Amangqina KaYehova Aza Kuba Neendibano Zezizwe Ngezizwe
IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova lilungiselela ukuba kubekho iindibano zezizwe ngezizwe ebudeni bowe-1998. Esi saziso siye samkelwa ngehlombe kwintlanganiso yonyaka yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, eyaqhutyelwa kwiHolo yeNdibano yaseJersey City ngoMgqibelo, ngo-Oktobha 5, 1996.
Iindibano zezizwe ngezizwe kunye nezinye iindibano zesithili eziqhelekileyo eziliqela ziya kuqhutywa eMntla Merika phakathi ebudeni bowe-1998. Kulindeleke ukuba ezi ndibano ziya kuhlanganisa amakhulu amawaka amaNgqina asuka kwiindawo ezininzi zomhlaba. Ukuvumela amazwe amaninzi ukuba amelwe kangangoko, isebe ngalinye kwangaphezu kwe-100 eWatch Tower Society liya kwazisa ngeendwendwe ezinokuya kwisixeko esinendibano yezizwe ngezizwe eMntla Merika.
Kucacile ukuba abayi kukwazi ukuya bonke abantu abafunayo eMntla Merika. Noko ke, kusenokwenzeka ukuba amawaka aya kuya kwiindibano zezizwe ngezizwe ezikufuphi namakhaya azo. Kwenziwa amalungiselelo eendibano zezizwe ngezizwe eziya kuqhutyelwa kumazwe amabini okanye amathathu eYurophu yaye ezinye ziya kuqhutywa eAfrika, eAsia, kuMzantsi noMbindi Merika, kuMzantsi Pasifiki neCaribbean.
Ngexesha elifanelekileyo, iiofisi zamasebe zoMbutho ziya kwazisa amabandla ngesixeko eso siya kuba nendibano okanye izixeko amenyelwe kuzo. Inkcazelo iya kunikezelwa ngokuphathelele imihla namalungiselelo okukhetha abo bayayo. Abo bacinga ngokuzalisa isicelo sokuya basenokuqalisa ukugcina imali kwangoku ukulungiselela ezi ziganeko zikhethekileyo.
Onke amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke anokukhangela phambili koko akugcinelwe zezi ndibano zezizwe ngezizwe zowe-1998. Iindibano zesithili kuwo onke amazwe ziya kuba nocwangciso olufanayo.