IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w95 6/1 iphe. 3-5
  • Idinga Lehlabathi Elingenako Ukunganyaniseki

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Idinga Lehlabathi Elingenako Ukunganyaniseki
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukunganyaniseki Kuyakuchaphazela
  • Oko Sikuxelelwa YiBhayibhile
  • Abantu Banako Ukuguquka
  • Idinga LikaYehova
  • Kutheni Kukho Ukunganyaniseki Okungaka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Ukulwa Nokunganyaniseki Ngekrele Lomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Urhwaphilizo—Luxhaphake Kangakanani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • UBukumkani—BukaThixo Urhulumente Ongenalurhwaphilizo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
w95 6/1 iphe. 3-5

Idinga Lehlabathi Elingenako Ukunganyaniseki

UKUNGANYANISEKI kuye kwalutyhutyha lonke uluntu. Enoba kuseburhulumenteni, kwinzululwazi, kwezemidlalo, kwezonqulo, okanye kwezoshishino, ukunganyaniseki kubonakala kungalawuleki.

Kumazwe ngamazwe, iindaba ezidimazayo zezigigaba zokunganyaniseki ziye zazezona ziphambili. Abaninzi abaye bazibophelela ngelokuba baya kukhonza izilangazelelo zabantu baye babhencwa njengabakhonza ezabo izilangazelelo ngokwamkela ukunyotywa nezicengo. Oko kubizwa ngokuba lulwaphulo-mthetho olwenziwa ngabasebenzi baseziofisini kuye kwanda kakhulu. Uninzi lwabantu abakwizikhundla eziphakamileyo ebuthweni okanye kwezoqoqosho lubekek’ ityala ngokuvukela imilinganiselo nokwaphula imithetho ephathelele izikhundla olukuzo.

Kukho inkxalabo eyandayo ngoko omnye ulindixesha waseYurophu akuchaza ngokuthi “‘kukunganyaniseki kwabo bakwizikhundla eziphezulu’—uqheliselo apho abasemagunyeni, abaphathiswa yaye, ikakhulu, iinkokeli zelizwe ziye zifune ukunyotywa ngaphambi kokuncomela ukuthengwa kwezinto ezibiza imali eninzi.” Kwelinye ilizwe “iminyaka emibini yophando lwabakwantsasana nokubanjwa kwabantu phantse yonke imihla akukakuthibazi ukunganyaniseki okugqithiseleyo,” litsho njalo iphephancwadi laseBritani iThe Economist.

Ngenxa yokwanda okunjalo kokunganyaniseki, abaninzi namhlanje bavakalelwa kukuba akukho namnye abanokumthemba. Baphinda amazwi ombhali weBhayibhile uDavide xa wathi: “Bonke batyekile, bayimbozisa [“abanyanisekanga,” NW] bephelele; akukho wenza okulungileyo, akukho nokuba abe mnye.”—INdumiso 14:3.

Uhlangabezana njani nokunganyaniseki okwandileyo? Abantu abaninzi namhlanje bakubetha ngoyaba. Kodwa kwanokuba ukubetha ngoyaba ukunganyaniseki, sekunjalo kuya kukwenzakalisa. Njani?

Ukunganyaniseki Kuyakuchaphazela

Ukunganyaniseki okwenziwa kwizinto ezinkulu nezincinane kwandisa iindleko zokuphila, kunciphisa imveliso, yaye kuphumela ekunqabeni kwemisebenzi nakwimivuzo ephantsi. Ngokomzekelo, kuthelekelelwa ukuba ulwaphulo-mthetho olufana nokuqhatha nobumenemene ubuncinane bubangela ilahleko izihlandlo eziphindwe kalishumi kunelahleko yokuqhekeza, ukuphanga nobusela. IThe New Encyclopædia Britannica (yowe-1992) ithi “iindleko zolwaphulo-mthetho olwenziwa kumashishini amakhulu eUnited States ziye zaathelekelelwa kwiidola ezingama-$200 000 000 000 [ama-R526 000 000 000] ngonyaka—izihlandlo eziphindaphindwe kathathu zeendleko zolwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo.” Lo mthombo uchaza ukuba ngoxa imiphumo isenokungabonwa ngokukhawuleza, “ulwaphulo-mthetho olunjalo luluchaphazela kanobom ukhuseleko lwabasebenzi, abathengi, nemekobume.”

