Imithandazo EseBhayibhileni Ifanele Ihlolisiswe
NGOKU siza kuhlolisisa umthandazo womfazi okhathazekileyo, wokumkani nowoNyana kaThixo. Ngamnye kule mithandazo wenziwa phantsi kweemeko ezahlukahlukeneyo. Ukanti, iimeko ezinjalo zinokusichaphazela nathi namhlanje. Sinokufunda ntoni kule mizekelo?
‘Zikhangele Iintsizi Zomkhonzazana Wakho’
Ngaba uzama-zamana nengxaki engapheliyo? Okanye ngaba usindwa ngamaxhala? Ngoko ukwimeko efanayo nekaHana ngaphambi kokuba azale umntwana wakhe wokuqala, uSamuweli. Wayengenamntwana yaye engcungcuthekiswa ngomnye umfazi. Enyanisweni, imeko kaHana yayimenza buhlungu yaye imkhathaza kangangokuba wayengatyi. (1 Samuweli 1:2-8, 15, 16) Wabongoza uYehova waza wenza esi sicelo silandelayo:
“Yehova wemikhosi, ukuba uthe wazikhangela ukuzikhangela oku iintsizi zomkhonzazana wakho, wandikhumbula, akwamlibala umkhonzazana wakho, wamnika umkhonzazana wakho umntwana oyindoda: ndomnika uYehova yonke imihla yobomi bakhe; isitshetshe sokucheba asiyi kusondezwa entlokweni yakhe.”—1 Samuweli 1:11.
Phawula ukuba uHana akazange ajikeleze. Wadlulisela isicelo esingqalileyo kuYehova (umntwana oyindoda) yaye esi sicelo wasikhapha ngesigqibo esiqinisekileyo (sokumnikela kuThixo). Kusixelela ntoni oku?
Xa ubandezelekile, umthandazo wakho mawungqale. Kungakhathaliseki ukuba iyintoni na ingxaki yakho—enoba yimeko yasekhaya, ubulolo, okanye impilo enkenenkene—yithethe kuYehova ngomthandazo. Mchazele ngokweenkcukacha ingxaki yakho nendlela ovakalelwa ngayo. Omnye umhlolokazi ogama linguLouise uthi: “Ngokuhlwa nganye iingxaki zam zonke ndizidlulisela kuYehova. Maxa wambi ziba liqela, kodwa ndizichaza ngokucacileyo nganye nganye.”
Ukuthetha noYehova ngamabinzana angqalileyo kuzisa iingenelo. Ukwenjenjalo kusinceda siyiqonde kakuhle ingxaki yethu, esenokubonaka ingekho nkulu kangako emva koko. Ukuthandaza ngokungqalileyo kuyasikhulula emaxhaleni. Kwanangaphambi kokuphendulwa komthandazo wakhe, uHana waziva enethemba, “ababa samatsha ubuso bakhe.” (1 Samuweli 1:18) Ngaphezu koko, ukungqala kusenza siyibone impendulo kumthandazo wethu. UBernhard, umKristu waseJamani uthi: “Okukhona ndithandaza ngokungqalileyo, kokukhona zicaca iimpendulo zayo.”
“Ndingumntwana Omncinane”
Noko ke, umntu usenokuxhalaba ngendlela eyahlukileyo ukuba ufumana isabelo avakalelwa kukuba asimfanelanga. Ngaba maxa wambi uye wonganyelwe ziimbopheleleko ozinikwe nguYehova? Okanye ngaba abantu abathile banembono yokuba asikufanelanga isabelo sakho? USolomon oselula wayekuloo meko xa wathanjiswa njengokumkani wakwaSirayeli. Amadoda athile ahloniphekileyo ayefuna ukuba kuhlale mntu wumbi esihlalweni. (1 Kumkani 1:5-7, 41-46; 2:13-22) Ekuqaleni kolawulo lwakhe, uSolomon wacela emthandazweni:
“Yehova Thixo wam, wena umenze umkhonzi wakho lo wangukumkani . . . ndingumntwana omncinane; andikwazi ukuphuma nokungena. . . . Mnike umkhonzi wakho intliziyo evayo, yokubalawula abantu bakho, ahlule phakathi kokulungileyo nokungendawo.”—1 Kumkani 3:7-9.
