UThixo Ulujonga Njani Unqulo LweNgqobhoko?
UYESU KRISTU wathi: “Asinguye wonk’ ubani othi kum, ‘Nkosi, Nkosi,’ oya kungena ebukumkanini bamazulu, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini uya kungena. Abaninzi baya kuthi kum ngaloo mini, ‘Nkosi, Nkosi, asizange na . . . senza imisebenzi emininzi yamandla egameni lakho?’ Ukanti ndiya kwandula ndivume kubo ndithi: Andizange ndinazi! Mkani kum, nina basebenzi bokuchas’ umthetho.”—Mateyu 7:21-23.
NgeLizwi lakhe, iBhayibhile Engcwele, uThixo uye wakwenza kwacaca ukuthanda kwakhe. Ngaba iicawa zeNgqobhoko ziyakwenza ukuthanda kukaThixo? Okanye ngaba zikoko uYesu wakubiza ngokuthi ‘ngabasebenzi bokuchas’ umthetho’?
Ukuphalazwa Kwegazi
Ngobusuku bangaphambi kokufa kweNkosi yakhe, uPetros waphantsa waqalisa umlo wezigalo neqela lamajoni awayethunyelwe ukubamba uYesu. (Yohane 18:3, 10) Kodwa uYesu walamla waza walumkisa uPetros esithi: “Bonke abo bathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele.” (Mateyu 26:52) Esi silumkiso sicacileyo siyaphindwa kwiSityhilelo 13:10. Ngaba iicawa zeNgqobhoko ziye zasiphulaphula? Okanye ngaba ziyabandakanyeka kwiimfazwe eziqhubekayo kwimimandla eyahlukeneyo yomhlaba?
Ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, amakhulu amawaka abemi baseSerbia naseCroatia babulawa ngenxa yonqulo. IThe New Encyclopædia Britannica inikela le ngxelo: “ECroatia, ulawulo lobufasi bomthonyama lwamisela inkqubo ‘yokutshayela uhlanga’ eyayingaphezulu lee kokwakusenziwa ngamaNazi. . . . Kwathiwa isinye esithathwini sabemi baseSerbia sasiya kuthunyelwa elubhacweni, isinye esithathwini siguqulelwe kubuRoma Katolika, yaye isinye esithathwini sitshatyalaliswe. . . . Ukuthabath’ icala kwabefundisi bamaKatolika kolu qheliselo kwalonakalisa gqitha ulwalamano lwecawa norhulumente emva kwemfazwe.” Izihlwele zabantu zanyanzelwa ukuba ziguqukele kubuKatolika okanye zife; abanye abangamawaka abazange bakhethiswe kwaukukhethiswa. Zonke iidolophana—amadoda, abafazi nabantwana—banyanzelelwa kwiicawa zabo zobuOthodoki baza babulawa. Kuthekani ngemikhosi eyayisilwa nabo yobuKomanisi? Ngaba nayo yayixhaswa lunqulo?
Incwadi ethi History of Yugoslavia inikela le ngxelo: “Abanye babefundisi baba nenxaxheba emfazweni bekwicala lemikhosi yabavukeli.” Incwadi ethi Yugoslavia and the New Communism ithi: “Imikhosi yabaVukeli yade yabandakanya abefundisi beecawa zobuOthodoki baseSerbia nabamaRoma Katolika.” Ungquzulwano olungokonqulo lusaqhubeka luphembelela imfazwe kwiiBalkans.
Yaye kuthekani ngeRwanda? Usosiba-jikelele weCatholic Institute for International Relations, uIan Linden, wavuma oku kulindixesha iThe Month: “Uphando olwenziwe yiAfrican Rights eLondon lunikela umzekelo omnye okanye emibini yeenkokeli zasekuhlaleni zeCawa yamaKatolika, eyamaTshetshi neyamaBhaptizi ezibandakanyeke ngokupheleleyo ngokubetha ngoyaba okanye ngokubandakanyeka ekubulaleni ngemikhosi. . . . Alithandabuzeki elokuba inani elikhulu lamaKristu aphambili ezicaweni belibandakanyekile ekubulaleni.” Okulusizi kukuba imfazwe ephakathi kwabo bathi bangamaKristu isaqhubeka kumbindi Afrika.
