IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 7/1 iphe. 31
  • Iindibano Zezizwe Ngezizwe Zowama-2003

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iindibano Zezizwe Ngezizwe Zowama-2003
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Amanqaku Afanayo
  • Amangqina KaYehova Aza Kuba Neendibano Zezizwe Ngezizwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Iindibano Ubungqina Bobuzalwana Bethu
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Ukuvuya Nokudumisa UThixo Kwiindibano
    AmaNgqina KaYehova—Enza Ukuthanda KukaThixo Zwenibanzi
  • UYehova Uyabahlanganisa Abantu Bakhe Abanovuyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 7/1 iphe. 31

Iindibano Zezizwe Ngezizwe Zowama-2003

NGOMGQIBELO, ngo-Oktobha 7, 2001, kwaqhutywa intlanganiso yamalungu eWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania eJersey City, eNew Jersey, eUnited States. Emva kwentlanganiso, kwaqalisa ucwangciso olukhethekileyo olwalulungiselelwe amalungu neendwendwe. Kusuku olulandelayo, kwabakho iintlanganiso ezongezelelekileyo ezaqhutyelwa kwizixeko ezine, eKhanada naseUnited States, amalungu eQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova enza isaziso esilandelayo emva kwentetho yokuqukumbela:

“Njengokuba sikhangele phambili kwikamva kubaluleke gqitha ukuba abantu bakaThixo bangakutyesheli ukuhlanganisana ndawonye. Umpostile uPawulos waluleka esithi sifanele sikhuthazane ingakumbi njengokuba usuku olukhulu noloyikekayo lukaYehova lusondela. (Hebhere 10:24, 25) Ngokuvumelana nalo myalelo weBhayibhile, sinethemba lokuba kunyaka ozayo [2002] siya kuba neendibano zesithili kuyo yonke imimandla yehlabathi. Siya kwandula ke ngowama-2003, ukuba uYehova uyavuma, sibe neendibano zezizwe ngezizwe ezikhethekileyo kwiingingqi ezithile zehlabathi. Ngoku lixesha lokuhlala siphaphile, sizijonga ngeliso elibukhali iziganeko ezenzekayo ehlabathini.”

Phezu kwako nje ukungaqiniseki neengxaki ezandayo kule nkqubo yezinto eya ngoku isondela ekupheleni, umsebenzi wabantu bakaThixo umele uqhubele phambili. Iindaba ezilungileyo zoBukumkani, kuquka isigidimi sesilumkiso seBhayibhile, zimele zisasazwe kuzo zonke izizwe, iintlanga, iilwimi nabantu, zixelelwa ukuba ‘zimoyike uThixo zize zimzukise, kuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe.’ (ISityhilelo 14:6, 7) Ngoko ke, ukuba kukuthanda kukaBawo wethu osemazulwini, kucetywa iindibano zezizwe ngezizwe kwiingingqi ezahlukahlukeneyo zehlabathi ngonyaka wama-2003.

Okwangoku, iindibano ezinjalo zilungiselelwa kwizixeko ezimbalwa zaseMntla Merika yaye kungekudala emva koko eYurophu. Kamva ngowama-2003, kuya kwenziwa amalungiselelo ukuba amaqela athile eendwendwe aye kwizixeko ezithile zaseAsia; yaye ngasekupheleni konyaka, amaqela angakumbi aya kuya eAfrika, eMzantsi Merika, nakwimimandla yePasifiki. Amasebe athile aya kucelwa ukuba athumele inani elithile eliqingqiweyo leendwendwe ukuba ziye kwiindibano ezithile, ngoko ke asisayi kukwazi ukumema wonke umntu. Sekunjalo, kuya kukhuthaza ukuba nenani elithile leendwendwe ezivela kumazwe ahlukahlukeneyo kwindawo nganye.

Amabandla amaNgqina kaYehova kungekudala aza kufumana inkcazelo ephathelele ezi ndibano. Kuya kunikelwa inkcazelo kumasebe ngokuphathelele iintsuku nezixeko ezithile apho iindwendwe ezimenyiweyo ziya kuya khona. Ngenxa yoko, niyacelwa ukuba ningabhali nibuza ngalo mbandela okwangoku.

Abo baya kukhethwa njengeendwendwe iya kuba ngamaNgqina azahluleleyo nabhaptiziweyo aya kuba yimizekelo emihle naya kubonakalisa uthando lobuzalwana kubazalwana basekuhlaleni. Nabo abo bazalwana baya kufumana amathuba amahle okwamkela iindwendwe ngokufudumeleyo nokubonisa uthando olunyanisekileyo. (Hebhere 13:1, 2) Oku kuya kuphumela ‘ekukhuthazaneni elukholweni.’ (Roma 1:11, 12) Iinkcukacha ezingakumbi ngala malungiselelo ziya kunikelwa kumasebe amenywe ukuba athumele iindwendwe kwilizwe okanye kumazwe athile.

Njengokuba kuqhelekile kuza kulungiselelwa iindibano zesithili zeentsuku ezintathu zowama-2003 kwinkoliso yamazwe. Ngokuhlanganisana ndawonye, sonke siya kuba nethuba ‘lokuphulaphula, lokufunda nelokukhuthazwa.’ (Duteronomi 31:12; 1 Korinte 14:31) Oku kuya kuvulela bonke abantu bakaThixo ithuba ‘lokungcamla baze babone ukuba uYehova ulungile.’ (INdumiso 34:8) Kuzo zonke iindibano zezizwe ngezizwe, ndawonye neendibano zesithili ezininzi, kuya kubakho abavangeli basemazweni, abathile babo abaya kuba nenxaxheba kucwangciso.

Ebudeni balo nyaka, sinocwangciso lweeNdibano Zesithili ‘Zabavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo,’ eziya kusikhuthaza ukuba sinikele ubungqina obungakumbi. Njengoko sinandipha olu cwangciso, ziya kusinceda sikhangele phambili ngomdla koko uYehova asilungiselele kona kunyaka ozayo. Oku kuya kusinceda ‘sihlale silindile, siphaphile yaye siwalungele’ la maxesha amanqam nanzima.—Mateyu 24:42-44.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share