IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w99 7/15 iphe. 29-31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • “Musani Ukutha Amandla Ekwenzeni Okulungileyo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Ukugcina Ibandla Linoxolo Yaye Licocekile
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Incwadi YeBhayibhile 53—2 Tesalonika
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
w99 7/15 iphe. 29-31

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba ‘ukuphawula’ ekuthethwa ngako kweyesi-⁠2 kwabaseTesalonika 3:​14 kuyinto eyenziwa ngokusemthethweni libandla, okanye kuyinto eyenziwa ngumKristu ngamnye ukuze aphephe abo bangalawulekiyo?

Oko umpostile uPawulos wakubhalela abaseTesalonika kubonisa ukuba abadala bebandla banendima ecacileyo abayiphumezayo koko ‘kuphawula.’ Noko ke, emva koko kulandela umKristu ngamnye, ekwenza oko ecinga ngosukelo lokomoya. Ukuze siwuqonde kakuhle lo mba, masisiqwalasele esi siluleko sikaPawulos kwimeko yaso yantlandlolo.

NguPawulos owayenikele uncedo ekusekeni ibandla laseTesalonika, enceda amadoda namabhinqa ukuba abe ngamakholwa. (IZenzo 17:​1-⁠4) Kamva wawabhalela eseKorinte ewancoma yaye ewakhuthaza. UPawulos wanikela nesiluleko esasiyimfuneko. Wawabongoza ukuba ‘ahlale ngokuzolileyo, anyamekele eyawo imicimbi, yaye asebenze ngezandla zawo.’ Amanye ayengenjinjalo, ngoko uPawulos wongezelela esithi: “Siyanibongoza, bazalwana, lulekani abangalungelelananga, thethani ngokuthuthuzelayo kwimiphefumlo edandathekileyo, baxhaseni ababuthathaka.” Kucacile ukuba kwakukho abathile “abangalungelelananga”a phakathi kwabo ekwakufuneka balulekwe.​—⁠1 Tesalonika 1:​2-10; 4:​11; 5:⁠14.

Kwiinyanga ezithile kamva, uPawulos wabhala incwadi yakhe yesibini eyayisiya kwabaseTesalonika, eyayinamagqabaza awongezelelekileyo ngobukho bukaYesu obabuseza. Kwakhona uPawulos wanikela ulwalathiso olongezelelekileyo ngendlela yokuqhubana nabangalungelelananga ‘ababengasebenzi kodwa begxuphuleka koko kungafuni bona.’ Izenzo zabo zazichasene nomzekelo owawumiselwa nguPawulos wokusebenza nzima kwaye zingquzulana nomyalelo wakhe ocacileyo wokuba ubani umele asebenze ukuze azixhase. (2 Tesalonika 3:​7-12) UPawulos wayalela ukuba kuthatyathwe amanyathelo athile. Loo manyathelo ayethatyathwa emva kokuba abadala beye bababongoza okanye babaluleka abo bangalungelelananga. UPawulos wabhala:

“Ke kaloku sininika imiyalelo, bazalwana, . . . ukuba nimke kuye wonke umzalwana ohamba ngokungalungelelananga yaye kungekhona ngokuvumelana nesithethe enasamkela kuthi. Okukokwenu, bazalwana, ningayeki ukwenza okulungileyo. Kodwa ukuba nabani na akalithobeli ilizwi lethu elikule leta, mgcineni lo ephawuliwe, yekani ukunxulumana naye, ukuze abe neentloni. Ukanti ningamgqali njengotshaba, kodwa qhubekani nimluleka njengomzalwana.”​—⁠2 Tesalonika 3:​6, 13-⁠15.

Ngoko la manyathelo ongezelelekileyo ayequka ukumka kwabo bangalungelelananga, ukubaphawula, nokuyeka ukunxulumana nabo, kodwa babongozwe njengabazalwana. Yintoni eyayiza kukhokela amalungu ebandla xa ethabatha loo manyathelo? Ukuze sicacelwe yile nto, masichaze iimeko ezintathu uPawulos awayengabhekisi kuzo apha.