Umthandazo kaSolomon wawutsoliswe kulwalamano lwakhe noYehova, kwilungelo awayelijizekiwe, nakumandla akhe okuphumeza eso sabelo. Ngendlela efanayo, nanini na sinikwa imbopheleleko esivakalelwa kukuba ingaphezu kwamandla ethu, sifanele simbongoze uThixo ukuba asixhobisele ukuwenza loo msebenzi. Khawucinge ngala mava alandelayo:
UEugene uyachaza: “Xa ndacelwa ukuba ndinyamekele imbopheleleko engakumbi kwiofisi yesebe yeWatch Tower Society, ndaziva ndingafanelekanga ngokupheleleyo. Kwakukho abanye ababefaneleka ngakumbi yaye benamava ngakumbi. Ndandingalali buhlayo kwiintsuku ezimbini emva koko, ndichitha ixesha elininzi ndithandaza, nto leyo eyandinika amandla nokuzithemba endandikufuna.”
URoy wacelwa ukuba anikele intetho kumngcwabo womhlobo oselula owayesaziwa kakhulu owafa ngokungalindelekanga kwintlekele. Ngokuqinisekileyo kwakuza kubakho abantu abaninzi. Wenza ntoni uRoy? “Zimbalwa izihlandlo endiye ndathandaza kangako ndicela amandla nobuchule bokuba namazwi afanelekileyo okuthetha izinto ezakhayo nawokuthuthuzela.”
Njengoko uMdali ‘ezikhawulezisa izinto’ yaye nentlangano yakhe isanda, ngokuzenzekelayo abakhonzi bakhe abaninzi banikwa iimbopheleleko. (Isaya 60:22) Ukuba ucelwa ukuba wenze umsebenzi ongakumbi, qiniseka ukuba uYehova uya kukwenza ukwazi ukuhlangabezana nokungabi namava, ulwazi, okanye ubuchule. Thetha noThixo ngendlela awenza ngayo uSolomon, yaye uya kukuxhobisa ukuze ukwazi ukusisingatha eso sabelo.
“Ukuze Bonke Babe Banye”
Imeko yesithathu ekhoyo namhlanje yeyokuba ucelwe ukuba umele iqela labantu ngomthandazo. Xa sicelwa ukuba sithandazele abanye, yintoni esifanele siyithandazele? Khawucinge ngomthandazo kaYesu obhalwe kuYohane isahluko 17. Lo mthandazo wawenza phambi kwabafundi bakhe kubusuku bakhe bokugqibela njengomntu. Ziintoni awazicelayo kuYise wasezulwini?
UYesu wagxininisa kusukelo lwabo bonke nakwithemba ababenalo abo babekho. Wakhankanya ukuzukiswa kwegama likaYehova uThixo nokwaziswa koBukumkani. UYesu wagxininisa ukubaluleka kokuba nolwalamano lobuqu noBawo kunye noNyana, olusekelwe kulwazi lweZibhalo. Wathetha ngokwahluka ehlabathini, okwakuya kuxhobisela abalandeli bakhe inkcaso. Kwakhona uKristu wacela uYise ukuba abakhusele abafundi kwanokuba abamanyanise kunqulo oluyinyaniso.
Ewe, uYesu wagxininisa umanyano. (Yohane 17:20, 21) Ngaphambilana ngaloo ngokuhlwa, abafundi bakhe babonisa ukungakhuli ngokuxambulisana. (Luka 22:24-27) Noko ke, xa wayethandaza, uKristu akazange afune ukubakhalimela kodwa wabamanyanisa. Ngendlela efanayo, imithandazo yentsapho neyebandla ifanele ikhuthaze uthando yaye ibe yeyokuphelisa ungquzulwano phakathi kwabantu. Abo bamelwa ngomthandazo bafanele benziwe bamanyane.—INdumiso 133:1-3.
Olu manyano lubonakaliswa xa ekuqukumbeleni abo baphulaphuleyo besithi, “Amen,” okanye “Makube njalo.” Ukuze oku kwenzeke, kufuneka bayiqonde yaye bavumelane nayo yonke into ethethiweyo. Ngoko ke, kunokuba yinto engafanelekanga ukuthandazela umbandela othile ongaziwayo ngabathile abakhoyo. Ngokomzekelo, umdala omela ibandla ngomthandazo usenokucela ukuba uYehova asikelele umzalwana okanye udade ogula ngokungaginyisi mathe. Kodwa ngokuqhelekileyo bekuya kuba kokona kulungileyo ukuba enjenjalo kuphela ukuba abona baninzi kwabo abameleyo bayamazi loo mntu yaye bevile ngokugula oko.
