Ukukhonza UThixo Ngenyaniso
Ukuze unqulo lwamkeleke kuThixo, lumele lusekelwe enyanisweni. (Yohane 4:23) IBhayibhile ithi abanquli bokwenyaniso ‘balibandla loThixo ophilayo, intsika nesixhaso senyaniso.’ (1 Timoti 3:15) Abo bakha ibandla likaThixo abakholelwa kuphela kwinyaniso yeLizwi likaThixo kodwa kwakhona baphila ngokuvisisana nalo baze balikhusele, balazise kuwo wonke umhlaba.—Mateyu 24:14; Roma 10:9-15.
AMANGQINA KAYEHOVA aziwa ngokubanzi ngomsebenzi wawo wokufundisa ngeBhayibhile, ngoku owenziwa kumazwe angaphezu kwama-200. Afundisisa iBhayibhile aze ayifundise njengeyinyaniso, ngaphandle kokuyixuba nempembelelo yentanda-bulumko babantu. Ngaba uqhelene nemfundiso yawo esekelwe eBhayibhileni? Abaninzi baba madolw’ anzima xa kufuneka bephulaphule amaNgqina kaYehova ngenxa yolwazi olungachananga abanalo ngawo. Kodwa abantu abantliziyo zinyanisekileyo bayamenywa ukuba bazenzele isigqibo enoba oko kufundiswa ngamaNgqina kuyinyaniso okanye akuyiyo. Isigqibo esinjalo ukubaluleka asimele sisekelwe kundiva. Abaninzi abaye bazenzela olwabo uphando ngeemfundiso zamaNgqina kaYehova baye bangenelwa gqitha.
Ulwazi Ngenyaniso Luphelisa Uloyiko
Ngokomzekelo, cinga ngemeko kaEugenia. Wayekhuliswe kwintsapho engqongqo yamaKatolika. Uyise wayengomnye wababeququzelela utyelelo lukapopu eMexico ngowe-1979. Ngoxa wayetyelele abahlobo bakhe, uEugenia wadibana namaNgqina kaYehova. Ngoncedo lwawo waqalisa ukukuhlolisisa ngakumbi oko iBhayibhile ikuthethayo. Ukhumbula oku: “Ekuqaleni, ndaqalisa kuba noloyiko. Ndandiyifumene inyaniso! Kodwa oku kwakuthetha ukuba iqela lenkolelo endandinazo zaziphosakele. Intsapho yakowethu, abahlobo bam, abantu endandibathanda—bonke babephazama. Ndandixhalabile. Ndandizibuza enoba intsapho yakowethu yayiya kusabela njani koko ndandikufumanisile. Njengokuba ixesha lihamba ngoncedo lukaYehova, ndaqalisa ukuziqhelanisa nala mava amangalisayo. Ngenye imini ndagqiba kwelokuba ndikhuphele imbilini yam kwesinye isihlobo sasekhaya, unjingalwazi wezakwalizwi. Ndamxelela ngawo wonke umnqweno endandinawo wokwazi inyaniso. Wandula wathi, ‘Ukuba uyafuna ukuyazi inyaniso, dibana namaNgqina kaYehova.’”
Kanye njengokuba uEugenia wayesoyika, intsapho yakowabo yamgxotha. Noko ke, amaNgqina, aqhubeka emnceda ngokomoya. Uthi: “Ndomelezeka ukuba ndiyimele inyaniso. Ndaqonda ukuba kwakufanelekile ukuba ndiyilwele. Yayibaluleke gqitha indlela amaNgqina kaYehova andamkela ngayo. Ndaziva ndithandwa kwibandla lamaKristu. Ukusondelelana nentlangano kaThixo kwandinceda ndakwazi ukulwa noloyiko lokuba ndedwa.”
Cinga ngomnye umzekelo. USabrina wakhula eqhelile ukuba neengxubusho zeBhayibhile rhoqo nentsapho yakowabo. Eneneni, benza oko kwakunokubizwa ngokuba ‘lunqulo lwentsapho.’ Waziqhelisa ukunxulumana namalungu eenkonzo ezahlukahlukeneyo ukuze abhence iimpazamo zawo. Xa omnye wamaNgqina kaYehova wacela ukumqhubela isifundo seBhayibhile, wavumela phezulu enenjongo yokuphikisana neenkolelo zawo. Ukhumbula oku: “Emva kokufundisisa ithuba elingaphezu konyaka, ndandisoyika ukuncama ‘inyaniso yam.’ Ndakufumanisa kulula ukubhenca ubuxoki beenkonzo eziliqela endandinxulumene nazo, kodwa ngeli xesha kwakungelula.”
