Ukususa Kubudlelane—Ngaba Kulilungiselelo Lothando?
“INGCWELE, ingcwele, ingcwele iNkosi uThixo uSomandla.” (ISityhilelo 4:8) Ngokuvisisana naloo nkcazelo, uYehova unguMthombo wemilinganiselo engcwele. Le milinganiselo ibhalwe ‘kwizibhalo ezingcwele,’ yaye amaKristu anyanzelekile ukuba ayilandele le migaqo. Eneneni, amele aphephe nayiphi na into engacocekanga emehlweni kaYehova.—2 Timoti 3:15; Isaya 52:11.
IBhayibhile iyalela ngokucacileyo isithi: “Ngokwalowo ungcwele wanibizayo, nibe ngcwele nani ngokwenu kuyo yonke ihambo. Ngenxa enokuba kubhaliwe kwathiwa, Yibani ngcwele, ngokuba ndingcwele mna.” (1 Petros 1:15, 16) Ukususela ekusekweni kwebandla lamaKristu kwiinkulungwane ezili-19 ezadlulayo, amaKristu okwenyaniso aye alwa idabi elinzima ukuze alikhusele ekungcoleni kokomoya nokokuziphatha.—Yuda 3.
Isizathu Sokuba Kufuneka Likhuselwe
Bonke abakhonzi bakaThixo bajamelene nocelomngeni lokuzigcina becocekile ngokokuziphatha nangokomoya. Ngenxa yoko, bamele balwe nxamnye neentshaba ezintathu ezinamandla gqitha—uSathana, ihlabathi lakhe, notyekelo lwethu lwenyama enesono. (Roma 5:12; 2 Korinte 2:11; 1 Yohane 5:19) Ihlabathi likaSathana liya kukuhendela ekubeni uziphathe kakubi, liya kukuhendela ekubeni wenze izinto ngeendlela zalo, yaye liya kukunika ubutyebi bezinto eziphathekayo, udumo, isikhundla, ukubaluleka negunya. Kodwa abo bazimisele ukuqhubeka nonqulo lokwenyaniso bekuxhathisa oko kunikelwa nguSathana baze bahlale ‘bengenabala kulo ihlabathi.’ Ngoba? Ngenxa yokuba bafuna ukuhlala bephantsi kwenyameko ekhuselayo nenothando yentlangano kaYehova ecocekileyo.—Yakobi 1:27; 1 Yohane 2:15-17.
UYehova ulungiselele uncedo kulo naliphi na ilungu lebandla lamaKristu eliba lixhoba lokuhendwa nguSathana ngenxa yobuthathaka bobuntu. Kumiselwe abadala abafanelekayo ngokomoya ukuze bakhusele ibandla baze ngothando bancede abanxaxhayo baguquke kwizono zabo baze benze uhlengahlengiso oluyimfuneko ukuze babuyele kwisimo sabo sokuqala. Nawuphi na umKristu obandakanyeka ekwenzeni okubi ufanele ancedwe ngomonde ukuze aguquke aze ashiye iindlela zakhe.—Galati 6:1, 2; Yakobi 5:13-16.
Indlela Ukususa Kubudlelane Okukukubonakalisa Ngayo Uthando
Abakhonzi bakaYehova ababhaptiziweyo abalandela ikhondo elingendawo ngabom baze bangatshintshi bamele bajongwe njengabangaguqukiyo yaye ngaloo ndlela ababufanelekeli ubudlelane bamaKristu. (Thelekisa eyoku-1 kaYohane 2:19.) Abantu abanjalo abanakuvunyelwa ukuba bahlale kwibandla elicocekileyo lamaKristu baze ngaloo ndlela balidyobhe. Bamele bagxothwe.
Ukufaneleka kokugxothwa kwabo baqhelisela izenzo ezingendawo kunokuzekeliswa ngale meko ilandelayo: Ngenxa yokwanda kokuhlaselwa nezenzo zobundlobongela kwabanye abafundi, zimbi izikolo ziye zasebenzisa inkqubo yokuba “umfundi oye wasebenzisa okanye wasongela ngokusebenzisa isixhobo ugxothelwa ukuba angaphindi aye esikolweni ubomi bakhe bonke,” inikela loo ngxelo iThe Globe and Mail, iphephandaba laseToronto, eKhanada. Lowo ugxothwa ukuze kukhuselwe abafundi abafuna ukungenelwa kucwangciso lwemfundo ngaphandle kokuchanabeka kwizenzo zobundlobongela.