Imiphumo ekrakra yokonakala isikhumbuza ngamazwi kaKumkani uSolomon athi: “Ndabuya ke mna, ndakubona konke ukucudisa okwenziwayo phantsi kwelanga. Ndazibona iinyembezi zabacudisiweyo, bengenamthuthuzeli; esandleni sabacudisi babo kuphuma ububhovubhovu, bengenamthuthuzeli bona.”—INtshumayeli 4:1.

Ngoko, ngaba siza kwamkela ukunganyaniseki? Ngaba akunakuthinteleka? Ngaba ihlabathi elingenako ukunganyaniseki alinakubakho? Akunjalo! IBhayibhile isifundisa ukuba ukungabikho kokusesikweni nokuchas’ umthetho kuza kupheliswa kungekudala.

Oko Sikuxelelwa YiBhayibhile

IBhayibhile isixelela ukuba ukunganyaniseki kwaqalisa xa isithunywa sezulu esinamandla savukela uThixo saza saphembelela isibini sokuqala esingabantu ukuba sisithelele. (Genesis 3:1-6) Akukho nto ilungileyo eyaba ngumphumo welo khondo labo lesono. Kunoko, ukususela ngemini uAdam noEva abamona ngayo uYehova uThixo, baqalisa ukubandezelwa yimiphumo emibi yokunganyaniseki. Imizimba yabo yaqalisa ukuwohloka ngokuthe ngcembe, nto leyo eyayibakhokelela ekufeni okungenakuphepheka. (Genesis 3:16-19) Ukususela ngoko, imbali izaliswe yimizekelo yokunyoba, ukuqhatha, nobumenemene. Kanti, inkoliso yabo benza ezi zinto babonakala bengafumani sohlwayo sibafaneleyo.

Ngokungafaniyo nezaphuli-mthetho eziqhelekileyo, abaphathi nabezopolitiko abanganyanisekanga abafane bavalelwe entolongweni okanye benze imbuyiselo ngenzuzo yabo abayifumene ngondlela mnyama. Ngenxa yokuba ukunyoba nezicengo zisenziwa ngokufihlakeleyo, ngokufuthi kuba nzima ukukubhenca ukunganyaniseki okwenziwa ngabo bakwizikhundla eziphezulu. Kodwa oku akuthethi ukuba ihlabathi elingenako ukunganyaniseki alinakubakho.

Uluntu luya kuhlangulwa ekunganyanisekini nguMdali womntu, uYehova uThixo. Kukungenelela kukaThixo kuphela okusisicombululo. Ngoba? Ngenxa yokuba utshaba loluntu olungabonakaliyo, uSathana uMtyholi, luyaqhubeka lululahlekisa uluntu. Njengoko sifunda kweyoku-1 kaYohane 5:19, “ihlabathi liphela lilele kongendawo.” Yintoni enye enokuchaza ukwanda kokunganyaniseki—okuninzi kwako kusenziwa ngaphandle kokufumana isohlwayo?

Akukho migudu yabantu enokoyisa uSathana needemon zakhe. Kukungenelela kukaThixo kuphela okunokuqinisekisa uluntu oluthobelayo ‘ngenkululeko yozuko lwabantwana bakaThixo.’ (Roma 8:21) UYehova uthembisa ukuba kungekudala uSathana uya kukhonkxwa ukuze angabinako ukukhohlisa uluntu kwakhona. (ISityhilelo 20:3) Okwangoku, ukuba sinqwenela ukuphila kwihlabathi elitsha likaThixo elingenako ukunganyaniseki, simele sizichase iindlela zokunganyaniseki zeli hlabathi.

