IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 5/1 iphe. 3-4
  • Kutheni Kukho Ukunganyaniseki Okungaka?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Kukho Ukunganyaniseki Okungaka?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ziziphi Izinto Ezibangela Ukunganyaniseki?
  • Ukulwa Nokunganyaniseki Ngekrele Lomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Idinga Lehlabathi Elingenako Ukunganyaniseki
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • UBukumkani—BukaThixo Urhulumente Ongenalurhwaphilizo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Urhwaphilizo—Luxhaphake Kangakanani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 5/1 iphe. 3-4

Kutheni Kukho Ukunganyaniseki Okungaka?

“Uze ungamkeli sinyobo, kuba isinyobo siyabamfamekisa ababona kakuhle yaye sinokuwagqwetha amazwi amalungisa.”—Eksodus 23:8.

KWIMINYAKA engamawaka amathathu anamakhulu amahlanu eyadlulayo, uMthetho kaMoses wawukugatya ukunyoba. Ukutyhubela iinkulungwane ukususela ngoko, imithetho echasene nokunganyaniseki iye yanda. Sekunjalo, umthetho awukhange uphumelele ekupheliseni ukunganyaniseki. Kunikezelwana ngezigidi zezinyobo mihla le, yaye kubandezeleka amawaka ezigidi zabantu ngenxa yoko.

Ukunganyaniseki kuye kwanda yaye kwahambela phambili kangangokude kusingele phantsi kwanesiseko sebutho labantu. Kwamanye amazwe phantse akukho nto yenziwayo ngaphandle kokuba kukhutshwe isinyobo. Xa isinyobo sinikwe umntu ofanelekileyo ubani utsho akwazi ukuphumelela iimviwo, afumane incwadi esemthethweni yokuqhuba, afumane uxwebhu lwasemthethweni, okanye aphumelele kwisimangalo. UArnaud Montebourg oligqwetha laseParis ukhalaza enjenje: “Ukunganyaniseki kufana nongcoliso olutyhafisa abantu luze lubadandathekise.”

Ukunyoba kuxhaphake kakhulu kwezorhwebo. Ezinye iinkampani zisebenzisa isinye esithathwini sayo yonke ingeniso yazo ukuze zinyobe amagosa karhulumente anganyanisekanga. Ngokutsho kwephephancwadi laseBritani iThe Economist, kusetyenziswa i-10 ekhulwini le-153 lezigidi zeerandi minyaka le ukuze kuthengwe izixhobo zamazwe ngamazwe kuze kunyotywe abo banokuba ngabathengi. Njengoko umlinganiselo wokunganyaniseki uya uhambela phambili, imiphumo iye yaba yintlekele yodwa. Ebudeni beminyaka elishumi edluleyo, “ikhethe lokubekana kwabahlobo ezikhundleni”—izenzo zokunganyaniseki ezenziwa kwezoshishino apho kungenelwa abambalwa abaziwayo—kuthiwa ziye zonakalisa uqoqosho lwawo onke amazwe.

Ngokuqinisekileyo, abona bantu bacinezeleka kakhulu ngenxa yokunganyaniseki nokutshatyalaliswa kwezoqoqosho okubangelwa kukunganyaniseki ngamahlwempu—abo bangenakufane bakwazi ukunyoba nabani na. Njengoko iThe Economist ikubeka ngokungqalileyo, “ukunganyaniseki lolunye nje uhlobo lwengcinezelo.” Ngaba olu hlobo lwengcinezelo lunokoyiswa, okanye ngaba ukunganyaniseki akunakuphepheka? Ukuze siphendule lo mbuzo, kuqala masifumane ezinye izinto eziphambili ezibangela ukunganyaniseki.

Ziziphi Izinto Ezibangela Ukunganyaniseki?

Kutheni abantu bekhetha ukunganyaniseki kunokuba banyaniseke? Kwabanye, ukunganyaniseki kusenokuba yeyona ndlela ilula—okanye eneneni ekuphela kwendlela—yokufumana oko bakufunayo. Maxa wambi, isinyobo sisenokuba yindlela elula yokuphepha isohlwayo. Abaninzi, ngenxa yokuphawula ukuba abezobupolitika, amapolisa nabagwebi babonakala bekubetha ngoyaba ukunganyaniseki okanye bona ngokwabo bekuqhelisela basuka nje balandele ekhondweni.

Njengoko ukunganyaniseki kunwenwa okomlilo wedobo, kuya kusamkeleka ngakumbi kuze kugqibele ngokuba yinto eqhelekileyo. Abantu abafumana imivuzo ephantsi gqitha bagqibela ngokuvakalelwa kukuba banyanzelekile. Kufuneka bafune izinyobo ngenkani ukuba bafuna ukuphila okusemgangathweni. Yaye xa abo bafuna izinyobo okanye abo banyobayo ukuze bafumane ilungelo elithile bengohlwaywa, abaninzi bafuna ukuhambisana nolo tyekelo. “Ngenxa yokuba isigwebo nxamnye nomsebenzi ombi singaphunyezwa ngokukhawuleza, ngoko intliziyo yoonyana babantu izele ngaphakathi kwabo kukwenza okubi,” watsho uKumkani uSolomon.—INtshumayeli 8:11.

Zimbini iintshukumisa ezinamandla eziqhubeka ziphembelela ukunganyaniseki: kukuzingca nokubawa. Ngenxa yokuzingca, abantu abanganyanisekanga bakubetha ngoyaba ukubandezeleka kwabanye abantu okubangelwa zizenzo zabo zokunganyaniseki, yaye bayakuthethelela ukunyoba ngenxa nje yokuba befumana iingenelo kuko. Okukhona zisiba ninzi iingenelo zezinto eziphathekayo abaziqokelelela zona, kokukhona besiya bebawa ngakumbi abo benza izenzo zokunganyaniseki. USolomon wathi: “Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere, nabani na othanda indyebo akaneliswa yingeniso.” (INtshumayeli 5:10) Kuyavunywa ukuba, ukubawa kunokuba luncedo ekwenzeni imali, kodwa ngamaxesha onke kuyahambisana nokunganyaniseki nokwenziwa kwezinto ngokungekho mthethweni.

Enye inkalo engamele ilityalwe yindima edlalwa ngumlawuli ongabonakaliyo weli hlabathi, lowo iBhayibhile ithi nguSathana uMtyholi. (1 Yohane 5:19; ISityhilelo 12:9) USathana wenza konke okusemandleni ukuze akhuthaze ukunganyaniseki. Esona sinyobo sikhulu kwezakha zakho seso uSathana wayefuna ukusinika uKristu. ‘Ndokunika zonke izikumkani zehlabathi nozuko lwazo, ukuba uthe wawa phantsi wanqula kum.’—Mateyu 4:8, 9.

Noko ke, uYesu wayenyanisekile, yaye wafundisa abalandeli bakhe ukuba baziphathe ngendlela efanayo. Ngaba iimfundiso zikaKristu zinokuba sisixhobo esiphumelelayo sokulwa nokunganyaniseki namhlanje? Inqaku elilandelayo liza kuhlalutya lo mbuzo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share