IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w98 1/1 iphe. 3-5
  • Inyaniso Iguqula Ubomi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Inyaniso Iguqula Ubomi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuba Nenjongo Ebomini
  • Intsapho Entsha
  • “Ndalwa Njengengonyama”
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015
  • Ukufumana Isiqabu Kwiinzingo Zobutsha
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • UYehova Uthembisa UDaniyeli Umvuzo Oncumisayo
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
w98 1/1 iphe. 3-5

Inyaniso Iguqula Ubomi

KUBUHLUNGU kodwa kuyinyaniso ukuba ubomi kubantu abaninzi namhlanje bunzima, yaye bumaxongo. Ngaba kunokwenzeka ngabantu abanjalo ukuba bonwabe? Bambi bazizaphuli-mthetho yaye baxhaphaza abamelwane babo. Ngaba baya kuze babe ngamalungu anyanisekileyo ebutho loluntu? Kuyo yomibini le mibuzo impendulo nguewe. Abantu banokutshintsha. Ubomi bunokuguqulwa. Umpostile uPawulos wabonisa indlela okunokwenziwa ngayo oku xa wabhala wathi: “Guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu, ukuze nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.”—Roma 12:2.

Ukuthetha ‘ngokugqibelela kokuthanda kukaThixo’ kusenokukukhumbuza ngoko wakuthethayo uYesu kubafundi bakhe kwiminyaka engaphezu kwama-20 ngaphambi kokuba uPawulos abhale la mazwi angasentla. UYesu wathi: “Niya kuyazi inyaniso, ibe inyaniso iya kunikhulula.” (Yohane 8:32) Ngokuthetha ‘ngenyaniso,’ uYesu wayethetha ngenkcazelo ephefumlelwe nguThixo—ngokungakumbi inkcazelo ephathelele ukuthanda kukaThixo—esiyigcinelwe eBhayibhileni. (Yohane 17:17) Ngaba ngokwenene inyaniso yeBhayibhile iyabakhulula abantu? Ngaba ngokwenene ukuphila ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo kuyabuguqula ubomi? Ngokwenene kuyabuguqula. Qwalasela le mizekelo imbalwa.

Ukuba Nenjongo Ebomini

Kutshanje, uMoisés, eGibraltar, ebeyindoda engonwabanga gqitha. Uthi: “Ndandilinxila yaye ndandilala ezitratweni. Ndandingenanjongo ebomini. Yonke imihla ebusuku ndandicela uThixo ukuba abe nenceba kum nokuba angandenzi ndiphile ngosuku olulandelayo. Ndandikhala njengoko ndandibuza uThixo ukuba ndandizalelwe ntoni ukuba ndandiza kuba leli tshijolo ndililo, into engenamsebenzi, engenantsapho yaye ekungekho mntu unokuyinceda. Ndandiphilela ntoni?” Emva koko, kwenzeka okuthile.

UMoisés uqhubeka athi: “Ndandisazi ukuba uThixo uye wawuva umthandazo wam xa ndadibana noRoberto, omnye wamaNgqina kaYehova. URoberto wandinika iBhayibhile nempapasho yokufundisisa iBhayibhile ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?a Yonke imihla sasifundisisa iBhayibhile kwisitulo endandilala kuso ebusuku. Emva kwenyanga uRoberto wandisa ezintlanganisweni kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova yasekuhlaleni. Kungekudala, inyaniso yeBhayibhile yayisele iyiguqule gqitha indlela endikhangeleka ngayo. Ngoku andisalali phandle; ibe andisaseli andisatshayi. Ubomi bam buguqukile, yaye ndonwabile. Ndicinga ngokubhaptizwa kungekudala yaye ndikhonze uYehova njengomnye wamaNgqina akhe.”

Enjani yona inguqulelo! Xa abantu bengenathemba, ngokufuthi oko kubangelwa kukungabi nalwazi. Abazi nto ngoThixo okanye iinjongo zakhe ezimangalisayo. Kwimeko kaMoisés, xa wafumana olo lwazi, lwamnika amandla nenkalipho yokuguqula ubomi bakhe. Umthandazo womdumisi kuThixo waphendulwa kwimeko kaMoisés: “Thuma ukukhanya kwakho nenyaniso yakho, zindikhaphe zindise entabeni yakho engcwele naseminqubeni yakho.”—INdumiso 43:3.

EBelize, uDaniel naye wajamelana nemeko ebufana. UDaniel wayengalali ezitratweni—wayenomsebenzi ophucukileyo. Kodwa kangangeminyaka engama-20 wayesilwa nokukhotyokiswa ziziyobisi notywala okwakumkhokelela kwihambo yokuziphatha okubi. Nangona wayekhuliswe njengomKatolika, uDaniel akazange asibone isizathu sokuphila kwakhe, yaye wayebuthandabuza ubukho bukaThixo. Waya kwiicawa ezahlukeneyo efuna uncedo kodwa wafumanisa ukuba uninzi lwabahlobo bakhe olwaluhamba icawa kwanabanye abefundisi abangabahlobo bakhe babesebenzisa kakubi iziyobisi okanye utywala. Ngeli xesha, umfazi wakhe wayesele eza kuqhawula umtshato.