Kwakhona, phawula ukuba uYesu akazange akhankanye iimfuno zomntu ngamnye kwelo qela. Ukwenjenjalo kwakunokuquka ukukhankanya imibandela yobuqu eyaziwa ngabantu abathile kuphela. Imibandela yobuqu ifanele ikhankanywe kwimithandazo yangasese, enokwenziwa mide yaye ibe yethetha phandle kangangoko.
Ufanele azilungiselele njani umntu xa eza kumela iqela elikhulu labanquli ngomthandazo? Omnye umKristu onamava uyachaza: “Ndicinga kusengaphambili ngoko ndiza kukubulela, ngezicelo abasenokuba banazo abazalwana, nezibongozo endinokuzikhankanya egameni labo. Ndiye ndizilandelise kakuhle engqondweni iingcamango zam, kuquka namazwi okudumisa. Ngaphambi kokuthandaza esidlangalaleni, ndizithandazela ngaphakathi, ndicela uncedo lokubamela ngendlela endilisekileyo abazalwana.”
Enoba zinjani na iimeko zakho, unokufumana umthandazo eBhayibhileni owenziwa nguthile okwimeko efanayo neyakho. Imithandazo emininzi eyahlukahlukeneyo eseZibhalweni ibubungqina bobubele obunothando bukaThixo. Ukuyifunda le mithandazo nokucamngca ngayo kuya kukunceda uyiphucule imithandazo yakho.
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
IMITHANDAZO EPHAWULEKAYO EBHAYIBHILENI
Abakhonzi bakaYehova bathandaza bephantsi kweemeko ezininzi. Ngaba ikho imeko enye okanye ezingakumbi kwezilandelayo onokuyibhekisela kuwe?
Ngaba ufuna ukhokelo lukaThixo, njengoEliyezere?—Genesis 24:12-14.
Ngaba kukho ingozi eza kukwehlela kungekudala, njengoYakobi?—Genesis 32:9-12.
Ngaba ufuna ukumazi ngakumbi uThixo, njengoMoses?—Eksodus 33:12-17.
Ngaba ujamelene nabachasi, njengoEliya?—1 Kumkani 18:36, 37.
Ngaba ukufumanisa kunzima ukushumayela, njengoko kwakunjalo ngoYeremiya?—Yeremiya 20:7-12.
Ngaba ufuna ukuxela izono nokucela ukuxolelwa, njengoDaniyeli?—Daniyeli 9:3-19.
Ngaba ujamelene nentshutshiso, njengabafundi bakaYesu?—IZenzo 4:24-31.
Kwakhona bona uMateyu 6:9-13; Yohane 17:1-26; Filipi 4:6, 7; Yakobi 5:16.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
OFANELE UKUTHANDAZELE XA USILWA UMKHWA OWENDELEYO
Ngaba ulwa nzima nobuthathaka obungapheliyo? Unokungenelwa njani kwimithandazo ebhalwe eBhayibhileni? Funda kuDavide, owathandaza amaxesha ahlukahlukeneyo ngenxa yobuthathaka bakhe.
UDavide wavuma: “Ndigocagoce, Thixo, uyazi intliziyo yam; ndicikide, uzazi iingcinga-ngcinga zam.” (INdumiso 139:23) UDavide wayenqwenela ukuba uYehova uThixo azigocagoce iinkanuko, iimvakalelo, neentshukumisa ezingafanelekanga. Ngamanye amazwi, uDavide wayefuna uncedo lukaYehova ukuze aphephe isono.
Kodwa uDavide woyiswa bubuthathaka bakhe, waza wona ngokunzulu. Kwakhona, umthandazo wamnceda—ngeli xesha ukuze ahlaziye ulwalamano lwakhe noThixo. Ngokutsho kweNdumiso 51:2, uDavide wabongoza: “Ndixovule kunene, busuke ubugwenxa bam, undihlambulule esonweni sam.”
Nathi ngokuthobeka sinokuluthandazela uncedo lukaYehova ukuze sikwazi ukulawula utyekelo olubi. Oku kuya kusomeleza sikwazi ukoyisa ubuthathaka obendeleyo yaye kunokusinceda siphephe isono. Ukuba siqalisa ukubuyela emva, kwakhona sifanele sisondele kuYehova simbongoza ukuba asincede siqhubeke sisilwa.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Imithandazo evakaliswa egameni leqela ifanele igxininise kumathemba aseZibhalweni nakusukelo lokomoya lwabo bonke abakhoyo