Ngaba Siya Kusoloko Sifuna—Imikhosi?
IMIKHOSI iye yatshabalalisa inxalenye enkulu yobuncwane babantu yaza yaluphelisa ngamandla ulonwabo lwabantu. Ngaloo ndlela abanye abantu baye bazibuza, ‘Ngaba uluntu luya kuze luphumeze uhlobo lonqabiseko lomhlaba oluya kuphumela ekuphelisweni kwemikhosi?’ Ngoku ekubeni izixhobo zokubulala abantu abaninzi zibonakala zinokuphelisa bonke ubomi, lo mbuzo ungxamiseke ngakumbi. Ngaba kusengqiqweni kangakanani ukuba nethemba lehlabathi elingenamikhosi?
Iinkqubo eziliqela ziyangqina ukuba xa kukho ulwalamano lwamazwe ngamazwe oluhle noluthembekileyo, oku kusenokukhokelela ekubekweni phantsi kwezixhobo. Ngokomzekelo, ubuhlobo obebusoloko bukho phakathi kweKhanada neUnited States buye bathetha ukuba umda wabo oziikhilomitha ezingama-5000 uye awakhuselwa yimikhosi ngaphezu kwenkulungwane enesiqingatha. INorway neSweden ziye zaphumeza okufanayo, njengokuba ziye zenjenjalo nezinye izizwe. Ngaba isivumelwano phakathi kwezizwe zonke singaphumela kwihlabathi elingenamikhosi? Ngenxa yoloyiko olwabangelwa yiMfazwe Yehlabathi I, le ngcamango iye yathandwa ngabantu ngokungenakufaniswa nanto.
Xa kwenziwa uxolo ngowe-1918, enye yeenjongo yesivumelwano soxolo saseVersailles ‘yayikukuqalisa ukumisela ubungakanani bezixhobo ezifanele izizwe zonke zibe nazo.’ Ebudeni beminyaka elandelayo, ukuchasa nayiphi na imfazwe kwamkelwa ngabona bantu baninzi. Abanye babo bachasa nayiphi na imfazwe babumba iingcingane zokuba imfazwe yeyona nto yakhe yambi enokwehlela isizwe yaye imbi ngaphezu kokoyiswa. Abo bachase abo bachasa nayiphi na imfazwe abazange bavumelane noku, bebonisa ukuba kangangeenkulungwane, amaYuda akwiindawo ezinkulu awasebenzisi zixhobo ezininzi kangako kwabo bawahlaselayo, sekunjalo amalinge enkohlakalo okuwatshabalalisa aqhubeka. Ama-Afrika aba namathuba amancinane okuxhathisa abo bawazisa njengamakhoboka kumazwe aseMerika, yaye sekunjalo aphathwa kakubi kangangeenkulungwane.
Noko ke, ukuqhambuka kweMfazwe Yehlabathi II, kwabangela ukuba uninzi lwabo bachase nayiphi na imfazwe bagqibe kwelokuba amazwe afuna ukukhuselwa. Ngoko xa iZizwe Ezimanyeneyo zasekwa emva kweMfazwe Yehlabathi II, akuzange kugxininiswe kakhulu ekubekweni phantsi kwezixhobo yaye kwagxininiswa kakhulu kwintsebenziswano yezizwe ngezizwe ukuze kuthintelwe ukuhlaselwa. Ngoko amalungu azo aba nethemba lokuba unqabiseko olulungiselelweyo luya kunika izizwe isiqinisekiso sokubeka phantsi izixhobo.