Engayazi into amakayenze uDaniel waya kwiziko lokunceda abantu babuyele kwimeko yesiqhelo. Sekunjalo, wayesazi ukuba emva kokukhululwa kwakhe, wayeya kubuyela kwiziyobisi kungekudala ukuba akafumananga ncedo. Kodwa uncedo olunjani? NgoMeyi 1996, kwiintsuku nje ezimbini emva kokuba ephumile kwelo ziko, uDaniel wancokola nomnye wamaNgqina kaYehova yaye wamothusa ngesicelo esithi, “Khawundincede ufunde nam iBhayibhile.” Elo Ngqina lalungiselela ukufundisisa iBhayibhile noDaniel kabini ngeveki, yaye kungekudala uDaniel waqalisa ukuvumelanisa ubomi bakhe nokuthanda kukaThixo yaye endaweni yabahlobo bakhe abadala waba nabahlobo abangamaKristu ababengasebenzisi kakubi iziyobisi notywala nababekuphepha ukuziphatha okubi. Ngaloo ndlela uDaniel wafumanisa ukuba iBhayibhile ithetha inyaniso xa isithi: “Ohamba nezilumko uba sisilumko naye, ke olikholwane lesidenge uya konakaliswa.” (IMizekeliso 13:20) Kungekudala, wathi: “Esi sisihlandlo sokuqala ebomini bam endiye ndakwazi ukuba nesazela esicocekileyo.” Ubomi bukaDaniel nabo baguqulwa.

EPuerto Rico, enye indoda yaguquka ngokuphawulekayo. Yayisentolongweni yaye yayisaziwa njengenobungozi gqitha, ekubeni yayibulele iqela labantu. Ngaba inyaniso yeBhayibhile yayinokuyiguqula? Ewe. Omnye wamaNgqina kaYehova wakwazi ukuyinika amaphephancwadi IMboniselo noVukani!, yaye ngokukhawuleza yacela angakumbi. Kwaqaliswa isifundo seBhayibhile nayo, yaye njengoko inyaniso yeBhayibhile yayiqalisa ukuphembelela intliziyo yayo, iinguqulelo eyazenzayo zazibonakala kuwonke wonke. Obunye ubungqina bokuqala bokutshintsha kwayo kuxa yaphungula iinwele zayo ezazinde yaza yacheba intshebe yayo eyayidlakadlaka.

IBhayibhile ithi uThixo uyabaxolela aboni abaguquka ngokwenene baze baguqule nendlela ababuphila ngayo ubomi babo. UPawulos wabhala: “Anazi na ukuba abantu abangengomalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? . . . Ukanti oko koko bambi kuni babekuko. Kodwa niye nahlanjwa nahlambuluka.” (1 Korinte 6:9, 11) Alithandabuzeki elokuba, la mazwi ayithuthuzela le ndoda, kwangokunjalo namazwi eZenzo 24:15 athi: “Kuza kubakho uvuko kokubini olwamalungisa nabangengomalungisa.” Yathi: “Ndifuna ukuba lapho xa abantu abafileyo bevuka ukuze ndicele uxolo kwabo ndababulalayo.”

Intsapho Entsha

Ngenye imini uLuis, umvangeli wexesha elizeleyo oliNgqina likaYehova eArgentina, waziswa kumfana owayenemvelaphi ebuhlungu. Ngenxa yokuba wayelahlwe ngabazali bakhe emva kokuzalwa kwakhe, wakhuliswa kumaziko awahlukahlukeneyo. Xa wayeneminyaka enokuba ngama-20 ubudala, weva ngendawo awayekuyo unina waza wagqiba kwelokuba ahlale kufuphi naye. Wasebenza nzima, wagcina imali eninzi, waza waya kwisixeko awayekuso unina. Wamvumela ukuba ahlale naye de yaphela imali yakhe yaye wamcela ukuba ahambe. Oku kulahlwa kwamenza wafuna ukuzibulala.

Noko ke, uLuis wakwazi ukwabelana nalo mfana ngenyaniso yeBhayibhile. Loo nyaniso yayiquka isiqinisekiso sokuba: ‘Nokuba ubawo noma bandishiyile uYehova uya kundichola.’ (INdumiso 27:10) Lo mfana wafumanisa ukuba wayenoBawo wasemazulwini owayengasokuze amlahle. Ngoku uvuyiswa kukuba yinxalenye yale ntsapho intsha, intsapho kaYehova.