1. Siyazi ukuba amaKristu akafezekanga kwaye aneentsilelo. Sekunjalo, uthando luluphawu lwamaKristu okwenyaniso, lusishukumisela ekubeni siqonde yaye sizixolele iimpazamo zabanye. Ngokomzekelo, umKristu usenokugqajukelwa ngumsindo ngesihlandlo esithile, njengoko kwenzekayo phakathi kukaBharnabhas noPawulos. (IZenzo 15:​36-40) Okanye ubani usenokuthetha amazwi arhabaxa nahlabayo ngenxa yokudinwa. Kwiimeko ezinjalo, xa sibonakalisa uthando yaye sisebenzisa isiluleko seBhayibhile, sinako ukuyigubungela loo mpazamo, siqhubeke siphila, sinxulumana yaye sisebenza naloo mKristu olidlelane lethu. (Mateyu 5:​23-25; 6:​14; 7:​1-⁠5; 1 Petros 4:⁠8) Kucacile ukuba, uPawulos wayengabhekiseli kwiintsilelo ezilolu hlobo kweyesi-⁠2 kwabaseTesalonika.

2. UPawulos wayengathethi ngemeko apho umKristu azikhethela ngokwakhe ukulusikel’ umda unxulumano lwakhe nomnye oneendledlana okanye isimo sengqondo esingesihle​—⁠ngokomzekelo, obonakala ethe ti ingqondo kukuzihlaziya okanye zizinto eziphathekayo. Okanye umzali usenokulusikel’ umda unxulumano lomntwana wakhe nolutsha olungalihloneliyo igunya labazali, oludlala qatha okanye ngendlela eyingozi, okanye olungakuthabathi njengento ebalulekileyo ukuba ngumKristu. Izigqibo ezilolu hlobo zenziwa ngumntu siqu ngokuvisisana noko sikufunda kwiMizekeliso 13:​20: “Ohamba nezilumko uba sisilumko naye; ke olikholwane lesidenge uya konakaliswa.”​—⁠Thelekisa eyoku-⁠1 kwabaseKorinte 15:⁠33.

3. Ngomlinganiselo owahlukileyo, uPawulos wabhalela abaseKorinte ngomntu oqhelisela isono esinzulu aze angaguquki. Aboni abanjalo abangaguqukiyo babemele bakhutshelwe ngaphandle kwebandla. Ngokungathi kunjalo, umntu ‘ongendawo’ wayemele anikelwe kuSathana. Emva koko, amaKristu anyanisekileyo ayengamele anxulumane nabo bantu bangendawo; umpostile uYohane wabongoza amaKristu ukuba angababulisi kwaukubabulisa. (1 Korinte 5:​1-13; 2 Yohane 9-11) Noko ke, nalapha asingeni isiluleko esikweyesi-⁠2 kwabaseTesalonika 3:⁠14.

Imeko yabo “bangalungelelananga” exutyushwa kweyesi-⁠2 kwabaseTesalonika yahlukile kwiimeko ezintathu ezichazwe ngasentla. UPawulos wabhala esithi aba ‘babesengabazalwana,’ babemele babongozwe baze baphathwe njengabazalwana. Ngaloo ndlela, ingxaki yabazalwana “abangalungelelananga” yayingekho kwinqanaba lokuba ibe ngumbandela wobuqu phakathi kwamaKristu, kananjalo ingenabunzulu obufuna ukuba abadala bebandla bangenelele ngokubasusa kubudlelane, njengoko uPawulos wenzayo xa kwakukho ukuziphatha okubi eKorinte. Abo “bangalungelelananga” babengenzanga sono sinzulu, njengendoda eyasuswa kubudlelane eKorinte.

Ityala ‘labangalungelelananga’ baseTesalonika yayikukuphambuka ngendlela ebonakalayo kubuKristu. Babengasebenzi, mhlawumbi ngenxa yokuba becinga ukuba ukubuya kukaKristu kwakusemnyango okanye ke bebhuqwa bubuvila. Ukongezelela koko, babedala iziphendu ‘ngokugxuphuleka koko kungafuni bona.’ Kusenokwenzeka ukuba kwakukudala abadala bebaluleka, ngokuvisisana nesiluleko sikaPawulos esikwincwadi yakhe yokuqala nezinye iziluleko ezivela kuThixo. (IMizekeliso 6:​6-11; 10:​4, 5; 12:​11, 24; 24:​30-34) Sekunjalo baqhubeka nekhondo elalisizisa ugculelo ebandleni nolwalunokwasulela namanye amaKristu. Ngoko umdala ongumKristu, uPawulos, engakhange ababize ngamagama abo bantu, watsalela ingqalelo yomntu wonke kukungalungelelani kwabo, ebhenca ikhondo labo eliphosakeleyo.

