IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w96 2/1 iphe. 4-8
  • Simele Senze Ntoni Ukuze Sisindiswe?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Simele Senze Ntoni Ukuze Sisindiswe?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukulandela UYesu
  • Ukholo Lushukumisela Kwisenzo
  • Izigidimi ZikaYesu
  • Inzondelelo YamaKristu
  • ‘ILizwi LikaThixo Liphilile’
  • Oko Simele Sikwenze Ukuze Sisindiswe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • UYesu Uyasindisa—Njani?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ngaba IBhayibhile Ifundisa Ukuba Umntu Xa Esindisiwe, Uhlala Esindisiwe?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ngaba Uyakuxabisa Oko UThixo Akwenzileyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
w96 2/1 iphe. 4-8

Simele Senze Ntoni Ukuze Sisindiswe?

INDODA ethile yabuza uYesu yathi: “Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?” Waphendula wathini uYesu? Ngaba wathi: ‘Ndamkele nje wena njengeNkosi noMsindisi wakho, ibe uya kusindiswa’? Akunjalo! UYesu wathi: “Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe.”—Luka 13:23, 24.

Ngaba uYesu wasilela ukuphendula umbuzo wale ndoda? Akunjalo, le ndoda ayizange ibuze ukuba kwakunzima kangakanani na ukusindiswa; yabuza enoba inani labo laliya kuba mbalwa kusini na. Ngoko uYesu wabonisa nje ukuba ngabantu abambalwa gqitha kunabo ubani anokubacingela abaya kuzama ukufumana le ntsikelelo ingummangaliso.

Bambi abafundi basenokuphikisa besithi, ‘Andizange ndixelelwe loo nto mna.’ Basenokucaphula uYohane 3:16, othi: “Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.” Noko ke, siphendula ngokuthi: ‘Ngoko, yintoni esimele sikholelwe kuyo? Ngaba kukuba uYesu ngokwenene waphila? Kunjalo kanye. Ngaba sifanele sikholelwe ukuba unguNyana kaThixo? Ngaphandle kwamathandabuzo! Yaye ekubeni iBhayibhile ibiza uYesu ngokuthi “Mfundisi” nangokuthi “Nkosi,” ngaba nathi asifanele sikukholelwe oko wayekufundisa, simthobele size simlandele?’—Yohane 13:13; Mateyu 16:16.

Ukulandela UYesu

Heke, lanqum’ inqatha! Abantu abaninzi abaye baxelelwa ukuba ‘basindisiwe’ babonakala bengazimisele kangako ukulandela okanye ukuthobela uYesu. Enyanisweni, umfundisi ongumProtestanti wabhala: “Kakade ke, sifanele siqhubeke sinokholo kuKristu. Kodwa into yokuba nakanjani na simele sibe nalo, okanye luyimfuneko, ayixhaswa tu kwaphela yiBhayibhile.”

Ngokwahlukileyo koko, iBhayibhile idwelisa izenzo zokuziphatha okubi eziqhelekileyo kwabanye abantu abacinga ukuba ‘basindisiwe.’ Ngokuphathelele ubani owayeqhubeka esenza ezo zinto, yayalela amaKristu isithi: “Nimnyothule kuni nina lowo ungendawo.” Ngokuqinisekileyo uThixo ebengayi kufuna ukuba abantu abangendawo badyobhe ibandla lakhe lamaKristu!—1 Korinte 5:11-13.

Ngoko ke, kuthetha ukuthini ukulandela uYesu, yaye sinokukwenza njani oko? UYesu wayesenza ntoni? Ngaba wayeziphethe kakubi? ehenyuza? elinxila? elixoki? Ngaba wayenganyanisekanga kwezoshishino? Ngokuqinisekileyo akunjalo! Usenokubuza: ‘Kodwa, ngaba ndifanele ndingazenzi zonke ezo zinto ebomini bam?’ Ukuze ufumane impendulo, qwalasela eyabase-Efese 4:17 ukusa kwesesi-5:5. Ayithi uThixo uza kusamkela enoba yintoni na esiyenzayo. Kunoko, isixelela ukuba sahluke kubantu beentlanga zehlabathi abaye “bazinikela eburheletyweni, . . . Ke nina animfundanga ngokunjalo uKristu . . . Ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala . . . Lowo ubayo makangabi seba . . . Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele . . . Kuba oku nikwazi, ukuba wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo.”