Kwakwelo lizwe enye indoda yaxelela omnye wamaNgqina kaYehova ukuba yayilithanda iphephancwadi eliyiMboniselo. Ngoba? Ngenxa yokuba lasindisa umtshato wayo. Kubonakala ngathi ngenye imini le ndoda, njengokuba yayiphuma emsebenzini, yabona iphephancwadi IMboniselo elinomxholo obhalwe ngoonobumba abakhulu othi “Uqhawulo-mtshato.” Ekubeni umtshato wayo wawuneengxaki yaye yona nomfazi wayo babesele beqalisile ukwenza amalungiselelo okwahlukana ngokusemthethweni, yalichola eli phephancwadi yaza yaqalisa ukulifunda. Yagoduka nalo yaza yalifunda nomfazi wayo. Esi sibini saqalisa ukusebenzisa isiluleko esisekelwe eBhayibhileni esasifumaneka kwelo phephancwadi. (Efese 5:21–6:4) Kungekudala, ulwalamano lwabo lwaphucula. Bayeka ukulungiselela ukwahlukana yaye ngoku bafundisisa iBhayibhile njengesibini esitshatileyo nesimanyeneyo.

EUruguay, enye indoda enguLuis yayingonwabanga. Ukukhotyokiswa ziziyobisi, ukusebenzelana nemimoya, ukunqula izithixo ukusebenzisa kakubi utywala—ezi zezinye zezinto ezabangela ukuba ubomi bakhe bube neengxaki. Ekugqibeleni, uLuis, enxunguphele ngokwenene waba ngumntu ongabukholelwayo ubukho bukaThixo. Umhlobo wakhe wamnika incwadi ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation?b Oku kwaphumela ekubeni aqhagamshelane namaNgqina kaYehova okwethutyana, kodwa kungekudala uLuis wabuyela etywaleni nakwiziyobisi. Ngesinye isihlandlo, xa wayebandezeleke gqitha, wazifumanisa ehleli emngxunyeni owawuzele inkunkuma, wathandaza, ethandaza “kuyise kaYesu Kristu,” ekubeni wayengaqinisekanga ngegama likaThixo.

Wacela uThixo amxelele enoba sasikho kusini na isizathu sokuba aqhubeke ephila. ULuis uthi: “Ngosuku olulandelayo, omnye umntu wandinika incwadi awayengasayisebenzisi. Wawusithini umxholo wayo? Wawusithi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!”c Le ncwadi yamnceda wakwazi ukuphendula umbuzo wakhe. Kwakhona uLuis wathandaza ecela uncedo lokuba afumane unqulo olwaluza kumbonisa indlela yokukhonza uThixo. Onjani wona ummangaliso! Kwankqonkqozwa, yaye ngaphandle kwakumi amaNgqina kaYehova amabini. Ngokukhawuleza uLuis waqalisa ukufundisisa iBhayibhile nawo. Wenza iinguqulelo ngokukhawuleza yaye ngoku uziva esikelelekile ngokuba liNgqina elibhaptiziweyo. Uphila ubomi obucocekileyo yaye unceda abanye ukuba bakwazi ukufumana injongo yokuphila kwabo. Kuye, amazwi akwiNdumiso 65:2 angqineke eyinyaniso: “Wena mphulaphuli wemithandazo, iza kuwe inyama yonke.”

KwiiPhilippines, uAllan wayephambili kuqhankqalazo lwasesikolweni. Wayelilungu lombutho owawuneenjongo “zokubhukuqa urhulumente ukuze izizukulwana ezilandelayo zilingane.” Nangona kunjalo, ngenye imini waqhagamshelana namaNgqina kaYehova waza wafunda eBhayibhileni iinjongo zikaThixo ngoluntu. Loo njongo iquka ithemba eliphefumlelweyo elithi: “Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo . . . Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:10, 11) UAllan wathi: “Kungekudala ndafumanisa ukuba umbutho wethu noko sasikuzabalazela kwakuthenjiswe kwakudala eBhayibhileni. Zonke izinto esizinqwenela ngokwenene ziya kubakho phantsi koBukumkani bukaThixo.” Ngoku uAllan uxhasa uBukumkani bukaThixo yaye unceda abanye abantu ukuba babe nokholo enyanisweni yeBhayibhile.

Ewe, ubomi buyaguquka xa bantu bethobela inyaniso yeLizwi likaThixo, iBhayibhile. Ngokwenene, liyeza ixesha laxa lonke uluntu oluphilayo luya kuvisisanisa ubomi balo nokuthanda kukaThixo. Enjani inguqulelo okuya kuba yiyo oko! Emva koko, isiprofeto siya kuzaliseka: “Aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele; ngokuba ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.”—Isaya 11:9.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ipapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.

b Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

c Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share