Ibhokisi Yokutya Inikela Ubungqina
KWIINTSUKU ezazisemva kwenyikima eKobe, eJapan, kuJanuwari odluleyo, abantu abakwiindawo ezazichaphazelekile baba nengxaki yokufumana ukutya. Sekunjalo, amaNgqina kaYehova akazange aswele sixhaso, ngenxa yoncedo lobubele lwabazalwana bawo. Kwiintsuku zokuqala ezimbini okanye ezintathu emva kwenyikima, amabandla angabamelwane anikela ngeerice ball. Kungekudala, abazalwana abanenyameko babenikela ngeebhokisi zokutya. Kwezo bhokisi zokutya, abaninzi babenamathisela iileta ezivakalisa inkxalabo ngabo bachaphazelekileyo. Abo bafumana oko kutya bathi sidlo ngasinye “sasiba netyuwa” njengoko babengakwazi ukuzibamba iinyembezi xa befunda ezo leta.
AmaNgqina kaYehova abelana nabanye ababeswele ngokutya kwawo. Elinye iNgqina lalisitya isidlo salo ngoxa lalihamba ngenqwelo-mafutha nomntu ongeloNgqina osebenza kwinkampani enye nalo. Ngoko labelana naye ngenye ibhokisi yokutya elaliyifumene.
Lo mntu wabuza: “Uyithenge phi le bhokisi yokutya?” Umzalwana wachaza ngomsebenzi wokunceda wamaNgqina. “Andikhange ndiyitye imifuno kangangeentsuku. Ndiza kugcina eminye ndiye nayo entsatsheni yam,” yatsho le ndoda ngoxabiso.
Ngesihlandlo sesithathu kusenzeka oku, lo mntu wanika eli Ngqina iiyen ezingama-3 000 (R125) waza wathi: “Ndiqhelene nomsebenzi wenu, ngoko ndincede undivumele ndenze umnikelo emsebenzini wenu. Ndiyakuxabisa ukuba wabelane nam ngesidlo sakho. Ngokwenene, abazalwana bakho bonke bangabantu abalungileyo.”