Ukulwa Nokunganyaniseki Ngekrele Lomoya
“Nambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.”—Efese 4:24.
NGOXA babusenamandla gqitha, uBukhosi baseRoma babulolona lawulo lwabantu lubalaseleyo lwakha lwakho ehlabathini. Umthetho waseRoma wawunempembelelo kangangokuba imithetho yamazwe amaninzi isasekelwe kuwo. Noko ke, nangona iRoma yaphumeza okuninzi, imikhosi yayo ayizange ikwazi ukoyisa utshaba olunye olwalufihlakele: ukunganyaniseki. Ekugqibeleni, ukunganyaniseki kwabangela ukuba iRoma iphanze ngokukhawuleza.
Umpostile uPawulos wabandezeleka ngenxa yamagosa aseRoma awayenganyanisekanga. Kuyabonakala ukuba uFeliks, irhuluneli yaseRoma eyayimncina, waphawula ukuba uPawulos umsulwa. Kodwa uFeliks, enye yezona rhuluneli ezazinganyanisekanga zelo xesha, wakubambezela ukuthethwa kwetyala likaPawulos ngethemba lokuba uPawulos wayeza kumnika imali ukuze amkhulule.—IZenzo 24:22-26.
Endaweni yokuba anyobe uFeliks, uPawulos wathetha naye ngokuphandle “ngobulungisa nokuzeyisa.” UFeliks akazange aziguqule iindlela zakhe, yaye uPawulos waqhubeka ehleli entolongweni kunokuba azame ukuphepha ukuthethwa kwetyala ngokusemthethweni ngesinyobo. Wayeshumayela isigidimi senyaniso nokunyaniseka, yaye wayephila ngokuvisisana noko. “Siyathemba ukuba sinesazela esinyanisekileyo, njengoko sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—Hebhere 13:18.
Ukuma okunjalo kwakwahluke ngokupheleleyo kwindlela ababeziphethe ngayo abantu belo xesha. Umntakwabo Feliks, uPallas, wayengomnye wabantu bamandulo ababezizityebi, yaye ubutyebi bakhe—obabubalwa kwizigidi ezingama-R275—phantse bonke banda ngenxa yokunyotywa norhwaphilizo. Noko ke, obo butyebi bakhe abunto xa buthelekiswa namawaka ezigidi zeerandi afihlwe ngabanye abalawuli benkulungwane yama-20 abanganyanisekanga kwiiakhawunti zabo zebhanki ezaziwa zizo zodwa. Ngokucacileyo, ngabo bazizidenge kuphela abanokukholelwa ukuba oorhulumente banamhlanje baye bakoyisa ukunganyaniseki.
Ekubeni ukunganyaniseki kuye kwayinto eyendeleyo ixesha elide kangaka, ngaba simele sicinge ukuba kuyinto yemvelo? Okanye ngaba ikho into enokwenziwa ukuze kupheliswe ukunganyaniseki?
Kunokupheliswa Njani Ukunganyaniseki?
Inyathelo lokuqala elicacileyo lokuphelisa ukunganyaniseki kukuqonda ukuba ukunganyaniseki kuyonakalisa yaye kuphosakele, kuba ngenxa yako kungenelwa abantu abanganyanisekanga baze abanye balahlekelwe. Ngokungathandabuzekiyo kuye kwenziwa inkqubela ethile ngokuphathelele oko. UJames Foley, ongusekela-sosiba kwilizwe laseMerika wathi: “Sonke siyaqonda ukuba ukunyoba kuziindleko. Izinyobo zidodobalisa urhulumente olungileyo, zitshitshisa impumelelo nenkqubela yezoqoqosho, ziphazamisa ezorhwebo, yaye zidobelela abemi ehlabathini lonke.” Abaninzi bebeya kuvumelana naye. NgoDisemba 17, 1997, amazwe aphambili angama-34 atyobela “isivumelwano sesinyobo” esenzelwe ukuze “sibe negalelo elikhulu ekulweni nokunganyaniseki ehlabathini lonke.” Esi sivumelwano “sithi lulwaphulo-mthetho ukunika, okanye ukuthembisa igosa likarhulumente welinye ilizwe isinyobo ukuze ufumane okanye uqhubeke unesivumelwano sokuqhuba ishishini kwamanye amazwe.”
