Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
“Laye Liya Likhula Ilizwi LikaThixo”
IBANDLA lamaKristu lakhula ukusuka kumalungu ali-120 ukusa kwangama-3 000 kamsinya nje emva kokuba lisekiwe. (IZenzo 1:15; 2:41) IBhayibhile ichaza ukuba “laye liya likhula ilizwi likaThixo, liya lisanda kakhulu inani labafundi eYerusalem.” (IZenzo 6:7) Emva nje kweminyaka embalwa, ibandla elalisandul’ ukusekwa laba yintlangano yamazwekazi enamaKristu eAfrika, eAsia naseYurophu.
Ngokunjalo nanamhlanje ibandla lamaKristu likhula ngokukhawuleza. Ngokomzekelo, eMexico, kwiminyaka nje emihlanu inani labavakalisi boBukumkani liye lakhula ngabangaphezu kwe-130 000 ukusa kuma-443 640! Ngowe-1995 umntu om-1 kwabangama-59 eMexico wayekho kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu esenziwa ngamaNgqina kaYehova. Sekunjalo, ukuvuna kokomoya akugqitywanga kwelo lizwe, njengoko kuboniswa ngala mava alandelayo.—Mateyu 9:37, 38.
Kwenye idolophu ekwilizwe laseChiapas, kwakungekho namnye owamkela isifundo seBhayibhile sekhaya namaNgqina kaYehova, kwanasemva kokuba eshumayele iindaba ezilungileyo kangangeminyaka engama-20 kuloo mmandla. Kubonakala ukuba uninzi lwabantu baloo dolophu babephazanyiswa yindoda ethile eyayidume ngokuba nogonyamelo. Babesoyika indlela eyayiza kusabela ngayo yakufumanisa ukuba babefundisisa iBhayibhile namaNgqina.
AmaNgqina amabini akhaliphileyo awafudukela kuloo mmandla agqiba kwelokuba le ngxaki ayicombulule ngokungqala kule ndoda kuthethwa ngayo. Xa afika kwikhaya layo, afumana umfazi wayo waza wasiphulaphula ngenyameko isigidimi sawo. Wayenomdla okhethekileyo koko iBhayibhile ikutshoyo ngokuphila kwiparadisi esemhlabeni. Kodwa wavuma ukuba umyeni wakhe wayenokumfaka engxakini gqitha ukuba wayenokufundisisa iBhayibhile. La maNgqina amcacisela ukuba ngaphandle kokuba ahlolisise ngenyameko oko iBhayibhile ikutshoyo, wayengenakuze afunde indlela yokukhonza uThixo aze anandiphe ubomi emhlabeni ngonaphakade. Wasamkela isifundo seBhayibhile.
Njengoko kwakulindelekile, umyeni wakhe akazange asithande isigqibo sakhe. Wamalela ukuba asebenzise inqwelo-mafutha yakhe xa esiya ezintlanganisweni zamaKristu, nangona wayemvumela ukuba ayisebenzisele ezinye iinjongo. Phezu kwayo nje inkcaso yakhe, rhoqo wayehamba ngeenyawo ukuya kweyona Holo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova ikufutshane, eyayikumgama oziikhilomitha ezilishumi. Kungekudala abanye abantu baloo dolophu bakuphawula ukukhalipha nokuzimisela kwakhe. Abantu baqalisa ukuphulaphula xa amaNgqina etyelela amakhaya abo. Bambi bade baqalisa ukupheleka eli bhinqa ukuya ezintlanganisweni. Emva kwexeshana elingephi, amaNgqina ayeqhuba izifundo zeBhayibhile ezimalunga nama-20 kulo dolophu!
Umhlobo weli bhinqa naye wagqiba kwelokuba afundisise iBhayibhile phezu kwako nje ukuchaswa ngumyeni wakhe. Okumangalisayo kukuba wayekhuthazwa ngumyeni webhinqa lokuqala ukuba enjenjalo. Emva kokuba ethethe nomyeni wakhe, inkcaso yaphela. Ngoko kwakusemva kweminyaka engama-20 eyathi ekugqibeleni imbewu yenyaniso yeBhayibhile yantshula, kukho abantu abangaphezu kwe-15 abafundisisa iBhayibhile nabaya kwiintlanganiso zamaKristu, kuquka la mabhinqa mabini, ngoku avakalisa iindaba ezilungileyo.