Ukukhululwa Yinyaniso
EUNITED STATES, abantu abangaphezu kwesigidi bathothoza ezintolongweni. Kwaba, phantse abangamawaka amathathu bagwetyelwe ukufa. Khawube nombono wakho ukwimeko enjalo. Ubuya kuvakalelwa njani? Leyo yimeko engaginyisi mathe ngokwenene. Sekunjalo, ngandlel’ ithile, bonke abantu bakwimeko enjalo. IBhayibhile ithi: “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” (Roma 3:23) Ewe, njengenzala ka-Adam, “sibanjiwe” yimeko yesono. (Roma 5:12) Siva umphumo wethu wokuvalelwa imihla yonke, njengoko kwabanjalo ngompostile uPawulos ongumKristu, owabhala wathi: “Kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa ngokunxamnye nomthetho wengqondo yam yaye undikhokelela ndithinjiwe kumthetho wesono osemalungwini am.”—Roma 7:23.
Ngenxa yesono sethu esingokwemvelo, ngamnye kuthi ngokungathi kunjalo uphantsi kwesigwebo sokufa, kuba iBhayibhile ithi: “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” (Roma 6:23) Umdumisi uMoses wayichaza kakuhle imeko yethu wathi: “Imihla yeminyaka yethu iseminyakeni engamashumi asixhenxe, ukuba ithe yaba mininzi kakhulu, iba yiminyaka emashumi asibhozo; libe ke iqhayiya layo likukwaphuka nokungabi nto yanto, ngokuba ithe phe yakhawuleza, saphaphazela semka.”—INdumiso 90:10; thelekisa uYakobi 4:14.
Yayiluluntu olungamakhoboka esono nokufa uYesu awayecinga ngalo xa wathi kubalandeli bakhe: “Inyaniso iya kunikhulula.” (Yohane 8:32) Ngaloo mazwi, uYesu wayedlulisela kubalandeli bakhe ithemba lento engaphezulu kakhulu kunokukhululwa kulawulo lwamaRoma—wayebathembisa ngokuxolelwa kwesono nokukhululwa ekufeni! Kwakuya kwenzeka njani oku kubo? UYesu wabaxelela oku: “Ukuba uNyana uyanikhulula, okunene niya kukhululeka.” (Yohane 8:36) Ewe, ngokunikela ngobomi bakhe, “uNyana,” uYesu, waba sisicamagushelo ngokuthenga oko kwalahlwa nguAdam. (1 Yohane 4:10) Oku kwavula indlela ukuze lonke uluntu oluthobekileyo lukhululwe kubukhoboka besono nokufa. UNyana kaThixo okuphela kwamzeleyo wafa “ukuze wonk’ ubani oqhelisela ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”—Yohane 3:16.
Ngoko loo nyaniso inokusikhulula ixhomekeke ngokupheleleyo kuYesu Kristu. Abo baba ngabalandeli bakhe abahamba emanyathelweni akhe banethemba lokukhululwa esonweni nasekufeni xa uBukumkani bukaThixo buyilawula ngokupheleleyo imicimbi yomhlaba. Kwanangoku, abo bamkela inyaniso yeLizwi likaThixo bafumana inkululeko yokwenene. Ngaziphi iindlela?
Ukukhululeka Ekoyikeni Abafi
Izigidi namhlanje zihlala zisoyika abafi. Ngoba? Ngenxa yokuba iinkonzo zabo zibafundisa ukuba umphefumlo ushiya umzimba ufile uze udlulele kummandla womoya. Kungenxa yeso sizathu lento kwimimandla ethile kulisiko ukuba izalamane zalowo ungasekhoyo zisenza umlindo othabatha iintsuku eziliqela nobusuku bazo. Oku kudla ngokuquka ukucula ngamandla nokubetha amagubu. Abo bazilileyo bakholelwa ekubeni oku kuya kukholisa umntu ofileyo kuze kuthintele umoya wakhe ungabuyi ungcungcuthekise abaphilayo. Iimfundiso zobuxoki zonqulo lweNgqobhoko ngabafi ziye zasebenzela nje ukuxhasa esi sithethe.
Noko ke, iBhayibhile, ityhila inyaniso malunga nemeko yabafi. Icacisa mhlophe ukuba umphefumlo nguwe, asiyonxalenye yakho efihlakeleyo eqhubeka iphila emva kokuba ufile. (Genesis 2:7; Hezekile 18:4) Ukongezelela, abafi abathuthunjiswa emlilweni osisihogo, bengeyiyo nenxalenye yommandla womoya enokuchaphazela abaphilayo. IBhayibhile ithi, “Ke bona abafileyo abazi lutho . . . ngokuba akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo [engcwabeni], apho uya khona wena.”—INtshumayeli 9:5, 10.
