Ukuphelisa Isibetho Sokungalingani Kwabantu
Kungekudala uMdali uya kubangela kubekho ukulingana okulangazelelwa ngabantu. De kube ngelo xesha, sinokuthabatha amanyathelo ubuncinane okulawula isibetho sokungalingani okuchaphazela thina neentsapho zethu. Kunjengokuba uNelson Mandela, owayesakuba ngumongameli waseMzantsi Afrika, watshoyo, “koko sikwenzayo ngesinako, kungekhona oko sikunikiweyo, okwahlula omnye umntu komnye.”
IMBALI ingqinelana namazwi akhe. Kukho amadoda namabhinqa amaninzi angazange anikwe mathuba angako ekuzalweni kwawo kodwa, athi ngokusebenzisa oko ayenako, aphumelela aza ahluka koontanga bawo ababenikwe okuninzi. Ngokwahlukileyo koko, abanye abantu abazalelwa kwiimeko ezitofo-tofo baye bathsafaza ngoko babenako baza abakusebenzisa ngokunengenelo.
Kusebenzise Ngokunenzuzo Kangangoko Oko Unako!
AmaNgqina kaYehova anomdla wokwenene wokunceda abantu ukuba bafumane ulwazi ngeenjongo zikaThixo ngesifundo seBhayibhile. Noko ke, ayaqonda ukuba, ukuze abantu bangenelwe ngokuzeleyo kwinkcazelo eseBhayibhileni, abantu bamele bafunde. Ngenxa yeso sizathu, amaNgqina kaYehova aye afundisa amawaka abantu ukufunda nokubhala, kuquka nabantu abangama-23 000 (ukuza kutsho phakathi kwiminyaka yee-1990) abakwenye idolophu ekwiNtshona Afrika kuphela. Ibhekisela kumsebenzi wasekuhlaleni onempumelelo owenziwa ngamaNgqina kaYehova, iSan Francisco Examiner yathi: “Usenokubagqala njengabahlali ekumelwe kulandelwe umzekelo wabo. Ayazihlawula iirhafu ngokuthembeka, anyamekela abagulayo, aze enze umzamo wokuphelisa ukungafundi.”
Ukongezelela, ngenxa yesifundo sawo esingapheliyo ngokuthetha esidlangalaleni, amaNgqina kaYehova aye aqeqesha amakhulu amawaka abantu ukuba babe zizithethi ezifanelekayo, bakwazi ukuthetha ngokucacileyo phambi kwabantu abaninzi. Phakathi kwala mawaka kukho abanye ababekhe banengxaki yokuthetha. Cinga ngenye indoda yaseMzantsi Afrika ebhala isithi: “Ndandithintitha kakhulu kangangokuba ndade ndasisithuli, ngokuqhelekileyo ndithembela kwabanye ukuba bandithethele. . . . Xa ndabhalisa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ndaza ndanikwa ufundisiso lweBhayibhile phambi kwabantu abambalwa . . . , ndathintitha kabuhlungu kangangokuba andizange ndikwazi ukusigqiba isabelo sam ngexesha endandilinikiwe. Emva kwentlanganiso [umluleki] wandiluleka ngendlela eyandincedayo. Wandicebisa ukuba ndifunde ngokuvakalayo xa ndifunda ndindedwa. Oku ndakwenza, ndichitha ixesha usuku emva kolunye, ndifunda iBhayibhile nephephancwadi IMboniselo ngokuvakalayo.” Le ndoda yenza inkqubela kangangokuba ngoku inikela iintetho zesidlangalala kubantu abangamakhulu, nabangamawaka.
Ukulingana Phakathi Kwabazalwana
Ngokuphathelele imfundo, impilo, ezoqoqosho nezasekuhlaleni, iimeko zahluka gqitha kumaNgqina kaYehova. Lo mahluko ubonisa nje ukungafezeki kweemeko zehlabathi aphila kulo. Kodwa ngokwahlukileyo kwamanye amaqela onqulo, ikhethe elibangelwa bubuhlanga, intlalo, ezoqoqosho ubukhulu becala aye aliphelisa phakathi kwawo.
