IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w97 3/1 iphe. 6-7
  • Eyona Ndlela Ilungileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Eyona Ndlela Ilungileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ILizwe Elixabiseke Kakhulu
  • Ubufundamentali Buyintoni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Urhulumente Oza Kuxhasa Imilinganiselo Yobuthixo
    Vukani!—2003
  • AmaNgqina KaYehova
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Yintoni Ayikholelwayo AmaNgqina KaYehova?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
w97 3/1 iphe. 6-7

Eyona Ndlela Ilungileyo

AMANGQINA KAYEHOVA akuxhalabele ukukhukuliseka ngokomoya okusehlabathini nokuziphatha okubi nokungaqiniseki konqulo okugubungele ibutho labantu. Ngenxa yoko, maxa wambi babizwa ngokuba ngabaxhasi bobufundamentali. Ngaba bangabo? Akunjalo. Ngoxa eneenkolelo eziqinileyo zonqulo, akazixhasi iimfundiso zobufundamentali ngengqiqo eli gama eliye lasetyenziswa ngayo. Akanyanzeli iinkokeli zobupolitika ukukhuthaza imbono ethile, yaye akabheneli kwimingcelele yoqhankqalazo nakugonyamelo nxamnye nabo bangavumelaniyo nawo. Afumene indlela elungileyo. Axelisa iNkokeli yawo, uYesu Kristu.

AmaNgqina kaYehova eyisekile ukuba kukho unqulo lokwenyaniso, olufumaneka eBhayibhileni. (Yohane 8:32; 17:17) Kodwa iBhayibhile ifundisa amaKristu ukuba ububele, ukulunga, ubulali nolwazelelelo—ziimpawu ezingavumelaniyo nenzondelelo yempambano. (Galati 5:22, 23; Filipi 4:5) Kwincwadi yeBhayibhile kaYakobi, amaKristu akhuthazwa ukuba ahlakulele “ubulumko obuvela phezulu,” obuchazwa ‘okokuqala njengobunyulu, bandule ke bube boboxolo, bube nengqiqo, bulungele ukuthobela, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo.’ UYakobi walek’ umsundulo esithi: “Imbewu yesiqhamo sobulungisa ihlwayelwa phantsi kweemeko zoxolo ngabo benza uxolo.”—Yakobi 3:17, 18.

AmaNgqina kaYehova akhumbula ukuba uYesu wayeyixhalabele kakhulu inyaniso. Waxelela uPontiyo Pilato oku: “Ndizalelwe oku, yaye ndizele oku ehlabathini, ukuze ndinikele ubungqina kuyo inyaniso.” (Yohane 18:37) Nangona wayengoyiki ukuyimela inyaniso, akazange afune ukunyanzelisa iinkolelo zakhe kwabanye. Kunoko, wachukumisa iingqondo neentliziyo zabo. Wayesazi ukuba uYise osezulwini, uThixo ‘olungileyo nothe tye,’ wayeya kugqiba ngendlela nangexesha lokushenxisa ubuxoki nokungekho sikweni ebusweni bomhlaba. (INdumiso 25:8) Ngenxa yoko, akazange afune ukubanyanzela abo babengavumelani naye. Ngokuchasene noko, yayiziinkokeli zonqulo zomhla wakhe ezazibambelele kwisithethe ezazama ukunyanzela uYesu.—Yohane 19:5, 6.

AmaNgqina kaYehova aneenkolelo eziqinileyo ngeemfundiso zonqulo, yaye abonisa ukubaluleka kokungaqwabazi liso kwimibandela engemilinganiselo yokuziphatha. Njengompostile uPawulos, eyisekile ukuba “inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo.” (Efese 4:5) Kwakhona ayawaqonda amazwi kaYesu athi: “Limxinwa isango kwaye imxinwa indlela ekhokelela ebomini, yaye bambalwa abo bayifumanayo.” (Mateyu 7:13, 14) Sekunjalo, akazami ukunyanzela abanye ukuba balandele iinkolelo zawo. Kunoko, axelisa uPawulos aze “abongoze” bonke abo banqwenela ukuba “ngabaxolelanisiweyo noThixo.” (2 Korinte 5:20) Le yeyona ndlela ilungileyo. Yindlela kaThixo.