Ukuhenyuza Nokukrexeza
Ngokutsho kweLizwi likaThixo, linye kuphela ilungiselelo elibekekileyo lokuba neentlobano zesini, liqhina lomtshato. IBhayibhile ithi: “Umtshato mawubekeke phakathi kwenu nonke, nesilili somtshato masingadyojwa, kuba uThixo uya kubagweba abahenyuzi nabakrexezi.” (Hebhere 13:4) Ngaba iinkokeli zeecawa ziyayikhuthaza le mfundiso kaThixo?
Ngowe-1989 iCawa yamaTshetshi yaseOstreliya yakhupha uxwebhu olusemthethweni ngokuphathelele isini elalisithi iintlobano zesini ngaphambi komtshato aziphosakelanga ukuba isibini eso sizinikele ngokupheleleyo omnye komnye. Kutshanje, inkokeli yeCawa yamaTshetshi yaseSkotlani yathi: “ICawa ayifanele ikugxeke ukuthandana njengento esisono nephosakeleyo. ICawa imele iyamkele into yokuba ukukrexeza kusegazini.”
EMzantsi Afrika iqela labefundisi liye labuthethelela ubufanasini. Ngokomzekelo, ngowe-1990 iphephancwadi laseMzantsi Afrika iYou lacaphula amazwi omfundisi ophambili waseTshetshi esithi: “IZibhalo azikubophi ngonaphakade. . . . Ndikholelwa kwelokuba kuya kubakho utshintsho kwisimo sengqondo nenkqubo yecawa ngokuphathelele abantu abangamafanasini.”—Thelekisa amaRoma 1:26, 27.
Ngokutsho kwe-1994 Britannica Book of the Year, isini siye saba ngundaba-mlonyeni kwiicawa zaseMerika, ngokukodwa imibandela efana “nokumiselwa kwamafanasini aziwayo njengabefundisi, ukuqondwa ngokonqulo kwamalungelo amafanasini, ukukhuthazwa ‘komtshato wamafanasini,’ nokuvunywa ngokusemthethweni okanye ukugxekwa kwendlela yokuphila enxulumene nobufanasini.” Inkoliso yeecawa eziphambili iyabamkela abefundisi abakhuthaza inkululeko engakumbi engokwesini. Ngokutsho kwe-1995 Britannica Book of the Year, ngoobhishopu abangama-55 bamaEpiscopal abatyobela isivumelwano “esiqinisekisa ukwamkeleka koqheliselo lwamafanasini nokumiselwa kwawo njengabefundisi.”
Abanye abefundisi bayabuthethelela ubufanasini, bemi ngelithi uYesu akazange abugxeke. Kodwa ngaba ngokwenene kunjalo? UYesu Kristu wavakalisa ukuba iLizwi likaThixo liyinyaniso. (Yohane 17:17) Oko kuthetha ukuthi wayeyixhasa imbono kaThixo ngobufanasini echazwe kwiLevitikus 18:22, efundeka ngolu hlobo: “Uze ungayilali into eyindoda njengokuba kulalwa umfazi: ngamasikizi lawo.” Ngaphezu koko, uYesu wadwelisa ukuhenyuza nokukrexeza phakathi ‘kwezinto ezingendawo eziphuma ngaphakathi nezimdyobhayo umntu.’ (Marko 7:21-23) Igama lesiGrike elithi ukuhenyuza libinzana elinentsingiselo ebanzi ngaphezu kwelithi ukukrexeza. Lichaza zonke iintlobo zeentlobano zesini ngaphandle komtshato osemthethweni, kuquka ubufanasini. (Yude 7) Kwakhona uYesu Kristu walumkisa abalandeli bakhe ukuba bangamamkeli nawuphi na umfundisi ozibiza ngokuba ungumKristu ongakujongi njengento enzulu ukuhenyuza.—ISityhilelo 1:1; 2:14, 20.
