Ekuphela Kwendlela Esa Kubomi Obungunaphakade
“Ndim indlela nenyaniso nobomi.”—YOHANE 14:6.
1, 2. UYesu wayifanisa nantoni indlela esa kubomi obungunaphakade, yaye ubaluleke ngantoni umzekeliso wakhe?
KWINTSHUMAYELO yakhe edumileyo yaseNtabeni, uYesu ufanisa indlela esa kubomi obungunaphakade nendlela umntu angena kuyo ngesango elithile. Phawula ukuba uYesu uyayibethelela into yokuba le ndlela esa ebomini ayilula, esithi: “Ngenani ngesango elimxinwa; ngenxa yokuba ibanzi yaye iphangalele indlela ekhokelela entshabalalweni, ibe baninzi abo bangena ngayo; kanti limxinwa isango kwaye imxinwa indlela ekhokelela ebomini, yaye bambalwa abo bayifumanayo.”—Mateyu 7:13, 14.
2 Ngaba uyayiva intsingiselo yalo mzekeliso? Ngaba awutyhili ukuba kukho indlela enye kuphela ekhokelela ebomini nokuba kuya kufuneka thina sinikele ingqalelo ngenyameko ukuze singatenxi kule ndlela yobomi? Ngoko ke, yiyiphi le ndlela ikuphela kwesa kubomi obungunaphakade?
Indima KaYesu Kristu
3, 4. (a) IBhayibhile iyibonisa njani indima ebalulekileyo kaYesu kusindiso lwethu? (b) UThixo waqalisa nini ukutyhila ukuba uluntu lwalunako ukufumana ubomi obungunaphakade?
3 Kuyacaca ukuba, uYesu unendima ebalulekileyo kule ndlela, kuba umpostile wakhe uPetros wavakalisa oku: “Akukho lusindiso kuye nabani na ongomnye, kuba alikho elinye igama phantsi kwezulu [ngaphandle kwelikaYesu] elinikelweyo phakathi kwabantu esimele ukusindiswa ngalo.” (IZenzo 4:12) Ngokufanayo, umpostile uPawulos wavakalisa oku: “Isipho uThixo asinikelayo bubomi obungunaphakade ngoKristu Yesu iNkosi yethu.” (Roma 6:23) UYesu watyhila ukuba nguye ekuphela kwendlela esa kubomi obungunaphakade, kuba wavakalisa oku: “Ndim indlela nenyaniso nobomi.”—Yohane 14:6.
4 Ngoko kubalulekile ukuba siyamkele indima kaYesu yokwenza ubomi obungunaphakade bufumaneke. Ngoko ke, makhe siyiqwalasele ngenyameko indima yakhe. Uyazi na ukuba kwakunini emva kokuba uAdam onile, apho uYehova uThixo wabonisa khona ukuba uluntu lwalunokufumana ubomi obungunaphakade? Kwakusemva kanye kokuwela esonweni kuka-Adam. Ngoku makhe sihlolisise indlela ekwaprofetwa ngayo okokuqala ngelungiselelo likaYesu Kristu njengoMsindisi woluntu.
Imbewu Ethenjisiweyo
5. Sinokuyifanisa njani inyoka eyalukuhla uEva?
5 UYehova uThixo wayifanisa ngelifuziselayo imbewu yoMsindisi. Oku wakwenza xa wawisa isigwebo “kwinyoka” eyayithethe noEva yaza yamhendela ekubeni angamthobeli uThixo ngokutya isiqhamo esalelweyo. (Genesis 3:1-5) Kakade ke, leyo yayingeyonyoka yokoqobo. Yayisisidalwa somoya esinamandla esichazwa eBhayibhileni ngokuthi ‘yinyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi noSathana.’ (ISityhilelo 12:9) USathana wasebenzisa esi sidalwa siphantsi njengesithethi sakhe ukuze alukuhle uEva. Kungoko xa wayewisa isigwebo kuSathana, uThixo wathi kuye: “Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona [imbewu yomfazi] iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.”—Genesis 3:15.
