Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Ukubalekela Kwintlangano KaYehova Elawulwa NgokobuThixo
KUDALA umprofeti uIsaya washukunyiselwa ukuba avakalise oku: ‘Bamele bazukise uYehova eziqithini zolwandle.’ (Isaya 24:15) AmaNgqina kaYehova azigqala iziqithi zolwandle njengenxalenye ‘yomhlaba omiweyo’ apho uYesu wayethe “kumele kushunyayelwe iindaba ezilungileyo.”—Mateyu 24:14; Marko 13:10.
IZiqithi zaseMarquesas zimi kwisithuba esiziikhilomitha ezili-1400 kumntla-mpuma weTahiti. Ziyinxalenye yezo ziqithi zikwanti kumZantsi Pasifiki obizwa ngokuba yiFrench Polynesia. Ngenxa yomhlaba ochumileyo, umhlaba wentaba-mlilo nemozulu efudumeleyo, nefumileyo, izityalo ziyachuma kwezi ziqithi. Noko ke, iMarquesas zikwathwala olunye uhlobo lwesiqhamo. Khawucinge ngemeko yenye intsapho eyasabela kwisigidimi soBukumkani kwisiqithi saseHiva Oa.
UJean nomfazi wakhe, uNadine, babengakuthandi oko kwakubizwa ngokuba yimpucuko yaseNtshona Yurophu apho babehlala khona. Ngoko bagqiba kwelokuba bashiye ubomi obuxakekileyo baze bahambe nomntwana wabo baye kwiZiqithi zaseMarquesas. Indlu yabo entsha, eyayenziwe ngoqalo, yayakhelwe kwintlambo ekwanti. Ukuze bafikelele kwabona bamelwane bakufuphi, kwakufuneka banyuke intaba enamatye arhabaxa kangangeeyure ezimbini. Xa usiya kweyona dolophana ikufutshane enogqirha, isikolo nevenkile kawonke wonke wawuthabatha iiyure ezintathu ngenqwelo-mafutha ijeep.
UJean noNadine babengenamdla kunqulo. Noko ke, babekhe babandakanyeka kwingxubusho engemvelaphi yobomi. Ngokufuthi, babede bafikelele kwiingcamango ezintsonkothileyo zendaleko. Kodwa akukho nenye kwezo ngcamango zabo eyabanelisayo.
Emva kokuhlala bodwa kangangeminyaka emithandathu, bamangaliswa xa bandwendwelwa ngamaNgqina kaYehova amabini. La maNgqina ayexelelwe ngabahlali bedolophana ekufutshane ngoJean noNadine. Ngokuzenzekelayo, incoko yafikelela kwingxubusho engengcamango yendaleko. Savuya eso sibini, kuba la maNgqina ayephethe umbhalo wencwadi ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova. UJean noNadine bavuya gqitha xa bafumana incwadi eyayicacisa ngokupheleleyo indlela ubomi obabakho ngayo.
Kungekudala emva koko, kwaqaliswa isifundo seBhayibhile. Emva kweminyaka enokuba mithathu uJean noNadine benza inkqubela ngokuthe ngcembe. Beyiseka kukuba kungekudala wonke umhlaba uza kuba yiparadesi. Emva kokwanda kwentsapho yabo yanabantwana abathathu, ukuhamba iiyure ezine besiya ezintlanganisweni zamaKristu kwiHolo yoBukumkani kwaba lucelomngeni lokwenene. Noko ke, oko akuzange kubathintele. Ekugqibeleni uJean noNadine bazahlulela kuYehova ngokubhaptizwa emanzini. Oku bakwenza kwindibano eyayibanjelwe kweyona dolophana inkulu, apho incopho yababekho yayingabantu abangama-38!
Ukuze ikwazi ukunceda iqaqobana labavakalisi boBukumkani, le ntsapho yagqiba kwelokuba ilishiye ikhaya layo elikwanti. Yaya kwidolophana enabemi abaliwaka, apho uJean akhonza khona njengesicaka solungiselelo kwibandla lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova. Le ntsapho, eyaya eziqithini ibaleka impucuko, ikugqala kulilungelo ukufumana ekuphela kwendawo yokubalekela, intlangano kaYehova elawulwa ngokobuthixo.