuba sibangelwa yimimoya engabonakaliyo enamandla angaphezu kwawomntu.” Enye ingxelo ithi: “Abantu bakholelwa kwelokuba imimoya yezinyanya zabo isezulwini yaye ngokuzingisileyo ililiso kwizizalwana zayo ezisemhlabeni. Kukholelwa kwelokuba izinyanya zinamandla angaphezu kwawemvelo, ezinokuwasebenzisela ukusikelela nokukhusela izizalwana zazo ezisemhlabeni okanye zizohlwaye, kuxhomekeka enoba izizalwana ziyabahlonela okanye ziyabatyeshela abafi.”
Kodwa ngaba oko kuyavisisana neLizwi likaThixo? Iyintoni eyakho imbono?
[Umfanekiso okwiphepha 4]
I-“Animita” eChile