Kwakhona wachazela ibandla ukuba kwakuya kuba yinto efanelekileyo ngomKristu ngamnye ukuba ‘abaphawule’ abangalungelelananga. Oku kwakuthetha ukuba umntu ngamnye kwakufuneka abalumkele abo babesenza izinto ezazifana nekhondo elalilunyukiswa ngalo ibandla liphela. UPawulos wacebisa ukuba ‘bemke kuye wonke umzalwana ohamba ngokungalungelelananga.’ Ngokuqinisekileyo oku kwakungathethi ukumphepha ngokupheleleyo umntu onjalo, kuba babemele ‘baqhubeke bemluleka njengomzalwana.’ Babeza kuqhubeka behlanganisana njengamaKristu kwiintlanganiso yaye mhlawumbi nakubulungiseleli. Babenethemba lokuba umzalwana wabo uya kusabela kwisiluleko aze ayeke ukudala iziphendu.

Babemele ‘bemke’ njani kuye? Kuyabonakala ukuba kwakubhekiswa ekubutheni. (Thelekisa eyabaseGalati 2:​12.) Ukuyeka kwabo ukubutha nokuzihlaziya naye kunokumbonisa ukuba abantu abathanda imigaqo abahambisani neendlela zakhe. Kwanokuba akadani aze aguquke, noko abanye abayi kosuleleka lula ziindlela zakhe baze bafane naye. Kwangaxeshanye, mKristu ngamnye ufanele anikele ingqalelo kwizinto ezakhayo. UPawulos wawaluleka esithi: “Okukokwenu, bazalwana, ningayeki ukwenza okulungileyo.”​—⁠2 Tesalonika 3:⁠13.

Kucacile ukuba, esi siluleko sompostile asisosizinzi sakubajongela phantsi okanye sokubagweba abazalwana bethu abenza iimpazamo okanye iziphoso ezingephi. Kunoko, injongo yaso kukunceda loo mntu udala iziphendu ezingquzulana kakhulu nobuKristu.

UPawulos akazange abeke imiyalelo eneenkcukacha ngokungathi uzama ukuseka inkqubo entsonkothileyo. Kodwa kucacile ukuba ngabadala abafanele bamluleke kuqala baze bazame ukumnceda lowo ungalungelelananga. Ukuba loo mntu akancedakali yaye uyaqhubeka nekhondo lakhe lokudala iziphendu yaye ubonakala enokosulela nabanye, basenokugqiba kwelokuba balumkise ibandla. Basenokulungiselela intetho exubusha ngesizathu sokuba kuphetshwe ukungalungelelani okunjalo. Abayi kukhankanya magama, kodwa intetho yabo elumkisayo iya kulikhusela ibandla kuba abo bantliziyo zithambileyo baya kulumka nangakumbi baze bazilinganisele naziphi na iimbutho ababa nazo kunye nabo bakubonakalisa ngokucacileyo ukungalungelelani okunjalo.

Sinethemba lokuba, ethubeni, lowo ungalungelelananga uya kudana kwiindlela zakhe aze ashukunyiselwe ekubeni aguquke. Njengoko abadala kunye nabanye ebandleni beyibona loo nguqulelo, ngamnye kubo unokugqiba kwelokuba ayisuse imida awayezibekele yona ekubuthelaneni naye.

Ngoko ke, ngamafutshane: Ngabadala bebandla abakhokelayo ekunikeleni uncedo nasekululekeni ukuba ubani uhamba ngokungalungelelananga. Ukuba akaboni nto ityhulu kwindlela yakhe aze aqhubeke enempembelelo engakhiyo, abadala banokulumkisa ibandla ngentetho eyenza icace imbono yeBhayibhile​—⁠enoba kukwenza amadinga nomntu ongakholwayo, okanye naliphi na ikhondo elingafanelekanga. (1 Korinte 7:​39; 2 Korinte 6:​14) Ngaloo ndlela umKristu ngamnye olunyukiswayo ebandleni wenza isigqibo sokuyilinganisela nayiphi na imbutho kunye nabo babonakala belandela ikhondo lokungalungelelani kodwa besengabazalwana.

[Imibhalo esemazantsi]

a Igama lesiGrike lalisetyenziswa ukubhekisa kumajoni awayengalulandeli ulungelelwano okanye engayithobeli imiqathango, nakubafundi ababengoosithubeni, ababebaleka isikolo.

[Caption on page 31]

Abadala abangamaKristu bayamluleka ongalungelelananga kodwa ke basamgqala njengelinye ikholwa

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share