Ezi nyaniso zeBhayibhile ziye zakhulula abantu abaninzi ekoyikeni abafi. Abasazifaki ezindlekweni ngokwenza amadini okuxolisa izinyanya, bengasenalo nexhala lokuba abathandekayo babo bathuthunjiswa kabuhlungu ngenxa yeziphoso zabo. Bafunde ukuba iBhayibhile inikela ithemba elimangalisayo ngabo bafileyo, kuba isixelela ukuba ngexesha likaThixo elimisiweyo, kuza kubakho “uvuko kokubini olwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15; Yohane 5:28, 29) Ngaloo ndlela, abafi ngoku baphumle, ngokungathi bakobunzulu ubuthongo.—Thelekisa uYohane 11:11-14.
Inyaniso engemeko yabafi nethemba lovuko inokusenza singaphelelwa lithemba elisenokubangelwa kukufa. Ithemba elinjalo lomeleza isibini esitshatileyo saseUnited States xa unyana waso oneminyaka emine ubudala wafa ngengozi. Umama wakhe wavuma wathi: “Kukho isikhewu ebomini bethu esingenakuvalwa side simbone unyana wethu kwakhona eluvukweni. Kodwa siyazi ukuba iintlungu esinazo zezomzuzwana, ekubeni uYehova ethembisa ukuzisula iinyembezi zosizi.”—ISityhilelo 21:3, 4.
Ukukhululeka Kuloyiko Ngekamva
Lisiphathele ntoni ikamva? Ngaba umhlaba wethu uza kutshiswa ngembubhiso yenyukliya? Ngaba ukonakaliswa kwemekobume yomhlaba kuza kuphelisa isijikelezi-langa sethu? Ngaba ukuwohloka kokuziphatha kuza kukhokelela kwisiphithiphithi nombhodamo? Olu luloyiko lokwenene abaninzi abanalo namhlanje.
Noko ke, iBhayibhile iyasikhulula kuloyiko olulolo hlobo oluphelis’ ithemba. Isiqinisekisa ukuba “ihlabathi limi ngonaphakade.” (INtshumayeli 1:4) UYehova akazange adale isijikelezi-langa sethu ukuze nje asibone sitshatyalaliswa ngabantu abangakhathaliyo. (Isaya 45:18) Kunoko, uYehova wadala umhlaba ukuba ube likhaya eliyiparadesi kwintsapho engabantu abamanyeneyo. (Genesis 1:27, 28) Injongo yakhe ayikaguquki. IBhayibhile isixelela ukuba uThixo uya “konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.” (ISityhilelo 11:18) Emva koko, iBhayibhile ithi: “Abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:11.
Eli dinga lithembekile, kuba uThixo akanakuxoka. UYehova wathi ngomprofeti wakhe uIsaya: “Ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingakwenzanga endikuthandayo, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.” (Isaya 55:11; Tito 1:2) Ngoko ke, sinokukhangela phambili ngentembelo ekuzalisekeni kwedinga likaThixo elaxelwa eBhayibhileni kweyesi-2 kaPetros 3:13 elithi: “Kukho amazulu amatsha nomhlaba omtsha esiwulindeleyo ngokwesithembiso sakhe, yaye kwezi kuza kuhlala ubulungisa.”
Ukukhululwa Ekoyikeni Abantu
IBhayibhile isinika imizekelo ekhuthazayo yamadoda namabhinqa awabonisa ukungabi naloyiko ekuzinikeleni kwawo kuThixo. Phakathi kwaba yayinguGidiyon, uBharaki, uDebora, uDaniyeli, uEstere, uYeremiya, uAbhigali, noYaheli—ukukhankanya nje ambalwa. La madoda namabhinqa athembekileyo abonisa isimo sengqondo somdumisi owabhala esithi: “Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki. Unokundenza ntoni na umntu?”—INdumiso 56:11.
Ngenkulungwane yokuqala, umpostile uPetros noYohane babonakalisa isibindi esifanayo xa amagunya ezonqulo abayalela ukuba bayeke ukushumayela. Ekuphenduleni bathi kuwo: “Kodwa thina ke, asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo.” Ngenxa yokuma kwabo ngokuqinileyo, uPetros noYohane kamva bavalelwa entolongweni. Emva kokukhululwa kwabo ngommangaliso, baphinda baqalisa apho bebeyeke khona baqhubeka “belithetha ngenkalipho ilizwi likaThixo.” Kungekudala uPetros nabanye abapostile bamiswa phambi kweSanhedrin yamaYuda. Umbingeleli omkhulu wathi kubo: “Saniyalela ngokucacileyo ukuba ningahlali nifundisa ngesizinzi seli gama, ukanti, khangelani! niyizalisile iYerusalem ngemfundiso yenu.” UPetros nabanye abapostile baphendula bathi: “Simele sithobele uThixo njengomphathi kunabantu.”—IZenzo 4:16, 17, 19, 20, 31; 5:18-20, 27-29.
