Ukungalingani Kwabantu Ngaba Leyo Yindlela UThixo Awayecebe Ngayo?
Impendulo ngegama nje elinye, nguhayi. Makhe sibone isizathu sokuba sitsho.
UTHIXO wayenenjongo yokuba bonke abantu babe namathuba alinganayo okunandipha ubomi nolonwabo. Sifunda oku ngokudalwa kwabantu: “Wathi uThixo, masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi. Mababe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni ezizitho zine, nasemhlabeni wonke, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzela emhlabeni.” Emva kokuba egqibile ukudala umhlaba, “wakubona uThixo konke akwenzileyo, nanko kulungile kunene.”—Genesis 1:26, 31.
Ngaba uThixo unokuthi imeko enkenenkene yokungalingani kwabantu namhlanje ‘ilungile kunene’? Akasokuze, kuba “uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Kuba kuthiwa ngaye ‘akakhethi buso’ yaye “ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba iindlela zakhe zisesikweni; nguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; lilungisa, uthe tye yena.” (Duteronomi 10:17; 32:4; thelekisa uYobhi 34:19.) Umpostile uPetros wagqiba ngelithi: “Ngokuqinisekileyo ndiyaqonda ukuba uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZenzo 10:34, 35.
Ekubeni uThixo enothando, engakhethi buso, enobulungisa, egqibelele yaye elilungisa, wayenokubadala njani abantu ukuba bazuze ilifa ukungalingani ngokuphathelele ilungelo labo lokunandipha ulonwabo? Ukuvumela ucalu-calulo phakathi kwabantu nokubabeka kwimeko yokungalingani kwahluke gqitha kubuntu bakhe. Injongo yakhe yayikukuba bonke “bazalwe bekhululekile yaye belingana ngesidima nangamalungelo.” Ukanti, namhlanje izinto ngokuqinisekileyo azinjalo. Ngoba?
Isizekabani Sokungalingani Kwabantu
Ukudala kukaThixo abantu ukuba balingane akuthethi kuthi wayenqwenela ukuba bonke abantu balingane ngayo yonke into. Babenokwahluka ngeziphiwo, izinto abanomdla kuzo nobuntu babo. Kwakhona babesenokwahluka ngezikhundla okanye ngegunya ubani analo. Ngokomzekelo, indoda nomfazi abalingani kuzo zonke izinto, kodwa uThixo wadala umfazi ‘njengomphelelisi’ wendoda. (Genesis 2:18) Licacile elokuba abazali nabantwana bahlukile ngokuphathelele igunya. Noko ke, phezu kwako nje konke oku kwahluka—amadoda amabhinqa nabantwana—kwakufanele banandiphe njengamalungelo abawanikwe nguThixo amathuba alinganayo okwanelisa iintswelo ezisisiseko zolonwabo. Bonke babefanele bazuze isidima nokuma okulinganayo phambi koThixo.
Ngokufanayo, oonyana bakaThixo bokomoya, abadalwa ngaphambi kwabantu, banikwa izabelo neembopheleleko ezahlukeneyo. (Genesis 3:24; 16:7-11; Isaya 6:6; Yude 9) Sekunjalo, nakuba oko babekunikiwe kwakunemida ethile, bonke bakwazi ukunandipha amalungiselelo alinganayo avela kuThixo obomi nolonwabo. Ngaloo ndlela oku kwakubonakalisa indlela entle kaThixo yokungakhethi buso.
Okubuhlungu kukuba, esinye isidalwa somoya asizange saneliseke lilungiselelo likaThixo lokungakhethi buso. Sasifuna okungaphezu koko sasikunikwe nguThixo, silangazelela isikhundla esiphezulu, nesiphakame gqitha. Ngokuhlakulela lo mnqweno ungalunganga, sazenza utshaba lukaYehova, lowo ngokufanelekileyo onesikhundla esingaphezu kwabo bonke abanye njengoMdali. Lo nyana wokomoya kaThixo unemvukelo kamva wabangela ukuba abantu bafune okungaphezu koko babekunikwe nguThixo. (Genesis 3:1-6; thelekisa uIsaya 14:12-14.) Ngaloo ndlela, ilungiselelo likaYehova lokuba abantu banandiphe ubomi nolonwabo labonakala ngathi lilahlelwe kwesinomhlwa. Lo mvukeli ungumoya, ochazwe kwiSityhilelo 20:2 ‘njengoMtyholi noSathana,’ waba ngoyena mphembeleli ungendawo wokungalingani kwabantu.