Kutheni ikukubonakalisa uthando ukugxotha umenzi wobubi ongaguqukiyo ebandleni? Ukwenjenjalo kukubonakalisa uthando ngoYehova nangeendlela zakhe. (INdumiso 97:10) Esi senzo sibonakalisa uthando kwabo baqhubeka nekhondo lobulungisa kuba sishenxisa ubani obenokuba nempembelelo embi phakathi kwabo. Kwakhona sikhusela ubunyulu bebandla. (1 Korinte 5:1-13) Ukuba ukuziphatha okubi gqitha okanye ukungacoceki ngokomoya bekuvunyelwa ukuba kuqhubeke ebandleni, beliya kudyobheka lize lingakufanelekeli ukunikela inkonzo engcwele kuYehova, ongcwele. Ukongezelela, ukugxothwa komenzi wobubi kusenokumnceda abone ubunzulu bekhondo lakhe elitenxileyo, aguquke, yaye enze utshintsho oluyimfuneko aze ngaloo ndlela amkelwe kwakhona ebandleni.
Indlela Okubachaphazela Ngayo Abanye
Xa ilungu lebandla lisenza isono esinzulu, esinjengokukrexeza, aliyivuyisi intliziyo kaYehova. (IMizekeliso 27:11) Nawuphi na umKristu obandakanyeka ekuziphatheni okubi ngokwesini ngokuqinisekileyo akacingi ngendlela uYosefu awacinga ngayo xa umfazi kaPotifare wazama ukumenza abe neentlobano zesini kunye naye. Intsabelo kaYosefu yaba kukuthi: “Ndingathini na ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo?” (Genesis 39:6-12) UYosefu wayihlonela imilinganiselo kaYehova engcwele waza wayibaleka loo meko. Kwelinye icala, umntu okrexezayo ubonakala eswele uthando olwaneleyo ngoThixo ukuze akuphephe ukwanelisa inkanuko yakhe yenyama.—Galati 5:19-21.
Umntu obhaptiziweyo owaphula imithetho kaThixo akabonakalisi nkxalabo ngomonakalo nentlungu aya kuzifaka kuyo izalamane zakhe ezikholwayo. Ukwenzakala ngokweemvakalelo akunyamezeleki kwabanye. Emva kokufumanisa ukuba unyana walo wayeziphethe kakubi, elinye ibhinqa elingumKristu libuhlungu lathi: “Bambalwa gqitha, ukuba bakho, abazalwana noodade ababonakala beyiqonda indlela esibuhlungu nesikhathazeke gqitha ngayo. . . . Iintliziyo zethu zibuhlungu ngeyona ndlela.” Udumo oluhle lwentsapho iphela lusenokuthandatyuzwa. Amalungu athembekileyo asenokudandatheka aze azive enetyala. Ngaloo ndlela ikhondo elingendawo lomenzi wobubi libangela intliziyo ebuhlungu entsatsheni.
Uncedo Lothando Kumalungu Entsapho
Amalungu angamaKristu athembekileyo eentsapho zabo bagxothiweyo kufuneka akhumbule ukuba ukususa kubudlelane kukubonakalisa uthando yaye kuyakhusela. Kwenziwa wonke umgudu onokwenziwa ukunceda loo menzi wobubi. Kodwa ukuba uzingqina engamthobeli uThixo yaye enguntamo-lukhuni ongaguqukiyo, ibandla kufuneka likhuselwe yaye alinayo enye indlela ngaphandle kokwenza njengoko iLizwi likaThixo lisalathisa: “Ize nimnyothule kuni nina lowo ungendawo.” (1 Korinte 5:13) Kunjengoko elinye iNgqina lathi, “ukususa kubudlelane ngumcimbi wokunyaniseka kuYehova.”
Xa ilungu lentsapho lisuswa kubudlelane, izalamane ezingamaKristu ziba buhlungu. Ngoko ke abadala abamiselweyo bafanele benze konke okusemandleni ukuze babahlaziye ngokomoya. (1 Tesalonika 5:14) Abadala banokubathandazela yaye bathandaze kunye nabo. Ngokufuthi kuyinto enokwenzeka ukutyelela la maKristu athembekileyo ukuze baxubushe iingongoma ezakhayo ezingokweZibhalo. Abalusi bomhlambi bafanele basebenzise onke amathuba ukuze bomeleze aba bathandekayo ngokomoya ngaphambi nangasemva kweentlanganiso zamaKristu. Ukhuthazo olongezelelekileyo lunokunikelwa ngokuhamba nabo kubulungiseleli basentsimini. (Roma 1:11, 12) Abalusi bokomoya kufuneka babonise aba bakhonzi bakaYehova abathembekileyo uthando nengqalelo ebafaneleyo.—1 Tesalonika 2:7, 8.