Oku akuphumeze ngokuzibhokoxa ekuqheliseleni oko akufunde eBhayibhileni. Ayithobela ngokusuka entliziyweni imigaqo yeBhayibhile enjengothi: “Andikhangeli njengokukhangela komntu; ngokuba umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.” (1 Samuweli 16:7) “UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. Yenzani izinto ezintle emehlweni abantu bonke. Ukuba kunokwenzeka, ngokuxhomekeke kuni, yibani noxolo nabantu bonke.”—Roma 12:17, 18; bona kwaneyoku-1 kuTimoti 6:17-19; Yakobi 2:5, 9.
Ebambelela ngokuqinileyo kule migaqo yeBhayibhile ekhuthaza umanyano, amaNgqina kaYehova akakuvumeli ukungalingani kwabantu okusekelwe kubuhlanga, iimeko zentlalo okanye ukwahluka ngezoqoqosho. Ngokomzekelo, ezi nkalo akukho ndima zinayo, ekugqibeni ngabo bafanele bafumane amalungelo angakumbi enkonzo kwibandla lamaKristu. Izigxina zembopheleleko, ezinjengokufundisa nokuvelela, zinikwa kuphela abo bafanelekayo ngokomoya.—1 Timoti 3:1-13; Tito 1:5-9.
Kubantu abathile abaye babandezeleka ngenxa yokungalingani kweli hlabathi linekhethe, hayi indlela okuhlaziya ngayo ukuba kubekho abantu ababaphatha njengabazalwana noodade abanokuma okulinganayo phambi koMdali wabo! UMartina unokukungqina oku. Emva kokuba uyise eyishiyile intsapho yakhe, wakhuliswa kwikhaya elihlwempuzekileyo, nelinomzali omnye. Ngokufuthi wayephathwa njengekheswa, engazithembanga, yaye wayekufumanisa kunzima ukuqhubana nabanye. Waba nesimo sengqondo sokungakhathali. Noko ke, izinto zaguquka emva kokuba eqalise ukufundisisa iBhayibhile waza wangomnye wamaNgqina kaYehova. Uthi: “Kusafuneka ndilwe nale ndlela yokucinga ingakhiyo, kodwa ngoku ndihlangabezana bhetele nale ngxaki. Ukuzihlonela kwam kubhetele, ngoku ndiyakwazi ukuthetha nabantu ngokuzithemba. Inyaniso iye yandenza ndaziva ndingumntu ebantwini. Ngoku ndiyazi ukuba uYehova uyandithanda yaye ukuphila kunenjongo.”
Njengeqela lezizwe ngezizwe elingamaKristu, amaNgqina kaYehova kumazwe angaphezu kwama-230 anandipha ukulingana okungaqhelekanga kwihlabathi lanamhlanje. Ngaba amanye amaqela onqulo angakuthetha oko aze akusekele ngezibakala?
Kakade ke, amaNgqina kaYehova azijonga izinto njengokuba zinjalo. Ayavuma ukuba ekubeni ephila kwimeko-bume yokungafezeki, akanakukwazi ukuphelisa ukungalingani kwabantu abaye abanye abantu bazama ukwenjenjalo kangangeenkulungwane—baze abaphumelela. Sekunjalo, ayakuvuyela ukuba phakathi kwawo, aye enza lukhulu ukuphelisa esi sibetho sibulalayo. Yaye ngenxa yokuba nokholo olomeleleyo kumadinga kaThixo, akhangele phambili kwihlabathi elitsha elinobulungisa apho ukungalingani kuya kuba yinto yexesha elidluleyo.
Ewe, bonke abantu abathobelayo kungekudala baya kwenziwa baphinde balingane ‘ngesidima nangamalungelo’ uMdali wabo awabalungiselela ukuba bawanandiphe ekuqaleni. Enjani ukuba ntle yona ingcamango! Yaye ngeli xesha oko kuya kwenzeka ngokwenene!
[Umfanekiso okwiphepha 7]
AmaNgqina kaYehova azama ukuphelisa ukungafundi ngokufundisa amakhulu amawaka abantu ukufunda nokubhala
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Inyaniso yeBhayibhile inceda ukuphelisa ikhethe lobuhlanga, entlalweni nakwezoqoqosho