Ngaba Izinto Ziya Kuze Zitshintshe?
Impendulo ngegama nje elinye nguewe!
Kodwa ngubani onokuzisa olu tshintsho lufunekayo? Alithandabuzeki elokuba iinkokeli ezingabantu, ezinye zazo ngokunyaniseka, ziye zazabalazela ukwenjenjalo kangangeenkulungwane. Oku akubanga nampumelelo ingako, nto leyo eye yakhokelela abantu abaninzi ekubeni bagqibe kwelokuba akukho sengqiqweni ukulindela ukuba ingxaki yokungalingani kwabantu iya kuze iconjululwe. Noko ke, imbono kaThixo ibhalwe kwincwadi kaIsaya 55:10, 11: “Kuba, njengokuba kusihla imvula nekhephu ezulwini, ingabuyeli kulo ingathanga iwunyakamise umhlaba uvunde, iwuhlumise, iwenze untshule, imnike imbewu umhlwayeli, imnike isonka odlayo: liya kuba njalo ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingakwenzanga endikuthandayo, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.”
Hayi indlela okuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba uYehova uThixo uye wasichazela ngokuthe ngqo ukuba uya kuyizalisekisa injongo yakhe yantlandlolo ukuze anike bonke abantu amathuba alinganayo ukuze baphile yaye bonwabe! NjengoThixo wenyaniso, uye wazibophelela ukuba azalisekise oko akuthembisileyo. Okuvuyisayo kukuba, unomnqweno namandla okwenjenjalo. Uya kukuphumeza njani oku?
Isicombululo sifumaneka kuBukumkani uYesu Kristu owafundisa abalandeli bakhe ukuba babuthandazele: “Bawo wethu osemazulwini, . . . Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:9, 10) Ewe, uBukumkani bukaThixo buyindlela uYehova aya kuyisebenzisa ‘ukucola nokugqiba zonke ezo zikumkani [zikhoyo ngoku], bona bume ngonaphakade.’—Daniyeli 2:44.
Phantsi kolawulo loBukumkani basezulwini, kuya kubakho ibutho labantu elitsha. Ngokuphathelele oku, umpostile uYohane wabhala kwincwadi yokugqibela yeBhayibhile yeSityhilelo esithi: “Ndabona izulu elitsha nomhlaba omtsha; kuba izulu langaphambili nomhlaba wangaphambili wadlula.” (ISityhilelo 21:1) Ziya kuphela zonke izinto ezibangelwa kukungalingani ezilizothe—ubuhlwempu, ukugula, ukungakhathali, ucalu-calulo nezinye iinkxwaleko zabantu.a
Ngaphezu kwenkulungwane, amaNgqina kaYehova ebesalathisa ingqalelo yabantu kobo Bukumkani. (Mateyu 24:14) Ngokusebenzisa iincwadi okanye uncedo lobuqu, aye azabalazela ukunceda abantu ukuba bafumane ulwazi ngenjongo kaThixo njengokuba ibhaliwe eBhayibhileni. Noko ke, umsebenzi wawo wokufundisa owenziwa ehlabathini lonke, awunikanga nje abantu ithemba lokuphila ngokulingana nangokonwaba kwixa elizayo kodwa kuye kwazisa iingenelo ngoku ngokuphelisa isibetho sokungalingani kwabantu. Makhe sibone ukuba njani.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ubone ingxubusho epheleleyo ngendlela uBukumkani bukaThixo obuya kuzisa ngayo ukulingana kubo bonke abantu, nceda ubone isahluko 10 nese-11 sencwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Caption on page 5]
◆
[Caption on page 5]
UThixo wayecebe ukuba bonke abantu balingane ngokuphathelele ubomi nolonwabo