Abaninzi Bathi Banokholo
“UYESU uyamangalisa! Akakho ofana naye!” latsho elinye ibhinqa elihamba inkonzo laseBrazil. Enyanisweni, akukho sizathu sakuwakhanyela amandla egama likaYesu. Embalini, abantu baye bakulungela ukubandezeleka nokufa ngenxa yakhe.
Umpostile uPetros noYohane bashumayela eYerusalem ‘ngesizinzi segama likaYesu.’ Ngenxa yoko, babanjwa baza batywatyushwa. Sekunjalo “bahamba indlela yabo bemka phambi kweSanhedrin, benemihlali ngenxa yokuba babebalelwe ekuthini bafanelwe kukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.”—IZenzo 5:28, 41.
UAntipas wayengomnye umKristu wenkulungwane yokuqala owayelihlonela igama likaYesu. Kwincwadi yokugqibela yeBhayibhile, ISityhilelo, wathi uYesu xa ethetha ngaye “ingqina lam, lowo uthembekileyo, owabulawa kwicala lenu, apho ahleli khona uSathana.” (ISityhilelo 2:13) Ekunye namanye amaKristu ePergamo, uAntipas akazange avume ukukhanyela ukholo lwakhe kuKristu. UAntipas wabambelela ngokuthe nkqi kwigama likaYesu enoba oko kwakuya kuthetha ukuphulukana nobomi bakhe!
Malunga nesiqingatha senkulungwane kamva, ngowe-155 C.E., owayezibanga engumKristu uPolycarp wajamelana novavanyo olufanayo xa wayalelwa ukuba anyelise uKristu. Waphendula wathi: “Ndimkhonze iminyaka engama-86, yaye akazange andenze nanye into embi. Ndingathini ukunyelisa uKumkani oye wandisindisa?” Ngenxa yokungavumi ukumkhanyela uKristu, uPolycarp watshiswa esibondeni.
Abapostile, uAntipas, nabanye babekulungele ukufa ngenxa yokunikela kwabo ubungqina ngoKristu! Kuthekani ngabantu namhlanje?
Igama LikaYesu Namhlanje
Igama likaYesu lisabachukumisa ngamandla abantu. KuMbindi nakuMzantsi Merika, inani leecawa ezizibanga zikholelwa kuYesu liye landa ngokumangalisayo kula mashumi eminyaka akutshanje. Kwaneedolophana ezincinane zinecawa yamaPentekoste. Kwangaxeshanye, ungquzulwano ngezobupolitika kweecawa ezinjalo kuyanda. Ngokomzekelo, kwiNkongolo nakwiNdlu Yeengwevu yaseBrazil, izikhundla ezingama-31 zezamalungu ezi cawa.
Kwakhona kukho iqela elitsha lonqulo elibabaza uYesu eUnited States. Abalandeli balo bazibiza ngokuba ziiPromise Keepers. Ngowe-1997 iphephancwadi iTime lanikela ingxelo yokuba ngowe-1991 eli qela lalinabantu abangama-4200 ababesiza kwiintlanganiso zalo nani elo eliye lantinga laya kutsho kwisigidi esi-1,1 ngowe-1996. Elinye lamaculo alo lithi: “Makubekho uloyiso kuYesu, onguMsindisi wam de kube phakade.”
Noko ke, akachananga onke amazwi athetha ngegama likaYesu. Bekusoloko kukho imfazwe ngenxa yokubizwa kwegama lakhe. AmaYuda aye atshatyalaliswa, abahedeni babulawa, abo bakreqayo baye bangcungcuthekiswa, benzakaliswa baza batshiswa esibondeni—konke oku kusenziwa egameni likaYesu. Yaye kutshanje, kuxhaphake ukushishina ngevangeli. Konke oku kubangelwa kukusetyenziswa kakubi nokujongelwa phantsi kwegama likaYesu noko enyanisweni likumelayo!
Ukongezelela, ngokuphathelele oku kukho imibuzo evelayo: Kubandakanyeke ntoni ekubeni nokholo kwigama likaYesu? Yaye iyintoni imbono yamaNgqina kaYehova kulo mbandela? Inqaku elilandelayo liza kuyiphendula le mibuzo.