Iimfundiso zobufundamentali, njengoko elo iligama elisetyenziswayo namhlanje, zahluke kakhulu. Abaxhasi bobufundamentali basebenzisa iindlela ezininzi—kuquka ugonyamelo—ukunyanzelisa imigaqo yabo kwibutho labantu. Ngokwenza ngaloo ndlela, baba yinxalenye epheleleyo yenkqubo yezobupolitika. Nangona uYesu wathi abalandeli bakhe babefanele ‘bangabi yinxalenye yehlabathi.’ (Yohane 15:19; 17:16; Yakobi 4:4) Ngokuvisisana naloo mazwi, amaNgqina kaYehova alondoloza ubundilele obungqongqo kwiimpikiswano zobupolitika. Yaye, njengoko iphephandaba laseItali iFuoripagina lavumayo, “awanyanzelisi nto nakubani na; wonk’ umntu ukhululekile ukuba angakwamkela okanye angakwamkeli oko akuthethayo.” Ube yintoni umphumo? Isigidimi seBhayibhile soxolo samaNgqina sitsala zonke iintlobo zabantu, kwanabo babekhe bangabaxhasi bobufundamentali.—Isaya 2:2, 3.

ILizwe Elixabiseke Kakhulu

AmaNgqina ayaqonda ukuba uluntu alunakuzicombulula iingxaki ezixhalabise abaxhasi bobufundamentali. Akunako ukunyanzela umntu ukuba akholelwe kuThixo okanye amkele izinto ozikholelwayo. Ukucinga ukuba into elolo hlobo isenokwenzeka kwakhokelela kwezinye zezinto ezihlasimlis’ umzimba kwimbali, njengeeMfazwe Zomnqamlezo, iNkundla yokuNcina Amakholwa ngexesha eliphakathi “nokuguqulwa” kwamaIndiya aseMerika. Noko ke, ukuba ukholose ngoThixo, uya kukulungela ukuyekela izinto ezandleni zakhe.

Ngokutsho kweBhayibhile, uThixo umisele ixesha laxa engasayi kuphinda avumele uluntu ukuba lwaphule imithetho yakhe luze ngaloo ndlela lubangele ukubandezeleka nentlungu. Elo xesha lisemnyango. UYesu, sele elawula njengoKumkani kuBukumkani bukaThixo basezulwini, yaye kungekudala obo Bukumkani buza kushenxisa urhulumente woluntu buze buthabathele kubo iintambo zolawulo loluntu lwemihla ngemihla. (Mateyu 24:3-14; ISityhilelo 11:15, 18) Umphumo uya kuba yiparadesi yehlabathi lonke apho kuya kwesamela uxolo nobulungisa. Ngelo xesha akusayi kubakho mathandabuzo ngendlela uThixo wokwenyaniso afanele anqulwe ngayo. “Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.” (INdumiso 37: 29) Imilinganiselo engunaphakade njengobubele obunothando, inyaniso, okusesikweni nokulunga iya kweyisa ukuze kulungelwe lonke uluntu oluthobelayo.

Sikhangele phambili kwelo xesha, umdumisi athetha ngalo ngale ndlela ibumbongorha esithi: “Kuya kuqubisana inceba nenyaniso, kuya kwangana ubulungisa noxolo. Inyaniso iya kuntshula emhlabeni, ubulungisa bondele ezulwini. Kananjalo uYehova uya kusinika okulungileyo, ilizwe lethu lisinike indyebo yalo. Ubulungisa buya kuhamba phambi kwakhe, buyigqale ngentliziyo indlela yokunyathela kwakhe.”—INdumiso 85:10-13.

Ngoxa singenako ukuliguqula ihlabathi, sinako njengabantu ngabanye ukuhlakulela imilinganiselo yobuthixo kwananamhlanje. Ngaloo ndlela, sinokuzama ukuba luhlobo lwabantu uThixo aya kubafuna njengabanquli bakhe kwelo hlabathi litsha. Siya kuba phakathi kwabalulamileyo abhekisela kubo umdumisi xa esithi: “Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:11) UThixo uyabaxhasa aze abasikelele abo benza ukuthanda kwakhe, yaye ubathembisa ikamva eliqaqambileyo. Umpostile uYohane wathi: “Ihlabathi liyadlula yaye kunjalo nangomnqweno walo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 6]

Lamp on pages 3, 4, 5, and 6: Printer’s Ornaments/by Carol Belanger Grafton/Dover Publications, Inc.

[Picture On Page 7]

AmaNgqina kaYehova amema bonke ukuba baziqhelanise neendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share