Ngaba silandela uYesu ukuba asizami nakancinane ukuphila ngokuvisisana nomzekelo wakhe? Ngaba asifanele sisebenzele ekubeni ubomi bethu bufane ngakumbi nobukaKristu? Kunqabile, ukuba kuyenzeka kwaukwenzeka, ukuba loo mbuzo ubalulekileyo uqwalaselwe ngabantu abathi, njengoko elinye iphecana lonqulo lisitsho: “Yizani kuKristu ngoku—nizezo zinto nizizo.”

Omnye wabafundi bakaYesu walumkisa esithi amadoda angahloneli Thixo ‘ayelujikela eburheletyweni ubabalo lukaThixo wethu, emkhanyela okuphela koMnini-nto-zonke, uThixo wethu, iNkosi yethu uYesu Kristu.’ (Yuda 4) Eneneni, sisenokuyijikela ‘eburheletyweni’ njani inceba kaThixo? Sinokukwenza oko ngokucinga ukuba idini likaKristu ligubungela izono zangabom esizimisele ukuqhubeka sizenza kunezono zokungafezeki esizama ukuziyeka. Ngokuqinisekileyo asifuni kuvumelana nomvangeli odumileyo waseMerika, owathi akuyomfuneko ukuba “ucoce ubomi bakho, uyeke imikhwa emibi, okanye uguquke.”—Thelekisa IZenzo 17:30; Roma 3:25; Yakobi 5:19, 20.

Ukholo Lushukumisela Kwisenzo

Abantu abaninzi baye baxelelwa ukuba “ukukholelwa kuYesu” sisenzo esinye yaye akuyomfuneko ukuba ukholo lwethu lomelele ngokwaneleyo ukuze lusishukumisele ekuthobeleni. Kodwa iBhayibhile ayikuvumi oko. UYesu akazange athi abantu abaqalisa ikhondo lobuKristu basindisiwe. Kunoko, wathi: “Onyamezele kwada kwaba sekupheleni, uya kusindiswa yena.” (Mateyu 10:22) IBhayibhile ifanisa ikhondo lethu lobuKristu nogqatso, elimvuzo walo ulusindiso ekupheleni kwalo. Yaye iyabongoza isithi: “Balekani ngokunjalo ke, ukuze nizuze.”—1 Korinte 9:24.

Ngaloo ndlela, “ukwamkela uKristu” kubandakanya okungaphezulu lee kunokusuka wamkele iintsikelelo eziziswa lidini likaYesu elingaphezulu kuwo onke. Ukuthobela kuyafuneka. Umpostile uPetros uthi ugwebo luqala “ngendlu kaThixo,” aze ongezelele esithi: “Ukuba ke luqala ngathi, koba yintoni na ukuphela kwabo bangazivayo [bangazithobeliyo, NW] iindaba ezilungileyo zikaThixo?” (1 Petros 4:17, akekeliswe sithi.) Ngoko sifanele senze okungakumbi kunokuphulaphula nje size sikholelwe. IBhayibhile ithi sifanele sibe ‘ngabenzi belizwi, singabi ngabaphulaphuli kodwa, sizidephisela.’—Yakobi 1:22.

Izigidimi ZikaYesu

Incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo iqulethe izigidimi zikaYesu, ezadluliselwa ngoYohane zisiya kumabandla amaKristu okuqala asixhenxe. (ISityhilelo 1:1, 4) Ngaba uYesu wathi ekubeni abantu ababekula mabandla babesele ‘bemamkele,’ kwakwanele oko? Nakanye. Wayincoma imisebenzi yabo, ukubulaleka kwabo nokunyamezela kwabo waza wathetha ngothando, ukholo nobulungiseleli babo. Kodwa wathi uMtyholi wayeza kubavavanya kwaye babeza kubuyekezwa ‘elowo ngokwemisebenzi yakhe.’—ISityhilelo 2:2, 10, 19, 23.

