Ngaba Kusaphiliswa Ngemimangaliso?
“YAMKELA uYesu uze uphiliswe!” Intetho enjengale yakhokelela uAlexandre, ilungu lecawa yeVangeli, ukuba akholelwe ukuba ukusela iyeza xa egula kuya kubonisa ukungabi nalukholo. Weyiseka kwelokuba ukholo lwakhe lulodwa lwalunokumphilisa ngommangaliso nto leyo awayeyifuna. UBenedita, umKatolika onenzondelelo, wayechukumiseke kakhulu xa weva ngokuphiliswa ngemimangaliso kwingcwele yaseAparecida do Norte, kwilizwe laseSão Paulo, eBrazil. Esebenzisa amazwi omlingo awayewafundiswe nguninakazi, uBenedita wathandaza kwiNenekazi Lethu laseAparecida, uAnthony, nakwezinye “iingcwele” ukuze afumane amandla okuphilisa abagulayo.
Kuyabonakala ukuba, kwanakule nkulungwane yama-20, abantu abaninzi basakholelwa ekuphilisweni ngemimangaliso—kodwa kutheni? Kusenokuba, bambi bakhathazwa kukuba oogqirha bengakwazi ukwenza nto ingako ukuze baphelise ukugula, intlungu nokubandezeleka kwabo babathandayo, ingakumbi abantwana babo. Abo bathwaxwa kukugula okungapheliyo basenokuvakalelwa kukuba ngenxa yokuxhoma kwamaxabiso amayeza anamhlanje, abasayi kulahlekelwa nto kukufuna ukuphiliswa ngokholo. Bambi babona kumabonwakude iicawa ezininzi nabanye abantu abathi banyanga uGawulayo, udandatheko, umhlaza, ukuphambana, uxinezelelo lwegazi nezinye izigulo ezininzi. Enoba banokholo koko kuthethwayo okanye akunjalo, basenokubhenela kubo njengoncedo lokugqibela. Sekunjalo, abanye abakholelwa kwelokuba ukugula kwabo kubangelwa yimimoya engendawo basenokuvakalelwa kukuba amayeza aqhelekileyo akanamandla okubanceda.
Kwelinye icala, kukho abo bakuchasa ngokwenene, bade bangayamkeli ngokupheleleyo ingcamango yokuphiliswa ngemimangaliso “ziingcwele” ezifileyo okanye abathandazeli. Ngokutsho kweJornal da Tarde, ingcali engokuthintelwa kwezifo uDráusio Varella ivakalelwa kukuba inkolelo enjalo “ilusingela phantsi ukholo lwabo bangaphaphanga nabo bangenathemba.” Wongezelela esithi: “Ukuthembela kwimimangaliso, kungabangela ukuba abaninzi bayeke unyango olubalulekileyo ngenxa yaba balahlekisi.” Kwakhona iThe New Encyclopædia Britannica iyacacisa: “Ukuphilisa okungaqhelekanga kwixesha elidluleyo kuye kwanxulunyaniswa neendawo ezingcwele nemisitho yonqulo, yaye inzululwazi yezamayeza ityekele ekubeni konke oko kuphilisa kunjalo ikunxulumanise nenkqubo yemvelo ezenzekelayo ebangelwa nje ziimeko ezilungileyo.” Sekunjalo, baninzi abakholelwa kwelokuba ngokwenene baphiliswa ngommangaliso. Kubo, baphiliswa ngokwenene!
Abo baqheleneyo neBhayibhile bayazi ukuba uYesu Kristu waphilisa abagulayo izihlandlo ezininzi, ekwenza oku “ngamandla kaThixo.” (Luka 9:42, 43) Ngaloo ndlela basenokuzibuza, ‘Ngaba amandla kaThixo asasebenza yaye ephilisa ngokungummangaliso namhlanje?’ Ukuba kunjalo, kutheni amalinge amaninzi okuphilisa engaphumeleli ukuze kwenzeke oko kuthenjisiweyo? Ngaba kungenxa yokuba umguli akanalukholo lwaneleyo okanye kungenxa yokuba umnikelo wakhe awanelanga? Ngaba kufanelekile ukuba umKristu afune ukuphiliswa ngokungummangaliso xa enesifo esibuhlungu okanye mhlawumbi esinganyangekiyo? Yaye ngaba oko kuphilisa ngemimangaliso kufana noko uYesu wakwenzayo kuya kuze kwenzeke kwakhona? Unokufumana iimpendulo kule mibuzo ibalulekileyo kwinqaku lethu elilandelayo.