Noko ke, ukuhlawula isinyobo ukuze uphumelele ekufumaneni isivumelwano sokuqhuba ishishini kwamanye amazwe yinxalenye nje encinane yokunganyaniseki. Ukuphelisa nkalo zonke zokunganyaniseki kufuna kuthatyathwe inyathelo lesibini elinzima kakhulu: ukuguqulwa kwentliziyo, okanye ukuguqulwa kweentliziyo ezininzi. Kuyo yonk’ indawo abantu bamele bafunde ukukuthiya ukunyoba nokunganyaniseki. Kuya kwandula ke kuphele ukuzuza inzuzo ngobuqhophololo. Ukuze kufikelelwe oku, iphephancwadi iNewsweek lathi abanye bavakalelwa kukuba oorhulumente bafanele “bakhuthaze abemi ukuba baziphathe ngesidima.” ITransparency International, iqela elilwa nokunganyaniseki, ngokufanayo ikhuthaza ukuba abaxhasi bayo “batyale ‘imbewu yokunyaniseka’” emsebenzini.
Ukulwa nokunganyaniseki yindlela efanelekileyo yokuziphatha engenakuzuzwa ngokusetyenziswa komthetho kuphela okanye ‘ngekrele’ lokohlwaywa ngokusemthethweni. (Roma 13:4, 5) Imbewu yokuziphatha ngesidima nokunyaniseka imele ityalwe ezintliziyweni zabantu. Oku kunokufikelelwa kakuhle ngokusebenzisa oko umpostile uPawulos wakuchaza ngokuba ‘likrele lomoya,’ iLizwi likaThixo, iBhayibhile.—Efese 6:17.
IBhayibhile Iyakugweba Ukunganyaniseki
Kwakutheni ukuze uPawulos angavumi ukukubetha ngoyaba ukunganyaniseki? Kungenxa yokuba wayefuna ukwenza ukuthanda kukaThixo, “ongakhethi buso nongamkeli sinyobo.” (Duteronomi 10:17) Ngaphezu koko, ngokungathandabuzekiyo uPawulos wayewukhumbula umyalelo ongqalileyo ofumaneka kuMthetho kaMoses othi: “Ungakhethi buso okanye wamkele isinyobo, kuba isinyobo simfamekisa amehlo ezilumko, sigqwethe amazwi amalungisa.” (Duteronomi 16:19) Ngokufanayo uKumkani uDavide wayeqonda ukuba uYehova ukuthiyile ukunganyaniseki, yaye wacela uThixo ukuba angambali phakathi kwaboni, ‘abasandla sabo sokunene sizaliswe kukunyoba.’—INdumiso 26:10.
Abo banqula uThixo ngokunyanisekileyo banezizathu ezingakumbi zokukuchasa ukunganyaniseki. USolomon wabhala wathi: “Ukumkani uyalizinzisa ngokusesikweni ilizwe, kodwa umntu obawela izinyobo uyalichitha.” (IMizekeliso 29:4, New International Version) Okusesikweni—ingakumbi xa kusenziwa ukususela kwelona gosa liphezulu ukuhla—kubangela kubekho ukuzinza, ngoxa ukunganyaniseki kubangela ilizwe lihlwempuzeke. Okubangel’ umdla kukuba, iNewsweek yathi: “Kwinkqubo apho wonk’ ubani afuna ukufumana isabelo kwizinto zokunganyaniseki eyazi nendlela yokusifumana, ezoqoqosho zinokusuka nje ziwohloke.”
Kwanaxa ezoqoqosho zingawohloki ngokupheleleyo, abantu abathanda okusesikweni bayakhathazeka xa ukunganyaniseki kusanda yaye kungathintelwa. (INdumiso 73:3, 13) UMdali wethu, lowo wasinika umnqweno wemvelo wokusesikweni, naye uyoniwa. Ngaphambili, uYehova uye wangenelela ukuze aphelise izenzo ezicacileyo zokunganyaniseki. Ngokomzekelo, wabaxelela ngokuphandle abemi baseYerusalem isizathu esasiza kumenza abayekele kwiintshaba zabo.
Esebenzisa umprofeti wakhe uMika, uThixo wathi: “Khanincede, nive oku, nina zintloko zendlu kaYakobi nani baphathi bendlu kaSirayeli, abo bakucekisayo okusesikweni nabo benza yonk’ into ethe tye ibe gwenxa. Abo baziintloko zayo bagweba nje ngenxa yokunyotywa, nababingeleli bayo bayalela nje ngenxa yexabiso, nabaprofeti bakhe bavumisa nje ngenxa yemali . . . Ngoko ke ngenxa yenu iZiyon iya kulinywa njengentsimi nje, neYerusalem iya kuba yimfumba nje yamanxuwa.” Ukunganyaniseki kwalitshabalalisa ibutho lakwaSirayeli, kanye ngendlela okwayivuthulula ngayo iRoma kwiinkulungwane kamva. Kanye njengoko wayelumkisile uThixo, malunga nenkulungwane emva kokuba uMika ebhale la mazwi, iYerusalem yatshatyalaliswa yaza yashiywa.—Mika 3:9, 11, 12.