6, 7. (a) Ngubani lo mfazi uvelisa “imbewu”? (b) Ngubani iMbewu ethenjisiweyo, yaye yintoni eyiphumezayo?
6 Ngubani lo “mfazi” olutshaba okanye othiyiweyo nguSathana? Kanye njengokuba “inyoka yantlandlolo” ichazwa kwiSityhilelo isahluko 12, nalo mfazi uthiyiweyo nguSathana uyachazwa. Khangela kwindinyana 1 kuthiwa “uhombe ngelanga, umi phezu kwenyanga, yaye uneenkwenkwezi ezilishumi elinesibini entlokweni yakhe.” Lo mfazi ufuzisela intlangano kaThixo yasezulwini eyilwe ziingelosi ezithembekileyo, yaye “umntwana oyinkwenkwe” amzalayo ufuzisela uBukumkani bukaThixo, uYesu Kristu anguKumkani wabo.—ISityhilelo 12:1-5, The Jerusalem Bible.
7 Ngoko ngubani ‘imbewu,’ okanye inzala, yomfazi okhankanywe kwiGenesis 3:15, eza kutyumza “intloko” kaSathana, ize ngaloo ndlela imcim’ igama? Ngulowo wathunyelwa nguThixo evela ezulwini ukuze azalwe ngommangaliso yintombi enyulu, ewe, loo ndoda nguYesu. (Mateyu 1:18-23; Yohane 6:38) Isahluko 12 seSityhilelo sibonisa ukuba njengoMlawuli ovusiweyo wasezulwini, le Mbewu, uYesu Kristu, yayiza kukhokela ekoyiseni uSathana ize, njengoko ISityhilelo 12:10 sisitsho, iseke ‘ubukumkani boThixo wethu negunya likaKristu wakhe.’
8. (a) Liliphi ilungiselelo elitsha elenziwa nguThixo ngokunxibelelene nenjongo yakhe yantlandlolo? (b) Ngoobani abayila urhulumente omtsha kaThixo?
8 Ngaloo ndlela obu Bukumkani obusezandleni zikaYesu Kristu buyinto entsha elungiselelwe nguThixo ngokuphathelele injongo yakhe yantlandlolo yokuba abantu banandiphe ubomi obungunaphakade emhlabeni. Emva kwemvukelo kaSathana, ngoko nangoko uYehova wathabatha amanyathelo okuchitha yonke imiphumo emibi yobungendawo esebenzisa lo rhulumente mtsha woBukumkani. Xa wayesemhlabeni, uYesu watyhila ukuba wayengayi kulawula yedwa kuloo rhulumente. (Luka 22:28-30) Kwakuza kunyulwa abanye phakathi koluntu, ibe babeya kumthelela ezulwini baze balawule kunye naye, ibe ngaloo ndlela babeza kuba yinxalenye ethile yembewu yomfazi. (Galati 3:16, 29) IBhayibhile ithi inani labo baza kulawula noYesu—bonke abathatyathwe kubantu abanesono—li-144 000.—ISityhilelo 14:1-3.
9. (a) Kwakutheni ukuze kufuneke uYesu eze emhlabeni engumntu? (b) UYesu wayichitha njani imisebenzi kaMtyholi?
9 Noko ke, ngaphambi kokuba obo Bukumkani buqalise ukulawula, kwakubalulekile ukuba inxalenye ephambili yembewu, uYesu Kristu, ize emhlabeni. Ngoba? Kaloku wayemiselwe nguYehova uThixo njengaLowo ‘wayemele achithe imisebenzi kaMtyholi.’ (1 Yohane 3:8) Omnye wemisebenzi kaSathana yayikukuhenda uAdam ukuba one, nto leyo eyabangela ukuba yonke inzala ka-Adam igwetyelwe isono nokufa. (Roma 5:12) UYesu wawuchitha lo msebenzi kaMtyholi ngokunikela ngobomi Bakhe njengentlawulelo. Ngaloo ndlela wabeka isiseko sokukhululwa kwabantu kwisigwebo sesono nokufa waza wahlahl’ indlela esa kubomi obungunaphakade.—Mateyu 20:28; Roma 3:24; Efese 1:7.
