IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w95 11/1 iphe. 29
  • Ibhokisi Yokutya Inikela Ubungqina

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ibhokisi Yokutya Inikela Ubungqina
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Amaxesha Esidlo Anokuyomeleza Imilinganiselo Yentsapho Yakho?
    Vukani!—2010
  • Iibhokisi Zokufundisa
    Ekugqibeleni—UYehova Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo
  • Ukukhula Kunye Eluthandweni
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Ukunikela Uncedo Kwizakhiwo Eziwileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
w95 11/1 iphe. 29

Ibhokisi Yokutya Inikela Ubungqina

KWIINTSUKU ezazisemva kwenyikima eKobe, eJapan, kuJanuwari odluleyo, abantu abakwiindawo ezazichaphazelekile baba nengxaki yokufumana ukutya. Sekunjalo, amaNgqina kaYehova akazange aswele sixhaso, ngenxa yoncedo lobubele lwabazalwana bawo. Kwiintsuku zokuqala ezimbini okanye ezintathu emva kwenyikima, amabandla angabamelwane anikela ngeerice ball. Kungekudala, abazalwana abanenyameko babenikela ngeebhokisi zokutya. Kwezo bhokisi zokutya, abaninzi babenamathisela iileta ezivakalisa inkxalabo ngabo bachaphazelekileyo. Abo bafumana oko kutya bathi sidlo ngasinye “sasiba netyuwa” njengoko babengakwazi ukuzibamba iinyembezi xa befunda ezo leta.

AmaNgqina kaYehova abelana nabanye ababeswele ngokutya kwawo. Elinye iNgqina lalisitya isidlo salo ngoxa lalihamba ngenqwelo-mafutha nomntu ongeloNgqina osebenza kwinkampani enye nalo. Ngoko labelana naye ngenye ibhokisi yokutya elaliyifumene.

Lo mntu wabuza: “Uyithenge phi le bhokisi yokutya?” Umzalwana wachaza ngomsebenzi wokunceda wamaNgqina. “Andikhange ndiyitye imifuno kangangeentsuku. Ndiza kugcina eminye ndiye nayo entsatsheni yam,” yatsho le ndoda ngoxabiso.

Ngesihlandlo sesithathu kusenzeka oku, lo mntu wanika eli Ngqina iiyen ezingama-3 000 (R125) waza wathi: “Ndiqhelene nomsebenzi wenu, ngoko ndincede undivumele ndenze umnikelo emsebenzini wenu. Ndiyakuxabisa ukuba wabelane nam ngesidlo sakho. Ngokwenene, abazalwana bakho bonke bangabantu abalungileyo.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share