Kumsebenzi wawo wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, amaNgqina kaYehova namhlanje azama ukuxelisa inzondelelo yamaKristu enkulungwane yokuqala. Kwanolutsha oluphakathi kwawo ngokufuthi luzingqina lungoyiki ukuthetha ngonqulo lwawo kwabanye. Qwalasela eminye imizekelo.
UStacie, okwishumi elivisayo, uneentloni. Ngenxa yoko, ukuthetha nabanye ngonqulo lwakhe ekuqaleni kwakulucelomngeni. Yintoni awayenzayo ukoyisa iintloni awayenazo? Uthi: “Ndafundisisa iBhayibhile ndaza ndaqiniseka ukuba ndandikuqonda oko ndandiza kukuthetha. Oku kwenza izinto zalula ndaza ndanentembelo engakumbi kwisiqu sam.” Udumo oluhle lukaStacie kwabhalwa ngalo kwiphephandaba lasekuhlaleni. Inqaku, elalibhalwe ngumfundisi-ntsapho wesikolo sakhe lagqabaza lathi: “Ukholo [lukaStacie] lubonakala lumenze wanamandla okulwa iingcinezelo ezininzi ezichaphazela inkoliso yabakwishumi elivisayo. . . . Uvakalelwa kukuba ukukhonza uThixo kufanele kuze kuqala engqondweni yakhe.”
UTommy waqalisa ukufundiswa iBhayibhile ngabazali bakhe xa wayeneminyaka emihlanu nje ubudala. Kwanakwiminyaka yakhe yobutsha, walumela ngokuqinileyo unqulo lokwenyaniso. Ngoxa abaselula ababefunda naye babezoba imifanekiso yeholide, uTommy wazoba imifanekiso engedinga likaThixo leParadesi. Njengoko wayekwishumi elivisayo, uTommy waphawula ukuba abantwana abaninzi babemangaliswa ziinkolelo zamaNgqina kaYehova. Kunokuba athule kuba esoyika, wacela omnye wabafundisi-ntsapho bakhe enoba wayenokuqhuba ingxubusho yemibuzo neempendulo eklasini ukuze akwazi ukuphendula yonke imibuzo yabo ngexesha elinye. Samkelwa eso isicelo, yaye kwanikelwa ubungqina obuhle.
Xa wayeneminyaka eli-17 ubudala, uMarkietta wafumana elona thuba lihle lokuthetha nabanye abaseklasini yakhe ngonqulo lwakhe. Uthi: “Sanikwa isabelo sokwenza isincoko. Ndakhetha umxholo kwincwadi ethi Abantu Abaselula Bayabuza—Iimpendulo Eziluncedo.a Ndakhetha izahluko ezihlanu kule ncwadi ndaza ndabhala imixholo yazo ebhodini. Ndacela ababekho eklasini ukuba bayibeke ngokulandelelana leyo babecinga ukuba yeyona yayibaluleke kakhulu.” Kwalandela ingxubusho neklasi. UMarkietta uqukumbela athi: “Ndayibonisa iklasi loo ncwadi yaye abafundi abaliqela bazifunela imibhalo yabo. Kwanomfundisi-ntsapho wam wafuna owakhe.”
Unokukhululwa Yinyaniso
Njengoko sele sibonile, inyaniso eseBhayibhileni inomphumo okhululayo kwabo bakubudala obahlukahlukeneyo abayifundayo baze basithobele isigidimi sayo. Iyabakhulula ekoyikeni abafi, ekoyikeni ikamva nasekoyikeni abantu. Ekugqibeleni, intlawulelo kaYesu iya kukhulula uluntu oluthobelayo kwisono nokufa. Olunjani uvuyo oluya kubakho lokuphila ngonaphakade kwiparadesi esemhlabeni, apho singasayi kubanjwa yimeko yethu yesono esasizuz’ ilifa!—INdumiso 37:29.
Ngaba ungathanda ukufunda okungakumbi ngeentsikelelo uThixo awazithembisayo? Ukuba kunjalo, yintoni ofanele uyenze? UYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumeleyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Ngoko ukuba ufuna ukuva inkululeko uYesu awayithembisa abafundi bakhe, umele ufunde ngoYehova uThixo nangoNyana wakhe. Ufanele wazi oko kukuko ukuthanda kukaThixo wandule ukwenze, kuba iBhayibhile ithi: “Ihlabathi liyadlula yaye kunjalo nangomnqweno walo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Picture On Page 7]
Ngaphantsi koBukumkani bukaThixo, ekugqibeleni uluntu luya kukhululwa kwisono nokufa