Uloyiko lukaSabrina lwamenza wayeka ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Kodwa emva koko waphathwa yindlala yokomoya. Wagqiba kwelokuba aphinde afundisise yaye ekugqibeleni wayamkela inyaniso awayesandul’ ukuyifumana. USabrina waqhubeka wada wafuna ukwabelana nabanye ngoko wayekufunda. Wade wacela nokuhamba namaNgqina kumsebenzi wawo wokushumayela. USabrina uthi: “Ngaphambi kokuba ndivunyelwe ndishumayele namaNgqina kaYehova, ndabuzwa: ‘Ngaba ukufuna ngokwenene ukuba ngomnye wamaNgqina kaYehova?’ ‘Hayi!’ Ndaphendula ndatsho. Ndaphinda ndoyika.” Ekugqibeleni, xa wayesele enethuba esiya kuzo zonke iintlanganiso yaye eqwalasele indlela abantu bakaThixo abayisebenzisa ngayo imigaqo yeBhayibhile, uSabrina wafikelela kwisigqibo sokuba ngokwenene le yinyaniso. Wabhaptizwa yaye ngoku ungumshumayeli weendaba ezilungileyo wexesha elizeleyo.
Kutheni Zahluke Kangaka?
Omnye usenokuzibuza, ‘Kutheni iimfundiso zamaNgqina kaYehova zahluke kangaka kwezinye iinkonzo?’ Ukuhlolisisa nje ngokufutshane oko amaNgqina akukholelwayo kuya kukunceda ubone ukuba angamaKristu okwenene, yaye angabafundi abanzulu beBhayibhile. Sikukhuthaza ukuba ujonge kweyakho iBhayibhile ezi zibhalo kolu shwankathelo lweenkolelo zawo ezisisiseko.
Ngokukuhlolisisa ngokusondeleyo oko amaNgqina kaYehova akukholelwayo nakwindlela abambelela ngayo koko iBhayibhile ikufundisayo, unokusikelelwa ngenkululeko ebangelwa yinyaniso. (Yohane 17:17) Asikho isizathu sokoyika inyaniso. Khumbula isithembiso sikaYesu: “Niya kuyazi inyaniso, ibe inyaniso iya kunikhulula.”—Yohane 8:32.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
EZINYE IINKOLELO EZISISISEKO ZAMANGQINA KAYEHOVA
◯ UYehova nguThixo ongusomandla. Igama lakhe lobuqu libonakala ngaphezu kwezihlandlo ezingama-7 000 kwimibhalo-ngqangi yeBhayibhile.—INdumiso 83:18.
◯ UYesu Kristu nguNyana kaThixo, oweza emhlabeni waza wancama ubomi ngenxa yoluntu. (Yohane 3:16, 17) AmaNgqina kaYehova alandela iimfundiso zikaYesu Kristu njengokuba zifumaneka kwiincwadi zeVangeli.
◯ Igama elithi amaNgqina kaYehova lisekelwe kwincwadi kaIsaya 43:10, ethi: “Ningamangqina am, utsho uYehova.”
◯ UBukumkani ababuthandazelayo abantu ‘kuBawo wethu Osemazulwini’ ngurhulumente wasezulwini oya kuthi kungekudala aphelise ukubandezeleka neentlungu emhlabeni ukuze avulele ithuba iParadesi ethenjisiweyo eBhayibhileni.—Isaya 9:6, 7; Daniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10; ISityhilelo 21:3, 4.
◯ Wonke umntu owenza ukuthanda kukaThixo uya kunandipha iintsikelelo zoBukumkani ngokungapheliyo.—Yohane 17:3; 1 Yohane 2:17.
◯ AmaKristu amele avisisanise indlela aziphethe ngayo noko iBhayibhile ikuthethayo. Amele enze umgudu wokuhlala enyanisekile, ecocekile ngokokuziphatha yaye abonakalise uthando ngabamelwane bawo.—Mateyu 22:39; Yohane 13:35; 1 Korinte 6:9, 10.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
AmaNgqina kaYehova enza inyaniso yeBhayibhile yaziwe ngabantu kumazwe angaphezu kwama-200