Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba iTetragrammaton (oonobumba besiHebhere abane begama likaThixo) efumaneka kumbhalo wesiHebhere kaMateyu yakhutshelwa ngugqirha ongumYuda wenkulungwane ye-14 uShem-Tob ben Isaac Ibn Shaprut?
Akunjalo. Noko ke, le ncwadi kaMateyu iyalisebenzisa igama elithi hash·Shem’ (libhaliwe liphelele okanye lishunqulelwe) izihlandlo ezili-19, njengoko kuphawuliwe kwiphepha 13 leMboniselo ka-Agasti 15, 1996.
NgesiHebhere igama elithi hash·Shem’ lithetha ukuthi “iGama,” nto leyo ngokuqinisekileyo ebhekisela kwigama likaThixo. Ngokomzekelo, kumbhalo kaShem-Tob isishunqulelo segama elithi hash·Shem’ sibonakala kuMateyu 3:3, isiqendu apho uMateyu acaphula incwadi kaIsaya 40:3. Kusengqiqweni ukugqiba ngelithi xa uMateyu wayecaphula indinyana ethile kwiZibhalo zesiHebhere apho kufumaneka khona iTetragrammaton, wafaka igama likaThixo kwiVangeli yakhe. Ngoko ngoxa umbhalo wesiHebhere owabhalwa nguShem-Tob ungayisebenzisi iTetragrammaton, ukusebenzisa kwawo isibizo esithi “iGama,” njengokuba kuboniswe kuMateyu 3:3, kuxhasa ukusetyenziswa kwesibizo esithi “Yehova” kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike.
UShem-Tob wakhuphela umbhalo wesiHebhere kaMateyu kwincwadi yakhe awayephikisa kuyo ethi ʼEʹven boʹchan. Ngoko, wawuvelaphi kanye lo mbhalo wesiHebhere? UNjingalwazi uGeorge Howard, owawuphandisisa ngokucokisekileyo lo mbandela, ucebisa ukuba “incwadi kaMateyu yesiHebhere ka-Shem-Tob yabhalwa malunga neenkulungwane ezine zokuqala kwixesha lamaKristu.”a Bambi basenokungavumelani naye kulo mbandela.
UHoward uthi: “Umbhalo wesiHebhere kaMateyu obhalwe kule ncwadi wahlukile kwindlela obhalwe ngayo ngesiGrike kuMateyu.” Ngokomzekelo, ngokutsho kwencwadi kaShem-Tob, uYesu wathi ngoYohane: “Enyanisweni ndithi kuni, phakathi kwabo bazelwe ngabafazi akuveliswanga omkhulu ngakumbi kunoYohane umBhaptizi.” Iyawakhupha amazwi kaYesu alandelayo athi: “Kodwa umntu omncinane ngakumbi ebukumkanini bamazulu mkhulu ngakumbi kunokuba enjalo.” (Mateyu 11:11) Kwangendlela efanayo, kukho umahluko omkhulu phakathi kombhalo wesiHebhere okhoyo ngoku weZibhalo zesiHebhere nendlela ekubhalwe ngayo kwinguqulelo eyiSeptuagint yesiGrike. Ngoxa siwuvuma umahluko ophakathi kwazo, inako ukufana okuthile xa kufundisiswa loo mibhalo yakudala.
Njengokuba kuchaziwe, umbhalo kaMateyu kaShem-Tob uquka “iGama” kwindawo apho kukho isizathu esilungileyo sokukholelwa ukuba uMateyu ngokwenene wasebenzisa iTetragrammaton. Ngaloo ndlela, ukususela ngowe-1950, umbhalo kaShem-Tob uye wasetyenziswa ukuxhasa ukusetyenziswa kwegama likaThixo kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike, yaye iyacatshulwa kwi-The New World Translation of the Holy Scriptures—With References.b
[Imibhalo esemazantsi]
a Kwakhona bona i-New Testament Studies, Umqulu 43, Inombolo 1, Januwari 1997, iphepha 58-71.
b Ipapashwe ngowe-1984 yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.