Ngaloo ndlela uYesu wayechaza imbopheleleko enkulu lee kunaleyo inkoliso yabantu eye yayiqonda xa yayixelelwa ukuba usindiso lwayo ‘lwalungumsebenzi ogqityiweyo’ kamsinya nje emva kokuba ‘imamkele’ enkonzweni. UYesu wathi: “Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale [umthi wentuthumbo, NW] wakhe, andilandele. Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowufumana.”—Mateyu 16:24, 25.

Sizincame? Silandele uYesu? Oko bekuya kufuna umgudu. Bekunokubuguqula ubomi bethu. Kodwa, ngaba ngokwenene uYesu wathi abanye bethu kusenokude kufuneke ‘balahle imiphefumlo’ yabo—baze bafe ngenxa yakhe? Ewe, ukholo olunjalo unganalo kuphela ngokwazi izinto ezibalulekileyo onokuzifunda ngokufundisisa iLizwi likaThixo. Lwabonakala ngomhla awaxulutywa ngamatye ngawo uStefano ngabo banenzondelelo yempambano kunqulo abangazange baba “nabo ubulumko noMoya, awayethetha ngaye.” (IZenzo 6:8-12; 7:57-60) Kwakhona ukholo olunjalo luye lwabonakaliswa kula maxesha ethu ngamakhulu amaNgqina kaYehova awafela kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi kunokuba angahloneli izazela zawo eziqeqeshwe ngeBhayibhile.a

Inzondelelo YamaKristu

Simele sibambelele ngokuthe nkqi kukholo lwamaKristu, kuba ngokungafaniyo noko usenokukuva kwezinye iicawa okanye iinkqubo zonqulo zikamabonwakude, iBhayibhile ithi sinako ukuwa. Isixelela ngamaKristu ashiya “indlela ethe tye.” (2 Petros 2:1, 15) Ngaloo ndlela kufuneka ‘silusebenzele silufeze olwethu usindiso, sinokuzoyikela nokungcangcazela.’—Filipi 2:12; 2 Petros 2:20.

Ngaba le yindlela amaKristu enkulungwane yokuqala, abantu abamvayo uYesu nabapostile bakhe befundisa, abawuqonda ngayo lo mbandela? Kunjalo kanye. Babesazi ukuba bafanele benze okuthile. UYesu wathi: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, . . . nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo.”—Mateyu 28:19, 20.

Emva kweeveki ezithile uYesu ekuthethile oko, abantu abangama-3 000 babhaptizwa ngosuku nje olunye. Inani lamakholwa lakhula ngokukhawuleza laya kuma-5 000. Abo babekholwa babefundisa abanye. Xa intshutshiso yabachithachithayo, yabanceda ekusasazeni isigidimi sabo. IBhayibhile ithi yayingezonkokeli ezimbalwa nje kuphela kodwa “bona ke ababeziintsali batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi.” Ngoko ke kwiminyaka enokuba ngama-30 kamva, umpostile uPawulos wayenokubhala athi iindaba ezilungileyo ‘zazishunyayelwe kwindalo yonke ephantsi kwezulu.’—IZenzo 2:41; 4:4; 8:4; Kolose 1:23.

UPawulos akazange enze amaguquka, njengoko abanye abashumayeli bevangeli kumabonwakude besenza, ngokuthi: ‘Yamkela uYesu ngoku, ibe uya kusindiswa ngonaphakade.’ Engazange azimisele njengomfundisi waseMerika owabhala wathi: “Ndiseyinkwenkwe ekwishumi elivisayo, . . . ndandisele ndisindisiwe.” Kwiminyaka engaphezu kwengama-20 emva kokuba uYesu enyule uPawulos ukuba ase isigidimi samaKristu kubantu beentlanga, lo mpostile uzibhokoxayo wabhala: “Ndisuka ndiwuqobe umzimba wam, ndiwuxinzelele phantsi, hleze ndithi, ndakuba ndizivakalisile iindaba ezilungileyo kwabanye, ndibe mna ndingumlahlelwa phandle.”—1 Korinte 9:27; IZenzo 9:5, 6, 15.