Oko Kuphunyezwa Yintlawulelo
10. UYesu noAdam babefana njani?
10 Ekubeni ubomi bukaYesu basuswa ezulwini basiwa kwisizalo sebhinqa elithile, wazalwa efezekile, engadyojwanga sisono sika-Adam. Wayenokukwazi ukuphila ngonaphakade emhlabeni. NoAdam ngokufanayo wayedalwe engumntu ofezekileyo owayenethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. Umpostile uPawulos wayecinga ngokufana kwala madoda mabini xa wabhala esithi: “ ‘Umntu wokuqala uAdam waba ngumphefumlo ophilayo.’ UAdam wokugqibela [uYesu Kristu] waba ngumoya onik’ ubomi. Umntu wokuqala uphuma emhlabeni yaye wenziwe ngothuli; umntu wesibini uphuma ezulwini.”—1 Korinte 15:45, 47.
11. (a) UAdam noYesu baba nayiphi impembelelo eluntwini? (b) Sifanele silijonge njani idini likaYesu?
11 Ukufana kwaba bantu babini—ekuphela kwamadoda amabini awayefezekile phezu kwalo mhlaba—kugxininiswa koko kuthethwa yiBhayibhile xa isithi uYesu “wazinikela waba yintlawulelo elinganayo yabo bonke.” (1 Timoti 2:6) Wayelingana nabani uYesu? Kaloku wayelingana noAdam ngokuya wayesafezekile! Isono sika-Adam wokuqala sabangela ukuba yonke intsapho yoluntu igwetyelwe ukufa. Idini ‘lika-Adam wokugqibela’ libeka isiseko sokuhlangulwa esonweni nasekufeni, ukuze sikwazi ukuphila ngonaphakade. Hayi indlela elixabiseke ngayo idini likaYesu! Umpostile uPetros wathi: “Kwakungekhona ngezinto ezinokonakala, ngesilivere okanye igolide, enathi nahlangulwa.” Kunoko, uPetros wacacisa: “Kwakungegazi elixabisekileyo, njengelo lemvana engenasiphako nengenabala, elikaKristu kanye.”—1 Petros 1:18, 19.
12. IBhayibhile ikuchaza njani ukuchithwa kwesigwebo sethu sokufa?
12 IBhayibhile iyichaza kakuhle indlela esiya kuchithwa ngayo isigwebo sokufa sentsapho yabantu, isithi: “Ngesigqitho esinye [sika-Adam] umphumo kubantu bazo zonke iintlobo waba ngumgwebo wesohlwayo, ngokunjalo kwanangesenzo esinye sothethelelo [lonke ikhondo lengqibelelo likaYesu elaphelayo akufa] umphumo kubantu bazo zonke iintlobo ukukuvakaliswa kwabo bengamalungisa afanelwe bubomi. Kuba kanye njengokuba ngokungathobeli komntu omnye [uAdam] abaninzi bamiswa njengaboni, ngokunjalo kwanangentobelo yomntu omnye [uYesu] abaninzi baya kumiswa njengamalungisa.”—Roma 5:18, 19.
Ithemba Elizukileyo
13. Kutheni abaninzi bevakalelwa ngendlela abavakalelwa ngayo ngokuphila ngonaphakade?
13 Eli lungiselelo likaThixo lifanele lisivuyise gqitha! Ngaba ayikuchulumancisi into yokuba kulungiselelwe uMsindisi? Kuhlolisiso olwalusenziwa liphephandaba lesinye sezixeko ezikhulu zaseMerika, kwabuzwa ukuba, “Ngaba unomdla phofu kwithemba lokuphila ngonaphakade?,” okumangalisayo kukuba bangama-67,4 ekhulwini abaphendula ngokuthi, “Hayi.” Yintoni eyayibenza bathi abafuni kuphila ngonaphakade? Kubonakala ukuba kungenxa yokuba ubomi basemhlabeni bangoku buzaliswe ziingxaki ezininzi. Omnye umntu wathi: “Andiyiginyi kwaphela ingcamango yokuba ndikhangeleke ndineminyaka engama-200 ubudala.”
