IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w96 12/1 iphe. 9
  • Ukuma Beqinile Esikolweni Kuyavuzwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuma Beqinile Esikolweni Kuyavuzwa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Amanqaku Afanayo
  • Isuka Phi Iholide Ekuthiwa YiHalloween?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Inyani NgeHalloween
    Vukani!—2013
  • Inyaniso Ngemibhiyozo Ethandwayo
    Vukani!—2001
  • Imibhiyozo Ethandwayo—Ngaba Kukuzonwabisa Okungenabungozi?
    Vukani!—2001
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
w96 12/1 iphe. 9

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

Ukuma Beqinile Esikolweni Kuyavuzwa

IBHAYIBHILE yaxela kwangaphambili ukuba: “Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho.” (Isaya 54:13) Ngendlela ebhekele phaya ukuthi, “bonke abantwana bakho” kunokubhekisela kubo bonke abakhonzi bakaThixo abasemhlabeni, kuquka nabaselula. Namhlanje, abazali abangamaKristu bayaqinisekisa ukuba abantwana babo “bafundiswa nguYehova” ekhaya nakwiintlanganiso zamaKristu.

Noko ke, xa esesikolweni, amaKristu aselula ajamelana nocelomngeni olukhulu. Ngokuqhelekileyo akufumanisa kuyimfuneko ukuma eqinile koko akufundileyo eBhayibhileni. Xa esenjenjalo, imiphumo isenokuba yingenelo ngokufanayo kubafundi nakubafundisi-ntsapho, njengoko kuboniswa ngala mava alandelayo avela eMicronesia.

Kwisiqithi esincinane saseTol kwintshona yePasifiki kwiiChuuk Islands, abafundisi-ntsapho kwisikolo esisekuhlaleni baxelela abantwana bonke ukuba balungiselele baze babe nenxaxheba kumbhiyozo weHalloween esikolweni. Abantwana abangamaNgqina babekuqonda ukuba loo mbhiyozo usenokubandakanya imihombiso nesinxibo esifanekisela iziporho, oothikoloshe namagqwirha—zonke ezo zinto zinokuthanani namasiko okusebenzelana nemimoya. Aba bantwana babengenakuze babe nenxaxheba koku ngezazela ezikhululekileyo.a

Ngokusuka kuqeqesho olusekelwe eBhayibhileni abalufumana ekhaya nakwiintlanganiso zamaKristu, babesazi ukuba uqheliselo olunjalo alumkholisi uThixo, kwanokuba lenzelwe nje ukuzonwabisa. Ukuze bancede bacacise ukuma kwabo ngokucace ngakumbi, aba bantwana bamema uBarak, omnye umvangeli wasemazweni oliNgqina okwesi siqithi, ukuba athethe nabafundisi-ntsapho babo.

Emva kokuba beyiphulaphule le nkcazelo, abafundisi-ntsapho balungiselela intlanganiso yesibini, apho uBarak wayenokuthetha nesikolo sonke. Kule ntlanganiso, uBarak wabeka izibakala ezibonakalisa eyona nyaniso engeHalloween. Inkcazelo yakhe wayifumana kwiimpapasho ezahlukeneyo zeWatch Tower, kwanakweminye imithombo. Abafundisi-ntsapho nabaphathi bamangaliswa koko bakufundayo ngemvelaphi, imbali, nalunqulo olubandakanyekileyo kule mibhiyozo. Bakhetha ukuba nentlanganiso yabasebenzi ukuze bagqibe enoba bangayicombulula njani na loo meko.

Emva kweentsuku ezimbalwa, kwavakaliswa isigqibo esingalindelekanga. Onke amalungiselelo eHalloween arhoxiswa. Esi sikolo asizange siyibhiyozele iHalloween ngaloo nyaka. Onjani ukuba mhle umphumo owabangelwa luzimiselo lwala maNgqina aselula lokwenza oko kulungileyo esikolweni! Abaselula akuyomfuneko ukuba boyike okanye babe neentloni zokuphila ngokucacileyo ngeenyaniso zeBhayibhile.

Ehlabathini lonke, amaNgqina kaYehova afundisa abantwana bawo ukuba bazibhokoxe esikolweni. Kwakhona amaNgqina aselula aqeqeshwa ukuba aphile ngemigaqo yeBhayibhile yaye abelane nabanye abafundi ngethemba labo nangeenkolelo zabo xa ithuba livela. Kwanokuba imiphumo isenokungabi mihle okanye ikhawuleze njengokuba kwaba njalo kule meko, ulutsha lunokuba nentembelo nolwaneliseko olusuka koko kulungileyo lukwenzayo. Yaye okubaluleke nangakumbi kukuba, lunokuqiniseka ukuba uBawo walo wasezulwini uyakholiswa yaye uya kuluvuza ngokuthobela kwalo ngokuthembekileyo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngeHalloween nemvelaphi yayo yokuthanani nemimoya, bona inkupho kaVukani!, kaDisemba 8, 1993, epapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share