Abantu Banako Ukuguquka

Ngemihla kaYesu Kristu, kwakukho abantu ababelisebenzisa kakubi igunya labo kwaye becinezela abanye abantu. Ngokomzekelo, ababuthi berhafu babedume kakubi ngoqheliselo lwabo lokunganyaniseki. Oku babekwenza phezu kwawo nje umthetho kaThixo ocacileyo othi: “Uze ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi siyabamfamekisa ababonayo, siphenula imicimbi yamalungisa.” (Eksodus 23:8) UZakeyu, intloko yababuthi berhafu, wakuvuma ukuba wayengumphangi ngokudla izinto zabantu ngenkohliso. Kodwa endaweni yokukhuthaza inguquko ebuthweni ngokubanzi, uYesu wayebongoza abantu ngabanye ukuba baguquke baze bashiye iindlela zabo zokunganyaniseki. Ngenxa yoko, ababuthi berhafu ababedume ngokunganyaniseki abafana noMateyu noZakeyu bayiyeka indlela ababephila ngayo ngaphambili.—Mateyu 4:17; 9:9-13; Luka 19:1-10.

Abo babandakanyeke kwimikhwa yokungathembeki namhlanje nabo ngokufanayo banokukuchasa ukunganyaniseki ngokwambatha “umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.” (Efese 4:24) Kusenokungabi lula ukuhlawula iirhafu ngokunyanisekileyo okanye ukuyeka ukubandakanyeka kwizenzo zobuqhinga. Sekunjalo, ukuze uzuze naziphi na iingenelo kufuneka umgudu.

Bengasalawulwa leli hlabathi linganyanisekanga, abo banenkathalo ngempilo-ntle yabanye banandipha uxolo lwangaphakathi. Abaxhalelanga kubanjwa besenza okuphosakeleyo. Kunoko, banandipha ukuba nesazela esilungileyo. Baxelisa umzekelo waseBhayibhileni kaDaniyeli umprofeti. Ingxelo yeBhayibhile ithi abasemagunyeni babesoloko befuna ithuba mayela noDaniyeli. “Ke ababanga nako ukufumana nalinye ithuba, nantlondi imbi, ngenxa enokuba ebethembekile; bekungafumaneki nanye imposiso nantlondi imbi kuye.”—Daniyeli 6:4.

Idinga LikaYehova

UYehova uthembisa ukuba “nakubeni umoni esenza okubi izihlandlo ezilikhulu, ayolule imihla yakhe, noko ndiyazi ukuba kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo, kwaboyikayo ebusweni bakhe; kungalungi kongendawo, angayoluli imihla yakhe, njengethunzi; ekubeni engoyiki ebusweni bukaThixo.”—INtshumayeli 8:12, 13.

Esinjani sona isiqabu xa ukunganyaniseki kuya kube kungasabangeli ukungonwabi! Enjani yona intsikelelo ukuphila ngonaphakade kwihlabathi elingenako ukunganyaniseki! Le asiyonto engenakwenzeka. IBhayibhile ithetha “ngethemba lobomi obungunaphakade, awathi uThixo, ongenakuxoka, wabubeka idinga ngaphambi kwamaxesha angunaphakade.” (Tito 1:2) Ukuba ukuthiyile ukunganyaniseki yaye uthanda ubulungisa, kunokwenzeka ukuba ukubone ukuzaliseka kwedinga likaThixo lehlabathi elingenako ukunganyaniseki.

[Umfanekiso okwiphepha 4]

Ukunganyaniseki kuxhaphakile kwimibandela yaseburhulumenteni neyezoshishino

[Umfanekiso okwiphepha 5]

Ngokufuthi ukunganyaniseki kuyazichaphazela iinkqubano namagosa kawonke-wonke

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share