14. Kutheni ukuphila ngonaphakade kuya kuba luyolo ngokupheleleyo?
14 Kodwa ke, iBhayibhile ayithethi ngokuphila ngonaphakade kwihlabathi apho abantu bagulayo, baluphale okanye bajamelane nezinye izihelegu. Hayi akuthethwa loo nto, kuba njengoMlawuli woBukumkani bukaThixo, uYesu uya kuzichitha zonke iingxaki ezibangelwe nguSathana. Ngokutsho kweBhayibhile, uBukumkani bukaThixo ‘buya kubacola bubagqibe bonke’ oorhulumente abacinezelayo behlabathi. (Daniyeli 2:44) Ngelo xesha “ukuthanda” kukaThixo ‘kuya kwenzeka emhlabeni njengasezulwini,’ uze ube uyaphendulwa umthandazo uYesu awawufundisa abalandeli bakhe. (Mateyu 6:9, 10) Kwihlabathi elitsha likaThixo, emva kokuba bonke ububi buye bacocwa emhlabeni, iingenelo zedini lentlawulelo likaYesu ziya kusebenza ngokupheleleyo. Ewe, bonke abafanelekayo baya kubuyela empilweni egqibeleleyo!
15, 16. Kuya kuba njani kwihlabathi elitsha likaThixo?
15 Kubantu abaza kuba bephila kwihlabathi elitsha likaThixo, nantsi indinyana yeBhayibhile eza kusebenza: “Isuka ibe nentlahla inyama yakhe; ubuyela emihleni yobudodana bakhe.” (Yobhi 33:25) Nali elinye idinga leBhayibhile eliza kuzaliseka: “Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge.”—Isaya 35:5, 6.
16 Khawufan’ ucinge nje: Kungakhathaliseki nokuba sibadala kangakanani na, enoba sineminyaka engama-80, engama-800, okanye nangaphezulu ubudala, imizimba yethu iya kuhlala iyimiqabaqaba. Kuya kwenzeka njengoko iBhayibhile ithembisa: “Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.” Ngelo xesha kuya kube kuzaliseka neli dinga: “[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni alo, yaye ukufa akusayi kubakho, kungayi kubakho nakukhedama nasikhalo nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—Isaya 33:24; ISityhilelo 21:3, 4.
17. Ziziphi izinto esinokulindela ukuba ziphunyezwe kubantu bakaThixo kwihlabathi elitsha?
17 Kwelo hlabathi litsha, siza kukwazi ukusebenzisa ubuchopho bethu obukrelekrele ngendlela uMdali wethu awayefuna ngayo xa wabenza banamandla angalinganiselwanga mda okufunda. Kaloku, khawuthelekelele nje izinto ezintle esinokuzenza! Kwanabantu abangafezekanga baye bacuntsula kuvimba wezinto zasemhlabeni baza bavelisa ezi zinto zisingqongileyo—iicellular phone, izandisi-sandi, iiwotshi, iipager, iikhompyutha, iinqwelo-moya, inene lingatshon’ ilanga sibala. Akukho nanye kwezi zinto eyenziwe ngezinto ezithatyathwe komnye ummandla okude wendalo. Ekubeni kubekwe ubomi obungenasiphelo phambi kwethu, amandla okuvelisa izinto ezibukekayo aya kube engasikelwanga mda kwiParadesi esemhlabeni ezayo!—Isaya 65:21-25.
18. Kutheni ubomi bungayi kukruqula kwihlabathi elitsha likaThixo?
18 Kananjalo nobomi abuyi kukruqula. Kwanangoku sele sikhangele phambili kwesinye isidlo, nangona sisenokuba sele sitye amashumi amawaka ezidlo. Xa sele sifezekile, siza kukunandipha nangaphezulu ukutya okuluncuthu okuvela kumhlaba oyiParadesi. (Isaya 25:6) Kwaye siya kukunandipha ngonaphakade ukunyamekela izilwanyana ezininzi zomhlaba nokubukela ukutshona kwelanga, ukubuka iintaba, imilambo neentlambo. Ngokwenene, ubomi abuyi kuba yindinisa kwihlabathi elitsha likaThixo!—INdumiso 145:16.
