Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Ukuhlangabezana Nocelomngeni “Kwilizwe Lezinto Ezingalindelekanga”
UMPOSTILE UPAWULOS wabuza amaKristu enkulungwane yokuqala eKorinte wathi: “Ukuba ixilongo livakalisa ubizo olungaqondakaliyo, ngubani na oya kulungela idabi? Kwangendlela efanayo, ngaphandle kokuba ngalulwimi lumbi nithetha intetho eqondakala ngokulula, kuya kwaziwa njani na oko kuthethwayo?”—1 Korinte 14:8, 9.
EPapua New Guinea, maxa wambi ekwabizwa ngokuba liLizwe Lezinto Ezingalindelekanga, amaNgqina kaYehova ajamelana nemiqobo emikhulu ekushumayeleni isigidimi esicacileyo seBhayibhile. Ashumayela kubantu abathetha iilwimi ezingaphezu kwama-700 yaye abanamasiko amaninzi awahlukahlukeneyo. Kwakhona amaNgqina akwafanele asebenze kummandla osezintabeni, ongenazindlela, nalapho kukho ulwaphulo-mthetho olwandayo. Ukongezelela kuzo zonke ezi ngxaki, kukho inkcaso evela kumaqela athile onqulo yaye maxa wambi, nakumagosa esikolo.
Sekunjalo, imfundiso elungileyo yokomoya nokukhula kwethala leencwadi zokufundisisa iBhayibhile ngeelwimi zasekuhlaleni ixhobisa amaNgqina ukuze ahambise iindaba ezilungileyo njengexilongo elicacileyo lobizo. Ngokufuthi afumana abantu abanomdla, njengokuba ezi ngxelo zilandelayo zibonisa:
• Ekuqaleni konyaka omtsha wesikolo, umfundisi-ntsapho othile wafuna ukwazi isizathu sokuba abantwana bamaNgqina kaYehova bengayikhahleli indwe okanye bacule umhobe wesizwe. Umbuzo wakhe wawujolisa kuMaiola, umfundi oneminyaka eli-13 ubudala noliNgqina elibhaptiziweyo. UMaiola wanikela ingcaciso ecacileyo, engokweZibhalo. Lo mfundisi-ntsapho wasamkela isizathu sakhe ekubeni sasivela eBhayibhileni. Kwakhona ingcaciso yakhe yadluliselwa kwabanye abafundisi-ntsapho.
Kamva, xa abafundi bababelwe umsebenzi wokubhala izincoko, uMaiola wakhetha umbandela ophathelele uBathathu Emnye. Isincoko sakhe samenza wafumana awona manqaku aphezulu kwiklasi yakhe, yaye umfundisi-ntsapho wakhe wambuza umthombo wenkcazelo yakhe. Wambonisa incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngolwimi lwesiNgesi. Lo mfundisi-ntsapho wazisa ngale ncwadi kuyo yonke iklasi, yaye abaninzi bafuna imibhalo yabo. Ngosuku olulandelayo, uMaiola wahambisa iincwadi izili-14 kunye namaphephancwadi asi-7 kumaqabane akhe esikolo, ibe waqalisa izifundo zeBhayibhile kunye nabathathu. Usukelo lukaMaiola kukuba ngumlungiseleli wexesha elizeleyo.
• Iqela lamaNgqina kaYehova elikwanti kunxweme lwedolophana ekufuphi nePort Moresby liye lajamelana nenkcaso ukususela nje ekuqaleni kweminyaka yee-1970. Noko ke, kutshanje, liye lafumana uncedo kumthombo ongalindelekanga. Ubhishopu weCawa yamaUnited apho, inzalelwane yasePapua New Guinea owafunda phesheya, ngenye imini ecaweni wathi abaphulaphuli mababuze imibuzo. Indoda ethile yabuza: “Kukho iinkonzo ezimbini kwidolophana yethu—iCawa yamaUnited kunye namaNgqina kaYehova. Sifanele senze ntoni xa amaNgqina esityelela emakhayeni ethu?” Emva kokunqumama ithuba elide, lo mfundisi waphendula: “Uyazi, eneneni andazi ukuba ndikuxelele ntoni. Kutshanje, amaNgqina amabini aselula afika ekhayeni lam. Andibuza umbuzo, yaye kuyo yonke imfundo endinayo yaseyunivesithi, andizange ndiyazi impendulo. Kodwa ngokulula nje bandinika impendulo evela eBhayibhileni. Ngoko ke andizi kukuxelela into omele uyenze—ndiza kuyekela kuwe. Akumele uphulaphule ukuba akufuni, kodwa musa, ukuwaphatha kakubi.”
Ummeli ohambahambayo weWatch Tower Society othe kamva watyelela eli qela lamaNgqina unikele le ngxelo: “Phantse wonk’ ubani kule ndawo wawaphulaphula amaNgqina xa ayeye kushumayela. Bambi bade bawamemela emakhayeni abo. Kushunyayelwa ngokukhululekileyo ngoku.”