Usindiso lusisipho sesisa esivela kuThixo. Asinakufaneleka ngenxa yemigudu yethu. Kodwa ukho umgudu ekufuneka siwenze. Ukuba umntu othile ukuphe isipho esixabiseke kakhulu waza akwabonakalisa xabiso ngokwaneleyo ngokuthi usithathe uze uhambe naso, ukungabi nambulelo kwakho kunokushukumisela lowo uphayo ukuba asiphe omnye umntu. Lixabiseke kangakanani igazi lobomi bukaYesu Kristu? Lisisipho sesisa, kodwa sifanele sibonakalise uxabiso olunzulu ngalo.

AmaKristu okwenyaniso akwimo yokusindiswa kuba uThixo uyakholiswa ngawo. Njengeqela, usindiso lwawo luqinisekile. Njengabantu ngabanye, afanele ahlangabezane neemfuneko zikaThixo. Noko ke, sinako ukusilela, kuba uYesu wathi: “Ukuba umntu uthe akahlala kum, ulahlelwa phandle njengesebe, ome.”—Yohane 15:6.

‘ILizwi LikaThixo Liphilile’

Incoko ebikhankanywe ekuqaleni kwenqaku elandulela eli yaqhubeka kwiminyaka ephantse ibe ngama-60 eyadlulayo. UJohnny usakholelwa ekubeni usindiso luza ngoYesu Kristu kuphela, kodwa uyaqonda ukuba simele siluzabalazele. Useyisekile kukuba iBhayibhile yalatha kokuphela komthombo wokwenene wethemba loluntu nasekubeni sifanele siyifundisise loo ncwadi ilungileyo, siqhutywe yiyo, size siyivumele ukuba isishukumisele ekwenzeni izenzo zothando, ukholo, ububele, ukuthobela nokunyamezela. Abantwana bakhe ubakhulise bekholelwa kwezo zinto, yaye ngoku uchwayitile kukubabona nabo bekhulisa abantwana babo ngendlela efanayo. Unqwenela ukuba wonke ubani ebenokuba nokholo olunjalo, ibe wenza konke anokukwenza ukuze alubethelele ezintliziyweni nasezingqondweni zabanye.

Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale ukuba ‘ilizwi likaThixo liphilile, liyasebenza.’ (Hebhere 4:12) Linokubuguqula ubomi babantu. Linokukushukumisela kwizenzo ezisuka entliziyweni zothando, ukholo nokuthobela. Kodwa umele wenze okungakumbi kunokusuka nje ‘ukwamkele’ engqondweni oko iBhayibhile ikutshoyo. Yifundisise uze uvumele intliziyo yakho ishukunyiswe yiyo. Ubulumko bayo mabukukhokele. AmaNgqina kaYehova azinikeleyo anokuba zizi-5 000 000 akumazwe angaphezu kwama-230 aqhuba izifundo zeBhayibhile zesisa. Ukuze ubone oko unokukufunda kweso sifundo, bhalela abapapashi beli phephancwadi. Ukholo nokomelela ngokomoya okufumanayo kuya kukuchwayitisa!

[Umbhalo osemazantsi]

a Kwincwadi yakhe ethi The Nazi State and the New Religions: Five Case Studies in Non-Conformity, uGqr. Christine E. King wanikela le ngxelo: “Ingqina elinye kumaNgqina [kaYehova] amabini aseJamani lavalelwa entolongweni, elinye kwamane laphulukana nobomi balo.”

[Ibhokisi ekwiphepha 7]

KUTHENI SIFANELE ‘SILUZAMELE UKHOLO’?

