IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 140
  • UYesu Uyasindisa—Njani?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYesu Uyasindisa—Njani?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Amanqaku Afanayo
  • Oko Simele Sikwenze Ukuze Sisindiswe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Ngaba AmaNgqina KaYehova Akholelwa Ukuba Ngawo Kuphela Aya Kusindiswa?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Simele Senze Ntoni Ukuze Sisindiswe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ngaba IBhayibhile Ifundisa Ukuba Umntu Xa Esindisiwe, Uhlala Esindisiwe?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 140
UYesu ukunye nabantu beentlanga ezahlukeneyo

UYesu Uyasindisa​—Njani?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UYesu wasindisa abantu abanyanisekileyo xa wanikela ngobomi bakhe ukuze bube yintlawulelo. (Mateyu 20:28) Yiyo loo nto iBhayibhile isithi uYesu ‘nguMsindisi wehlabathi.’ (1 Yohane 4:14) Iphinde ithi: “Akukho lusindiso kuye nabani na ongomnye, kuba alikho elinye igama phantsi kwezulu elinikelweyo phakathi kwabantu esimele ukusindiswa ngalo.”​—IZenzo 4:12.

UYesu ‘wangcamla ukufa ngenxa yabantu bonke’ ababonisa ukholo kuye. (Hebhere 2:9; Yohane 3:16) Emva koko, “uThixo wamvusa kwabafileyo,” waza uYesu wabuyela emazulwini esisidalwa esingumoya. (IZenzo 3:15) Ngenxa yoko, uYesu “uyakwazi kwanokubasindisa ngokupheleleyo abo basondela kuThixo ngaye, ngenxa yokuba usoloko ephila ukuze ababongozele.”​—Hebhere 7:25.

Kutheni sidinga uYesu ukuba asithethelele?

Kuba sonke siyona. (Roma 3:23) Isono siyasibhekelisa kuThixo, ibe sisenza sife. (Roma 6:23) Yena uYesu uthethelela abo babonisa ukholo kwintlawulelo. Uthethelela abantu ngokuthi acenge uThixo ukuba amamele imithandazo yabo aze abaxolele izono zabo ngenxa yokuba eye wabafela. (Mateyu 1:21; Roma 8:34) UYehova uye enze kanye le nto icelwa nguYesu kuba ihambisana nokuthanda kwakhe. UThixo wathumela uYesu emhlabeni “ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye.”​—Yohane 3:17.

Ngaba siza kusindiswa ngokukholelwa kuYesu qha?

Hayi. Nangona kufuneka sikholelwe kuYesu ukuze sisindiswe, zikhona nezinye izinto ezifunekayo. (IZenzo 16:30, 31) IBhayibhile ithi: “Njengoko umzimba ngaphandle komoya ufile, ngokunjalo nokholo ngaphandle kwemisebenzi lufile.” (Yakobi 2:26) Nazi izinto ezifunekayo ukuze sisindiswe:

  • Funda ngoYesu kunye noTata wakhe, uYehova.​—Yohane 17:3.

  • Khulisa ukholo lwakho kubo.​—Yohane 12:44; 14:1.

  • Bonisa ukholo lwakho ngokuthi uthobele imiyalelo yabo. (Luka 6:46; 1 Yohane 2:17) UYesu wafundisa ukuba ayinguye wonke umntu othi “Nkosi” kuye oya kusindiswa kodwa “ngulowo wenza ukuthanda kukaBawo [wakhe] osemazulwini.”​—Mateyu 7:21.

  • Qhubeka ubonisa ukholo lwakho nokuba kunzima. UYesu wathetha kwacaca xa wathi: “Lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.”​—Mateyu 24:13.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share