Ikhondo likabani lesono alisosizathu sakutyeshela nabani na okwintsapho yakhe ohlala ethembekile kuYehova. UKumkani ongendawo wakwaSirayeli uSawule wayechasiwe nguThixo, kodwa uDavide akazange akuvumele oku ukuba kuchaphazele ukumthanda kwakhe unyana kaSawule uYonatan. Enyanisweni, ubuhlobo obabuphakathi koDavide noYonatan bomelela gqitha. (1 Samuweli 15:22, 23; 18:1-3; 20:41) Ngoko bonke ebandleni bafanele bawaxhase yaye babonakalise uthando kumaKristu anezalamane ezonileyo kuYehova.
Hayi indlela ebekuya kuba kukungabonakalisi luthando ngayo ukubatyeshela okanye ukungabi nabubele kwabathembekileyo abanjalo! Amalungu entsapho anyanisekileyo akufuna ngokukhethekileyo ukukhuthazwa. Asenokuziva engamalolo yaye ayifumanise inzima gqitha imeko yawo. Mhlawumbi unokwabelana nawo ngezinto zokomoya okanye amava akhayo ngomnxeba. Ukuba loo mntu ugxothiweyo uphendula umnxeba, kuphela nje cela ukuthetha nesalamane esingumKristu. Amalungu athembekileyo akumakhaya anjalo usenokuwamemela kwimbutho yokuzonwabisa okanye kwisidlo ekhayeni lakho. Ukuba udibana nabo ngoxa uye kuthenga, eso sihlandlo unokusisebenzisela unxulumano olwakhayo. Khumbula ukuba amaKristu athembekileyo anezalamane ezisusiweyo kubudlelane aseyinxalenye yentlangano kaYehova ecocekileyo. Kulula ukuba abe ngamalolo yaye atyhafe. Ngoko ke, kuxhalabele ukubonisa ububele nothando kubo. Qhubeka usenza okulungileyo ‘kubo bonke abendlu yokholo.’—Galati 6:10.
Lixabise Ilungiselelo LikaYehova
Hayi indlela esinokuba nombulelo ngayo ngenxa yokuba uYehova uThixo ebonakalisa inkxalabo enobubele kumntu ngamnye kwintsapho yabanquli bakhe ehlabathini jikelele. Ngentlangano yakhe uye ngothando wenza ilungiselelo lokusinceda sihambe phambi kwakhe kwindlela yobulungisa. Kwanokuba ilungu lentsapho liqhelisela isono ngabom yaye limele ligxothwe ebandleni, linako ukubuya ukuba ngenene liyaguquka. Oku kukhanyiswa ngulo mzekelo ulandelayo:
Abadala babezamile ukumnceda umntu esiza kumbiza ngokuthi nguAnna, kodwa waqalisa ukutshaya, ukusela, nokusebenzisa iziyobisi. Wayengaguquki yaye akazange ahlale ebandleni. Noko ke, kungekudala, uAnna waqalisa ukukhumbula ubudlelane bothando bebandla likaYehova elicocekileyo waza wathandaza kuye ukuba amncede. Uyavuma ukuba wayengekayiqondi ngokupheleleyo indlela abadala ababebanyamekela ngayo abo baphambukayo. UAnna waqalisa ukuya ezintlanganisweni kwakhona, yaye oku kwamkhokelela ekubeni aguquke. Emva koko, wamkelwa kwakhona kwibandla elinothando nelikhuselekileyo. Kwakhona, uAnna uphila ngemilinganiselo ephakamileyo kaYehova yokuziphatha. Unombulelo ngothando olubonakaliswe ngabadala yaye ugqabaza esithi: “Akuyazi indlela iimpapasho zamaKristu ezibe luncedo ngayo kum. Ngokuqinisekileyo uYehova uzinyamekela ngendlela efanelekileyo iimfuno zethu.”
Ewe, uThixo ulenzile ilungiselelo lokubuya kwabo bagxothiweyo ebandleni kodwa kamva baguquka. Sibonile ukuba ukususa kubudlelane ngokwako kulilungiselelo lothando. Kodwa hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukuwaphepha la mava abuhlungu ngokunamathela kwiindlela zobulungisa zoThixo wethu ongcwele! Kwanga singasoloko sinombulelo ngelungelo lokudumisa uYehova njengenxalenye yentlangano yakhe ecocekileyo, enothando, nekhuselayo.
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ngaba ubonakalisa uthando kwizalamane ezithembekileyo zabo bagxothiweyo ebandleni?