Ukuhlangabezana Noko Kufunwa NguThixo
19. Kutheni kusengqiqweni ukukholelwa ukuba kukho okuthile okufunekayo ukuze ubani afumane isipho sikaThixo sobomi?
19 Ngaba ulindele ukufumana isipho esizukileyo sikaThixo sobomi obungunaphakade eParadesi ngaphandle kokwenza nomncinane lo umgudu? Ngaba akuyonto esengqiqweni ukuba uThixo afune okuthile? Ngokuqinisekileyo kunjalo. Ngenxa yoko, uThixo akasuki nje asithi ntimfa ngeso sipho. Uyasisondeza kuthi, kodwa ke nathi simele solule iingalo size sisithabathe. Ewe, loo nto ifuna umgudu othile. Nawe unokubuza laa mbuzo owabuzwa ngumlawuli othile oselula kuYesu esithi: “Kukuphi okulungileyo endimele ndikwenze ukuze ndifumane ubomi obungunaphakade?” Okanye usenokuwujika lo mbuzo uwubeke ngendlela umgcini-mabanjwa waseFilipi awawubuza ngayo kumpostile uPawulos esithi: “Ndimele ndenze ntoni na ukuze ndisindiswe?”—Mateyu 19:16; IZenzo 16:30.
20. Yintoni ebalulekileyo efunekayo ukuze ubani afumane ubomi obungunaphakade?
20 Ngobusuku bangaphambi kokufa kwakhe, uYesu wachaza enye imfuneko ebalulekileyo xa wathetha wenjenje kumthandazo awayewubhekisa kuYise osezulwini: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumeleyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Ngaba akuyonto isengqiqweni ukuba kufuneka singenise ulwazi ngoYehova, owenza ubomi obungunaphakade bafumaneka, nolwazi ngalowo wasifelayo, uYesu Kristu? Ukanti, kukho okungakumbi okufunekayo kunokungenisa nje ulwazi olunjalo.
21. Sibonisa njani ukuba sihlangabezana nemfuneko yokuba nokholo?
21 IBhayibhile ikwathi: “Lowo uqhelisela ukholo kuNyana unobomi obungunaphakade.” Ibuye ithi: “Lowo ungamthobeliyo uNyana akayi kububona ubomi, kodwa ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.” (Yohane 3:36) Unokubonisa ukuba unokholo kuNyana ngokwenza utshintsho ebomini bakho nangokubenza buvisisane nenjongo kaThixo. Umele ulichase naliphi na ikhondo eliphosakeleyo obukade uphila ngalo uze uthabathe amanyathelo okwenza oko kumkholisayo uThixo. Kufuneka wenze oko umpostile uPetros wakuyalelayo: “Guqukani, ke ngoko, nize niphethuke khon’ ukuze zicinywe izono zenu, ukuze amaxesha okuhlaziya eze evela kuYehova ngenkqu.”—IZenzo 3:19.