Incwadi yeBhayibhile kaYuda ibhalelwe “abo babiziweyo . . . , belondolozwe nguYesu Kristu.” Ngaba ithi usindiso lwabo lwaluqinisekile kuba ‘babemamkele uYesu’? Akunjalo, uYuda wawaxelela loo maKristu ukuba ‘aluzamele ukholo.’ Wawanika izizathu ezintathu zokuba enze oko. Okokuqala, uThixo ‘wabasindisa abantu emhlabeni waseYiputa,’ kodwa kamva abaninzi babo bawa. Okwesibini, kwanezithunywa zezulu zavukela zaza zaba ziidemon. Okwesithathu, uThixo wayitshabalalisa iSodom neGomora ngenxa yokwanda okukhulu kokuziphatha okubi ngokwesini kwezo zixeko. UYuda ubalisa ezi ziganeko zeBhayibhile ‘njengezilumkiso.’ Ewe, kwanamakholwa ‘alondolozwe nguYesu Kristu’ amele alumke angayishiyi inyaniso.—Yuda 1-7, thelekisa iTE.

[Ibhokisi ekwiphepha 8]

YIYIPHI ECHANILEYO?

IBhayibhile ithi: “Umntu ugwetyelwa ngokholo, kungekho misebenzi yamthetho.” Kwakhona ithi: “Umntu uyagwetywa ngokwasemisebenzini; kungabi ngokwaselukholweni lodwa.” Yiyiphi echanileyo? Ngaba sigwetyelwa ngokholo okanye ngemisebenzi?—Roma 3:28; Yakobi 2:24.

Impendulo engqinelanayo esuka eBhayibhileni yethi zombini zichanile.

Kangangeenkulungwane uMthetho uThixo awawunika uMoses wawufuna ukuba abanquli abangamaYuda benze amadini athile neminikelo, babhiyozele imihla yemithendeleko yaye bahambisane nemithetho yezinto ezimele zingatyiwa nezityiwayo nezinye iimfuneko. Loo “misebenzi yomthetho,” okanye singathi “imisebenzi,” yayingaseyomfuneko emva kokuba uYesu elungiselele idini elifezekileyo.—Roma 10:4.

Kodwa isibakala sokuba le misebenzi eyayisenziwa phantsi koMthetho kaMoses yathatyathelw’ indawo lidini likaYesu elingaphezu kwawo onke asithethi kuthi sinokuyityeshela imiyalelo yeBhayibhile. Ithi: “Lobeka phi na ukugqithisela lona igazi likaKristu . . . ukusihlambulula isazela senu emisebenzini efileyo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo?”—Hebhere 9:14.

‘Simkhonza njani uThixo ophilileyo’? Phakathi kwezinye izinto, iBhayibhile isixelela ukuba silwe nxamnye nemisebenzi yenyama, sixhathise ukuziphatha okubi kwehlabathi size siphephe imigibe yalo. Ithi: ‘Siwuzame umzamo omhle wokholo,’ silahle “isono esinokusirhawula ngokusisulu,” size “silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu, sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu.” Kwakhona iBhayibhile isibongoza ukuba ‘singadinwa, ingatyhafi imiphefumlo yethu.’—1 Timoti 6:12; Hebhere 12:1-3; Galati 5:19-21.

Usindiso asilufanelekeli ngokwenza ezi zinto, kuba akakho umntu onokuze enze okwaneleyo ukuze afanelekele ezo ntsikelelo zimangalisayo. Noko ke, asikufanelekeli ukufumana esi sipho sikhulu ukuba siyasilela ukubonakalisa uthando lwethu nentobelo ngokwenza izinto iBhayibhile ethi uThixo noKristu bafuna sizenze. Ngaphandle kwemisebenzi yokubonakalisa ukholo lwethu, ibango lethu lokuthi silandela uYesu alanele kwaphela, kuba iBhayibhile icacisa mhlophe ukuba: “Ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo.”—Yakobi 2:17.

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Fundisisa iBhayibhile, uze ushukunyiswe yiyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share