Enye ingxaki yaya icaca ngakumbi. Ngokufuthi imigudu yezizwe yokuzenza zinqabiseke yenza abamelwane bazo bazive bengakhuselekanga. Ukuconjululwa kwale ngxaki kwabanga enye ingxaki eyakhokelela kukhuphiswano lwezixhobo. Kodwa kutshanje, ulwalamano oluphuculweyo phakathi kwezizwe eziphambili luye lwaqinisa ithemba lokubeka phantsi izixhobo. Noko ke, ukususela ngoko, iMfazwe yeGulf kwaneengxaki kummandla owawusakuba yiYugoslavia ziye zawaphelisa amathemba abaninzi okubekwa phantsi kwezixhobo. Malunga neminyaka emihlanu eyadlulayo, iphephancwadi iTime lathi: “Nangona imfazwe yomlomo iphelile, ihlabathi liye laba yindawo eyingozi ngakumbi, kunokuba libe bhetele.”
Umnqweno “Wowakwantsasana” Womhlaba Wonke
Abakhi-mkhanya abaninzi bagqiba kwelokuba uluntu lufuna urhulumente omnye onomkhosi onamandla ngokwaneleyo ukukhusela wonke ubani. Ekubeni umbutho weZizwe Ezimanyeneyo neyona mikhosi mikhulu ingakwazi ukwenza oku, abanye bavakalelwa kukuba akukho themba lingako ngekamva. Kodwa ukuba uyayamkela iBhayibhile njengeLizwi likaThixo, kusenokuba ukhe wazibuza enoba uThixo uSomandla uya kuyanelisa le mfuno ingxamisekileyo kusini na.
Ngaba Lowo iBhayibhile imbiza ngokuthi “uThixo wothando nowoxolo” uya kusebenzisa amandla omkhosi ukuzisa okusesikweni? Ukuba kunjalo, wuphi umkhosi? Imikhosi emininzi yanamhlanje izibanga ixhaswa nguThixo, kodwa ngaba ngokwenene yenza ukuthanda kukaThixo? Okanye ngaba uThixo unayo enye indlela yokungenelela kwaneyokuzisa uxolo nonqabiseko?—2 Korinte 13:11.
UThixo uSomandla waqhubana nemvukelo yokuqala ngokugxotha uAdam noEva e-Eden waza wabeka iikherubhi ukubathintela ukuba bangabuyi kwakhona. Kwakhona waxela injongo yakhe yokuphelisa konke ukuvukelwa kolongamo lwakhe. (Genesis 3:15) Ngaba oko kuya kuquka ukusebenzisa kukaThixo umkhosi?
IBhayibhile isixelela ngezihlandlo xa uThixo wasebenzisa imikhosi ekufezeni imigwebo yakhe. Ngokomzekelo, izikumkani kwilizwe laseKanana zaziba neentlobano zesini namarhamncwa, zibingelela ngabantwana yaye zibandakanyeke kwiimfazwe ezikhohlakeleyo. UThixo wanikela umyalelo wokuzitshabalalisa yaye wasebenzisa umkhosi kaYoshuwa ekuphumezeni isigwebo sazo. (Duteronomi 7:1, 2) Ngokufanayo, umkhosi kaKumkani uDavide waphumeza umgwebo kaThixo ngokuchasene namaFilisti njengomzekelo wendlela uThixo aya kutshabalalisa ngayo bonke abangendawo ngemini yakhe yokugqibela yomgwebo.
Sinokufunda okuthile kwezo ziganeko. UYehova wabonisa ukuba wayenokusebenzisa nawuphi na umkhosi ukubenza abantu banqabiseke. Eneneni, uYehova unomkhosi okhethekileyo oya kuqhubana nemvukelo yomhlaba wonke ngokuchasene nolawulo lwakhe.
