Ngubani Obangele Konke Oku?
EFATHULA kwihlathi elishinyeneyo eKhambodiya, uHenri Mouhot, umhloli welizwe waseFransi, wenkulungwane ye-19 wafika kumsele wamanzi obanzi orhangqe itempile. Kwisithuba esimalunga nekhilomitha apho wayemi khona, kwakumi iinqaba ezintlanu zetempile ukuphakama kwazo kungaphezu kweemitha ezingama-60. YayiyiAngkor Wat, esona sikhumbuzo sonqulo sikhulu emhlabeni. UMouhot wayifumana sele ithwaxwa ziinkqwithela kangangeenkulungwane ezisixhenxe.
Ngokuzijonga nje uMouhot ezo zakhiwo zazambethe ingub’ esele wayenokuqiniseka ukuba ukho umntu owazakhayo. Wabhala wathi: “Zakhiwa nguMichelangelo wamandulo, zazizikhulu gqitha kunayo nayiphi na into eyakha yakhiwa ngamaGrike okanye ngamaRoma.” Phezu kwako nje ukungakhathalelwa kwazo kangangeenkulungwane, wayengathandabuzi ukuba loo ndlela zazenziwe ngayo zinomyili.
Okubangel’ umdla kukuba, incwadi yobulumko eyabhalwa kwiinkulungwane ezadlulayo yasebenzisa indlela yokuqiqa efanayo ukuze icacise isizathu sokuba nawo umhlaba osingqongileyo umele ukuba unoMyili wawo. Umele ukuba wadalwa. Umpostile uPawulos wabhala: “Kambe ke, yonke indlu yakhiwa nguthile, kodwa lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.” (Hebhere 3:4) Abanye basenokungavumelani noku, besithi: ‘Imisebenzi yendalo yahlukile koko kwenziwe ngumntu.’ Noko ke, asizizo zonke izazinzulu ezingqinelana noko. Emva kokuvuma ukuba “inkqubo yamachiza ayiyilwanga ngezinto ezingaphefumliyo,” uMichael Behe, unjingalwazi osaqeqeshwayo wezifundo zenzululwazi ngemichiza yezinto eziphilayo kwiYunivesithi yaseLehigh, wabuza: “Ngaba inkqubo yemichiza inokuyilwa ngobuchule?” Uhlabela mgama aze abonise ukuba izazinzulu ngoku ziyila iinguqulelo kwizinto eziphilayo ezinjengemizila yemfuza. Licacile elokuba izinto ezingaphefumliyo neziphefumlayo zinokuyilwa zize zenziwe! Ephanda ngeeseli eziphilayo ezinokubonwa ngemikroskopu, uBehe uxubusha iinkqubo ezimangalisayo nezintsonkothileyo ezenziwe ngamalungu axhomekeke kwamanye ukuze asebenze. Ngoko ufikelela kwisiphi isigqibo? “Umphumo wale migudu yokuphanda ngeseli—ukuphanda ngobomi xa bukwimolekyuli—ubangel’ umdla, ucacile, ubonisa ngokucacileyo ukuba ‘iyiliwe!’”
Izazinzulu ngommandla wendalo nezazinzulu ngezinto zemvelo ngokufanayo ziye zalijongisisa ihlabathi nendalo yaye zifumane imiphumo emangalisayo. Ngokomzekelo, ziyazi ukuba ukuba bekukhe kwakho utshintsho nje oluncinane kwindlela ekubalwe ngayo nazo naziphi na izinto zemvelo ezisisigxina, indalo ibingayi kusebenza kakuhle.a Isazinzulu ngommandla wendalo uBrandon Carter sithi ezi zibakala zinjalo ziyothusa yaye zenzeka ngokungalindelekanga. Kodwa ukuba udibana nothotho lwezinto ezimangalisayo nezingalindelekanga, ngaba ubuncinane ubungayi kucinga ukuba kukho umntu ozenzileyo?
Eneneni, kukho uMyili obangele zonke ezi nkqubo zintsonkothileyo yaye zide zibizwe ngokuba “ziziganeko ezenzeka zingalindelekanga.” Ngubani yena? UNjingalwazi Behe, uyavuma esithi: “Ukumchaza umyili ngokweendlela zezazinzulu kusenokuba nzima gqitha,” yaye oku ukushiyela “kwintanda-bulumko nezakwalizwi” ukuba zizame ukuphendula. Usenokuvakalelwa kukuba loo mbuzo awukho ngqiqweni kuwe. Noko ke, ukuba ubufumene ipasile esongelwe kakuhle enento obuyifuna kanye, ngaba ubungayi kuba nomdla wokwazi ukuba ithunyelwe ngubani kuwe?
Ngokungathi kunjalo, nathi siye safumana ipasile enjalo—ipasile ezele zizipho ezihle ezisenza sikwazi ukuphila size sinandiphe ubomi. Loo pasile ngumhlaba, nazo zonke ezinye iinkqubo ezingathethekiyo zokulondoloza ubomi. Ngaba asimele sibe nomdla wokumazi lowo usinike ezi zipho?
Okuvuyisayo kukuba, uMthumeli wale pasile wancamathelisa umyalezo kuyo. Lo “myalezo” yincwadi yamandulo yobulumko ecatshulwe ngaphambilana—iBhayibhile. Kumazwi ayo okuvula, iBhayibhile iwuphendula ngendlela evakalayo necace gca umbuzo wokuba ngubani owasipha le pasile: “Ekuqalekeni uThixo wadala amazulu nehlabathi.”—Genesis 1:1.
Kulo “myalezo” wakhe uMdali uzibiza ngegama esithi: “Utsho uThixo yena, uYehova, udala izulu, . . . utwabulula umhlaba neziveliso zawo; unika abantu abaphezu kwawo ukuphefumla, unika abahamba kuwo umoya.” (Isaya 42:5, akekeliswe sithi.) Ewe, nguYehova igama loThixo owayila wonke umhlaba waza wenza amadoda namabhinqa emhlabeni. Kodwa, ngubani uYehova? Uluhlobo olunjani loThixo? Yaye kutheni bonke abantu abasemhlabeni kufuneka bamphulaphule?
[Imibhalo esemazantsi]
a “Izinto zemvelo ezisisigxina” zizinto ezibonakala zingaguquki, kuyo yonke indalo. Imizekelo emibini sisantya sombane nolwalamano lomxhuzulane nobunzima.
[Umfanekiso okwiphepha 3]
IAngkor Wat yakhiwa ngabantu
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Xa ufumana isipho, ngaba ubungenakuthanda ukumazi lowo usithumeleyo?