22. Ngawaphi amanyathelo abandakanyekileyo ukuze ubani alandele amanyathelo kaYesu?
22 Ngamana singangaze silibale ukuba ubomi obungunaphakade sinokubufumana kuphela ngokuba nokholo kuYesu. (Yohane 6:40; 14:6) Sibonakalisa ukuba sinokholo kuYesu ‘ngokulandela amanyathelo akhe ngokusondeleyo.’ (1 Petros 2:21) Yintoni ebandakanyekileyo ekwenzeni oko? Kaloku, xa wayethandaza kuThixo, uYesu wadanduluka esithi: “Khangela! Ndiyeza . . . ukuza kwenza ukuthanda kwakho, Owu Thixo.” (Hebhere 10:7) Kubalulekile ukuba uxelise uYesu ngokuvuma ukwenza ukuthanda kukaThixo nangokwahlulela ubomi bakho kuYehova. Emva koko kufuneka ufuzisele olo zahlulelo ngokubhaptizwa emanzini; noYesu wazinikela ukuze abhaptizwe. (Luka 3:21, 22) Kusengqiqweni ngokupheleleyo ukuthabatha loo manyathelo. Umpostile uPawulos wachaza ukuba “uthando analo uKristu luyasinyanzela.” (2 Korinte 5:14, 15) Njani? Kaloku, luthando olwashukumisela uYesu ukuba anikele ngobomi bakhe ngenxa yethu. Ngaba loo nto ayifanele isinyanzele ukuba sibe nokholo kuye? Ewe, ifanele isinyanzele ukuba silandele umzekelo wakhe wothando wokuzinikela ukuze ancede abanye. UKristu wayephilela ukwenza ukuthanda kukaThixo; nathi simele senjenjalo, singaphileli ezethu iziqu.
23. (a) Bamele bongezelelwe entwenini abo bafumana ubomi? (b) Yintoni efunekayo kwabo bakwibandla lamaKristu?
23 Akuphelelanga apho. Xa kwabhaptizwa abangama-3 000 ngePentekoste yowama-33 C.E., iBhayibhile ithi ‘bongezelelwa.’ Bongezelelwa phi? ULuka uyachaza: “Baqhubeka bezinikela emfundisweni yabapostile nasekwabelaneni, ekuthabatheni izidlo nasemithandazweni.” (IZenzo 2:41, 42) Ewe, babehlanganisana ukuze bafundisise iBhayibhile yaye banxulumane ibe ngaloo ndlela bongezelelwa, okanye baba yinxalenye yebandla lamaKristu. AmaKristu okuqala ayesiya rhoqo ezintlanganisweni ukuze afundiswe ngokomoya. (Hebhere 10:25) Namhlanje namaNgqina kaYehova ayayenza loo nto, ibe angathanda ukukukhuthaza ukuba uwathelele kwezi ntlanganiso.
24. Buyintoni “ubomi bokwenene,” yaye buza kubakho nini yaye njani?
24 Sithethanje izigidi zabantu zithubeleza kwindlela emxinwa esa ebomini. Kufuneka umgudu wokwenene ukuze uhlale kule ndlela imxinwa! (Mateyu 7:13, 14) UPawulos wakubonisa oku kwisibongozo sakhe sothando esithi: “Yilwa umlo omhle wokholo, bubambe ngokuqinileyo ubomi obungunaphakade owabizelwa bona.” Ukuze ulwe lo mlo kufuneka ‘ububambe ngokuqinileyo ubomi obungunaphakade.’ (1 Timoti 6:12, 19) Obo bomi asibubo obale mihla obuzaliswe ziinzingo neentlungu nokubandezeleka okwabangelwa sisono sika-Adam. Kunoko, bubomi behlabathi elitsha likaThixo eliza kubakho kungekudala xa idini lentlawulelo likaKristu lisetyenziswa kubo bonke abathandi bakaYehova uThixo noNyana wakhe emva kokuba ishenxisiwe le nkqubo yezinto. Ngamana sonke singakhetha ubomi—“ubomi bokwenene”—ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha elizukileyo likaThixo.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Ngubani inyoka, umfazi, kunye nembewu ekuthethwe ngayo kwiGenesis 3:15?
◻ UYesu wayelingana njani noAdam, ibe yintoni intlawulelo eyayenza yafumaneka?
◻ Yintoni onokukhangela phambili kuyo eza kwenza ihlabathi elitsha likaThixo linandipheke kuwe?
◻ Ziziphi iimfuneko ekufuneka sihlangabezane nazo ukuze siphile kwihlabathi elitsha likaThixo?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Kwabaselula nakwabakhulileyo, uYesu ukuphela kwendlela esa kubomi obungenasiphelo
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Ngexesha elimiselwe nguThixo, abakhulileyo baya kubuyela ebutsheni