Xa iinkokeli zonqulo zikhuthaza ukumiselwa kwamaFanasini angamadoda nangabafazi njengabefundisi, oko kuba nawuphi umphumo kumalungu eecawa zazo, ngokukodwa abantu abaselula? Ngaba akukhuthazi ukuba neentlobano zesini ngaphandle komtshato? Ngokuchaseneyo noko, iLizwi likaThixo libongoza amaKristu ukuba ‘asabe kulo uhenyuzo.’ (1 Korinte 6:18) Ukuba othile esikhonza naye uwela kwisono esinjalo, kunikelwa uncedo olunothando ngenjongo yokubuyisela loo mntu kwinkoliseko kaThixo. (Yakobi 5:16, 19, 20) Kuthekani ukuba olu ncedo alwamkelwa? IBhayibhile ithi ngaphandle kokuba baguquke abantu abanjalo, ‘abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.’—1 Korinte 6:9, 10.
“Besalela Ukutshata”
Ngenxa “yokuxhaphaka kohenyuzo,” iBhayibhile ithi “kulunge ngakumbi ukutshata kunokutshiseka yinkanuko.” (1 Korinte 7:2, 9) Phezu kwalo nje eli cebiso lobulumko, abefundisi abaninzi kufuneka bahlale bengatshatanga. Kwincwadi yakhe ethi The Vatican Papers, uNino Lo Bello uyachaza: “Isifungo sokungatshati asaphulwanga xa umfundisi, okanye unongendi oyindoda okanye ongumfazi esiba neentlobano zesini. . . . Ukuxolelwa ngenxa yokuba neentlobano zesini kunokufumaneka ngokwenza isivumo esinyanisekileyo xa echaza izono, ngoxa ukutshata kwakhe nawuphi na umfundisi bekungayi kugqalwa njengokusemthethweni yiCawa.” Ngaba le mfundiso iye yaba neziqhamo ezihle okanye ezibi?—Mateyu 7:15-19.
Alithandabuzeki elokuba abefundisi abaninzi baphila ubomi bokuziphatha obucocekileyo, kodwa inkoliso yabo ayinjalo. Ngokutsho kwe-1992 Britannica Book of the Year, “iCawa yamaRoma Katolika kuthiwa ihlawule iidola ezingama-300 ezigidi [izigidi ezili-1 100 zeerandi] ukuze ihlawule amatyala abefundisi okuxhaphaza ngokwesini.” Kamva, inkupho yowe-1994 yathi: “Ukufa kwabefundisi abaninzi bebulawa nguGawulayo kwaveza elubala ubukho babefundisi abangamafanasini kwaza kwatyhila ukuba kukho uninzi . . . lwamafanasini anomdla kubufundisi.” Akumangalisi ngoko ukuba iBhayibhile ithi ‘ukwalela ukutshata yimfundiso yeedemon.’ (1 Timoti 4:1-3) Kwincwadi yakhe ethi Vicars of Christ, uPeter de Rosa ubhala enjenje: “Ngokwembono yabanye ababhali-mbali, [ukungatshati kwabefundisi] ngokuqinisekileyo kuye kwayonakalisa imilinganiselo yokuziphatha ngaphezu kwalo naluphi na uqheliselo lwaseNtshona, kuquka ubunongogo. . . . Ubukhulu becala bekulibala elibi kubuKristu. . . . Ukunyanzelwa ngokungatshati bekusoloko kukhokelela kuhanahaniso kubefundisi. . . . Umfundisi unokuwa izihlandlo eziliwaka kodwa akaze avunyelwe ngumthetho wecawa ukuba atshate.”
Xa siqwalasela imbono kaThixo ngonqulo lukaBhahali, akunzimanga ukuqonda indlela azijonga ngayo iicawa ezahluleleneyo zeNgqobhoko. Incwadi yokugqibela yeBhayibhile idibanisa zonke iintlobo zonqulo lobuxoki phantsi kwegama elithi “IBhabhiloni Enkulu, unina wamahenyukazi nowezinto ezilizothe zomhlaba.” IBhayibhile yongezelela isithi: “Kuso kwafunyanwa igazi labaprofeti nelabo bangcwele nelabo bonke abaye babulawa ngogonyamelo emhlabeni.”—ISityhilelo 17:5; 18:24.