“UYehova Wemikhosi”
IBhayibhile isebenzisa ibinzana elithi “uYehova wemikhosi” ngaphezu kwezihlandlo ezingama-250. Eli binzana ngokuyintloko libhekisela kwisikhundla sikaThixo njengomphathi-mkhosi wemikhosi emikhulu yeengelosi. Ngesinye isihlandlo umprofeti uMikaya waxelela uKumkani uAhabhi noYehoshafati esithi: “Ndimbonile uYehova ehleli etroneni yakhe, umi wonke umkhosi wasemazulwini ngakuye, ngasekunene kwakhe nangasekhohlo kwakhe.” (1 Kumkani 22:19) Apha kubhekiselwa kwimikhosi yeengelosi. UYehova wasebenzisa le mikhosi ukukhusela abantu bakhe. Xa isixeko saseDotan sasingqongiwe, umkhonzi kaElisha walahl’ ithemba. Noko ke, ukumqinisekisa, uThixo wambonisa umbono ongummangaliso wemikhosi yezidalwa zakhe zomoya. “UYehova wawavula amehlo omfana lowo, wabona, nantso intaba izele ngamahashe neenqwelo zokulwa zomlilo.”—2 Kumkani 6:15-17.
Ngaba iziganeko ezinjalo zithetha ukuba uThixo uyayixhasa imikhosi namhlanje? Eminye imikhosi yeNgqobhoko isenokuzibanga iyimikhosi kaThixo. Emininzi iye yacela abefundisi ukuba bayisikelele. Kodwa imikhosi yeNgqobhoko ngokufuthi ilwa yodwa, ngokuchasene namanye amakholwa. Iimfazwe ezimbini zehlabathi zale nkulungwane ziqale phakathi kwemikhosi ezibanga ingamaKristu. Oku akunakuba ngumsebenzi kaThixo. (1 Yohane 4:20) Nangona imikhosi enjalo isenokuthi ilwela uxolo, ngaba uYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba balungiselele imikhosi enjalo ukuzama ukuthintela ukuphazanyiswa koxolo?
Lwaphela kakubi uxolo xa ihlokondiba elalixhobile labamba uYesu kumyezo apho wayethandaza nabafundi bakhe. Omnye wabafundi bakhe waxabela indoda eyayikwelo hlokondiba ngekrele. UYesu wasebenzisa eso sihlandlo ukucacisa umgaqo obalulekileyo. Wathi: “Buyisela ikrele lakho endaweni yalo, kuba bonke abo bathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele. Okanye ucinga ukuba andinako ukubongoza uBawo andibonelele ngawo lo mzuzu ngemikhosi yeengelosi engaphezu kweshumi elinesibini?” UYesu wayenomkhosi omkhulu awayenokuwuyalela, kodwa uPetros wayengenguye omnye wamajoni aloo mkhosi, yaye kungenguye nabani na omnye umntu. Kunoko, uPetros kwanabanye abalandeli bakaYesu babizelwa ukuba babe ‘ngabalobi babantu.’ (Mateyu 4:19; 26:47-53) Kwiiyure ezimbalwa kamva, uYesu wayicacisa le ngongoma kuPilato. Wathi: “Ubukumkani bam abuyonxalenye yeli hlabathi. Ukuba ubukumkani bam bebuyinxalenye yeli hlabathi, abalindi bam bebeya kulwa ukuze ndingabi nakunikelwa kumaYuda. Kodwa, ngokunjalo, ubukumkani bam abusuki kulo mthombo.” (Yohane 18:36) Ngokungafaniyo nobukumkani bukaDavide obabusekelwe emhlabeni, uBukumkani uThixo abunike uYesu busezulwini yaye buya kuzisa uxolo emhlabeni.
Imikhosi KaThixo Iya Edabini
Imikhosi kaThixo kungekudala iza kuthabatha amanyathelo. Ekucaciseni umlo ozayo, ISityhilelo sithi uYesu “nguLizwi likaThixo.” Sifunda oku: “Imikhosi eyayisezulwini yayimlandela ngamahashe amhlophe, ibe yayambethe ilinen emhlophe, ecocekileyo, ecikizekileyo. Nasemlonyeni wakhe kuphuma ikrele elide elibukhali, ukuze azixabele ngalo iintlanga.” IBhayibhile ithi lo mlo uya kuphumela ekuphelisweni ‘kookumkani bomhlaba nemikhosi yabo.’ Kwabo baye ababonakalisa ukunyaniseka kuThixo, isiprofeto songezelela sisithi: “Abanye babulawa ngekrele elide lalowo uhleli ehasheni.” KwanoSathana uMtyholi uya kwenziwa angasebenzi. Ngokwenene oku kuya kuphumela kwihlabathi loxolo elingenamikhosi.—ISityhilelo 19:11-21; 20:1-3.