Noko ke, akukho mntu okanye sizwe kufuneka singanyaniseki. UThixo ukhuthaza abangendawo ukuba bashiye indlela abaphila ngayo baze baguqule nendlela abacinga ngayo. (Isaya 55:7) Ufuna ukuba ngamnye wethu ayeke ukubawa abe nokungazingci yaye endaweni yokunganyaniseki abe nobulungisa. UYehova uyasikhumbuza esithi: “Oqhatha osweleyo uyamngcikiva uMenzi wakhe, kodwa obabala ihlwempu uyamzukisa.”—IMizekeliso 14:31.
Ukulwa Nokunganyaniseki Ngokuphumelelayo Ngenyaniso YeBhayibhile
Yintoni enokuqhuba umntu enze inguqulelo enjalo? Ngamandla afana nalawo awashukumisela uPawulos ukuba ayeke ukuphila njengomFarisi abe ngumlandeli ophambili kaYesu Kristu. Wabhala wathi: “Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla.” (Hebhere 4:12) Namhlanje, inyaniso yeZibhalo isakhuthaza ukunyaniseka, kwanaphakathi kwabo bebebandakanyeke ngokunzulu kwizenzo zokunganyaniseki. Phawula nanku umzekelo.
Kungekudala emva kokuba egqibe inkonzo yakhe yasemkhosini, uAlexander, waseMpuma Yurophu, wazibandakanya neqela elalisenza urhwebo olungekho mthethweni, liphanga yaye linyoba.a Xa echaza uthi: “Umsebenzi wam yayikukurhwaphiliza imali yokhuseleko koosomashishini abafumileyo. Emva kokuba ndiye ndaqhelana nosomashishini othile, amanye amalungu eqela lam ayeye amsongele esebenzisa ugonyamelo. Ndandisandula ke ndithembise ukuwusingatha lo mbandela—ngexabiso eliphakame kakhulu. Abo ‘ndandibanceda’ babendibulela ngokubanceda bahlangabezane neengxaki zabo, ngoxa eneneni yayindim owayezibangela. Nangona kungavakala kumangalisa, yeyona nto ndandiyithanda ngalo msebenzi.
“Kwakhona ndandinandipha imali nemincili endandiyifumana ngolu hlobo lokuphila. Ndandiqhuba inqwelo-mafutha engayiwayo, ndihlala kwizindlu zodidi, yaye ndandinemali yokuthenga nantoni na endiyifunayo. Abantu babendoyika, nto leyo yayindenza ndizive ndinamandla. Ngandlel’ ithile ndandivakalelwa kukuba kwakungekho bani unokundenza nto yaye nabasemthethweni babengenakundenza nto. Naziphi na iingxaki endandinazo namapolisa zazisonjululwa yingcaphephe yegqwetha, eyayikwazi ukuyiphepha inkqubo yokusesikweni, okanye ngokunyoba umntu ofanelekileyo.
“Noko ke, ukunyaniseka akufane kubekho phakathi kwabo ubomi babo buxhomekeke kwizenzo zokunganyaniseki. Omnye kwiqela lethu waqalisa ukungandithandi, yaye ndazibona sele ndingathandwa mntu. Kungekudala, ndaphulukana nenqwelo-mafutha yam yodidi oluphezulu, imali yam, nentombazana endandithandana nayo eyayithanda izinto ezibiza amaxabiso aphezulu. Ndade ndabethwa kanobom. Le nguqulelo yandenza ndacinga nzulu ngenjongo yobomi.
“Kwiinyanga ezimbalwa ngaphambilana, umama wayebe ngomnye wamaNgqina kaYehova, yaye ndaqalisa ukufunda uncwadi lwawo. Umbhalo okwiMizekeliso 4:14, 15 ngokwenene wandenza ndacingisisa: ‘Musa ukungena emendweni wabangendawo, ungahambi ngqo uye endleleni yababi. Yiphephe, ungadluli ngakuyo; phambuka kuyo, uze udlule.’ Iindinyana ezinjengale zandenza ndeyiseka kwelokuba abo bafuna ukuphila ubomi bokuba zizaphuli-mthetho abanalo ikamva lokwenene. Ndaqalisa ukuthandaza kuYehova ndaza ndamcela ukuba andikhokelele endleleni elungileyo. Ndafundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, yaye ekugqibeleni, ndahlulela ubomi bam kuThixo. Ukususela ngoko ndiye ndaphila ngokunyaniseka.