Ngenxa yoko, uThixo ubongoza bonke abafuna ukuba ngabanquli bakhe bokwenyaniso: “Phumani kuyo, bantu bam, ukuba anifuni kwabelana nayo ngezono zayo, yaye ukuba anifuni kwamkela inxalenye yezibetho zayo. . . . Ziya kuza ngamini-nye izibetho zayo, ukufa nokukhedama nendlala, yaye iya kutshiswa ngokupheleleyo ngomlilo, ngenxa yokuba uYehova uThixo, oyigwebileyo, womelele.”—ISityhilelo 18:4, 8.
Ngoku kuphakama lo mbuzo: Emva kokuphuma kunqulo lobuxoki, umntu ufanele aye phi? Luluphi uhlobo lonqulo olwamkelekileyo kuThixo?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 5]
Unqulo-ziThixo
Unqulo lukaBhahali lwalubandakanya unqulo-zithixo. AmaSirayeli azama ukuxuba unqulo lukaYehova nolukaBhahali. Ada azisa izithixo etempileni kaYehova. Imbono kaThixo ngokunqula izithixo yenziwa yacaca xa watshabalalisa iYerusalem netempile yayo.
Iicawa ezininzi zeNgqobhoko zizaliswe zizithixo, enoba ziyiminqamlezo, imifanekiso, okanye imifanekiso eqingqiweyo kaMariya. Ukongezelela koko, uninzi lwabantu abahamba icawa lufundiswa ukuba luqubude, luguqe okanye lwenze umqondiso womnqamlezo phambi kwale mifanekiso. Ngokuchaseneyo noko, amaKristu okwenyaniso ayalelwa ukuba ‘asabe kulo unqulo-zithixo.’ (1 Korinte 10:14) Akazami kunqula uThixo ngoncedo lwezinto zokwenyama.—Yohane 4:24.
[Inkcazelo]
Musée du Louvre, Paris
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
“Inkokeli Yecawa Ifanele Ingabi Nasiphako”
LA MAZWI acatshulwe kuTito 1:7, ngokweToday’s English Version. IKing James Version ifundeka ngolu hlobo: “Ubhishophu umele angabekek’ ityala.” Igama elithi “ubhishophu” lisuka kwigama lesiGrike elithetha “umveleli.” Ngaloo ndlela amadoda amiselwe ukuba akhokele kwibandla lamaKristu okwenyaniso amele afikelele imilinganiselo esisiseko yeBhayibhile. Ukuba akakwenzi oko, amele ashenxiswe kwisikhundla sawo sokuvelela, ekubeni engasenguwo ‘umzekelo emhlambini.’ (1 Petros 5:2, 3) Ziwujonga nzulu kangakanani iicawa zeNgqobhoko lo mlinganiselo?
Kwincwadi yakhe ethi I Care About Your Marriage, uGqr. Everett Worthington uthetha ngohlolisiso loopastor abali-100 belizwe laseVirginia, eUnited States. Abangaphezu kwama-40 ekhulwini bavuma ukuba babandakanyeka kuhlobo oluthile lwehambo evuselela inkanuko nomntu othile ongeloqabane labo lomtshato. Uninzi lwabo lukhe lwakrexeza.
IChristianity Today, iphawula oku: “Kwiminyaka elishumi edluleyo icawa iye yagungqiswa ngokuphindaphindiweyo kukutyhilwa kwehambo yokuziphatha okubi kwezinye zezona nkokeli zayo ezihlonelwayo.” Inqaku elithi “Isizathu Sokuba Oo-Pastor Abakrexezayo Bengafanele Babuyiselwe” lacel’ umngeni uqheliselo oluqhelekileyo kwiNgqobhoko lokubuyiselwa ngokukhawuleza kweenkokeli zecawa kwizikhundla zazo zangaphambili emva kokuba “zibe nesono esinento yokwenza nesini.”