Khawube Nomfanekiso Wehlabathi Elingenazimfazwe
Ngaba unokuba nomfanekiso-ngqondweni wehlabathi elinqabiseke kangangokuba imikhosi ingafuneki? Indumiso yeBhayibhile ithi: “Yizani nikhangela imisebenzi kaYehova; owenze iziphanziso ehlabathini; ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi.”—INdumiso 46:8, 9.
Kuya kuthi qabu uNoqolomb’ efile nje! Khawuthelekelele oko kuya kwenzeka kuluntu xa ekugqibeleni luya kuba lukhululekile kumthwalo wokuhlawulela imikhosi kwanezixhobo zayo! Abantu baya kukwazi ukusebenzisa amandla abo ekuphuculeni intlalo yomntu wonke, ekucoceni umhlaba kwanokuwulima kwakhona. Kuya kubakho amathuba amatsha okwenza izinto eziya kusebenziseka ngokwenene kuluntu.
Eli dinga liya kuzaliseka kumhlaba wonke: “Akuyi kuba savakala lugonyamelo ezweni lakho, imbuqo nolwaphulo emideni yakho.” (Isaya 60:18) Akusayi kuphinda kufuneke ukuba izigidi zeembacu ezingakwazi kuzinceda zibaleke kwiindawo ekukho imfazwe kuzo, zinyanzeleke ekubeni zishiye amakhaya kwanezinto zazo zize ziye kuhlala kwiinkampu ezisebugxwayibeni. Abantu abasayi kuphinda bakhalele abantu babo abathandekayo abafileyo okanye abonzakele kungquzulwano phakathi kweentlanga. UKumkani wasezulwini kaYehova uya kumisela uxolo oluya kuhlala luhleli kumhlaba wonke. “Malityatyambe ngemihla yakhe ilungisa, nobuninzi boxolo, ide ingabi sabakho inyanga. Akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni.”—INdumiso 72:7, 14.
Okuvuyisa ngakumbi kukuba kuya kuphila abantu abaye bafunda kungekhona intiyo kodwa ukuxelisa iindlela zikaThixo zothando. ILizwi likaThixo lixela kwangaphambili lisithi: “Ezo zinto aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele; ngokuba ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.” Kuya kuba njani ukuphila phakathi kwabantu abamaziyo nabamoyikayo uYehova? Incwadi efanayo iprofeta isithi: “Wothi umsebenzi wobulungisa ube luxolo, nokwenza kobulungisa kube kukuzola nokukholosa ngonaphakade; abantu bakowethu baya kuhlala esithilini esinoxolo, eminqubeni yenkoloseko, ezindaweni zokuphumla ezinokonwaba.”—Isaya 11:9; 32:17, 18.
Abantu abanokholo olwakhelwe elwazini lweBhayibhile bayaqonda ukuba imikhosi kaThixo ilungiselelwa ukucoca ihlabathi kuzo zonke iintshaba zoxolo. Olu lwazi lubanika amandla okusebenzisa oko iBhayibhile ithi ‘kuya kuthi kwenzeke ekupheleni kwemihla.’ Oko kukuthi: “Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.”—Isaya 2:2-4.
Abantu abaphuma kwiintlanga ngeentlanga abaye baba ngamaNgqina kaYehova sele beyekile ‘ukufunda ukulwa.’ Baye bathembela kwinkuselo yemikhosi yasezulwini kaThixo. Ngokufundisisa iBhayibhile kunye nabo, nawe unokuba nolweyiseko olufanayo.
[Umfanekiso okwiphepha 28]
U.S. National Archives photo