“Kakade ke, ukuphila ngemilinganiselo yokunyaniseka kuye kwathetha ukwamkela imali encinane kakhulu. Kodwa ngoku ndivakalelwa kukuba ndinalo ikamva, yaye ubomi bam bunentsingiselo ngokwenene. Ndiyaqonda ukuba ubomi bam bangaphambili obabuzaliswe zizihombo ezibiza ixabiso eliphezulu babufana nje nendlu eyakhiwe ngamakhadi eyayinokusuka nje ithi bhuma nanini na. Ngaphambili, ndandingenasazela. Ngoku, ngenxa yokufundisisa iBhayibhile, siye sindikhathaze nanini na ndifumana isihendo sokunganyaniseki—kwanakwizinto ezincinane. Ndizama ukuphila ngokuvisisana neNdumiso 37:3, ethi: ‘Kholosa ngoYehova wenze okulungileyo; hlala emhlabeni, uqhube ngokuthembeka.’”
“Lowo Ukuthiyileyo Ukunyoba Uya Kuphila”
Njengoko uAlexander wakufumanisayo oko, inyaniso yeBhayibhile inokushukumisela umntu ekubeni akoyise ukunganyaniseki. Wenza iinguqulelo ngokuvisisana noko kuthethwa ngumpostile uPawulos kwincwadi yakhe eya kwabase-Efese ethi: “Nibulahle ubuntu obudala obuvisisana nehambo yenu yangaphambili nobonakaliswe yiminqweno yabo ekhohlisayo; kodwa mawahlaziyeke amandla engqondo yenu, nambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka. Ngoko ke, ekubeni nikulahlile ukuxoka, ngamnye kuni makathethe inyaniso nommelwane wakhe, ngenxa yokuba singamalungu omnye elomnye. Lowo ubayo makangabi seba, kunoko makasebenze nzima, esenza umsebenzi olungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nento yokwabela lowo usweleyo.” (Efese 4:22-25, 28) Ikamva loluntu lixhomekeke kwiinguqulelo ezinjalo.
Xa kungalawulwa, ukubawa nokunganyaniseki kunokuwonakalisa umhlaba, kanye njengokuba zaba negalelo ekonakaleni koBukhosi baseRoma. Noko ke, okuvuyisayo kukuba uMdali woluntu akacebi ukuziyeka nje ezo zinto. Uzimisele ‘ukonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’ (ISityhilelo 11:18) Yaye uYehova uthembisa abo balangazelela ihlabathi elinokunyaniseka ukuba kungekudala kuza kubakho “amazulu amatsha nomhlaba omtsha . . . apho kumi ubulungisa.”—2 Petros 3:13.
Liyinyaniso elokuba kusenokungabi lula ukuphila ngemilinganiselo yokunyaniseka namhlanje. Sekunjalo, uYehova uyasiqinisekisa ukuba ekuhambeni kwexesha, “umntu obawayo uyizisela ingxaki intsapho yakhe, kodwa lowo uzithiyileyo izinyobo uya kuphila.”b (IMizekeliso 15:27, NIV) Ngokulahla izenzo zokunganyaniseki ngoku, sibonisa ukuba sinyanisekile xa sithandaza kuThixo sisithi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—Mateyu 6:10.
Ngoxa silinde obo Bukumkani, ngamnye wethu ‘unokuhlwayela imbewu ngobulungisa’ ngokungavumi ukuziqwabazel’ iliso okanye ukuzenza izenzo zokunganyaniseki. (Hoseya 10:12) Ukuba senjenjalo, ubomi bethu buya kungqina ukuba iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo linamandla. Ikrele lomoya linokukoyisa ukunganyaniseki.
[Imibhalo esemazantsi]
a Igama liguquliwe.
b Kakade ke, ukho umahluko phakathi kwesinyobo nesipho. Ngoxa isinyobo sinikwa umntu ukuze kugqwethwe okusesikweni okanye ngenxa yezinye iinjongo zokunganyaniseki, isipho yimbonakaliso yoxabiso ngenkonzo oye wayenzelwa. Oku kuchazwe “kwiMibuzo Evela Kubafundi” kwinkupho yeMboniselo kaOktobha 1, 1986.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ngoncedo lweBhayibhile, sinokuhlakulela “ubuntu obutsha” size sikuphephe ukunganyaniseki